Lucas 5

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH

Sair da comparação
NTLH Nova Tradução na Linguagem de Hoje 2000
1 Ke kaloku kuthe, ekubeni zimxinile izihlwele, ziza kuva ilizwi likaThixo, wesuka wema ngasedikeni laseGenesarete."
1 Certo dia Jesus estava na praia do lago da Galileia, e a multidão se apertava em volta dele para ouvir a mensagem de Deus.
2 Wabona imikhombe emibini imi ngasedikeni apho; babe ke ababambisi beentlanzi bephumile kuyo, behlamba iminatha yabo."
2 Ele viu dois barcos no lago, perto da praia. Os pescadores tinham saído deles e estavam lavando as redes.
3 Wathi ke, engene komnye umkhombe, owawungokaSimon, wamcela ukuba akhe akhwelelise kancinane emhlabeni; waza, ehleli phantsi, wamana ezifundisa izihlwele esemkhombeni apho."
3 Jesus entrou num dos barcos, o de Simão, e pediu que ele o afastasse um pouco da praia. Então sentou-se e começou a ensinar a multidão.
4 Akupheza ke ukuthetha, wathi kuSimon, Khwelelisela enzulwini, nihlise iminatha yenu, kubanjiswe."
4 Quando acabou de falar, Jesus disse a Simão:
5 Waphendula uSimon wathi kuye, Mongameli, sibulaleke ubusuku buphela, asabamba nento; kodwa ngelakho ilizwi ndiya kuwuhlisa umnatha."
5 Simão respondeu: — Mestre, nós trabalhamos a noite toda e não pescamos nada. Mas, já que o senhor está mandando jogar as redes, eu vou obedecer.
6 Bathi, bakukwenza oko, bavingcela inkitha enkulu yeentlanzi; wawuqhaqheka ke umnatha wabo."
6 Quando eles jogaram as redes na água, pescaram tanto peixe, que as redes estavam se rebentando.
7 Bakhoba amahlulelana abo, abekomnye umkhombe, ukuba eze kuncedisana nabo. Beza, bayizalisa imikhombe yomibini, yada yafuna ukutshona."
7 Então fizeram um sinal para os companheiros que estavam no outro barco a fim de que viessem ajudá-los. Eles foram e encheram os dois barcos com tanto peixe, que os barcos quase afundaram.
8 Uthe ke akukubona oko uSimon Petros, wawa emadolweni kaYesu, esithi, Mka kum, ngokuba ndiyindoda engumoni, Nkosi."
8 Quando Simão Pedro viu o que havia acontecido, ajoelhou-se diante de Jesus e disse: — Senhor, afaste-se de mim, pois eu sou um pecador!
9 Kuba wathi makatha, kwanabo bonke ababenaye, ngobanjiso lweentlanzi ezo bazibambisayo."
9 Simão e os outros que estavam com ele ficaram admirados com a quantidade de peixes que haviam apanhado.
10 Baba kwanjalo ke noYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, ababengamadlelane noSimon. UYesu wathi kuSimon, Musa ukoyika; uya kuthabathela kweli xesha ubambisa abantu."
10 Tiago e João, filhos de Zebedeu, que eram companheiros de Simão, também ficaram muito admirados. Então Jesus disse a Simão:
11 Bakuyifikisa imikhombe emhlabeni, bashiya into yonke, bamlandela."
11 Eles arrastaram os barcos para a praia, deixaram tudo e seguiram Jesus.
12 Kwathi ekomnye umzi, babona ngendoda ezele liqhenqa; yathi yakumbona uYesu, yawa ngobuso, yamkhunga, isithi, Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula."
12 Certa vez Jesus estava numa cidade onde havia um homem que tinha o corpo todo coberto de lepra. Quando viu Jesus, o leproso se ajoelhou diante dele, encostou o rosto no chão e pediu: — Senhor, eu sei que o senhor pode me curar se quiser!
13 Wasolula isandla, wayichukumisa, esithi, Ndiyathanda, hlambuluka. Lathi kwaoko iqhenqa lemka kuyo."
13 Jesus estendeu a mão, tocou nele e disse: No mesmo instante a lepra desapareceu.
14 Wayithethela yena ngelithi, mayingaxeleli bani. Wathi, Yiya kuzibonisa kumbingeleli, usondeze idini, ngenxa yokuhlanjululwa kwakho, njengoko wamisayo uMoses, kube bubungqina kubo."
14 Então Jesus lhe deu esta ordem:
15 Kwaba kukhona ke luhlakazekayo udaba ngaye; kwaye kubuthelana izihlwele ezikhulu ukuza kuphulaphula, nokuphiliswa nguye ebulwelweni bazo."
15 Mas as notícias a respeito de Jesus se espalhavam ainda mais, e muita gente vinha para ouvi-lo e para ser curada das suas doenças.
16 Waye ke yena emana ukuzisithelisa ezindaweni eziziintlango, athandaze."
16 Porém Jesus ia para lugares desertos e orava.
17 Kwathi ke ngamini ithile wafundisa. Kwaye kuhleli abaFarisi nabafundisi-mthetho, ababephume kuyo yonke imizana yelaseGalili, neyelakwaYuda, naseYerusalem; aye ekho amandla eNkosi ukuba abaphilise."
17 Um dia Jesus estava ensinando, e alguns fariseus e alguns mestres da Lei estavam sentados perto dele. Eles tinham vindo de todas as cidades da Galileia e da Judeia e também de Jerusalém. O poder do Senhor estava com Jesus para que ele curasse os doentes.
18 Kwabonakala amadoda ethwele ngokhuko umntu onedumbe; ayefuna ukumngenisa, ambeke phambi kwakhe."
18 Alguns homens trouxeram um paralítico deitado numa cama e estavam querendo entrar na casa e colocá-lo diante de Jesus.
19 Athi, akuba engafumani ndawo angamngenisa ngayo ngenxa yesihlwele, akhwela phezu kwendlu, agqobhoza ezifulelweni, amhlisa ndawonye nokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu."
19 Porém, por causa da multidão, não conseguiram entrar com o paralítico. Então o carregaram para cima do telhado. Fizeram uma abertura nas telhas e o desceram na sua cama em frente de Jesus, no meio das pessoas que estavam ali.
20 Akulubona ke ukholo lwawo, wathi kuye, Mntundini, uzixolelwe izono zakho."
20 Jesus viu que eles tinham fé e disse ao paralítico:
21 Baqala ukucamanga ababhali nabaFarisi, besithi, Ngubani na lo uthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, ingenguye uThixo yedwa?"
21 Os mestres da Lei e os fariseus começaram a pensar: — Quem é este homem que
22 Eziqiqile ke uYesu izicamango zabo, waphendula wathi kubo, Nicamanga ntoni na ezintliziyweni zenu?"
22 Porém Jesus sabia o que eles estavam pensando e disse:
23 Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi, Uzixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe?"
23 O que é mais fácil dizer ao paralítico: “Os seus pecados estão perdoados” ou “Levante-se e ande”?
24 Ke ukuze nazi, ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho."
24 Pois vou mostrar a vocês que eu, o Então disse ao paralítico:
25 Usuke wema kwangoko phambi kwabo, wayithabatha loo nto abelele kuyo, wemka waya endlwini yakhe, ezukisa uThixo."
25 No mesmo instante o homem se levantou diante de todos, pegou a cama e foi para casa, louvando a Deus.
26 Besuka bathi nqa bonke, bamzukisa uThixo, bazala kukoyika, besithi, Sibone izanga namhlanje."
26 Todos ficaram muito admirados; e, cheios de medo, louvaram a Deus, dizendo: — Que coisa maravilhosa nós vimos hoje!
27 Ke kaloku, emveni kwezi zinto waphuma, wabona umbuthi werhafu, ogama linguLevi, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele."
27 Depois disso Jesus saiu e viu um cobrador de impostos, chamado Levi , sentado no lugar onde os impostos eram pagos. Jesus lhe disse:
28 Washiya konke, wesuka wamlandela."
28 Levi se levantou, deixou tudo e seguiu Jesus.
29 Waza uLevi wamenzela isidlo esikhulu endlwini yakhe. Kwaye kukho iqela elikhulu lababuthi berhafu nelabanye, ababehleli ngasesithebeni nabo."
29 Então Levi fez para Jesus uma grande festa na sua casa. Havia ali muitos cobradores de impostos, e outras pessoas estavam sentadas com eles.
30 Baye ababhali babo nabaFarisi bebakrokrela abafundi bakhe, besithi, Kungani na ukuba nidle nisele nababuthi berhafu naboni?"
30 Os fariseus e os mestres da Lei, que eram do partido dos fariseus, ficaram zangados com os discípulos de Jesus e perguntaram: — Por que vocês comem e bebem com os cobradores de impostos e com outras pessoas de má fama?
31 Waphendula uYesu wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo."
31 Jesus respondeu:
32 Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke."
32 Eu não vim para
33 Ke kaloku bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane bazile ukudla futhi, benze nezikhungo; benjenjalo nababaFarisi; kanti ke bona abakho bayadla basele?"
33 Algumas pessoas disseram a Jesus: — Os discípulos de João Batista jejuam muitas vezes e fazem orações, e os discípulos dos
34 Wathi ke kubo, Ninako yini na ukubazilisa ukudla abegumbi lomtshakazi, xa asenabo umyeni?"
34 Jesus respondeu:
35 Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla."
35 Mas chegará o tempo em que o noivo será tirado do meio deles; então sim eles vão jejuar!
36 Ke kaloku wabethetha nomzekeliso kubo esithi, Akukho ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye woba ukrazula leyo intsha, sithi nesiziba eso sentsha singavumani nendala."
36 Jesus fez também esta comparação:
37 Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye yozigqabhuza iintsuba iwayini entsha, iphalale yona, zitshabalale neentsuba."
37 Ninguém põe vinho novo em
38 Yona iwayini entsha ifanele ukuthiwa ezintsubeni ezintsha zigcinakale ezo zinto zombini."
38 Não. Vinho novo deve ser posto em odres novos.
39 Kanjalo akukho uthi, ebesele endala, athande entsha kwaoko; ngokuba uthi, Endala yeyona inencasa."
39 E ninguém quer vinho novo depois de beber vinho velho, pois diz: “O vinho velho é melhor.”

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Lucas 5, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.