Lucas 22

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH

Sair da comparação
NTLH Nova Tradução na Linguagem de Hoje 2000
1 Ke kaloku, wawusondela umthendeleko wezonka ezingenagwele, ekuthiwa yipasika."
1 Faltava pouco tempo para a Festa dos Pães sem Fermento , chamada Páscoa .
2 Baye ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangathini na ukumbulala, kuba bebesoyika abantu."
2 Os chefes dos sacerdotes e os mestres da Lei procuravam um jeito para matar Jesus em segredo porque tinham medo do povo.
3 Wangena ke uSathana kuYuda, ogama limbi linguSikariyoti, ongowenani labalishumi elinababini."
3 Então Satanás entrou em Judas, chamado Iscariotes, que era um dos doze discípulos.
4 Wemka, waya wathetha nababingeleli abakhulu nabaphathi betempile, ukuba angathini na ukumnikela kubo."
4 Judas foi falar com os chefes dos sacerdotes e com os oficiais da guarda do Templo para combinar a maneira como ele ia lhes entregar Jesus.
5 Bavuya, banqophisana naye ukumnika imali,"
5 Eles ficaram muito contentes e prometeram dar dinheiro a ele.
6 wabavumela, wamana efuna ithuba elimlungeleyo lokumnikela kubo, kungekho siphendu."
6 Judas aceitou e começou a procurar uma oportunidade para entregar Jesus a eles, sem que o povo ficasse sabendo.
7 Wafika ke umhla wezonka ezingenagwele, ekwakumele ukuthi ngawo kubingwe imvana yepasika."
7 Chegou o dia da Festa dos Pães sem Fermento , dia em que os judeus matavam carneirinhos para comemorar a Páscoa .
8 Wesusa uPetros noYohane, wathi, Hambani niye kusilungisela ipasika, ukuze sidle."
8 Então Jesus deu a Pedro e a João a seguinte ordem:
9 Bathe ke bona kuye, Ufuna ukuba siyilungise phi na?"
9 Eles perguntaram: — Onde o senhor quer que a gente prepare o jantar?
10 Uthe ke yena kubo, Yabonani, nakungena kuwo umzi lo, nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni, niye endlwini angena kuyo."
10 Jesus respondeu:
11 Nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi kuwe, Liphi na igumbi labahambi, apho ndingadlela khona ipasika nabafundi bam?"
11 e digam ao dono dela: “O Mestre mandou perguntar a você onde fica a sala em que ele e os seus discípulos vão comer o jantar da Páscoa.”
12 Kwayena wonibonisa igumbi eliphezulu elikhulu, landlelwe; lungisani apho ke."
12 Então ele mostrará a vocês uma grande sala mobiliada, no andar de cima. Preparem ali o jantar.
13 Bemka ke, bafumana kunjengoko ebetshilo kubo, bayilungisa ipasika."
13 Os dois discípulos foram até a cidade e encontraram tudo como Jesus tinha dito. Então prepararam o jantar da Páscoa.
14 Uthe ke lakufika ilixa, wahlala phantsi, nabapostile abalishumi elinababini kunye naye."
14 Quando chegou a hora, Jesus sentou-se à mesa com os apóstolos
15 Wathi kubo, Asikuko nokuba ndinqwenile ukuyidla nani le pasika, ndingekabuva ubunzima."
15 e lhes disse:
16 Kuba ndithi kuni, Andiyi kubuya ndibe sadla kuyo, ide izaliseke ebukumkanini bukaThixo."
16 Pois eu digo a vocês que nunca comerei este jantar até que eu coma o verdadeiro jantar que haverá no
17 Wamkela indebe, wabulela, wathi, Yithabatheni, nabelane ngayo."
17 Então Jesus pegou o cálice de vinho, deu graças a Deus e disse:
18 Kuba ndithi kuni, Andisayi kusela kwisiqhamo somdiliya, bude bufike ubukumkani bukaThixo."
18 Pois eu afirmo a vocês que nunca mais beberei deste vinho até que chegue o Reino de Deus.
19 Wathabatha isonka, wathi akubulela waqhekeza, wabanika, esithi, Ngumzimba wam lo, onikelwa ngenxa yenu; oku kwenzeleni ukundikhumbula."
19 Depois pegou o pão e deu graças a Deus. Em seguida partiu o pão e o deu aos apóstolos, dizendo:
20 Kwangokunjalo nayo indebe wayithabatha, kwakukhovwa ukudliwa, esithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina."
20 Depois do jantar, do mesmo modo deu a eles o cálice de vinho, dizendo:
21 Kodwa niyabona, isandla sondingcatshayo sinam etafileni apha."
21 Mas vejam: o traidor está aqui sentado comigo à mesa!
22 UNyana woMntu okunene uyemka, njengoko kumisiweyo; kodwa ke, yeha, loo mntu angcatshwa nguye!"
22 Pois o
23 Baqala bona ukubuzana phakathi kwabo, ukuba ingaba ke nguwuphi na kubo, oza kuyenza le nto."
23 Então os apóstolos começaram a perguntar uns aos outros quem seria o traidor.
24 Ke kaloku kwabakho nokubangisana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo ekungathiwa ngomkhulu."
24 Os apóstolos tiveram uma forte discussão sobre qual deles deveria ser considerado o mais importante.
25 Uthe ke yena kubo, Ookumkani beentlanga bayazigagamela; kwanabo benza ngegunya kuzo, kuthiwa ngabancedi."
25 Então Jesus disse:
26 Ke nina ze ningabi njalo: omkhulu kuni, makabe njengomnci; nongumphathi makabe njengomlungiseleli."
26 Mas entre vocês não pode ser assim. Pelo contrário, o mais importante deve ser como o menos importante; e o que manda deve ser como o que é mandado.
27 Kuba nguwuphi na omkhulu: ngulowo uhleli esithebeni, ngulowo ulungiselelayo, kusini na? Asingulowo uhleli esithebeni na? Ke mna phakathi kwenu ndinjengomlungiseleli."
27 Quem é o mais importante? É o que está sentado à mesa para comer ou é o que está servindo? Claro que é o que está sentado à mesa. Mas entre vocês eu sou como aquele que serve.
28 Nina ke ningabo basoloko behleli nam ekulingweni kwam."
28 — Vocês têm estado sempre comigo nos meus sofrimentos.
29 Nam ndinimisela ubukumkani, njengokuba uBawo endimisele mna,"
29 Por isso, assim como o meu Pai me deu o direito de governar, eu também dou o mesmo direito a vocês.
30 ukuze nidle, nisele, esithebeni sam ebukumkanini bam, nihlale ezitroneni, nigweba izizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli."
30 Vocês vão comer e beber à minha mesa no meu
31 Ithe ke iNkosi, Simon, Simon, uyabona, uSathana ubenibanga, ukuba anele njengengqolowa."
31 Jesus continuou:
32 Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli; nawe ke, xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho."
32 Mas eu tenho orado por você, Simão, para que não lhe falte fé. E, quando você voltar para mim, anime os seus irmãos.
33 Wathi ke yena kuyo, Nkosi, sendikulungele ukuya nawe nasentolongweni, nasekufeni."
33 Então Pedro disse a Jesus: — Estou pronto para ser preso e morrer com o senhor!
34 Ithe ke yona, Ndithi kuwe, Petros, ayisayi kulila namhlanje inkuku, ungekakhanyeli kathathu ukuba uyandazi."
34 Então Jesus afirmou:
35 Yathi kubo, Okuya ndanithuma ningenangxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada, khe naswela nto na? Bathi ke bona, Nento le."
35 Depois Jesus perguntou aos discípulos: — Não faltou nada! — responderam eles.
36 Ithe ke kubo, Kungokunje, lowo unengxowa yemali makayithabathe, enjenjalo nonengxowa yomphako; nalowo usweleyo, makathengise ngengubo yakhe, athenge ikrele."
36 Então Jesus disse:
37 Kuba ndithi kuni, Oku kubhaliweyo kusamele ukufezeka kum, khona oku: Wabalwa nabachasi-mthetho; kuba kananjalo izinto ezingam zinemfezeko."
37 Pois as
38 Bathi ke bona, Nkosi, uyabona, nanga amakrele emabini. Ithe ke yona kubo, Kwanele."
38 Aí os seus discípulos disseram: — Senhor, aqui estão duas espadas.
39 Uphumile ke, waya ngokwesiko lakhe eNtabeni yemiNquma, bamlandela ke nabafundi bakhe."
39 Jesus saiu e foi, como de costume, ao monte das Oliveiras; e os seus discípulos foram com ele.
40 Efikile ke kuloo ndawo, wathi kubo, Thandazani, ningangeni ekulingweni."
40 Quando chegou ao lugar escolhido, Jesus disse:
41 Waziqhiwula yena kubo umgama ongangokugibisela ilitye, waguqa ngamadolo wathandaza,"
41 Então se afastou a uma distância de mais ou menos trinta metros. Ajoelhou-se e começou a orar,
42 esithi, Bawo, ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe, kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo."
42 dizendo:
43 Kwabonakala ke kuye isithunywa, sivela ezulwini, simomeleza."
43 [Então um anjo do céu apareceu e o animava.
44 Uthe ke, eneminzunzu, kwaba kukhona athandaza enyamekile. Kwathi ke ukubila kwakhe kwanga kungamathontsi amakhulu egazi, esiwa emhlabeni."
44 Cheio de uma grande aflição, Jesus orava com mais força ainda. O seu suor era como gotas de sangue caindo no chão.]
45 Wavuka ekuthandazeni, weza kubafundi bakhe, wabafumana belele ngokuba buhlungu kwentliziyo."
45 Depois de orar, ele se levantou, voltou para o lugar onde os discípulos estavam e os encontrou dormindo, pois a tristeza deles era muito grande.
46 Wathi kubo, Yini na ukuba nilale? Vukani, nithandaze, ukuze ningangeni ekulingweni."
46 E disse:
47 Ke kaloku, akubon’ ukuba usathetha, kwathi gqi indimbane, waye nalowo kuthiwa nguYuda, omnye weshumi elinababini, ehamba phambi kwabo; wasondela kuYesu eza kumanga."
47 Jesus ainda estava falando, quando chegou uma multidão. Judas, um dos doze discípulos, que era quem guiava aquela gente, chegou perto de Jesus para beijá-lo.
48 Uthe ke uYesu kuye, Yuda, umngcatsha uNyana woMntu ngokumanga na?"
48 Mas Jesus disse:
49 Ke kaloku abo babemphahlile, bakukubona okuza kuhla, bathi kuye, Nkosi, sixabele na ngekrele?"
49 Quando os discípulos que estavam com Jesus viram o que ia acontecer, disseram: — Senhor, devemos atacar essa gente com as nossas espadas?
50 Omnye kubo abo wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene."
50 Um deles feriu com a espada o empregado do Grande Sacerdote , cortando a sua orelha direita.
51 Waphendula ke uYesu wathi, Yekani, kwanele. Wayichukumisa indlebe yakhe, wamphilisa."
51 Mas Jesus ordenou: Aí tocou na orelha do homem e o curou.
52 Uthe ke uYesu kwabo babemfikele, ababingeleli abakhulu, nabaphathi betempile, namadoda amakhulu, Niphume ninamakrele neentonga na, nanga nize esihangeni?"
52 Em seguida disse aos chefes dos sacerdotes, aos oficiais da guarda do Templo e aos líderes judeus que tinham vindo para prendê-lo:
53 Bendinani imihla ngemihla etempileni, anolula zandla ngakum; kambe eli lilixa lenu, negunya lobumnyama."
53 Eu estava com vocês todos os dias no pátio do Templo, e vocês não tentaram me prender. Mas esta é a hora de vocês e também a hora do poder da escuridão.
54 Bambambile ke, bamrhola, bamsa endlwini yombingeleli omkhulu; waye ke uPetros elandela ekude."
54 Eles prenderam Jesus e o levaram até a casa do Grande Sacerdote . E Pedro os seguia de longe.
55 Ke kaloku, bakubon’ ukuba babase umlilo phakathi kwentendelezo, behleli phantsi ndawonye, uthe wahlala uPetros phakathi kwabo."
55 Quando acenderam uma fogueira no meio do pátio, Pedro foi e sentou-se com os que estavam em volta do fogo.
56 Ke umkhonzazana othile umbonile ehleli ebandezini, wamjonga wathi, Nalo ube enaye."
56 Uma das empregadas o viu sentado ali perto da fogueira, olhou bem para ele e disse: — Este homem também estava com Jesus!
57 Wamkhanyela ke yena, esithi, Nkazanandini, andimazi."
57 Mas Pedro negou, dizendo: — Mulher, eu nem conheço esse homem!
58 Kwakuba mzuzwana, omnye wambona wathi, Nawe ungowabo. Wathi ke uPetros, Mntundini, andinguye."
58 Pouco tempo depois, um homem o viu ali e disse: — Você também é um deles! Mas Pedro respondeu: — Homem, eu não sou um deles.
59 Kwakuba kuhambe ilixa ngathi linye, omnye uqinisele wathi, Inyaniso, nalo ubenaye; kuba ukwangowaseGalili."
59 Mais ou menos uma hora depois, outro insistiu: — Você estava mesmo com ele porque também é galileu.
60 Uthe ke uPetros, Mntundini, andiyazi into oyithethayo. Kuthe kwangoko, esathetha, yalila inkuku."
60 Mas Pedro respondeu: — Homem, eu não sei do que é que você está falando! Naquele instante, enquanto ele falava, o galo cantou.
61 Yajika iNkosi, yondela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi, njengoko ibithe kuye, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu."
61 Então o Senhor virou-se e olhou firme para Pedro, e ele lembrou das palavras que o Senhor lhe tinha dito: “Hoje, antes que o galo cante, você dirá três vezes que não me conhece.”
62 Waza uPetros, ephume phandle, walila ngokukrakra."
62 Então Pedro saiu dali e chorou amargamente.
63 Aye amadoda ambambileyo uYesu edlala ngaye, emtyakatya."
63 Os homens que estavam guardando Jesus zombavam dele e batiam nele.
64 Athe akuba emgqubuthele, ambetha ebusweni, ambuza esithi, Profeta; ngubani na lo ukubethileyo?"
64 Taparam os olhos dele e perguntavam: — Quem foi que bateu em você? Adivinhe!
65 Aye emthethela nezinye izinto ezininzi, enyelisa."
65 E diziam muitas outras coisas para insultá-lo.
66 Kuthe kwakusa, yahlanganisana intlanganiso yamadoda amakhulu abantu, nababingeleli abakhulu, kwanababhali, bamrholela entlanganisweni yabo yamatyala, besithi,"
66 Quando amanheceu, alguns líderes dos judeus, alguns chefes dos sacerdotes e alguns mestres da Lei se reuniram. Depois mandaram levar Jesus diante do Conselho Superior .
67 Ukuba unguye uKristu wena, sixelele. Uthe ke yena kubo, Ukuba ndithe ndanixelela, anisayi kukholwa;"
67 Então lhe disseram: — Diga para nós se você é o Ele respondeu:
68 nokuba ke ndithe ndanibuza, anisayi kundiphendula, anisayi kundikhulula."
68 E, se eu fizer uma pergunta, vocês não vão responder.
69 Ethabathela kweli xa, uNyana woMntu uya kuba ehleli ekunene kwamandla kaThixo."
69 Mas de agora em diante o
70 Bathi ke bonke, Unguye na ke wena uNyana kaThixo? Uthe ke yena kubo, Nani nithi ndinguye."
70 Aí todos perguntaram: — Então você é o Filho de Deus? Jesus respondeu:
71 Bathi ke bona, Sisabufunelani na ubungqina, kuba thina ngokwethu sivile ngomlomo wakhe."
71 E eles disseram: — Não precisamos mais de testemunhas. Nós mesmos ouvimos o que ele disse.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Lucas 22, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.