Lucas 11

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH

Sair da comparação
NTLH Nova Tradução na Linguagem de Hoje 2000
1 Kwathi, esendaweni ethile ethandaza, akupheza, wathi othile wakubafundi bakhe kuye, Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo abafundi bakhe."
1 Um dia Jesus estava orando num certo lugar. Quando acabou de orar, um dos seus discípulos pediu: — Senhor, nos ensine a orar, como João ensinou os discípulos dele.
2 Uthe ke yena kubo, Xa sukuba nithandaza, yithini, Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini."
2 Jesus respondeu:
3 Siphe imihla yonke isonka sethu semihla ngemihla, usixolele izono zethu;"
3 Dá-nos cada dia o alimento
4 kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekulingweni; sihlangule enkohlakalweni."
4 Perdoa os nossos pecados,
5 Wathi kubo, Nguwuphi na kuni ongathi, enomhlobo, aze aye kuye phakathi kobusuku, athi kuye, Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu;"
5 Então Jesus disse aos seus discípulos:
6 kuba ke umhlobo wam uphambukele kum eseluhambeni, ndaye ndingenanto ke ndingayibeka phambi kwakhe;"
6 É que um amigo meu acaba de chegar de viagem, e eu não tenho nada para lhe oferecer.”
7 aze asuke lowo ungaphakathi aphendule athi, Musa ukundaphula; seluvaliwe ucango, nabantwana bam basesililini nam; andinako ukuvuka ndikunike?"
7 — E imaginem que o amigo responda lá de dentro: “Não me amole! A porta já está trancada, e eu e os meus filhos estamos deitados. Não posso me levantar para lhe dar os pães.”
8 Ndithi kuni, Nokuba akayi kuvuka amnike, ngakuba engumhlobo wakhe, noko ngenxa yozingiso lwakhe olungenantloni wovuka, amnike inani alisweleyo."
8 Jesus disse:
9 Nam ndithi kuni, Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa."
9 Por isso eu digo: peçam e vocês receberão; procurem e vocês acharão; batam, e a porta será aberta para vocês.
10 Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo, uya kuvulelwa."
10 Porque todos aqueles que pedem recebem; aqueles que procuram acham; e a porta será aberta para quem bate.
11 Nguwuphi na ke uyise kuni oya kuthi, unyana akucela isonka, amnike ilitye; athi akucela intlanzi, amnike inyoka endaweni yentlanzi?"
11 Por acaso algum de vocês será capaz de dar uma cobra ao seu filho, quando ele pede um peixe?
12 Athi, ukuba uthe wacela iqanda, amnike unomadudwane?"
12 Ou, se o filho pedir um ovo, vai lhe dar um escorpião?
13 Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo wasemazulwini, ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?"
13 Vocês, mesmo sendo maus, sabem dar coisas boas aos seus filhos. Quanto mais o Pai, que está no céu, dará o Espírito Santo aos que lhe pedirem!
14 Wayekhupha idemon, yaye ke isisidenge. Kwathi ke yakuphuma idemon, sathetha isidenge, zamangaliswa izihlwele."
14 Jesus estava expulsando de certo homem um demônio que não o deixava falar. Quando o demônio saiu, o homem começou a falar. A multidão ficou admirada,
15 Kodwa abathile kubo bathi, Uzikhupha iidemon ngoBhelezebhule, umphathi weedemon."
15 mas alguns disseram: — É
16 Baye ke bambi bemlinga, befuna kuye umqondiso ophuma emazulwini."
16 Outros, querendo conseguir alguma prova contra Jesus, pediam que ele fizesse um milagre para mostrar que o seu poder vinha de Deus.
17 Ke kaloku yena, ezazi izicamango zabo, wathi kubo, Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa, buyaphanza; nendlu eyahlulelene nendlu, iyawa."
17 Mas Jesus, conhecendo os pensamentos deles, disse:
18 Ukuba ke noSathana wahlulelene yedwa, bothini na ukuma ubukumkani bakhe? Ngokuba nithi, ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule."
18 Se o reino de Satanás tem grupos que lutam entre si, como continuará a existir? Vocês dizem que é Belzebu que me dá poder para expulsar demônios.
19 Ke ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na oonyana benu? Baya kuba ngabagwebi benu bona ngenxa yoko."
19 Mas, se é assim, quem dá aos seguidores de vocês o poder para expulsar demônios? Assim, os seus próprios seguidores provam que vocês estão completamente enganados.
20 Ke ukuba ndizikhupha iidemon ngomnwe kaThixo, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo."
20 Na verdade é pelo poder de Deus que eu expulso demônios, e isso prova que o
21 Xa lithi igorha lixhobe tu, lilinde ibhotwe lalo, impahla yalo ihlala inqabile;"
21 — Quando um homem forte e bem-armado guarda a sua própria casa, tudo o que ele tem está seguro.
22 kodwa xa lithe elinamandla kunalo lalifikela, laleyisa, lilihlutha sonke isikrweqe salo elabe likholose ngaso, liwabe amaxhoba alo."
22 Mas, quando um homem mais forte o ataca e vence, leva todas as armas em que o outro confiava e reparte tudo o que tomou dele.
23 Lowo ungengakum, uchasene nam; nalowo ungandibuthisiyo, uyachithachitha."
23 — Quem não é a meu favor é contra mim; e quem não me ajuda a ajuntar está espalhando.
24 Xa umoya ongcolileyo uthe waphuma emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla; uze wakuba ungakufumani, usuke uthi, Ndiya kubuyela endlwini yam, endaphuma kuyo."
24 Jesus continuou:
25 Uthi wakufika, uyifumane itshayelwe, ivathisiwe."
25 Aí volta e encontra a casa varrida e arrumada.
26 Wandule ukuya kuthabatha abanye oomoya abasixhenxe abangendawo kunawo, bangene ke bahlale khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqalo."
26 Depois sai e vai buscar outros sete espíritos piores ainda, e todos ficam morando ali. Assim a situação daquela pessoa fica pior do que antes.
27 Ke kaloku kwathi, ekuzithetheni kwakhe ezi zinto, intokazi ethile yaliphakamisa izwi layo esihlweleni eso, yathi kuye, Sinoyolo isizalo esakubambayo, nambele owawanyayo."
27 Quando Jesus acabou de dizer isso, uma mulher que estava no meio da multidão gritou para ele: — Como é feliz a mulher que pôs o senhor no mundo e o amamentou!
28 Uthe ke yena, Yithi kanye, Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baligcine."
28 Mas Jesus respondeu:
29 Ke kaloku, zakubon’ ukuba ziqukene iindimbane, waqala ukuthi, Esi sizukulwana singendawo, singxamele umqondiso; ukanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti."
29 Quando a multidão se ajuntou em volta de Jesus, ele começou a falar e disse o seguinte:
30 Kuba, njengokuba uYona waba ngumqondiso kwabaseNineve, uya kuba kwanjalo uNyana woMntu kwesi sizukulwana."
30 Assim como o
31 Ukumkanikazi waseZantsi uya kusuka eme ngomgwebo namadoda esi sizukulwana, awagwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; ukanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha."
31 No Dia do Juízo a rainha de Sabá vai se levantar e acusar vocês, pois ela veio de muito longe para ouvir os sábios ensinamentos de Salomão. E eu afirmo que o que está aqui é mais importante do que Salomão.
32 Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; kuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ukanti ke omkhulu kunoYona nanku apha."
32 No Dia do Juízo o povo de Nínive vai se levantar e acusar vocês porque, quando ouviram a mensagem de Jonas, eles se arrependeram dos seus pecados. E eu afirmo que o que está aqui é mais importante do que Jonas.
33 Akukho ke uthi, esibanekile isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo, nokuba kuphantsi kwesitya; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangenayo bakubone ukukhanya."
33 Jesus continuou:
34 Isibane somzimba liliso. Xa sukuba iliso lakho lingenakumbi, umzimba wakho uphela uyakhanyiseleka; xa lithe lakhohlakala, nomzimba wakho ububumnyama."
34 Os olhos são como uma luz para o corpo: quando os olhos de você são bons, todo o seu corpo fica cheio de luz. Porém, se os seus olhos forem maus, o seu corpo ficará cheio de escuridão.
35 Ngoko xunela ekuthini ukukhanya okukuwe kungabi bubumnyama."
35 Portanto, tenha cuidado para que a luz que está em você não seja escuridão.
36 Ukuba ngoko umzimba wakho uphela ukhanyiselekile, ungenandawo imnyama, uya kukhanyiseleka uphela, njengaxenikweni sithe isibane sakukhanyisela ngokudangazela kwaso."
36 Pois, se o seu corpo estiver completamente luminoso, e nenhuma parte estiver escura, então ele ficará todo cheio de luz como acontece quando você é iluminado pelo brilho de uma lamparina.
37 Ke kaloku, akuba ethethile, umFarisi othile wayemcela ukuba aye komulela kuye. Ungenile ke wahlala phantsi."
37 Quando Jesus acabou de falar, um fariseu o convidou para jantar na casa dele. Jesus foi e sentou-se à mesa.
38 Uthe ke akubona oku, umFarisi wamangaliswa kukuba engathanga kuqala ahlambe, phambi kokuba adle."
38 O fariseu ficou admirado quando viu que Jesus não tinha se lavado antes de comer.
39 Yathi ke iNkosi kuye, Kaloku nina baFarisi nihlambulula umphandle wendebe nesitya, ukanti wona umbilini wenu uzele kukuphanga nokungendawo."
39 Então o Senhor disse a ele:
40 Basweli-kuqonda, owakwenzayo okungaphandle akakwenzanga na nokungaphakathi?"
40 Seus tolos! Quem fez o lado de fora não é o mesmo que fez o lado de dentro?
41 Kanye ke izinto ezingaphakathi, lizani ngazo; niyabona, zosuka zonke izinto zihlambuluke kuni."
41 Portanto, deem aos pobres o que está dentro dos seus copos e pratos, e assim tudo ficará limpo para vocês.
42 Yeha, nina baFarisi! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nezenxina nezemifuno yonke, nize nidlule kuwo umgwebo nokuthanda uThixo; ezi ndawo ke benimelwe kukuthi nizenze, nithi neziya ningazishiyi."
42 — Ai de vocês, fariseus! Pois dão para Deus a décima parte até mesmo da hortelã, da arruda e de todas as verduras, mas não são justos com os outros e não amam a Deus. E são exatamente essas coisas que vocês devem fazer sem deixar de lado as outras.
43 Yeha, nina baFarisi! Ngokuba nithanda isihlalo sobukhulu ezindlwini zesikhungu, nemibuliso ezindaweni zembutho."
43 — Ai de vocês, fariseus! Pois gostam demais dos lugares de honra nas
44 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninjengamangcwaba angabonakaliyo, abathi nabantu abahamba phezu kwawo, bangawazi."
44 — Ai de vocês! Pois são como sepulturas que não se veem, sepulturas que as pessoas pisam sem perceber.
45 Waphendula ke othile wakubaqondisi-mthetho, wathi kuye, Mfundisi, uzithetha nje ezo zinto, usiphatha kakubi nathi."
45 Então um mestre da Lei disse a Jesus: — Mestre, falando assim, o senhor está nos ofendendo também.
46 Uthe ke yena, Yeha, nani baqondisimthetho! Ngokuba abantu nibathwalisa imithwalo enzima, nibe nina ngokwenu ningayichukumisi imithwalo leyo nangamnye umnwe wenu."
46 Jesus respondeu:
47 Yeha, nina! Ngokuba niyawakha amangcwaba abaprofeti, babe ke ooyihlo bebabulele."
47 Ai de vocês! Pois fazem túmulos bonitos para os
48 Kambe niyayingqinela niyithakazela imisebenzi yooyihlo; ngokuba bona okunene bababulala, niyawakha ke nina amangcwaba abo."
48 Com isso vocês mostram que concordam com o que os seus antepassados fizeram, pois eles mataram os profetas, e vocês fazem túmulos para eles.
49 Ngenxa yoko nobulumko bukaThixo bathi, Ndiya kubathumela abaprofeti nabapostile; kubo abo ke baya kuyibulala inxenye, bayitshutshise inxenye;"
49 Por isso a Sabedoria de Deus disse: “Mandarei para eles profetas e mensageiros, e eles matarão alguns e perseguirão outros.”
50 ukuze limenywe kwesi sizukulwana igazi labo bonke abaprofeti elaphalazwayo, kuseloko lasekwayo ihlabathi;"
50 Por causa disso esta gente de hoje será castigada pela morte de todos os profetas assassinados desde a criação do mundo,
51 lithabathela egazini lika-Abheli, lide lizise egazini likaZekariya, owatshabalalela phakathi kwesibingelelo nendawo eyingcwele. Ewe, ndithi kuni, liya kumenywa kwesi sizukulwana."
51 começando pela morte de Abel até a morte de Zacarias, que foi assassinado entre o altar e o
52 Yeha nina, baqondisi-mthetho! Ngokuba nasisusa isitshixo sokwazi; nina anangena, nabangenayo nabalela."
52 — Ai de vocês, mestres da Lei! Pois guardam a chave que abre a porta da casa da Sabedoria. E assim nem vocês mesmos entram, nem deixam os outros entrarem.
53 Ke kaloku, akubon’ ukuba uyazithetha ezi zinto kubo, baqala ababhali nabaFarisi ukuba nenqala enkulu, nokumcofa ngemibuzo emininzi,"
53 Quando Jesus saiu dali, os mestres da Lei e os fariseus começaram a criticá-lo com raiva e a lhe fazer perguntas sobre muitos assuntos.
54 bemlalele, befuna ukunqakula into ephuma emlonyeni wakhe, ukuze bammangalele."
54 Eles queriam levá-lo a dizer alguma coisa que pudesse lhes servir de motivo para acusá-lo.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Lucas 11, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.