Lucas 1

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 Bethe nje ke abaninzi bazamela ukucacisa ibali lezo zinto ziziziganeko phakathi kwethu,"
1 Muitos empreenderam compor uma história dos acontecimentos que se realizaram entre nós,
2 njengoko basinikelayo abo, bathi kwasekuqaleni baba ngababoneli nabakhonzi balo ilizwi:"
2 como no-los transmitiram aqueles que foram desde o princípio testemunhas oculares e que se tornaram ministros da palavra.
3 kwabonakala kulungile nakum, ndizilandile nje ngokucokisekileyo zonke, ndizekela kwasentloko, ukuba ndikubhalele ngokucacileyo, Tiyofilo odume kunene,"
3 Também a mim me pareceu bem, depois de haver diligentemente investigado tudo desde o princípio, escrevê-los para ti segundo a ordem, excelentíssimo Teófilo,
4 ukuze uyazi kakuhle ingqiniseko yamazwi owafundisiweyo ngomlomo."
4 para que conheças a solidez daqueles ensinamentos que tens recebido.
5 Ngemihla kaHerode ukumkani wakwaYuda, kwaye kukho umbingeleli othile, ogama linguZekariya, engoweqela lika-Abhiya, nomfazi wakhe engowasezintombini zika-Aron, igama lakhe linguElizabhete."
5 Nos tempos de Herodes, rei da Judéia, houve um sacerdote por nome Zacarias, da classe de Abias; sua mulher, descendente de Aarão, chamava-se Isabel.
6 Bebengamalungisa ke bobabini emehlweni kaThixo, behamba ngayo yonke imithetho nemimiselo yeNkosi, bengenakusoleka."
6 Ambos eram justos diante de Deus e observavam irrepreensivelmente todos os mandamentos e preceitos do Senhor.
7 Baye bengenamntwana, ngokokuba uElizabhete ebengazali, kanjalo bobabini babesebekhulile."
7 Mas não tinham filho, porque Isabel era estéril e ambos de idade avançada.
8 Kwathi ke kaloku, ekubuphatheni ububingeleli bakhe ngexesha leqela lakhe phambi koThixo,"
8 Ora, exercendo Zacarias diante de Deus as funções de sacerdote, na ordem da sua classe,
9 ngokwesiko lobubingeleli, kwaba liqashiso lakhe ukuba aqhumise ubulawu, akuba engene endaweni engcwele yeNkosi."
9 coube-lhe por sorte, segundo o costume em uso entre os sacerdotes, entrar no santuário do Senhor e aí oferecer o perfume.
10 Yaye yonke inkitha yabantu ithandaza ngaphandle ngelixa lesiqhumiso."
10 Todo o povo estava de fora, à hora da oferenda do perfume.
11 Kwabonakala ke kuye isithunywa seNkosi, simi ngasekunene kwesibingelelo sesiqhumiso."
11 Apareceu-lhe então um anjo do Senhor, em pé, à direita do altar do perfume.
12 Wakhathazeka uZekariya, akusibona, wangenelwa kukoyika."
12 Vendo-o, Zacarias ficou perturbado, e o temor assaltou-o.
13 Sathi ke isithunywa eso kuye, Musa ukoyika, Zekariya, ngokokuba isikhungo sakho siviwe; wothi ke umfazi wakho uElizabhete akuzalele unyana, umthiye igama elinguYohane."
13 Mas o anjo disse-lhe: Não temas, Zacarias, porque foi ouvida a tua oração: Isabel, tua mulher, dar-te-á um filho, e chamá-lo-ás João.
14 Uya kuba nokuvuya nokugcoba, bathi nabaninzi bakuvuyele ukuzalwa kwakhe."
14 Ele será para ti motivo de gozo e alegria, e muitos se alegrarão com o seu nascimento;
15 Kuba uya kuba mkhulu emehlweni eNkosi, angakhe asele wayini nasiselo sinxilisayo; uya kuzaliswa nguMoya oyiNgcwele kwasekuzalweni kwakhe."
15 porque será grande diante do Senhor e não beberá vinho nem cerveja, e desde o ventre de sua mãe será cheio do Espírito Santo;
16 Nento eninzi ke yoonyana bakaSirayeli uya kuyibuyisela eNkosini uThixo wabo."
16 ele converterá muitos dos filhos de Israel ao Senhor, seu Deus,
17 Yena uya kuhamba phambi kobuso bayo, enomoya enamandla kaEliya, ukuba azibuyisele iintliziyo zooyise kubantwana, nabangevayo kuko ukuqonda kwamalungisa, alungisele iNkosi abantu abalungisiweyo."
17 e irá adiante de Deus com o espírito e poder de Elias para reconduzir os corações dos pais aos filhos e os rebeldes à sabedoria dos justos, para preparar ao Senhor um povo bem disposto.
18 Wathi uZekariya kuso isithunywa, Ndiya kukwazi ngani na oko? Kuba mna ndimdala, waye nomfazi wam selekhulile."
18 Zacarias perguntou ao anjo: Donde terei certeza disto? Pois sou velho e minha mulher é de idade avançada.
19 Saphendula ke isithunywa, sathi kuye, Mna ndinguGabriyeli, oma phambi koThixo. Ndithunyiwe ukuba ndithethe kuwe, ndikushumayeze ezi ndaba zilungileyo."
19 O anjo respondeu-lhe: Eu sou Gabriel, que assisto diante de Deus, e fui enviado para te falar e te trazer esta feliz nova.
20 Uyabona, uya kuba sisidenge, ungabi nako ukuthetha, kude kube yimini eziya kuthi zenzeke ngayo ezi zinto, ngenxa enokuba ungakholwanga ngamazwi am; aya kuzalisekiswa wona ngexesha lawo."
20 Eis que ficarás mudo e não poderás falar até o dia em que estas coisas acontecerem, visto que não deste crédito às minhas palavras, que se hão de cumprir a seu tempo.
21 Baye abantu bemlindile uZekariya, bemangalisiwe kukulibala kwakhe endaweni engcwele leyo."
21 No entanto, o povo estava esperando Zacarias; e admirava-se de ele se demorar tanto tempo no santuário.
22 Uthe ke akuphuma, akaba nako ukuthetha kubo; baqonda ukuba ubone umbono endaweni engcwele apho, waye yena emana ukunqwala kubo, wahlala engathethi."
22 Ao sair, não lhes podia falar, e compreenderam que tivera no santuário uma visão. Ele lhes explicava isto por acenos; e permaneceu mudo.
23 Kwathi yakuzaliseka imihla yombuso wakhe, wemka waya endlwini yakhe."
23 Decorridos os dias do seu ministério, retirou-se para sua casa.
24 Emveni kwayo loo mihla ke, uElizabhete umfazi wakhe wathabatha, wazizimeza iinyanga zantlanu, esithi,"
24 Algum tempo depois Isabel, sua mulher, concebeu; e por cinco meses se ocultava, dizendo:
25 Yenjenje iNkosi kum ngemihla eyandikhangelayo, ukuba ikususe ukungcikiveka kwam phakathi kwabantu."
25 Eis a graça que o Senhor me fez, quando lançou os olhos sobre mim para tirar o meu opróbrio dentre os homens.
26 Ke kaloku ngenyanga yesithandathu, isithunywa esinguGabriyeli sathunyelwa nguThixo emzini welaseGalili, ogama liyiNazarete,"
26 No sexto mês, o anjo Gabriel foi enviado por Deus a uma cidade da Galiléia, chamada Nazaré,
27 kwintombi, eganelwe indoda egama linguYosefu, yendlu kaDavide; laye igama lentombi leyo linguMariya."
27 a uma virgem desposada com um homem que se chamava José, da casa de Davi e o nome da virgem era Maria.
28 Sangena isithunywa kuye, sathi, Vuya, wena ubabalweyo! INkosi inawe; usikelelwe wena phakathi kwabafazi."
28 Entrando, o anjo disse-lhe: Ave, cheia de graça, o Senhor é contigo.
29 Uthe ke akusibona, wee qhiphu umbilini ngenxa yelizwi laso; wayecamanga ukuba ungaba mbuliso mni na lo."
29 Perturbou-se ela com estas palavras e pôs-se a pensar no que significaria semelhante saudação.
30 Sathi ke isithunywa kuye, Musa ukoyika, Mariya; kuba ubabalwe nguThixo."
30 O anjo disse-lhe: Não temas, Maria, pois encontraste graça diante de Deus.
31 Uyabona, uya kuthabatha esizalweni, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu."
31 Eis que conceberás e darás à luz um filho, e lhe porás o nome de Jesus.
32 Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide,"
32 Ele será grande e chamar-se-á Filho do Altíssimo, e o Senhor Deus lhe dará o trono de seu pai Davi; e reinará eternamente na casa de Jacó,
33 uyise, abe ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nobukumkani bakhe bungabi nasiphelo."
33 e o seu reino não terá fim.
34 Wathi ke uMariya kuso isithunywa, Kuya kuthini na ukubakho oku, ndingazani nandoda nje?"
34 Maria perguntou ao anjo: Como se fará isso, pois não conheço homem?
35 Saphendula isithunywa sathi kuye, UMoya oyiNgcwele uya kuza phezu kwakho, athi namandla Osenyangweni akusibekele; kungoko loo nto ingcwele izalwa nguwe iya kubizwa ngokuba nguNyana kaThixo."
35 Respondeu-lhe o anjo: O Espírito Santo descerá sobre ti, e a força do Altíssimo te envolverá com a sua sombra. Por isso o ente santo que nascer de ti será chamado Filho de Deus.
36 Uyabona, uElizabhete, ozalana nawe, naye umithe unyana ebudaleni bakhe; nale yinyanga yesithandathu kuye, lowo bekuthiwa ngongazaliyo;"
36 Também Isabel, tua parenta, até ela concebeu um filho na sua velhice; e já está no sexto mês aquela que é tida por estéril,
37 ngokuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo."
37 porque a Deus nenhuma coisa é impossível.
38 Wathi ke uMariya, Nanko umkhonzazana weNkosi; makwenzeke kum ngokwelizwi lakho. Saza isithunywa semka kuye."
38 Então disse Maria: Eis aqui a serva do Senhor. Faça-se em mim segundo a tua palavra. E o anjo afastou-se dela.
39 Ke kaloku, wesuka uMariya ngaloo mihla, wasinga kweleentaba ngobungxamo, emzini wakwaYuda;"
39 Naqueles dias, Maria se levantou e foi às pressas às montanhas, a uma cidade de Judá.
40 wangena endlwini kaZekariya, wambulisa uElizabhete."
40 Entrou em casa de Zacarias e saudou Isabel.
41 Kwathi, akuwuva uElizabhete umbuliso kaMariya, lwasuka lwaxhuma usana esizalweni sakhe, wesuka wazala nguMoya oyiNgcwele uElizabhete."
41 Ora, apenas Isabel ouviu a saudação de Maria, a criança estremeceu no seu seio; e Isabel ficou cheia do Espírito Santo.
42 Wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Unentsikelelo wena phakathi kwabafazi; sinentsikelelo nesiqhamo sesizalo sakho."
42 E exclamou em alta voz: Bendita és tu entre as mulheres e bendito é o fruto do teu ventre.
43 Kuhle ngani na kum, ukuthi unina weNkosi yam eze kum?"
43 Donde me vem esta honra de vir a mim a mãe de meu Senhor?
44 Kuba uyabona, kuthe lakubakho izwi lombuliso wakho ezindlebeni zam, lwasuka lwaxhuma usana ngokugcoba esizalweni sam."
44 Pois assim que a voz de tua saudação chegou aos meus ouvidos, a criança estremeceu de alegria no meu seio.
45 Unoyolo lowo wakholwayo koko; ngokuba kuya kubakho inzaliseko yezo zinto zithethiweyo kuye yiNkosi."
45 Bem-aventurada és tu que creste, pois se hão de cumprir as coisas que da parte do Senhor te foram ditas!
46 Wathi uMariya: Umphefumlo wam uyenza nkulu iNkosi,"
46 E Maria disse: Minha alma glorifica ao Senhor,
47 Nomoya wam ugcobile ngoThixo uMsindisi wam;"
47 meu espírito exulta de alegria em Deus, meu Salvador,
48 Ngokuba wakukhangela ukuthobeka komkhonzazana wakhe; Kuba, uyabona, ziya kuqala kwangoku ukuthi ndingonoyolo zonke izizukulwana;"
48 porque olhou para sua pobre serva. Por isto, desde agora, me proclamarão bem-aventurada todas as gerações,
49 Ngokuba wandenzela izinto ezinkulu uSomandla; Lingcwele igama lakhe."
49 porque realizou em mim maravilhas aquele que é poderoso e cujo nome é Santo.
50 Yaye inceba yakhe ikwizizukulwana ngezizukulwana Kwabo bamoyikayo."
50 Sua misericórdia se estende, de geração em geração, sobre os que o temem.
51 Wenze amandla ngengalo yakhe, Wabachithachitha abanekratshi ekucingeni kweentliziyo zabo."
51 Manifestou o poder do seu braço: desconcertou os corações dos soberbos.
52 Wabawisa abanamandla ezitroneni zabo, Wabaphakamisa abathobekileyo."
52 Derrubou do trono os poderosos e exaltou os humildes.
53 Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo; Wabandulula abazizityebi belambatha."
53 Saciou de bens os indigentes e despediu de mãos vazias os ricos.
54 Wasiza uSirayeli, umkhonzi wakhe, Ngokukhumbula inceba yakhe;"
54 Acolheu a Israel, seu servo, lembrado da sua misericórdia,
55 Njengoko wathethayo koobawo bethu, KuAbraham nakwimbewu yakhe ngonaphakade."
55 conforme prometera a nossos pais, em favor de Abraão e sua posteridade, para sempre.
56 Wahlala ke uMariya naye iinyanga ngathi zaba ntathu, waza wabuyela ekhaya."
56 Maria ficou com Isabel cerca de três meses. Depois voltou para casa.
57 Ke kaloku, ixesha likaElizabhete lazaliseka lokuba azale; wazala unyana."
57 Completando-se para Isabel o tempo de dar à luz, teve um filho.
58 Beva abamelwane nemizalwane yakhe, ukuba iNkosi iyenze nkulu inceba yayo kuye, baye ke bevuyisana naye."
58 Os seus vizinhos e parentes souberam que o Senhor lhe manifestara a sua misericórdia, e congratulavam-se com ela.
59 Kwathi ngomhla wesibhozo, beza kumalusa umntwana; baye bemthiya igama likayise, besithi nguZekariya;"
59 No oitavo dia, foram circuncidar o menino e o queriam chamar pelo nome de seu pai, Zacarias.
60 koko waphendulayo unina, wathi, Hayi; uya kubizwa ngokuba nguYohane."
60 Mas sua mãe interveio: Não, disse ela, ele se chamará João.
61 Bathi kuye, Akukho namnye ubizwa ngelo gama kwimizalwane yakho."
61 Replicaram-lhe: Não há ninguém na tua família que se chame por este nome.
62 Baye ke benqwala kuyise besithi, angathanda ukuba athiweni na ukubizwa."
62 E perguntavam por acenos ao seu pai como queria que se chamasse.
63 Wabiza icwecwana, wabhala esithi, Igama lakhe nguYohane. Bamangaliswa bonke."
63 Ele, pedindo uma tabuinha, escreveu nela as palavras: João é o seu nome. Todos ficaram pasmados.
64 Wavuleka ke kwaoko umlomo wakhe, lwathukululeka nolwimi lwakhe, wamana ethetha, ebonga uThixo."
64 E logo se lhe abriu a boca e soltou-se-lhe a língua e ele falou, bendizendo a Deus.
65 Kwehla ukoyika phezu kwalo lonke umelwane lwabo; kwaye kulo lonke eleentaba lakwaYuda kuxoxwa ngazo zonke ezi zinto."
65 O temor apoderou-se de todos os seus vizinhos; o fato divulgou-se por todas as montanhas da Judéia.
66 Bathi bonke abazivayo, bazibeka entliziyweni yabo, besithi, Azi uya kuba yintoni na lo mntwana? Saye isandla seNkosi sinaye."
66 Todos os que o ouviam conservavam-no no coração, dizendo: Que será este menino? Porque a mão do Senhor estava com ele.
67 UZekariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, waprofeta esithi:"
67 Zacarias, seu pai, ficou cheio do Espírito Santo e profetizou, nestes termos:
68 Mayibongwe iNkosi, uThixo kaSirayeli, Ngokuba ibavelele yabakhulula ngentlawulelo abantu bayo."
68 Bendito seja o Senhor, Deus de Israel, porque visitou e resgatou o seu povo,
69 Yasiphakamisela uphondo losindiso Endlwini kaDavide, umkhonzi wayo,"
69 e suscitou-nos um poderoso Salvador, na casa de Davi, seu servo
70 Njengoko yathethayo ngomlomo wabangcwele, ababengabaprofeti bayo kwasephakadeni;"
70 {como havia anunciado, desde os primeiros tempos, mediante os seus santos profetas},
71 Usindiso lokusisindisa ezintshabeni zethu, nasesandleni sabo bonke abo basithiyayo;"
71 para nos livrar dos nossos inimigos e das mãos de todos os que nos odeiam.
72 Ukubenzela inceba oobawo bethu, Nokukhumbula umnqophiso wayo ongcwele,"
72 Assim exerce a sua misericórdia com nossos pais, e se recorda de sua santa aliança,
73 Isifungo eyasifungela uAbraham ubawo wethu,"
73 segundo o juramento que fez a nosso pai Abraão: de nos conceder que, sem temor,
74 Sokusinika ukuba sithi, sihlangulwe esandleni seentshaba zethu, Siyikhonze singenakoyika,"
74 libertados de mãos inimigas, possamos servi-lo
75 Ngobungcwele nangobulungisa emehlweni ayo, yonke imihla yobomi bethu."
75 em santidade e justiça, em sua presença, todos os dias da nossa vida.
76 Nawe, mntwana, uya kubizwa ngokuba ungumprofeti wOsenyangweni, Kuba uya kuhamba phambi kobuso beNkosi, ulungise iindlela zayo,"
76 E tu, menino, serás chamado profeta do Altíssimo, porque precederás o Senhor e lhe prepararás o caminho,
77 Ukuze ubanike abantu bayo ukwaziwa kosindiso Ngoxolelo lwezono zabo,"
77 para dar ao seu povo conhecer a salvação, pelo perdão dos pecados.
78 Ngenxa yenceba nemfesane yoThixo wethu, Othe ngaye wasivelela umso wasenyangweni,"
78 Graças à ternura e misericórdia de nosso Deus, que nos vai trazer do alto a visita do Sol nascente,
79 Ukuba ukhanye kwabo bahleliyo emnyameni, nasethunzi nilokufa, Ukuba uzingenise iinyawo zethu endleleni yoxolo."
79 que há de iluminar os que jazem nas trevas e na sombra da morte e dirigir os nossos passos no caminho da paz.
80 Wakhula umntwana, waya esomelela ngomoya; waye esentlango, kwada kwayimini yokubonakalaliswa kwakhe kuSirayeli."
80 O menino foi crescendo e fortificava-se em espírito, e viveu nos desertos até o dia em que se apresentou diante de Israel.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Lucas 1, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.