Lucas 18

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH

Sair da comparação
NTLH Nova Tradução na Linguagem de Hoje 2000
1 Ke kaloku, wayethetha nomzekeliso kubo, wokuba bamelwe kukuhlala bethandaza, bangethi amandla;"
1 Jesus contou a seguinte parábola , mostrando aos discípulos que deviam orar sempre e nunca desanimar:
2 esithi, Kwaye kukho umgwebi emzini othile, ongamoyikiyo uThixo, ongamhloneleyo nomntu."
2 — Em certa cidade havia um juiz que não
3 Bekukho ke umhlolokazi othile kuloo mzi, obemana ukuza kuye, esithi, Ndikhulule kummangaleli wam."
3 Nessa cidade morava uma viúva que sempre o procurava para pedir justiça, dizendo: “Ajude-me e julgue o meu caso contra o meu adversário!”
4 Kwaba mzuzu engavumi; kodwa kamva wathi ngaphakathi kwakhe, Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingamhlonele nomntu:"
4 — Durante muito tempo o juiz não quis julgar o caso da viúva, mas afinal pensou assim: “É verdade que eu não temo a Deus e também não respeito ninguém.
5 noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endibulala, ndomlungisa, ndimkhulule, hleze ade eze andaphule."
5 Porém, como esta viúva continua me aborrecendo, vou dar a sentença a favor dela. Se eu não fizer isso, ela não vai parar de vir me amolar até acabar comigo.”
6 Ithe ke iNkosi, Kuveni okuthethwa ngumgwebi ongalungisiyo."
6 E o Senhor continuou:
7 Ke yena uThixo akayi kukha abalungise na abanyulwa bakhe, abakhala kuye imini nobusuku, noko azeka kade umsindo ngabo?"
7 Será, então, que Deus não vai fazer justiça a favor do seu próprio povo, que grita por socorro dia e noite? Será que ele vai demorar para ajudá-lo?
8 Ndithi kuni, Uya kubalungisa, abakhulule kamsinya. Kodwa ke akufika uNyana woMntu, wolufumana na ke ukholo ehlabathini apha?"
8 Eu afirmo a vocês que ele julgará a favor do seu povo e fará isso bem depressa. Mas, quando o
9 Ke kaloku wathetha lo mzekeliso nakwabathile, ababekholose ngokuthi ngaphakathi kwabo bangamalungisa, bengabenze nto abanye:"
9 Jesus também contou esta parábola para os que achavam que eram muito bons e desprezavam os outros:
10 Amadoda amabini enyuka aya etempileni, esiya kuthandaza; enye ingumFarisi, enye ingumbuthi werhafu."
10 — Dois homens foram ao Templo para orar. Um era
11 UmFarisi, ezimise yedwa, wayethandaza esithi, Thixo, ndiyabulela kuwe, ukuba ndingenjengabanye abantu, abaphangi, abangemalungisa, abakrexezi; ndingenjengaye nalo mbuthi werhafu."
11 O fariseu ficou de pé e orou sozinho, assim: “Ó Deus, eu te agradeço porque não sou avarento, nem desonesto, nem imoral como as outras pessoas. Agradeço-te também porque não sou como este cobrador de impostos.
12 Ndizila ukudla kabini ngeveki, ndinikela izishumi zako konke endikuzuzayo."
12 Jejuo duas vezes por semana e te dou a décima parte de tudo o que ganho.”
13 Waye umbuthi werhafu emi kude, engathandi nokuphakamisela amehlo akhe ezulwini; wamana ukubetha esifubeni sakhe, esithi, Thixo, yiba netarhu kum, mna moni."
13 — Mas o cobrador de impostos ficou de longe e nem levantava o rosto para o céu. Batia no peito e dizia: “Ó Deus, tem pena de mim, pois sou pecador!”
14 Ndithi kuni, Wehla lo waya endlwini yakhe, egwetyelwe yena kunalowa; ngokuba wonke umntu oziphakamisayo uva kuthotywa; nozithobayo ke uya kuphakanyiswa."
14 E Jesus terminou, dizendo:
15 Ke kaloku baye bezisa kuye neentsana zabo, ukuze azichukumise; bebonile ke abafundi, babakhalimela."
15 Depois disso, algumas pessoas levaram as suas crianças a Jesus para que ele as abençoasse, mas os discípulos viram isso e repreenderam aquelas pessoas.
16 Ke yena uYesu wazibizela kuye, wathi, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli; kuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo."
16 Então Jesus chamou as crianças para perto de si e disse:
17 Inene, ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akasayi kukha angene kubo."
17 Eu afirmo a vocês que isto é verdade: quem não receber o Reino de Deus como uma criança nunca entrará nele.
18 Umphathi othile wambuza, esithi, Mfundisi ulungileyo, mandenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?"
18 Certo líder judeu perguntou a Jesus: — Bom Mestre, o que devo fazer para conseguir a vida eterna?
19 Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo."
19 Jesus respondeu:
20 Uyayazi imithetho: musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqina ubuxoki, beka uyihlo nonyoko."
20 Você conhece os mandamentos: “Não cometa adultério, não mate, não roube, não dê falso testemunho contra ninguém, respeite o seu pai e a sua mãe.”
21 Uthe ke yena, Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam."
21 O homem respondeu: — Desde criança eu tenho obedecido a todos esses mandamentos.
22 Ekuvile ke oko uYesu, wathi kuye, Kusekho nto-nye uyisweleyo; zonke izinto onazo thengisa ngazo, wabele amahlwempu; woba nobutyebi ke emazulwini; uze undilandele."
22 Quando Jesus ouviu isso, disse:
23 Ezivile ke ezo ndawo, waba buhlungu kakhulu; kuba ube esisityebi kunene."
23 Quando o homem ouviu isso, ficou muito triste, pois era riquíssimo.
24 UYesu akumbona ke ebuhlungu kakhulu, wathi, Hayi, ukuba ngenkankulu, ukuthi abo banobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo."
24 Vendo a tristeza dele, Jesus disse:
25 Kuba kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo."
25 É mais difícil um rico entrar no Reino de Deus do que um camelo passar pelo fundo de uma agulha.
26 Bathi ke abo bevayo, Ngubani na ke ongasindiswayo?"
26 Os que ouviram isso perguntaram: — Então, quem é que pode se salvar?
27 Uthe ke yena, Izinto ezingenakwenzeka kubantu, zinokwenzeka kuye uThixo."
27 Jesus respondeu:
28 Uthe ke uPetros, Uyabona, thina sishiye izinto zonke, sakulandela."
28 Aí Pedro disse: — Veja! Nós deixamos a nossa família e seguimos o senhor.
29 Uthe ke yena kubo, Inene, ndithi kuni, Akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabazali, nokuba ngabazalwana, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, ngenxa yobukumkani bukaThixo,"
29 Jesus respondeu:
30 ongasayi kwamkela izinto eziphindaphindiweyo ngalo eli xesha, aze ngelo lizayo iphakade amkele ubomi obungunaphakade."
30 receberá ainda nesta vida muito mais e, no futuro, receberá a vida eterna.
31 Ke kaloku ubathabathile abalishumi elinababini, wathi kubo, Niyabona, siyenyuka, siya eYerusalem; zaye ziya kuphelela zonke izinto ezibhaliweyo ngabaprofeti, kuye uNyana woMntu."
31 Jesus levou os doze discípulos para um lado e disse:
32 Kuba uya kunikelwa kuzo iintlanga, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe;"
32 Ele será entregue aos não judeus, e estes vão zombar dele, insultá-lo, cuspir nele
33 zimtyakatye, zimbulale; athi ngomhla wesithathu abuye avuke."
33 e bater nele; e depois o matarão. Mas no terceiro dia ele ressuscitará.
34 Bona abaqondanga nento kwezi zinto; laye neli lizwi lifihlakele kubo, babengazazi izinto ezithethwayo."
34 Os discípulos não entenderam nada do que Jesus disse. O que essas palavras queriam dizer estava escondido deles, e eles não sabiam do que Jesus estava falando.
35 Kwaye ke kaloku, ekusondeleni kwakhe eYeriko, kuhleli imfama ethile ngasendleleni, ingqiba."
35 Jesus já estava chegando perto da cidade de Jericó. Acontece que um cego estava sentado na beira do caminho, pedindo esmola.
36 Ithe yakuva kudlula isihlwele, yamana ibuza ukuba ingaba yintoni na le."
36 Quando ouviu a multidão passando, ele perguntou o que era aquilo.
37 Bayixelela ke ukuba kudlula uYesu waseNazarete."
37 — É Jesus de Nazaré que está passando! — responderam.
38 Yabhomboloza isithi, Yesu, nyana kaDavide, ndenzele inceba."
38 Aí o cego começou a gritar: — Jesus,
39 Baye abo babehamba ngaphambili beyikhalimela, ukuba ithi tu; kwaba kukhona ke yona ikhalayo ngakumbi, isithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba."
39 As pessoas que iam na frente o repreenderam e mandaram que ele calasse a boca. Mas ele gritava ainda mais: — Filho de Davi, tenha pena de mim!
40 Wema ke uYesu, wathi mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza,"
40 Jesus parou e mandou que trouxessem o cego. Quando ele chegou perto, Jesus perguntou:
41 esithi, Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na? Ithe ke yona, Nkosi, ukuba ndibuye ndibone."
41 — O que é que você quer que eu faça? — Senhor, eu quero ver de novo! — respondeu ele.
42 UYesu wathi kuyo, Buya ubone; ukholo lwakho lukusindisile."
42 Então Jesus disse:
43 Kwangoko yabuya yabona, yamlandela imzukisa uThixo; bathi bonke abantu, bakukubona oko, badumisa uThixo."
43 No mesmo instante o homem começou a ver e, dando glória a Deus, foi seguindo Jesus. E todos os que viram isso começaram a louvar a Deus.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Lucas 18, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.