Josué 22

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVI

Sair da comparação
NVI Nova Versão Internacional
1 Wandula uYoshuwa ukuwabiza amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, wathi kuwo,"
1 Josué convocou as tribos de Rúben, de Gade e a metade da tribo de Manassés
2 Nikugcinile konke, uMoses umkhonzi kaYehova abeniwisele ngako umthetho, naliphulaphula izwi lam ezintweni zonke endiniwisele umthetho ngazo."
2 e lhes disse: "Vocês fizeram tudo o que Moisés, servo do Senhor, ordenou.
3 Anibashiyanga abazalwana benu ezi mini zininzi unanamhla; ke nisigcinile isigxina somthetho kaYehova uThixo wenu."
3 Durante muito tempo, e até hoje, vocês não abandonaram os seus irmãos, mas cumpriram a missão que o Senhor, o seu Deus, lhes entregou.
4 Kaloku uYehova, uThixo wenu, ubaphumzile abazalwana benu, njengoko wathethayo kubo. Kaloku ke jikani, niye ezintenteni zenu, ezweni lelifa lenu, abeninike lona uMoses, umkhonzi kaYehova, phesheya kweYordan."
4 Agora que o Senhor, o seu Deus, já concedeu descanso aos seus irmãos israelitas, como tinha prometido, voltem para casa, para a terra que Moisés, servo do Senhor, lhes deu no outro lado do Jordão.
5 Kodwa gcinani kunene ukuba niwenze umthetho nomyalelo awaniwiselayo uMoses, umkhonzi kaYehova, wokuba nimthande uYehova uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe zonke, niyigcine imithetho yakhe, ninamathele kuye, nimkhonze ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke."
5 Mas guardem fielmente o mandamento e a lei que Moisés, servo do Senhor, lhes deu de amar o Senhor, o seu Deus, andar em todos os seus caminhos, obedecer aos seus mandamentos, apegar-se a ele e servi-lo de todo o coração e de toda a alma".
6 Wabasikelela uYoshuwa, wabandulula; baya ezintenteni zabo."
6 Então Josué os abençoou e os despediu, e eles foram para casa.
7 UMoses ebesinikile ilifa isiqingatha sesizwe sakwaManase eBhashan; esinye isiqingatha saso uYoshuwa wasinika kunye nabazalwana baso nganeno kweYordan, ngasentshonalanga. Kananjalo xenikweni uYoshuwa wasindululela ezintenteni zaso, wasisikelela naso."
7 ( À metade da tribo de Manassés Moisés dera terras em Basã, e à outra metade da tribo Josué dera terras no lado oeste do Jordão, junto com outros israelitas. ) Ao mandá-los para casa, Josué os abençoou,
8 Wathi kuso, Buyelani ezintenteni zenu, ninobutyebi obukhulu, ninengqwebo eninzi kunene, nesilivere, negolide, nobhedu, nesinyiti, neengubo ezininzi kunene. Yabelanani nabazalwana benu ngamaxhoba eentshaba zenu."
8 dizendo: "Voltem para casa com as riquezas que juntaram: grandes rebanhos, prata, ouro, bronze e ferro, e muitas roupas. Dividam com os seus irmãos os despojos de seus inimigos".
9 Babuya ke oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe soonyana bakaManase, besuka koonyana bakaSirayeli eShilo esezweni lakwaKanan, ukuba baye ezweni laseGiliyadi, ezweni lelifa labo, ababelizuzile ngokomlomo kaYehova ngesandla sikaMoses."
9 Assim as tribos de Rúben, de Gade e a metade da tribo de Manassés deixaram os outros israelitas em Siló, na terra de Canaã, para voltarem para Gileade, sua própria terra, da qual se apossaram de acordo com a ordem do Senhor, dada por meio de Moisés.
10 Bafika emimandleni yaseYordan, esezweni lakwaKanan. Oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase bakha khona isibingelelo ngaseYordan, isibingelelo esikhulu, esibonakalayo."
10 Quando chegaram a Gelilote, perto do Jordão, em Canaã, as tribos de Rúben, de Gade e a metade da tribo de Manassés construíram um imponente altar ali, junto ao Jordão.
11 Beva ke oonyana bakaSirayeli, kusithiwa, Yabonani, oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, bakhe isibingelelo malunga nelizwe lakwaKanan, emimandleni yaseYordan, ngecala elingaphesheya koonyana bakaSirayeli."
11 E, quando os outros israelitas souberam que eles tinham construído o altar na fronteira de Canaã, em Gelilote, perto do Jordão, no lado israelita,
12 Beva ke oonyana bakaSirayeli, balibizela ndawonye lonke ibandla loonyana bakaSirayeli eShilo, ukuba kunyukwe kuyiwe kubo, kuliwe nabo."
12 toda a comunidade de Israel reuniu-se em Siló para guerrear contra eles.
13 Oonyana bakaSirayeli bathuma uPinehasi, unyana kaElazare umbingeleli, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase,"
13 Então os israelitas enviaram Finéias, filho do sacerdote Eleazar, à terra de Gileade, às tribos de Rúben e Gade e à metade da tribo de Manassés.
14 elizweni laseGiliyadi, enezikhulu ezilishumi, sasinye isikhulu, sasinye isikhulu endlwini yooyise ezizweni zonke zakwaSirayeli, zingamadoda aziintloko zezindlu zooyise emawakeni akwaSirayeli."
14 Com ele enviaram dez líderes, um de cada tribo de Israel, sendo cada um deles chefe de suas respectivas famílias dentre os clãs israelitas.
15 Baya ke koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, ezweni laseGiliyadi;"
15 Quando chegaram a Gileade, às tribos de Rúben e de Gade e à metade da tribo de Manassés, disseram-lhes:
16 bathetha kubo, besithi, Litsho lonke ibandla likaYehova, ukuthi, Bubumenemene buni na obu nimeneza ngabo kuThixo kaSirayeli, nibuya nje namhla ekumlandeleni uYehova, ngokuzakhela isibingelelo, ukuba nigwilike kuYehova namhla?"
16 "Assim diz toda a comunidade do Senhor: ‘Como foi que vocês cometeram essa infidelidade para com o Deus de Israel? Como foi que se afastaram do Senhor, construindo um altar para vocês, rebelando-se assim contra ele?
17 Yinto encinane na kuthi ubugwenxa bukaPehore, esingekazihlambululi kubo unanamhla, saza isibetho saba sebandleni likaYehova,"
17 Já não nos bastou o pecado de Peor? Até hoje não nos purificamos daquele pecado, muito embora uma praga tenha caído sobre a comunidade do Senhor!
18 nina nibuya nje namhla ekumlandeleni uYehova? Kothi, nigwilike kuYehova nina namhla, ngomso abe noburhalarhume yena kwibandla lonke lakwaSirayeli."
18 E agora vocês estão abandonando o Senhor! " ‘Se hoje vocês se rebelarem contra o Senhor, amanhã a sua ira cairá sobre toda a comunidade de Israel.
19 Inene, ukuba nithi liyinqambi ilizwe lelifa lenu, welani nize ezweni lelifa likaYehova, apho umnquba kaYehova ukhona, nime phakathi kwethu. Ke musani ukugwilika kuYehova, musani ukugwilika kuthi ngokuzakhela isibingelelo esingesiso isibingelelo sikaYehova uThixo wethu."
19 Se a terra que vocês receberam como propriedade está contaminada, passem então para a terra que pertence ao Senhor, onde está o tabernáculo do Senhor, e se apossem de um território entre nós. Mas não se rebelem contra o Senhor nem contra nós, construindo para vocês um altar que não seja o altar do Senhor, do nosso Deus.
20 Akamenezanga yini na uAkan, unyana kaZera, ngobumenemene entweni esingelwe phantsi, kwaza kwabakho uburhalarhume phezu kwebandla lonke lamaSirayeli? Loo mntu mnye akatshabalalanga yedwa ngobugwenxa bakhe."
20 Quando Acã, filho de Zerá, foi infiel com relação às coisas consagradas, não caiu a ira sobre toda a comunidade de Israel? E ele não foi o único que morreu por causa do seu pecado’ ".
21 Baphendula oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe soonyana bakaManase, bathetha neentloko zamawaka akwaSirayeli, bathi,"
21 Então as tribos de Rúben, de Gade e a metade da tribo de Manassés responderam aos chefes dos clãs de Israel:
22 UThixo, uThixo uYehova, uThixo, uThixo uYehova, uyazi, amaSirayeli ayakwazi, ukuba oko kwenziwe ngokugwilika na, nangokumeneza kuYehova."
22 "O Poderoso, Deus, o Senhor! O Poderoso, Deus, o Senhor! Ele sabe! E que Israel o saiba! Se agimos com rebelião ou infidelidade para com o Senhor, não nos poupem hoje.
23 Uze ungasisindisi namhlanje, ukuba sizakhele isibingelelo sokusibuyisa ekulandeleni uYehova, nokuba sinyusa phezu kwaso idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, nokuba senzele phezu kwaso imibingelelo yoxolo: uYehova ngokwakhe makakubuze oko."
23 Se construímos nosso próprio altar para nos afastarmos do Senhor e para oferecermos holocaustos e ofertas de cereal, ou sacrifícios de comunhão sobre ele, que o próprio Senhor nos peça contas disso!
24 Inene, siyenze le nto ngesithukuthezi, ngethuba lokuthi, Ngexesha elizayo bothi oonyana benu koonyana bethu, Yintoni na enani noYehova, uThixo kaSirayeli?"
24 "Ao contrário! Fizemos isso temendo que no futuro os seus descendentes dissessem aos nossos: ‘Que relação vocês têm com o Senhor, com o Deus de Israel?
25 UYehova umise umda oyiYordan phakathi kwethu nani, nyana bakaRubhen, nyana bakaGadi; aninasabelo kuYehova nina: oonyana benu benze ukuba oonyana bethu bayeke ukumoyika uYehova."
25 Homens de Rúben e de Gade! O Senhor fez do Jordão uma fronteira entre nós e vocês. Vocês não têm parte com o Senhor’. Assim os seus descendentes poderiam levar os nossos a deixarem de temer o Senhor.
26 Sithe ke, Makhe sizenzele, sizakhele isibingelelo, singesadini linyukayo, singesambingelelo;"
26 "É por isso que resolvemos construir um altar, não para holocaustos ou sacrifícios,
27 sibe lingqina phakathi kwethu nani, naphakathi kwezizukulwana zethu emva kwethu, ukuba sisebenze umsebenzi kaYehova phambi kwakhe ngamadini ethu anyukayo, nangemibingelelo yethu, nangemibingelelo yethu yoxolo; ukuze bangatsho oonyana benu ngexesha elizayo koonyana bethu, ukuthi, Aninasabelo kuYehova nina."
27 mas, para que esse altar sirva de testemunho entre nós e vocês e as gerações futuras, de que cultuaremos o Senhor em seu santuário com nossos holocaustos, sacrifícios e ofertas de comunhão. Então, no futuro, os seus descendentes não poderão dizer aos nossos: ‘Vocês não têm parte com o Senhor’.
28 Sathi ke, Kothi, xa bathe batsho kuthi, nakwizizukulwana zethu ngexesha elizayo, sibe nako ukuthi Khangelani imfano yesibingelelo sikaYehova abayenzayo oobawo, ingeyadini linyukayo, ingeyambingelelo, ilingqina phakathi kwethu nani."
28 "E dissemos: Se algum dia disserem isso a nós ou aos nossos descendentes, responderemos: Vejam a réplica do altar do Senhor que os nossos antepassados construíram, não para holocaustos ou sacrifícios, mas como testemunho entre nós e vocês.
29 Makube le kuthi ngenxa yakhe ukuba sigwilike kuYehova, sibuye namhla ekumlandeleni uYehova, silakhele isibingelelo idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, nombingelelo, esingesiso isibingelelo sikaYehova uThixo wethu, esiphambi komnquba wakhe."
29 "Longe de nós nos rebelarmos contra o Senhor e nos afastarmos dele, construindo para holocaustos, ofertas de cereal e sacrifícios um altar que não seja o altar do Senhor, do nosso Deus, que está diante do seu tabernáculo! "
30 Amazwi abawathethayo oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, noonyana bakaManase, waweva uPinehasi umbingeleli, nezikhulu zebandla, neentloko zamawaka akwaSirayeli ezazinaye, alunga emehlweni abo."
30 Quando o sacerdote Finéias e os líderes da comunidade, os chefes dos clãs dos israelitas, ouviram o que os homens de Rúben, de Gade e de Manassés disseram, deram-se por satisfeitos.
31 Wathi ke uPinehasi unyana kaElazare, umbingeleli, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakoonyana bakaManase, Namhla siyazi ukuba uYehova uphakathi kwethu, ngokuba ningabenzanga obo bumenemene kuYehova. Ngale nto nibahlangule oonyana bakaSirayeli esandleni sikaYehova."
31 E Finéias, filho do sacerdote Eleazar, disse a Rúben, a Gade e a Manassés: "Hoje sabemos que o Senhor está conosco, pois vocês não foram infiéis para com o Senhor. E assim vocês livraram os israelitas da mão do Senhor".
32 Wabuya ke uPinehasi unyana kaElazare, umbingeleli, nezikhulu ezo, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, ezweni laseGiliyadi; beza ezweni lakwaKanan, koonyana bakaSirayeli, bebabuyisela ilizwi."
32 Então Finéias, filho do sacerdote Eleazar, e os líderes voltaram do encontro com os homens de Rúben e de Gade em Gileade, e foram para Canaã dar relatório aos outros israelitas.
33 Ilizwi elo lalunga emehlweni oonyana bakaSirayeli. Oonyana bakaSirayeli bambonga uThixo, ababa sathetha ngokunyuka baye kubo ngobumpi, balitshabalalise ilizwe abahleli kulo oonyana bakaRubhen noonyana bakaGadi."
33 Estes se alegraram com o relatório e louvaram a Deus. E não mais falaram em guerrear contra as tribos de Rúben e de Gade, nem em devastar a região onde eles viviam.
34 Oonyana bakaRubhen noonyana bakaGadi basibiza isibingelelo ngokuthi, Lingqina phakathi kwethu ukuba uYehova unguye uThixo."
34 Os homens de Rúben e de Gade deram ao altar este nome: Um Testemunho Entre Nós de que o Senhor é Deus.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Josué 22, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.