Josué 1

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH

Sair da comparação
NTLH Nova Tradução na Linguagem de Hoje 2000
1 Kwathi emva kokufa kukaMoses, umkhonzi kaYehova, wathetha uYehova kuYoshuwa unyana KaNun,"
1 Depois que Moisés, servo do Senhor , morreu, Deus disse ao ajudante de Moisés, chamado Josué, filho de Num:
2 umlungiseleli kaMoses, wathi, UMoses umkhonzi wam ufile; suka ke ngoko, uyiwele iYordan le, wena naba bantu bonke, niye kwelo zwe ndibanika lona onyana bakaSirayeli."
2 — O meu servo Moisés está morto. Agora você e todo o povo de Israel se preparem para atravessar o rio Jordão e entrar na terra que vou dar a vocês.
3 Iindawo zonke eziya kunyathelwa yintende yonyawo lwenu, ndininikile, njengoko ndathethayo kuMoses."
3 Como disse a Moisés, eu lhes darei toda a terra que pisarem.
4 Kuthabathele entlango nakwiLebhanon le, kuse emlanjeni omkhulu, emlanjeni ongumEfrati, lonke ilizwe lamaHeti, kuse elwandle olukhulu ngasekutshoneni kwelanga, woba ngumda wenu."
4 Os limites dessa terra serão os seguintes: ao sul, o deserto; e, ao norte, os montes Líbanos; a leste, o grande rio Eufrates e toda a terra dos heteus; e, a oeste, o mar Mediterrâneo.
5 Akuyi kuma mntu phambi kwakho, yonke imihla yokudla kwakho ubomi; njengoko ndandinoMoses, ndoba nawe; andiyi kukuyekela, andiyi kukushiya."
5 Você nunca será derrotado. Eu estarei com você como estive com Moisés. Nunca o abandonarei.
6 Yomelela ukhaliphe; ngokuba wena uya kulabela bona aba bantu elo lizwe ndabafungela lona oyise, ukuba ndiya kubanika."
6 Seja forte e corajoso porque você vai comandar este povo quando eles tomarem posse da terra que prometi aos antepassados deles.
7 Kodwa ke yomelela, ukhaliphe kunene, ukuze ugcine ukwenza ngokomyalelo wonke, awakuwisela wona uMoses umkhonzi wam. Musa ukutyekela ekunene nasekhohlo kuwo, ukuze wenze ngengqiqo apho sukuba usiya khona."
7 Seja forte e muito corajoso. Tome cuidado e viva de acordo com toda a Lei que o meu servo Moisés lhe deu. Não se desvie dela em nada e você terá sucesso em qualquer lugar para onde for.
8 Ize ingesuki incwadi yalo myalelo emlonyeni wakho; uze ucinge ngayo imini nobusuku, ukuze ugcine, ukwenze konke okubhaliweyo kuyo; ngokuba woba nokuphumelela ngendlela yakho oko, ukwenze ngengqiqo oko."
8 Fale sempre do que está escrito no Livro da Lei . Estude esse livro dia e noite e se esforce para viver de acordo com tudo o que está escrito nele. Se fizer isso, tudo lhe correrá bem, e você terá sucesso.
9 Yabona, ndikuwisele umthetho wokuba womelele, ukhaliphe. Musa ukunkwantya, ungaqhiphuki umbilini; ngokuba uYehova uThixo wakho unawe, apho sukuba usiya khona."
9 Lembre da minha ordem: “Seja forte e corajoso! Não fique desanimado, nem tenha medo, porque eu, o Senhor , seu Deus, estarei com você em qualquer lugar para onde você for!”
10 Waza uYoshuwa wabawisela umthetho ababhali babantu, wathi,"
10 Então Josué ordenou aos líderes israelitas:
11 Candani phakathi kweminquba, nibawisele umthetho abantu, nithi, Zilungiseleni umphako, ngokuba kusele imihla emithathu, ukuze niyiwele iYordan le, ningene nilihluthe ilizwe elo aninikayo uYehova uThixo wenu, ukuba limiwe nini."
11 — Vão pelo meio do acampamento, dando esta ordem ao povo: “Arranjem comida porque daqui a três dias vocês vão atravessar o rio Jordão para tomar posse da terra que o Senhor , nosso Deus, lhes dará.”
12 NakumaRubhen, nakumaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, wathi uYoshuwa,"
12 E Josué disse às tribos de Rúben, de Gade e de Manassés do Leste:
13 Likhumbuleni ilizwi awaniwisela umthetho ngalo uMoses, umkhonzi kaYehova, esithi, UYehova uThixo wenu uniphumzile, waninika eli lizwe."
13 — Lembrem da ordem de Moisés, servo do Senhor : “O Senhor , nosso Deus, dará esta terra a vocês para morarem nela e ali viverem em segurança.
14 Abafazi benu, nabantwana benu, nemfuyo yenu, yohlala kweli lizwe aninika lona uMoses nganeno kweYordan; niwele ke nina nixhobile phambi kwabazalwana benu, nonke nina magorha anobukroti, nibancede,"
14 As suas mulheres, as crianças e o gado ficarão aqui na terra que Moisés lhes deu a leste do rio Jordão. Mas que os homens peguem as suas armas e atravessem o rio na frente dos seus irmãos israelitas e estejam prontos para ajudá-los na batalha!
15 ade uYehova abaphumze abazalwana benu njengani, balihluthe nabo elo lizwe abanikayo uYehova uThixo wenu; nibuyele ke ezweni enilihluthileyo, nime kulo elo waninikayo uMoses umkhonzi kaYehova nganeno kweYordan, ngasempumalanga."
15 Eles tomarão posse da terra que o Senhor , nosso Deus, lhes dará e ficarão morando nela. Quando isso acontecer, vocês voltarão para viver na terra que Moisés, servo de Deus, deu a vocês aqui, a leste do Jordão.”
16 Bamphendula ke uYoshuwa, besithi, Izinto zonke osiwisele umthetho ngazo sozenza, nalapho sukuba usithume khona soya."
16 Então eles responderam a Josué: — Faremos tudo o que você mandou e iremos aonde nos enviar.
17 Ngako konke esamphulaphula ngako uMoses, siya kwenjenjalo ukukuphulaphula nawe; kodwa ke uYehova uThixo wakho unga angaba nawe, njengokuba wayenoMoses."
17 Assim como sempre obedecemos a Moisés, também obedeceremos a você. Que o Senhor , seu Deus, esteja com você como esteve com Moisés!
18 Bonke abantu abaphikisa umlomo wakho, bangawaphulaphuli amazwi akho entweni yonke osiwisela umthetho ngayo, mababulawe; kodwa ke yomelela, ukhaliphe wena."
18 Quem se revoltar e desobedecer a qualquer ordem sua será morto. Acima de tudo seja forte e corajoso!

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Josué 1, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.