Josué 10

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVI

Sair da comparação
NVI Nova Versão Internacional
1 Kwathi, akuva uAdoni-tsedeki, ukumkani wasiYerusalem, ukuba uYoshuwa uyithimbile iAyi, wayitshabalalisa; njengoko wenza ngako kwiYeriko nokumkani wayo, wenjenjalo kwiAyi nokumkani wayo; nokuba abemi baseGibheyon benze uxolo namaSirayeli, baba phakathi kwawo:"
1 Sucedeu que Adoni-Zedeque, rei de Jerusalém, soube que Josué tinha conquistado Ai e a tinha destruído totalmente, fazendo com Ai e seu rei o que fizera com Jericó e seu rei, e que o povo de Gibeom tinha feito a paz com Israel e estava vivendo no meio deles.
2 boyika kunene, kuba ngumzi omkhulu iGibheyon, njengomnye wemizi yobukumkani, ngokuba inkulu kuneAyi, namadoda ayo onke angamagorha."
2 Ele e o seu povo ficaram com muito medo, pois Gibeom era tão importante como uma cidade governada por um rei; era maior do que Ai, e todos os seus homens eram bons guerreiros.
3 Wesuka uAdoni-tsedeki ukumkani waseYerusalem, wathumela kuHoham ukumkani waseHebron, nakuPiram ukumkani waseYarmuti, nakuYafiya ukumkani waseLakishe, nakuDebhiri ukumkani wase-Eglon, esithi,"
3 Por isso Adoni-Zedeque, rei de Jerusalém, fez o seguinte apelo a Hoão, rei de Hebrom, a Piram, rei de Jarmute, a Jafia, rei de Láquis, e a Debir, rei de Eglom:
4 Nyukani nize kum, nindincede, siyixabele iGibheyon; kuba yenze uxolo noYoshuwa noonyana bakaSirayeli."
4 "Venham para cá e ajudem-me a atacar Gibeom, pois ela fez a paz com Josué e com os israelitas".
5 Bahlangana ke, benyuka ookumkani abo bama-Amori bobahlanu, ukumkani waseYerusalem, nokumkani waseHebron, nokumkani waseYarmuti, nokumkani waseLakishe, nokumkani wase-Eglon, bona nemikhosi yabo yonke, bayingqinga iGibheyon, balwa nayo."
5 Então os cinco reis dos amorreus, os reis de Jerusalém, de Hebrom, de Jarmute, de Láquis e de Eglom reuniram-se e vieram com todos os seus exércitos. Cercaram Gibeom e a atacaram.
6 Athumela ke amadoda aseGibheyon kuYoshuwa emkhosini eGiligali, esithi, Musa ukusiyekelela isandla sakho kubakhonzi bakho; nyuka uze kuthi ngokukhawuleza, usisindise, usincede; ngokuba bebuthelene phezu kwethu bonke ookumkani bama-Amori abemiyo ezintabeni."
6 Os gibeonitas enviaram esta mensagem a Josué, ao acampamento de Gilgal: "Não abandone os seus servos. Venha depressa! Salve-nos! Ajude-nos, pois todos os reis amorreus que vivem nas montanhas se uniram contra nós! "
7 Wenyuka ke uYoshuwa, esuka eGiligali, yena nabantu bonke bokulwa bendawonye naye, namagorha onke anobukroti."
7 Josué partiu de Gilgal com todo o seu exército, inclusive com os seus melhores guerreiros.
8 Wathi uYehova kuYoshuwa, Musa ukuboyika; kuba ndibanikele esandleni sakho; akuyi kuma ndoda kubo phambi kwakho."
8 E disse o Senhor a Josué: "Não tenha medo desses reis; eu os entreguei nas suas mãos. Nenhum deles conseguirá resistir a você".
9 Wafika uYoshuwa kubo ngebhaqo; wenyuka bonke ubusuku, evela eGiligali."
9 Depois de uma noite inteira de marcha desde Gilgal, Josué os apanhou de surpresa.
10 UYehova wabadubaduba phambi kwamaSirayeli, ababulala ngobulawo olukhulu eGibheyon; abasukela ngendlela enyuka iye eBhete-horon, ababulala kwada kwesa eAzeka, kwada kwesa naseMakeda."
10 O Senhor os lançou em confusão diante de Israel, que lhes impôs grande derrota em Gibeom. Os israelitas os perseguiram na subida para Bete-Horom e os mataram por todo o caminho, até Azeca e Maquedá.
11 Kwathi, ekusabeni kwabo phambi kwamaSirayeli, besethambekeni laseBhete-horon, uYehova wabathobela amatye amakhulu ezulwini, kwada kwesa eAzeka, bafa. Babaninzi abafa ngamatye esichotho, kunababulawayo ngoonyana bakaSirayeli ngekrele."
11 Enquanto fugiam de Israel na descida de Bete-Horom para Azeca, do céu o Senhor lançou sobre eles grandes pedras de granizo, que mataram mais gente do que as espadas dos israelitas.
12 Waza wathetha uYoshuwa kuYehova, mhlana uYehova wawanikela ama-Amori koonyana bakaSirayeli, wathi emehlweni amaSirayeli: Langa, nqumama eGibheyon, Nawe nyanga, entilini yeAyalon."
12 No dia em que o Senhor entregou os amorreus aos israelitas, Josué exclamou ao Senhor, na presença de Israel: "Sol, pare sobre Gibeom! E você, ó lua, sobre o vale de Aijalom! "
13 Lathi nqumama ke ilanga, yema inyanga, Lwada uhlanga lwaziphindezelela ezintshabeni zalo. Oku akubhalwanga na eNcwadini yOthe Tye? Lema ke ilanga esazulwini sezulu, alangxama ukutshona, yangathi yimini iphela."
13 O sol parou, e a lua se deteve, até a nação vingar-se dos seus inimigos, como está escrito no Livro de Jasar. O sol parou no meio do céu e por quase um dia inteiro não se pôs.
14 Akuzanga kubekho mini injengaleyo, phambi kwayo nangasemva kwayo, ngokokude uYehova aliphulaphule izwi lomntu; ngokuba uYehova wawalwela amaSirayeli."
14 Nunca antes nem depois houve um dia como aquele, quando o Senhor atendeu a um homem. Sem dúvida o Senhor lutava por Israel!
15 Wabuya uYoshuwa, enamaSirayeli onke, waya eminqubeni eGiligali."
15 Então Josué voltou com todo o Israel ao acampamento de Gilgal.
16 Basaba abo kumkani bahlanu, bazimela emqolombeni eMakeda."
16 Os cinco reis fugiram e se esconderam na caverna de Maquedá.
17 Kwaxelwa kuYoshuwa, kwathiwa, Sibafumene ookumkani bobahlanu, bezimele emqolombeni eMakeda."
17 Avisaram a Josué que eles tinham sido achados numa caverna em Maquedá.
18 Wathi uYoshuwa, Qengqelani amatye amakhulu emlonyeni womqolomba, nimise amadoda phezu kwawo ukuba abalinde."
18 Disse ele: "Rolem grandes pedras até a entrada da caverna, e deixem ali alguns homens de guarda.
19 Ke nina musani ukuma; zisukeleni iintshaba zenu, niwubethe umqosheliso wazo. Musani ukuwuvumela ungene emizini yawo, kuba uYehova uThixo wenu uwunikele esandleni senu."
19 Mas não se detenham! Persigam os inimigos. Ataquem-nos pela retaguarda e não os deixem chegar às suas cidades, pois o Senhor, o seu Deus, os entregou em suas mãos".
20 Kwathi, akugqiba uYoshuwa noonyana bakaSirayeli ukuzibulala kakhulu kunene zada zagqitywa, zathi eziseleyo kuzo, zaya kungena emizini enqatyisiweyo."
20 Assim Josué e os israelitas os derrotaram por completo, quase exterminando-os. Mas alguns conseguiram escapar e refugiaram-se em suas cidades fortificadas.
21 Babuye ke bonke abantu, baya emkhosini kuYoshuwa eMakeda ngoxolo; akwabakho nja ibavungamelayo oonyana bakaSirayeli, kwanabani."
21 O exército inteiro voltou então em segurança a Josué, ao acampamento de Maquedá, e depois disso, ninguém mais ousou abrir a boca para provocar os israelitas.
22 Wathi uYoshuwa, Vulani umlomo womqolomba, nibakhuphe emqolombeni abaa kumkani bobahlanu, beze kum."
22 Então disse Josué: "Abram a entrada da caverna e tragam-me aqueles cinco reis".
23 Benjenjalo ke; babakhupha emqolombeni, beza kuye abo kumkani bobahlanu, ukumkani waseYerusalem, nokumkani waseHebron, nokumkani waseYarmuti, nokumkani waseLakishe, nokumkani nokumkani wase-Eglon."
23 Os cinco reis foram tirados da caverna. Eram os reis de Jerusalém, de Hebrom, de Jarmute, de Láquis e de Eglom.
24 Kwathi, bakubakhupha, babasa kuYoshuwa abo kumkani; wawabiza uYoshuwa onke amadoda akwaSirayeli, wathi kubaphathi bamadoda okulwa ababehambe naye, Sondelani, nibanyathele entanyeni aba kumkani. Basondela ke, babanyathela ezintanyeni zabo."
24 Quando os levaram a Josué, ele convocou todos os homens de Israel e disse aos comandantes do exército que o tinham acompanhado: "Venham aqui e ponham o pé no pescoço destes reis". E eles obedeceram.
25 Wathi uYoshuwa kubo, Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini: yomelelani, nikhaliphe, ngokuba uYehova uya kwenjenjalo kwiintshaba zenu zonke enilwa nazo."
25 Disse-lhes Josué: "Não tenham medo! Não se desanimem! Sejam fortes e corajosos! É isso que o Senhor fará com todos os inimigos que vocês tiverem que combater".
26 Wabaxabela ke uYoshuwa, emveni koko wababulala, wabaxhoma emithini emihlanu; baxhonywa emithini apho kwada kwahlwa."
26 Depois Josué matou os reis e mandou pendurá-los em cinco árvores, onde ficaram até à tarde.
27 Kwathi ngexesha lokutshona kwelanga, uYoshuwa wawisa umthetho, babathula emithini, babaphosa emqolombeni ababezimele kuwo, babeka amatye amakhulu emlonyeni womqolomba, asekhoyo namhlanje."
27 Ao pôr-do-sol, sob as ordens de Josué, eles foram tirados das árvores e jogados na caverna onde haviam se escondido. Na entrada da caverna colocaram grandes pedras, que lá estão até hoje.
28 UYoshuwa wayithimba neMakeda ngaloo mini, wayixabela ngohlangothi lwekreke, nokumkani wayo, wabatshabalalisa kwanabantu bonke abakuyo; akasalisa namnye usindileyo. Wenza kukumkani waseMakeda njengoko wenza ngako kukumkani waseYeriko."
28 Naquele dia Josué tomou Maquedá. Atacou a cidade e matou o seu rei à espada e exterminou todos os que nela viviam, sem deixar sobreviventes. E fez com o rei de Maquedá o que tinha feito com o rei de Jericó.
29 Wagqitha uYoshuwa enamaSirayeli onke eMakeda, waya eLibhena, walwa neLibhena."
29 Então Josué, e todo o Israel com ele, avançou de Maquedá para Libna e a atacou.
30 Wayinikela kananjalo uYehova esandleni samaSirayeli, nokumkani wayo, wayixabela ngohlangothi lwekrele, kwanabantu bonke abakuyo; akasalisa kuyo namnye usindileyo. Wenza kukumkani wayo njengoko wenza ngako kukumkani waseYeriko."
30 O Senhor entregou também aquela cidade e seu rei nas mãos dos israelitas. Josué atacou a cidade e matou à espada todos os que nela viviam, sem deixar nenhum sobrevivente ali. E fez com o seu rei o que fizera com o rei de Jericó.
31 Wagqitha uYoshuwa eLibhena, enamaSirayeli onke, waya eLakishe, wayingqinga, walwa nayo."
31 Depois Josué, e todo o Israel com ele, avançou de Libna para Láquis, cercou-a e a atacou.
32 UYehova wayinikela iLakishe esandleni samaSirayeli, ayithimba ngomhla wesibini, ayixabela ngohlangothi lwekrele, kwanabantu bonke abakuyo, njengako konke awakwenzayo kwiLibhena."
32 O Senhor entregou Láquis nas mãos dos israelitas, e Josué tomou-a no dia seguinte. Atacou a cidade e matou à espada todos os que nela viviam, como tinha feito com Libna.
33 Waza wenyuka uHoram, ukumkani waseGezere, waya kuyinceda iLakishe. UYoshuwa wambulala yena nabantu bakhe, kwada akwasala namnye kuye usindileyo."
33 Nesse meio tempo Horão, rei de Gezer, fora socorrer Láquis, mas Josué o derrotou, a ele e ao seu exército, sem deixar sobrevivente algum.
34 Wegqitha uYoshuwa eLakishe, enamaSirayeli onke, aya e-Eglon, ayingqinga, alwa nayo."
34 Josué, e todo o Israel com ele, avançou de Láquis para Eglom, cercou-a e a atacou.
35 Ayithimba ngaloo mhla, ayixabela ngohlangothi lwekrele, kwanabantu bonke abakuyo; wayitshabalalisa ngaloo mhla, njengako konke awakwenzayo kwiLakishe."
35 Eles a conquistaram naquele mesmo dia, feriram-na à espada e exterminaram os que nela viviam, como tinham feito com Láquis.
36 Wenyuka uYoshuwa esuka e-Eglon, waya eHebron, enamaSirayeli onke, alwa nayo,"
36 Então Josué, e todo o Israel com ele, foi de Eglom para Hebrom e a atacou.
37 ayithimba, ayixabela ngohlangothi lwekrele, nokumkani wayo, nemizi yayo yonke, nabantu bonke abakuyo; akwasala namnye usindileyo, njengako konke awakwenzayo kwiEglon; watshabalalisa kwanabantu bonke abakuyo."
37 Tomaram a cidade e a feriram à espada, como também o seu rei, os seus povoados e todos os que nela viviam, sem deixar sobrevivente algum. Destruíram totalmente a cidade e todos os que nela viviam, como tinham feito com Eglom.
38 Wabuya ke uYoshuwa enamaSirayeli onke, weza eDebhiri, walwa nayo."
38 Depois Josué, e todo o Israel com ele, voltou e atacou Debir.
39 Wayithimba, nokumkani wayo, nemizi yayo yonke, ayixabela ngohlangothi lwekrele. Ayitshabalalisa kwanabantu bonke abakuyo; akwasala namnye usindileyo; njengoko wakwenzayo kwiHebron, wenjenjalo kweDebhiri, nakukumkani wayo; njengoko wakwenzayo kwiLibhena, nakukumkani wayo."
39 Tomaram a cidade, seu rei e seus povoados, e os mataram à espada. Exterminaram os que nela viviam, sem deixar sobrevivente algum. Fizeram com Debir e seu rei o que tinham feito com Libna e seu rei e com Hebrom.
40 Walibulala ke uYoshuwa lonke ilizwe leentaba, nelasezantsi nelezihlambo, nelamaxandeka, nabo bonke ookumkani balo; akwasala namnye usindileyo. Watshabalalisa konke okuphefumlayo, njengoko wawisa umthetho uYehova uThixo kaSirayeli."
40 Assim Josué conquistou a região toda, incluindo a serra central, o Neguebe, as encostas e as vertentes, e derrotou todos os seus reis, sem deixar sobrevivente algum. Exterminou tudo o que respirava, conforme o Senhor, o Deus de Israel, tinha ordenado.
41 Wababulala uYoshuwa, wathabathela eKadeshe-bharneha, wesa eGaza, nelizwe lonke laseGoshen, wesa eGibheyon."
41 Josué os derrotou desde Cades-Barnéia até Gaza, e toda a região de Gósen, e de lá até Gibeom.
42 Wabathimba uYoshuwa bonke abo kumkani, nelizwe labo, ngasihlandlo sinye, ngokuba uYehova uThixo kaSirayeli ebewalwela amaSirayeli."
42 Também subjugou todos esses reis e conquistou suas terras numa única campanha, pois o Senhor, o Deus de Israel, lutou por Israel.
43 Wabuya uYoshuwa enamaSirayeli onke, weza eminqubeni eGiligali."
43 Então Josué retornou com todo o Israel ao acampamento de Gilgal.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Josué 10, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.