Lucas 23

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 Yesuka yonke inkitha yabo, yamrholela kuPilato."
1 Levantou-se a sessão e conduziram Jesus diante de Pilatos,
2 Baqala ke ukummangalela, besithi, Simfumene lo elulahlekisa uhlanga, engavumi ukuba kunikelwe irhafu kuKesare, esithi, unguKristu uKumkani yena ngokwakhe."
2 e puseram-se a acusá-lo: Temos encontrado este homem excitando o povo à revolta, proibindo pagar imposto ao imperador e dizendo-se Messias e rei.
3 UPilato wambuza ke, esithi, Unguye na uKumkani wamaYuda? Umphendule ke yena wathi, Nawe utsho."
3 Pilatos perguntou-lhe: És tu o rei dos judeus? Jesus respondeu: Sim.
4 Uthe ke uPilato kubabingeleli abakhulu nakwizihlwele, Andifumani tyala kulo mntu."
4 Declarou Pilatos aos príncipes dos sacerdotes e ao povo: Eu não acho neste homem culpa alguma.
5 Kwaba kukhona ke bajokisayo, besithi, Uxhokonxa abantu, efundisa kulo lonke elakwaYuda, eqalele kwelaseGalili, wada wezisa apha."
5 Mas eles insistiam fortemente: Ele revoluciona o povo ensinando por toda a Judéia, a começar da Galiléia até aqui.
6 Ke kaloku uPilato, akuva elaseGalili, wabuza ukuba umntu lo ngowaseGalili na."
6 A estas palavras, Pilatos perguntou se ele era galileu.
7 Wathi, akuqonda ukuba ngowasebukhosini bukaHerode, wamthumela kuHerode, obe eseYerusalem naye ngaloo mihla."
7 E, quando soube que era da jurisdição de Herodes, enviou-o a Herodes, pois justamente naqueles dias se achava em Jerusalém.
8 Ke kaloku uHerode, akumbona uYesu, wavuya kunene; kuba bekumzuzu ethanda ukumbona, ngenxa yokuba ebeve kuthethwa izinto ezininzi ngaye; kanjalo wayethembe ukubona umqondiso usenziwa nguye."
8 Herodes alegrou-se muito em ver Jesus, pois de longo tempo desejava vê-lo, por ter ouvido falar dele muitas coisas, e esperava presenciar algum milagre operado por ele.
9 Wayembuza ke amazwi amaninzi; ke yena akamphendulanga nento."
9 Dirigiu-lhe muitas perguntas, mas Jesus nada respondeu.
10 Bema ke ababingeleli abakhulu nababhali, bemmangalela kabukhali."
10 Ali estavam os príncipes dos sacerdotes e os escribas, acusando-o com violência.
11 UHerode ke, kwanempi yakhe, wamenza into engento, wadlala ngaye, wamthi wambu ngengubo eqaqambileyo, wamthumela kuPilato."
11 Herodes, com a sua guarda, tratou-o com desprezo, escarneceu dele, mandou revesti-lo de uma túnica branca e reenviou-o a Pilatos.
12 Ngaloo mini baba zizihlobo ke uPilato noHerode; kuba ngenxa engaphambili babenobutshaba phakathi kwabo."
12 Naquele mesmo dia, Pilatos e Herodes fizeram as pazes, pois antes eram inimigos um do outro.
13 Ke kaloku uPilato, ebabizele ndawonye ababingeleli abakhulu, nabaphathi bamaYuda, nabantu,"
13 Pilatos convocou então os príncipes dos sacerdotes, os magistrados e o povo, e disse-lhes:
14 wathi kubo, Nizise kum lo mntu, ngathi ngophambukisa abantu; niyabona ke, ndimncinile mna emehlweni enu, andafumana tyala kulo mntu, kwezo zinto nimmangalele ngazo;"
14 Apresentastes-me este homem como agitador do povo, mas, interrogando-o eu diante de vós, não o achei culpado de nenhum dos crimes de que o acusais.
15 kwanoHerode, kuba ndanithumela kuye. Nanku ke kungekho nto ifanelwe kukufa, yenziwe nguye."
15 Nem tampouco Herodes, pois no-lo devolveu. Portanto, ele nada fez que mereça a morte.
16 Ndothi ke ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule."
16 Por isso, soltá-lo-ei depois de o castigar.
17 Ke kaloku, ubemelwe kukuthi abakhululele umbanjwa abe mnye, imithendeleko ngemithendeleko."
17 {Acontecia que em cada festa ele era obrigado a soltar-lhes um preso.}
18 Bankqangaza ke ngokuphela kwabo, besithi, Msuse lo, usikhululele uBharabhas,"
18 Todo o povo gritou a uma voz: À morte com este, e solta-nos Barrabás.
19 owayethe, ngenxa yesaqunge esithile, esibe senziwe phakathi komzi, kwanokubulala, waphoswa entolongweni."
19 {Este homem fora lançado ao cárcere devido a uma revolta levantada na cidade, por causa de um homicídio.}
20 Waphinda ngoko uPilato wathetha nabo, efuna ukumkhulula uYesu."
20 Pilatos, porém, querendo soltar Jesus, falou-lhes de novo,
21 Ke bona bamana benkqangaza, besithi, Bethelela emnqamlezweni; mbethelele emnqamlezweni."
21 mas eles vociferavam: Crucifica-o! Crucifica-o!
22 Uthe ke yena okwesithathu kubo, Kuba enze bubi buni na lo? Andifumananga tyala lakufa kuye; ndothi ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule."
22 Pela terceira vez, Pilatos ainda interveio: Mas que mal fez ele, então? Não achei nele nada que mereça a morte; irei, portanto, castigá-lo e, depois, o soltarei.
23 Bamxina ke bona ngezandi ezikhulu zamazwi, becela ukuba abethelelwe emnqamlezweni; aza ke eyisa amazwi abo, nawababingeleli abakhulu."
23 Mas eles instavam, reclamando em altas vozes que fosse crucificado, e os seus clamores recrudesciam.
24 Usuke ke uPilato wagweba ngelithi, masenziwe isicelo sabo."
24 Pilatos pronunciou então a sentença que lhes satisfazia o desejo.
25 Wabakhululela ke owayethe ngenxa yesaqunge nokubulala waphoswa entolongweni, lowo babecela yena; wamnikela ekuthandeni kwabo uYesu."
25 Soltou-lhes aquele que eles reclamavam e que havia sido lançado ao cárcere por causa do homicídio e da revolta, e entregou Jesus à vontade deles.
26 Kuthe ke xa bamrholayo, babamba Simon uthile, waseKirene, obevela emaphandleni; bawubeka phezu kwakhe umnqamlezo, ukuba awuthwale emva koYesu."
26 Enquanto o conduziam, detiveram um certo Simão de Cirene, que voltava do campo, e impuseram-lhe a cruz para que a carregasse atrás de Jesus.
27 Wayelandelwa ke yinkitha eninzi yabantu, neyabafazi ababemmbambazelela, bemlilela."
27 Seguia-o uma grande multidão de povo e de mulheres, que batiam no peito e o lamentavam.
28 Wabaguqukela ke uYesu, wathi, Zintombi zaseYerusalem, musani ukundililela mna; kanye zilileleni nina, nabantwana benu;"
28 Voltando-se para elas, Jesus disse: Filhas de Jerusalém, não choreis sobre mim, mas chorai sobre vós mesmas e sobre vossos filhos.
29 ngokuba, yabonani, kuza imihla abaya kuthi ngayo, Banoyolo abaziindlolo, nezizalo ezingazalanga, namabele anganyisanga."
29 Porque virão dias em que se dirá: Felizes as estéreis, os ventres que não geraram e os peitos que não amamentaram!
30 Oko baya kuqala bathi ezintabeni, Siweleni; nasezindulini, Sigubungeleni."
30 Então dirão aos montes: Caí sobre nós! E aos outeiros: Cobri-nos!
31 Ngokuba ukuba benza ezi zinto komanzi umthi, kuya kuba njani na kowomileyo?"
31 Porque, se eles fazem isto ao lenho verde, que acontecerá ao seco?
32 Ke kaloku baberhola nabanye abangabambi, bebabini, bengabenzi bobubi, beya kubulawa kunye naye."
32 Eram conduzidos ao mesmo tempo dois malfeitores para serem mortos com Jesus.
33 Bathi ke bakufika kwindawo le kuthiwa luKakayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho, kwanabenzi bobubi abo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekhohlo."
33 Chegados que foram ao lugar chamado Calvário, ali o crucificaram, como também os ladrões, um à direita e outro à esquerda.
34 Wathi ke uYesu, Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo. Bathi ke, besabelana ngeengubo zakhe, benza amaqashiso."
34 E Jesus dizia: Pai, perdoa-lhes; porque não sabem o que fazem. Eles dividiram as suas vestes e as sortearam.
35 Baye bemi abantu bebonela. Babemsinekela ke nabaphathi bamaYuda kunye nabo, besithi, Wabasindisa abanye; makazisindise, ukuba lo unguye uKristu, umnyulwa kaThixo."
35 A multidão conservava-se lá e observava. Os príncipes dos sacerdotes escarneciam de Jesus, dizendo: Salvou a outros, que se salve a si próprio, se é o Cristo, o escolhido de Deus!
36 Ayedlala ngaye ke namasoldati, esiza asondeze iviniga kuye,"
36 Do mesmo modo zombavam dele os soldados. Aproximavam-se dele, ofereciam-lhe vinagre e diziam:
37 esithi, Ukuba wena unguye uKumkani wamaYuda, zisindise."
37 Se és o rei dos judeus, salva-te a ti mesmo.
38 Kwaye ke kubhalwe nombhalo ngaphezu kwakhe, ngamagama esiGrike, nawesiRoma, nawesiHebhere, kwathiwa, lo nguKumkani wamaYuda."
38 Por cima de sua cabeça pendia esta inscrição: Este é o rei dos judeus.
39 Ke kaloku, omnye wabenzi bobubi ababexhonyiwe wayemnyelisa, esithi, Ukuba wena unguye uKristu, zisindise, nathi usisindise."
39 Um dos malfeitores, ali crucificados, blasfemava contra ele: Se és o Cristo, salva-te a ti mesmo e salva-nos a nós!
40 Waphendula ke omnye wamkhalimela, esithi, Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje?"
40 Mas o outro o repreendeu: Nem sequer temes a Deus, tu que sofres no mesmo suplício?
41 Thina ke okunene sigwetywe ngobulungisa, kuba samkela okufanele esakwenzayo; kodwa yena lo akenzanga nto ingendawo."
41 Para nós isto é justo: recebemos o que mereceram os nossos crimes, mas este não fez mal algum.
42 Wathi kuYesu, Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho."
42 E acrescentou: Jesus, lembra-te de mim, quando tiveres entrado no teu Reino!
43 UYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje uya kuba nam eParadisi."
43 Jesus respondeu-lhe: Em verdade te digo: hoje estarás comigo no paraíso.
44 Ke kaloku, kwakumalunga nelixa lesithandathu, kwaza kwakho ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwaba lilixa lesithoba."
44 Era quase à hora sexta e em toda a terra houve trevas até a hora nona.
45 Lenziwa mnyama ilanga; isikhuselo sendawo eyingcwele sakrazuka phakathi."
45 Escureceu-se o sol e o véu do templo rasgou-se pelo meio.
46 Wadanduluka ngezwi elikhulu uYesu, wathi, Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam. Uthe akuba etshilo, waphuma umphefumlo."
46 Jesus deu então um grande brado e disse: Pai, nas tuas mãos entrego o meu espírito. E, dizendo isso, expirou.
47 Ke kaloku umthetheli-khulu, akukubona okuhlileyo, wazukisa uThixo, esithi, Inene, lo mntu ubelilungisa."
47 Vendo o centurião o que acontecia, deu glória a Deus e disse: Na verdade, este homem era um justo.
48 Zathi zonke izihlwele ezabe zibuthelene kuloo mbonelo, zakukubona okuhlileyo, zabuya zibetha izifuba zazo."
48 E toda a multidão dos que assistiam a este espetáculo e viam o que se passava, voltou batendo no peito.
49 Baye ke bonke abazana naye bemi kude, nabafazi ababelandelene naye, bevela kwelaseGalili, bezikhangela ezi zinto."
49 Os amigos de Jesus, como também as mulheres que o tinham seguido desde a Galiléia, conservavam-se a certa distância, e observavam estas coisas.
50 Kwaye ke kukho indoda egama linguYosefu, engumphakathi, indoda elungileyo, elilungisa"
50 Havia um homem, por nome José, membro do conselho, homem reto e justo.
51 (yona yayingavumelananga necebo labo, nesenzo sabo), eyaseArimatiya, umzi wamaYuda, eyayibulindile nayo ubukumkani bukaThixo;"
51 Ele não havia concordado com a decisão dos outros nem com os atos deles. Originário de Arimatéia, cidade da Judéia, esperava ele o Reino de Deus.
52 eyathi yona yeza kuPilato, yawucela umzimba kaYesu."
52 Foi ter com Pilatos e lhe pediu o corpo de Jesus.
53 Yawuthula, yawusongela kwilinen entle; yawubeka engcwabeni elixholwe etyeni, ekungazanga kulale bani kulo."
53 Ele o desceu da cruz, envolveu-o num pano de linho e colocou-o num sepulcro, escavado na rocha, onde ainda ninguém havia sido depositado.
54 Loo mhla wawungowokulungiselela, nesabatha ibisondele."
54 Era o dia da Preparação e já ia principiar o sábado.
55 Ke kaloku nabafazi abalandelayo, abeza naye bephuma kwelaseGalili, balikhangela ingcwaba, nokubekwa komzimba wakhe."
55 As mulheres, que tinham vindo com Jesus da Galiléia, acompanharam José. Elas viram o túmulo e o modo como o corpo de Jesus ali fora depositado.
56 Babuya ke, balungisa ubulawu namafutha aqholiweyo. Bathi ngesabatha baphumla ngokomthetho."
56 Elas voltaram e prepararam aromas e bálsamos. No dia de sábado, observaram o preceito do repouso.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Lucas 23, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.