Josué 23
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVT
1 Kwathi, kwakuba yimihla emininzi, emveni kokuba uYehova ewaphumzile amaSirayeli ezintshabeni zawo zonke ngeenxa zonke, uYoshuwa eseleyindoda enkulu, ekhulile,"
1 Muito tempo se passou depois de o S enhor ter concedido a Israel descanso de todos os seus inimigos. Josué, agora bastante idoso,
2 wawabiza uYoshuwa onke amaSirayeli, amadoda awo amakhulu, neentloko zawo, nabagwebi bawo, nababhali bawo, wathi kubo, Mna ndisendimdala, ndikhulile."
2 convocou todo o Israel, com seus líderes, chefes, juízes e oficiais, e disse: “Já estou bem idoso.
3 Nina nikubonile konke abekwenzile uYehova uThixo wenu kwezo ntlanga zonke ngenxa yenu; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye onilweleyo."
3 Vocês viram tudo que o S enhor , seu Deus, fez por vocês. O S enhor , seu Deus, lutou em seu favor contra seus inimigos.
4 Khangelani, ndinabele ngamaqashiso nezi ntlanga zisaseleyo, ukuba zibe lilifa lezizwe zenu, zithabathela eYordan, kunye neentlanga zonke endizinqumleyo, zesa kulwandle olukhulu ngasekutshoneni kwelanga."
4 Eu reparti entre vocês como herança toda a terra das nações que ainda não foram conquistadas, bem como a terra das nações que já derrotamos desde o rio Jordão até o mar Mediterrâneo, a oeste.
5 NguYehova uThixo wenu oya kuzigxotha ebusweni benu, azigqogqe phambi kwenu, nilihluthe ilizwe lazo, njengoko wathethayo kuni uYehova uThixo wenu."
5 Essa terra será de vocês, pois o S enhor , seu Deus, expulsará de diante de vocês os povos que habitam ali. Vocês tomarão posse da terra deles, conforme o S enhor , seu Deus, lhes prometeu.
6 Yomelelani kunene, ukuze nigcine nenze konke okubhaliweyo encwadini yomyalelo kaMoses, ukuze ningasuki kuwo, nityekele ekunene nasekhohlo;"
6 “Por isso, esforcem-se ao máximo para cumprir cuidadosamente tudo que Moisés escreveu no Livro da Lei. Não se desviem dele, nem para um lado nem para o outro.
7 ukuze ningadibani nezi ntlanga ziseleyo, ezi ke zinani, ningalikhankanyi igama loothixo bazo, ningabafungi, ningabakhonzi, ningabanquli."
7 Não se misturem com os povos que ainda restam na terra. Nem sequer mencionem o nome dos deuses deles e muito menos jurem por eles. Não sirvam nem adorem esses deuses,
8 Ize ninamathele kuYehova uThixo wenu, njengoko nikwenzileyo unanamhla."
8 mas apeguem-se firmemente ao S enhor , seu Deus, como fizeram até hoje.
9 UYehova wazigqogqa ebusweni benu iintlanga ezinkulu, ezinamandla; ke nina akumanga mntu phambi kwenu unanamhla;"
9 “Pois o S enhor expulsou de diante de vocês grandes e poderosas nações e, até hoje, ninguém conseguiu lhes resistir.
10 indoda inye kuni isukele iwaka; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye onilwelayo, njengoko wakuthethayo kuni."
10 Cada um de vocês fará fugir mil homens do inimigo, porque o S enhor , seu Deus, luta por vocês, conforme prometeu.
11 Zigcineni kunene ngenxa yemiphefumlo yenu, ukuba nimthande uYehova uThixo wenu."
11 Portanto, dediquem-se com empenho a amar o S enhor , seu Deus.
12 Kuba ukuba nithe nabuya, nabuya nanamathela kumaqongqolo ezi ntlanga ziseleyo, ezi ke zinani, nendiselana nazo, nadibana nazo, zadibana nani:"
12 “Mas, se vocês se desviarem dele e se apegarem aos costumes dos sobreviventes das nações que ainda restam no meio de vocês, e se casarem com eles, e eles com vocês,
13 yazini kakuhle ukuba uYehova, uThixo wenu, akayi kuphinda azigqogqe ezi ntlanga phambi kwenu. Zoba zizibatha nemigibe kuni, neziniya emacaleni enu, noviko emehlweni enu, nide nicinywe kulo mhlaba ulungileyo, aninikileyo uYehova uThixo wenu."
13 saibam, com certeza, que o S enhor , seu Deus, não expulsará essas nações de diante de vocês. Ao contrário, elas serão isca e armadilha para vocês, chicote em suas costas e espinhos em seus olhos. E vocês desaparecerão para sempre desta boa terra que o S enhor , seu Deus, lhes deu.
14 Namhla ndihamba ngendlela yoluntu lonke. Niyazi ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke, ukuba akuwanga phantsi nalinye ilizwi emazwini onke alungileyo, abewathethile uYehova uThixo wenu ngani; onke enzekile kuni; akuwanga phantsi nalinye ilizwi kuwo."
14 “Em breve morrerei e irei pelo caminho de toda a terra. Vocês sabem, de todo o coração, que todas as boas promessas do S enhor , seu Deus, se cumpriram. Nenhuma delas falhou!
15 Kothi, njengoko lenzekayo kuni lonke ilizwi elilungileyo, abelithethile uYehova uThixo wenu kuni, enjenjalo ukulenza kuni lonke ilizwi elibi, ade anitshabalalise kulo mhlaba ulungileyo, aninikileyo uYehova uThixo wenu."
15 Mas, assim como o S enhor , seu Deus, lhes deu as coisas boas que ele prometeu, também fará vir calamidades sobre vocês se lhe desobedecerem. O S enhor , seu Deus, os eliminará completamente desta boa terra que lhes deu.
16 Ekuwugqitheni umnqophiso kaYehova uThixo wenu, aniwisele wona, naya nakhonza thixo bambi, nabanqula, wovutha umsindo kaYehova kuni, nicinywe kamsinya emhlabeni olungileyo aninikileyo."
16 Se vocês quebrarem a aliança do S enhor , seu Deus, servindo ou adorando outros deuses, a ira do S enhor arderá contra vocês, e desaparecerão rapidamente da boa terra que ele lhes deu”.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Josué 23, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.