Jeremias 52

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem; igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya waseLibhena."
1 Tinha Sedecias vinte e um anos ao começar seu reinado. Seu reino durou onze anos em Jerusalém. Chamava-se sua mãe Amital, filha de Jeremias, e era natural de Lobna.
2 Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uYehoyakim."
2 Como Joaquim, ele também praticou o mal aos olhos do Senhor.
3 Ngokuba ngenxa yomsindo kaYehova kwenzeka oko eYerusalem nakwaYuda, wada wabalahla ebusweni bakhe. UZedekiya wamana egwilika kukumkani waseBhabheli."
3 Assim aconteceu em Jerusalém e Judá, por querer o Senhor, em sua cólera, repeli-los para longe de sua presença.
4 Kwathi ngomnyaka wesithoba wobukumkani bakhe, ngenyanga yeshumi, ngosuku lweshumi enyangeni leyo, wayifikela iYerusalem uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, yena nempi yakhe yonke, wayirhawula, wayakhela inqaba yokubonisela ngeenxa zonke."
4 No nono ano de seu reinado, no décimo dia do décimo mês, foi Nabucodonosor, com todo o seu exército, contra Jerusalém, armando e construindo fortificações em torno dela.
5 Wangqingwa ke umzi, kwada kwaba ngumnyaka weshumi elinamnye wokumkani uZedekiya."
5 Até o décimo primeiro ano do reinado de Sedecias perdurou o sítio da cidade.
6 Ngosuku lwesithoba lwenyanga yesine, yaqina indlala phakathi komzi, ababa nasonka abantu belizwe."
6 No nono dia do quarto mês, como a fome invadisse a cidade e não tivesse a população o que comer,
7 Wagqojozwa umzi; asaba onke amadoda okulwa, aphuma phakathi komzi ebusuku ngendlela yesango eliphakathi kweendonga zombini, elisemyezweni wokumkani (aye ke amaKaledi ewujikelezile umzi); abamba ngendlela yaseArabha."
7 uma brecha foi feita na muralha da cidade e, à noite, fugiram os guerreiros pelo caminho da porta entre os dois muros, perto do jardim do rei, enquanto os caldeus cercavam a cidade. Tomaram esses homens o caminho da planície do Jordão.
8 Impi yamaKaledi yamsukela ukumkani, yamfumana uZedekiya ezinkqantosini zaseYeriko; yonke impi yakhe yamphalala, yemka kuye."
8 Mas o exército dos caldeus perseguiu o rei e o alcançou nas planícies de Jericó. Então as tropas de Sedecias o abandonaram, dispersando-se em fuga.
9 Ambamba ukumkani, anyuka naye, amsa kukumkani waseBhabheli eRibhela ezweni leHamati; wawathetha apho amatyala akhe."
9 Foi então o rei aprisionado e conduzido a Rebla, na presença do rei de Babilônia que contra ele pronunciou sua sentença.
10 Ukumkani waseBhabheli wabasikela oonyana bakaZedekiya emehlweni akhe; nabathetheli bonke bakwaYuda wabasikela eRibhela."
10 E, diante de seus olhos, foram degolados em Rebla seus filhos, assim como todos os chefes de Judá.
11 Wamtyhaphaza amehlo uZedekiya, wamkhonkxa ngamakhamandela obhedu; ukumkani waseBhabheli wamsa eBhabheli, wamfaka entolongweni kwada kwayimini yokufa kwakhe."
11 Em seguida, foram-lhe arrancados os olhos e, ligado com cadeias de bronze, levaram-no para Babilônia, onde, até o dia de sua morte, permaneceu encarcerado.
12 Ngenyanga yesihlanu, ngosuku lweshumi enyangeni leyo (lo mnyaka ke ngoweshumi elineminyaka esithoba kakumkani uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli), wangena eYerusalem uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, owema phambi kokumkani waseBhabheli."
12 No sétimo dia do quinto mês, décimo nono ano do reinado de Nabucodonosor, rei de Babilônia, Nabuzardã, chefe da guarda e servidor do rei de Babilônia, penetrou em Jerusalém,
13 Wayitshisa indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nezindlu zonke zaseYerusalem; izindlu zonke zezikhulu wazitshisa ngomlilo."
13 pôs fogo no templo do Senhor, no palácio real, e em todas as casas da cidade, e entregou às chamas as casas dos maiorais.
14 Iindonga zonke zaseYerusalem ngeenxa zonke yazidiliza yonke impi yamaKaledi, ebinomthetheli wabasiki."
14 Em seguida, as tropas dos caldeus, que acompanhavam o chefe da guarda, demoliram as muralhas que cercavam Jerusalém.
15 Kwizisweli zabantu, namasalela abantu ababesele phakathi komzi, namaphamba awaphambelayo kukumkani waseBhabheli, namasalela engxokolo, wawafudusa uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki."
15 E Nabuzardã, chefe da guarda, deportou para Babilônia uma parte dos pobres da terra e o que restara da população da cidade, bem como os que já se haviam rendido ao rei de Babilônia e o restante dos artífices.
16 Ke uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, wasalisa kwizisweli zelizwe, ukuze zibe ngabasebenzi bemidiliya nabalimi."
16 O chefe da guarda deixou ali alguns homens pobres, como vinhateiros e lavradores.
17 Iintsika zobhedu ezibe zisendlwini kaYehova, neenqwelwana, nolwandle lobhedu obelusendlwini kaYehova, ezo zinto aziqhekeza amaKaledi, aluthwalela eBhabheli lonke ubhedu lwazo."
17 Quebraram também os caldeus as colunas de bronze do templo do Senhor, juntamente com os pedestais e o mar de bronze que estava no templo, levando todo esse metal para Babilônia.
18 Athabatha neembiza, nemihlakulwana, nezitshetshe, nezitya zokutshiza, neenkamba, neempahla zonke zobhedu ebekulungiselelwa ngazo."
18 Carregaram também cinzeiros, pás, facas, vasos e demais objetos de bronze que serviam ao culto.
19 Umthetheli wabasiki wathabatha izidendeleko, neengcedevu, nezitya zokutshisa, neembiza, neziphatho zezibane, neenkamba, namathunga, igolide kwezegolide, isilivere kwezesilivere."
19 Carregou ainda o chefe dos guardas as bacias, os braseiros, vasos, potes, candelabros, taças, copos e colheres, e o que havia em ouro e prata.
20 Neentsika zombini, ulwandle olunye, neenkomo ezilishumi elinambini zobhedu ezibe ziphantsi kwalo, neenqwelwana awazenzela indlu kaYehova uSolomon ukumkani, alwaba nakulinganiswa ubhedu lwezo mpahla zonke."
20 Quanto às duas colunas, ao mar, aos doze bois de bronze que as sustentavam, e aos pedestais que Salomão mandara fabricar para o templo do Senhor, difícil seria calcular o valor do bronze de todos esses objetos.
21 Neentsika ezo, ukuphakama kwenye intsika kube kuziikubhite ezilishumi elinesibhozo; umtya oziikubhite ezilishumi elinambini ubuyithandela, nezinyuko zayo beziyiminwe emine; ibiholoholo."
21 A altura de uma dessas colunas era de dezoito côvados e um cordão de doze côvados cingia-lhe a volta, sendo a espessura de quatro dedos, e oco o seu interior.
22 Ingqukuva yayo ibiyeyobhedu, ukuphakama kwengqukuva bekuziikubhite ezintlanu; umnatha neerharnate bezisengqukuveni ngeenxa zonke; yonke loo nto yabe ilubhedu. Intsika yesibini yabe ikwanjalo, kunye neerharnate."
22 Encimava-as um capitel de bronze de cinco côvados; uma grade de romãs, também em bronze, cercavam o alto do capitel. Era semelhante a esta a segunda coluna, com romãs em torno,
23 Iirharnate bezingamashumi asithoba anantandathu, zibheke emoyeni; iirharnate zonke bezilikhulu phezu komnatha ngeenxa zonke."
23 em número de noventa e seis, e o total das romãs, em volta da grade, era de cem.
24 Umthetheli wabasiki wamthabatha uSeraya umbingeleli oyintloko, noZefaniya umbingeleli weyesibini intlantlu, nabagcini-mnyango bobathathu."
24 O chefe da guarda aprisionou o primeiro sacerdote, Saraías, e Sofonias, o segundo e os três guardas do vestíbulo.
25 Kuwo umzi wathabatha umbusi wamnye, owayengumveleli wamadoda okulwa, namadoda asixhenxe kuwo abebona ubuso bokumkani, awafunyanwa phakathi komzi; nombhali womthetheli womkhosi, obehlaba umkhosi kubantu belizwe, namadoda amashumi mathandathu kubantu belizwe, awafunyanwayo phakathi komzi."
25 Tomou da cidade um eunuco, que era encarregado do comando dos homens de guerra, sete homens do séquito do rei que foram encontrados na cidade, o intendente do exército, encarregado do recrutamento na terra, assim como mais sessenta homens da terra que se encontravam na cidade.
26 Wabathabatha abo uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, wabasa eRibhela, kukumkani waseBhabheli."
26 Nabuzardã, chefe da guarda, aprisionou-os e mandou-os conduzir a Rebla, ante o rei de Babilônia.
27 Wabaxabela ukumkani waseBhabheli, wababulala eRibhela ezweni laseHamati. Afuduswa ke amaYuda emhlabeni wawo."
27 E este mandou executá-los em Rebla, na região de Emat. E assim Judá foi deportado para longe de sua terra.
28 Ngabo aba abantu awabafudusayo uNebhukadenetsare: ngomnyaka wesixhenxe, amaYuda angamawaka amathathu, anamanci mabini anamathathu;"
28 Eis o número dos homens que Nabucodonosor levou ao cativeiro: no sétimo ano, 3.032 homens de Judá;
29 ngomnyaka weshumi elinesibhozo kaNebhukadenetsare kwafuduswa eYerusalem imiphefumlo yaba makhulu asibhozo, anamanci mathathu anamibini;"
29 no décimo oitavo ano de Nabucodonosor, 832 pessoas foram deportadas de Jerusalém;
30 ngomnyaka wamashumi amabini anamithathu kaNebhukadenetsare, uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, wafudusa amaYuda ayimiphefumlo emakhulu asixhenxe, anamanci mane anamihlanu. Yonke imiphefumlo yaba ngamawaka amane anamakhulu amathandathu."
30 no vigésimo terceiro ano de Nabucodonosor, Nabuzardã, chefe dos guardas, deportou de Judá 745 pessoas. Ao todo, 4.600 pessoas.
31 Kwathi ngomnyaka wamashumi omathathu anesixhenxe wokufuduswa kukaYehoyakim ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesihlanu enyangeni leyo, uEvili-merodaki ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wokwenziwa kwakhe ukumkani, wayiphakamisa intloko kaYehoyakim ukumkani wakwaYuda, wamkhupha entolongweni."
31 No trigésimo sétimo ano do cativeiro de Joaquin, rei de Judá, no vigésimo quinto dia do décimo segundo mês, Evilmerodac, rei de Babilônia, no ano de sua elevação ao trono, perdoou Joaquin, rei de Judá, e mandou libertá-lo da prisão.
32 Wathetha naye kakuhle, wayimisa itrone yakhe, yaba ngaphezu kweetrone zabanye ookumkani ababenaye eBhabheli."
32 Falando-lhe com benevolência, designou-lhe um trono mais elevado que o dos reis que estavam com ele em Babilônia.
33 Wazikhulula iingubo zakhe zobubanjwa; wamana ukudla isonka ebusweni bakhe yonke imihla yokuphila kwakhe."
33 Mandou que lhe mudassem as vestes de prisioneiro e, até o fim de sua vida, Joaquin comeu à mesa do rei da Babilônia.
34 Umxhesho wakhe, umxhesho wamaxesha onke, wawunikwa, uvela kukumkani waseBhabheli, into yemini ngangemini yayo, kwada kwayimini yokufa kwakhe, yonke imihla yokuphila kwakhe."
34 Durante toda a sua vida, até o dia de sua morte, sua manutenção foi garantida pelos cuidados do rei de Babilônia.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Jeremias 52, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.