Levítico 16
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVI
1 Wathetha uYehova kuMoses emveni kokufa koonyana ababini baka-Aron, ekusondeleni kwabo phambi koYehova, baza bafa."
1 O Senhor falou com Moisés depois que morreram os dois filhos de Arão, por haverem se aproximado do Senhor.
2 Wathi uYehova kuMoses, Thetha kuAron umkhuluwa wakho, angangeni ngamaxesha onke engcweleni ngaphaya komkhusane, phambi kwesihlalo sokucamagusha esiphezu kwetyeya, ukuze angafi; kuba ndiya kubonakala efini phezu kwesihlalo sokucamagusha."
2 O Senhor disse a Moisés: "Diga a seu irmão Arão que não entre a toda hora no Lugar Santíssimo, atrás do véu, diante da tampa da arca, para que não morra; pois aparecerei na nuvem, acima da tampa.
3 Wongena uAron engcweleni enezi zinto: enenkunzi entsha, elithole lenkomo, ibe lidini lesono; nenkunzi yemvu, ibe lidini elinyukayo."
3 "Arão deverá entrar no Lugar Santo com um novilho como oferta pelo pecado e com um carneiro como holocausto.
4 Uya kwambatha ingubo engcwele yangaphantsi yelinen emhlophe, ibekho nebhulukhwe yelinen emhlophe emzimbeni wakhe, abhinqiswe ngombhinqo welinen emhlophe, ajikele unkontsho lwelinen emhlophe: ziingubo ezingcwele ezo. Wowuhlamba umzimba wakhe emanzini, azinxibe ke."
4 Ele vestirá a túnica sagrada de linho, com calções também de linho por baixo; porá o cinto de linho na cintura e também o turbante de linho. Essas vestes são sagradas; por isso ele se banhará com água antes de vesti-las.
5 Wothabatha ebandleni loonyana bakaSirayeli iinkunzi zeebhokhwe ezixhonti zibe mbini, zibe lidini lesono, nenkunzi yemvu enye ibe lidini elinyukayo."
5 Receberá da comunidade de Israel dois bodes como oferta pelo pecado e um carneiro como holocausto.
6 Woyisondeza uAron inkunzi entsha yenkomo yedini lesono elilelakhe, azicamagushele okwakhe nokwendlu yakhe."
6 "Arão sacrificará o novilho como oferta pelo seu próprio pecado para fazer propiciação por si mesmo e por sua família.
7 Wozithabatha iinkunzi zeebhokhwe zombini, azimise phambi koYehova, emnyango wentente yokuhlangana;"
7 Depois pegará os dois bodes e os apresentará ao Senhor, à entrada da Tenda do Encontro.
8 enze amaqashiso uAron phezu kweenkunzi zeebhokhwe zombini: elinye iqashiso libe lelikaYehova, elinye iqashiso libe lelika-Azazele."
8 E tirará sortes quanto aos dois bodes: uma para o Senhor e a outra para Azazel.
9 Maze ayisondeze uAron inkunzi yebhokhwe eliphume nayo iqashiso likaYehova, ayenze idini lesono;"
9 Arão trará o bode cuja sorte caiu para o Senhor e o sacrificará como oferta pelo pecado.
10 ke yona inkunzi yebhokhwe eliphume nayo iqashiso lika-Azazele, makayimise iphilile phambi koYehova, ayicamagushele, ayithumele kuAzazele entlango."
10 Mas o bode sobre o qual caiu a sorte para Azazel será apresentado vivo ao Senhor para se fazer propiciação e será enviado para Azazel no deserto.
11 Makayisondeze uAron inkunzi entsha yenkomo yedini lesono elilelakhe, azicamagushele okwakhe nokwendlu yakhe, ayixhele inkunzi entsha yenkomo yedini lesono elilelakhe."
11 "Arão trará o novilho como oferta por seu próprio pecado para fazer propiciação por si mesmo e por sua família, e ele o oferecerá como sacrifício pelo seu próprio pecado.
12 Makathabathe ugcedevu luzele ngamahlahle omlilo esibingelelweni, esisebusweni bukaYehova, azalise izandla zakhe ngesiqhumiso esimnandi esicolekileyo, asingenise ngaphaya komkhusane;"
12 Pegará o incensário cheio de brasas do altar que está perante o Senhor e dois punhados de incenso aromático em pó, e os levará para trás do véu.
13 asibeke isiqhumiso phezu komlilo phambi koYehova, ukuze ilifu lesiqhumiso lisisibekele isihlalo sokucamagusha esiphezu kwesingqino, ukuze angafi."
13 Porá o incenso no fogo perante o Senhor, e a fumaça do incenso cobrirá a tampa que está acima das tábuas da aliança, a fim de que não morra.
14 Wocaphula egazini lenkunzi entsha yenkomo, alifefe ngomnwe wakhe esihlalweni sokucamagusha ngasempumalanga, nangaphambili kwesihlalo sokucamagusha, afefe ngenxalenye yegazi izihlandlo ezisixhenxe ngomnwe wakhe."
14 Pegará um pouco do sangue do novilho e com o dedo o aspergirá sobre a parte da frente da tampa; depois, com o dedo aspergirá o sangue sete vezes, diante da tampa.
15 Woyixhela inkunzi yebhokhwe yedini lesono eyeyabantu, alise igazi layo ngaphaya komkhusane, alenze igazi layo njengoko walenzayo igazi lenkunzi entsha yenkomo, alifefe esihlalweni sokucamagusha nangaphambili kwesihlalo sokucamagusha;"
15 "Então sacrificará o bode da oferta pelo pecado, em favor do povo, e trará o sangue para trás do véu; fará com o sangue o que fez com o sangue do novilho; ele o aspergirá sobre a tampa e na frente dela.
16 ayicamagushele ingcwele ngenxa yobunqambi boonyana bakaSirayeli, nangenxa yezikreqo zabo ngokubhekisele ezonweni zabo zonke; enjenjalo kwintente yokuhlangana ehleliyo nabo phakathi kobunqambi babo."
16 Assim fará propiciação pelo Lugar Santíssimo por causa das impurezas e das rebeliões dos israelitas, quaisquer que tenham sido os seus pecados. Fará o mesmo em favor da Tenda do Encontro, que está entre eles no meio das suas impurezas.
17 Makungabikho mntu ententeni yokuhlangana, ekungeneni kwakhe ukuya kucamagusha engcweleni, kude kube sekuphumeni kwakhe. Makazicamagushele okwakhe, nokwendlu yakhe, nokwesikhungu sonke samaSirayeli."
17 Ninguém estará na Tenda do Encontro quando ele entrar para fazer propiciação no Lugar Santíssimo, até a saída de Arão, depois que fizer propiciação por si mesmo, por sua família e por toda a assembléia de Israel.
18 Wophuma aye esibingelelweni esiphambi koYehova, asicamagushele, acaphule egazini lenkunzi entsha yenkomo, nasegazini lenkunzi yebhokhwe, alidyobhe ajikelezise ezimpondweni zesibingelelo;"
18 "Depois irá ao altar que está perante o Senhor e pelo altar fará propiciação. Pegará um pouco do sangue do novilho e do sangue do bode e o porá em todas as pontas do altar.
19 asifefe ngenxalenye yegazi ngomnwe wakhe izihlandlo ezisixhenxe, asihlambulule, asingcwalise, ebunqambini boonyana bakaSirayeli;"
19 Com o dedo aspergirá o sangue sete vezes sobre o altar para purificá-lo e santificá-lo das impurezas dos israelitas.
20 agqibe ukuyicamagushela ingcwele nentente yokuhlangana, nesibingelelo. Woyisondeza inkunzi yebhokhwe ephilileyo,"
20 "Quando Arão terminar de fazer propiciação pelo Lugar Santíssimo, pela Tenda do Encontro e pelo altar, trará para a frente o bode vivo.
21 acinezele uAron ngezandla zakhe zozibini entlokweni yenkunzi yebhokhwe ephilileyo, abuvume phezu kwayo bonke ubugwenxa boonyana bakaSirayeli, nezikreqo zabo zonke ngokubhekisele ezonweni zabo zonke, azibeke ke phezu kwentloko yenkunzi leyo yebhokhwe, ayithumele entlango ngendoda ezilungisele oko."
21 Então colocará as duas mãos sobre a cabeça do bode vivo e confessará todas as iniqüidades e rebeliões dos israelitas, todos os seus pecados, e os porá sobre a cabeça do bode. Em seguida enviará o bode para o deserto aos cuidados de um homem designado para isso.
22 Inkunzi leyo yebhokhwe yobuthwala ke phezu kwayo bonke ubugwenxa babo, iye ezweni eliqhiwukileyo; ayikhulule inkunzi yebhokhwe leyo entlango apho."
22 O bode levará consigo todas as iniqüidades deles para um lugar solitário. E o homem soltará o bode no deserto.
23 UAron wongena ententeni yokuhlangana, azihlube iingubo zelinen emhlophe, abezambethe ukungena kwakhe engcweleni, azishiye khona;"
23 "Depois Arão entrará na Tenda do Encontro, tirará as vestes de linho que usou para entrar no Lugar Santíssimo e as deixará ali.
24 awuhlambe umzimba wakhe ngamanzi endaweni engcwele, anxibe iingubo zakhe, aphume, enze idini lakhe elinyukayo, nedini elinyukayo labantu, azicamagushele okwakhe nokwabantu;"
24 Ele se banhará com água num lugar sagrado e vestirá as suas próprias roupas. Então sairá e sacrificará o holocausto por si mesmo e o holocausto pelo povo, para fazer propiciação por si mesmo e pelo povo.
25 aqhumisele ngenqatha ledini lesono esibingelelweni."
25 Também queimará sobre o altar a gordura da oferta pelo pecado.
26 Lowa wayikhululela kuAzazele inkunzi yebhokhwe, wozihlamba iingubo zakhe, awuhlambe umzimba wakhe emanzini, emveni koko angene eminqubeni."
26 "Aquele que soltar o bode para Azazel lavará as suas roupas e se banhará com água, e depois poderá entrar no acampamento.
27 Ke yona inkunzi entsha yenkomo yedini lesono, nenkunzi yebhokhwe yedini lesono, ezigazi langeniswa ukuba licamagushe engcweleni, zokhutshelwa ngaphandle kweminquba, zitshiswe ngomlilo izikhumba zazo, nenyama yazo, nomswane wazo."
27 O novilho e o bode da oferta pelo pecado, cujo sangue foi trazido ao Lugar Santíssimo para fazer propiciação, serão levados para fora do acampamento; o couro, a carne e o excremento deles serão queimados com fogo.
28 Lowo uzitshisayo wozihlamba iingubo zakhe, awuhlambe umzimba wakhe emanzini, emveni koko angene eminqubeni."
28 Aquele que os queimar lavará as suas roupas e se banhará com água; depois poderá entrar no acampamento.
29 Koba ngummiselo ongunaphakade kuni, ukuthi: Ngenyanga yesixhenxe, ngolweshumi enyangeni leyo, niyithobe imiphefumlo yenu, ningenzi namnye umsebenzi, nokuba ngozalelwe ekhaya, nokuba ngumphambukeli ophambukele kuni,"
29 "Este é um decreto perpétuo para vocês: No décimo dia do sétimo mês vocês se humilharão a si mesmos e não poderão realizar trabalho algum, nem o natural da terra, nem o estrangeiro residente.
30 kuba ngaloo mhla uya kunicamagushela, ukuba anihlambulule, nihlambuluke ezonweni zenu zonke phambi koYehova."
30 Porquanto nesse dia se fará propiciação por vocês, para purificá-los. Então, perante o Senhor, vocês estarão puros de todos os seus pecados.
31 Yisabatha kasabatha kuni; noyithoba imiphefumlo yenu: ngummiselo ke ongunaphakade."
31 Este lhes será um sábado de descanso, quando vocês se humilharão; é um decreto perpétuo.
32 Wocamagusha ke umbingeleli, lowo uya kuthanjiswa, amiselwe ukuba abe ngumbingeleli esikhundleni sikayise; azinxibe iingubo zelinen emhlophe, iingubo ezingcwele;"
32 O sacerdote que for ungido e ordenado para suceder seu pai como sumo sacerdote fará a propiciação. Porá as vestes sagradas de linho
33 ayicamagushele ingcwele kangcwele, nentente yokuhlangana, asicamagushele isibingelelo, abacamagushele ababingeleli, nabantu bonke besikhungu."
33 e fará propiciação pelo Lugar Santíssimo, pela Tenda do Encontro, pelo altar, por todos os sacerdotes e por todo o povo da assembléia.
34 Lowo woba ngummiselo ongunaphakade kuni wokubacamagushela oonyana bakaSirayeli ngenxa yezono zabo zonke, kube kanye ngomnyaka. Wenza ke njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses."
34 "Este é um decreto perpétuo para vocês: A propiciação será feita uma vez por ano, por todos os pecados dos israelitas". E tudo foi feito conforme o Senhor tinha ordenado a Moisés.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Levítico 16, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.