Jeremias 31

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 Ngelo xesha, utsho uYehova, ndiya kuba nguThixo kwimizalwane yonke yakwaSirayeli, yona ibe ngabantu bam."
1 Naquele tempo - oráculo do Senhor - serei o Deus de todas as tribos de Israel, e elas constituirão o meu povo.
2 Utsho uYehova ukuthi, Bababalwa entlango abantu abasindileyo ekreleni; ndoya ndiwaphumze amaSirayeli."
2 Eis o que diz o Senhor: foi concedida graça no deserto ao povo que o gládio poupara. Dentro em pouco Israel gozará de repouso.
3 UYehova ubonakele kum kwakude, wathi, Ndikuthandile ngothando olungunaphakade; ngenxa yoko ndikolulele inceba."
3 De longe me aparecia o Senhor: amo-te com eterno amor, e por isso a ti estendi o meu favor.
4 Ndiya kubuya ndikwakhe, wakheke, ntombi inguSirayeli; uya kubuya uzihombise, uphathe iingqongqo zakho, uphume uye ekungqungqeni kwabangqungqayo."
4 Reconstruir-te-ei, e serás restaurada, ó virgem de Israel! Virás, ornada de tamborins, participar de alegres danças.
5 Uya kubuya utyale izidiliya ezintabeni zakwaSamari, batyale abatyali, bazidle ngokwabo."
5 E ainda plantarás vinhas nas colinas de Samaria. E delas colherão frutos os plantadores,
6 Ngokuba kuya kubakho umhla, abaya kumemeza ngawo abalindi ezintabeni zakwaEfrayim, besithi, Sukani nime, sinyuke siye eZiyon kuYehova, uThixo wethu."
6 pois dia virá em que os veladores gritarão nos montes de Efraim: Erguei-vos! Subamos a Sião, ao Senhor, nosso Deus!
7 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Memelelani ngoYakobi, nivuye, nitsholoze ngentloko yeentlanga; vakalisani, dumisani, yithini, Basindise, Yehova, abantu bakho, amasalela akwaSirayeli."
7 Porque isto diz o Senhor: Lançai gritos de júbilo por causa de Jacó. Aclamai a primeira das nações. E fazei retumbar vossos louvores, exclamando: O Senhor salvou o seu povo, o resto de Israel.
8 Yabona, ndiyabazisa bevela ezweni lasentla, ndibabuthe eziphelweni zehlabathi; beneemfama neziqhwala, abamithiyo nabazalayo kunye; besisikhungu esikhulu, bebuyela apha."
8 Eis que os trago da terra do norte, e os reúno dos confins da terra. O cego e o coxo estarão entre eles, e também a mulher grávida e a que deu à luz. Será imensa a multidão que há de voltar,
9 Baya kuza belila, ndibakhokele betarhuzisa; ndibase emilanjeni yamanzi ngendlela ethe tye, bengakhubeki kuyo; kuba ndinguyise kuSirayeli, uEfrayim ngowamazibulo am."
9 e que voltará em lágrimas. Conduzi-la-ei em meio às suas preces; levá-la-ei à beira de águas correntes, por caminhos em que não tropeçarão, porque sou para com Israel qual um pai, e Efraim é o meu primogênito.
10 Liveni ilizwi likaYehova, zintlanga, nilixele eziqithini ezikude, nithi, Umchithachithi kaSirayeli uya kumbutha, amgcine njengomalusi egcina umhlambi wakhe."
10 Nações, escutai a palavra do Senhor; levai a notícia às ilhas longínquas e dizei: Aquele que dispersou Israel o reunirá, e o guardará, qual pastor o seu rebanho.
11 Ngokuba uYehova ummisele wamkhulula uYakobi; umhlawulele wamkhulula esandleni sowomeleleyo kunaye."
11 Porquanto o Senhor resgata Jacó e o liberta das mãos do seu dominador.
12 Baya kuza bamemelele ezindulini zaseZiyon, basinge kwizinto ezilungileyo zikaYehova, engqoloweni, nasewayinini entsha, naseolini, nasemgqekwini weegusha neenkomo; imiphefumlo yabo ibe njengomyezo onyelwa ngamanzi, uvunde; bangabi saphinda bathe amandla."
12 Regressarão entre gritos de alegria às alturas de Sião, acorrendo aos bens do Senhor: ao trigo, ao mosto e ao óleo, ao gado menor e ao maior. Sua alma se assemelha a jardim bem regado, e sua fraqueza cessará.
13 Iya kwandula intombi ivuye ekungqungqeni, namadodana namadoda amakhulu kunye; ndisenze isijwili sabo sibe yimihlali, ndibathuthuzele, ndibavuyise, bangabi nasingqala."
13 Então a jovem executará danças alegres; jovens e velhos partilharão {o júbilo} comum. Transformar-lhes-ei o luto em regozijo, e os consolarei após o sofrimento e os alegrarei.
14 Ndowuseza uhluthe umphefumlo wababingeleli ngamafutha, bahluthe abantu bam zizinto zam ezilungileyo; utsho uYehova."
14 Cumularei os sacerdotes de abundantes vítimas gordas, e meu povo fartar-se-á de meus bens - oráculo do Senhor.
15 Utsho uYehova ukuthi, Kuvakele izwi eRama, isimema, isililo esikrakra: uRakeli elilela abantwana bakhe, engavumi ukuthuthuzeleka, ngenxa yabantwana bakhe, ngokuba bengasekho."
15 Eis o que diz o Senhor: ouve-se em Ramá uma voz, lamentos e amargos soluços. É Raquel que chora os filhos, recusando ser consolada, porque já não existem.
16 Utsho uYehova ukuthi, Lithintele ilizwi lakho, lingalili, namehlo akho angabi nanyembezi; ngokuba unomvuzo umsebenzi wakho, utsho uYehova; baya kubuya ezweni lotshaba."
16 Eis o que diz o Senhor: Cessa de gemer, enxuga tuas lágrimas! Tuas penas terão a recompensa - oráculo do Senhor. Voltarão {teus filhos} da terra inimiga.
17 Linethemba ikamva lakho, utsho uYehova; oonyana bakho baya kubuyela emdeni wabo."
17 Desponta em teu futuro a esperança - oráculo do Senhor. Teus filhos voltarão à sua terra.
18 Ndimvile ngenene uEfrayim, ehlunguzela intloko, esithi, Undiqeqeshile ndaqeqesheka njengethole elingekathambi; ndibuyise, ndibuye; ngokuba wena, Yehova, unguThixo wam."
18 Sim, ouço os gemidos de Efraim: Vós me castigastes; fui punido, qual novilho insubmisso. Convertei-me, porém, e que eu volte, já que sois vós o Senhor, meu Deus.
19 Ngokuba emva kokukutshikilela kwam ndazohlwaya, emva kokwaziswa kwam ndabetha ethangeni lam; ndadana, ndeva ihlazo, ngokuba ndithwele isingcikivo sobuncinane bam."
19 Após haver errado, arrependi-me, e ao compreender feri-me a coxa. Sinto-me envergonhado e confundido, porque trago o opróbrio de minha juventude.
20 Ngunyana onqabileyo na kum uEfrayim? Ngumntwana wokuteketiswa na, le nto ndithi, ndakuthetha ngaye ndimchasile, ndisuke ndimkhumbule ngakumbi? Ngenxa yoko izibilini zam ziyasika ngaye; inene, ndiya kuba nemfesane kuye, utsho uYehova."
20 Não é, porém, Efraim, filho querido, eternamente amado por mim? Todas as vezes que falo contra ele, mais viva se torna em mim a sua lembrança. E meu coração se comove ao pensar nele. Terei compaixão dele - oráculo do Senhor.
21 Zimiseleni izalathiso, zigxumekeleni izibonda; yibhekise intliziyo yakho emendweni, endleleni owahamba ngayo. Buya, ntombi inguSirayeli, buyela emizini yakowenu."
21 Ergue sinais, coloca postes indicadores, olha bem o caminho, a senda que percorres. Volta, virgem de Israel, volta para tuas cidades.
22 Kunini na unxaxhanxaxha, ntombi iphambayo? ngokuba uYehova udala into entsha ehlabathini: inkazana iya kuphahla indoda."
22 Até quando andarás vagando, filha rebelde? Eis que o Senhor criou uma coisa nova sobre a terra: É a esposa que cerca {de cuidados} o esposo.
23 Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Basaya kulithetha eli lizwi ezweni lakwaYuda nasemizini yakhona, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabo, lokuthi, UYehova makakusikelele, khaya lobulungisa, ntaba yobungcwele."
23 Eis o que diz o Senhor dos exércitos, Deus de Israel: Quando eu lhes houver mudado a sorte à terra de Judá e às suas cidades, proferirão de novo este desejo: Que o Senhor te abençoe mansão de salvação, montanha santa!
24 Aya kuma khona amaYuda nemizi yawo yonke kunye; abalimi, nabahamba emathanga benemihlambi yabo."
24 E nesses lugares, em Judá e suas cidades, juntos habitarão operários e pastores,
25 Ngokuba ndiyawuseza uhluthe umphefumlo otyhafileyo; ndowanelisa umphefumlo wonke othe amandla."
25 porque saciarei a alma fatigada e à que enlanguesce matarei a fome.
26 Kwakubanjalo, ndavuka, ndakhangela; ubuthongo bam bebumnandi kum."
26 Despertei, então, e senti quão doce me havia sido o sonho.
27 Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuyihlwayela indlu kaSirayeli nendlu kaYuda ngembewu yomntu, nangembewu yenkomo."
27 Dias virão - oráculo do Senhor - em que disseminarei sementeiras pelas casas de Israel e de Judá, das quais nascerão homens e animais.
28 Kuya kuthi njengoko ndabaphaphelayo ukuba ndinyothule, ukuba ndidilize, ukuba ndigungxule, ukuba nditshabalalise, ukuba ndenze kube kubi: ngokunjalo ndibaphaphele ukuba ndakhe, ukuba ndityale; utsho uYehova."
28 Da mesma forma que por eles velei a fim de prejudicá-los, assim velarei para construir e plantar - oráculo do Senhor.
29 Ngaloo mihla abasayi kuba sathi, Ooyise badle iidiliya ezimuncu, amazinyo oonyana aba buthelezi;"
29 Então, não se dirá mais: Os pais comeram uvas verdes, e prejudicados ficaram os dentes dos filhos,
30 ke elowo uya kufa ngenxa yobakhe ubugwenxa; umntu wonke odla iidiliya ezimuncu, nguye omazinyo aya kuba buthelezi."
30 mas cada qual morrerá em razão do próprio pecado e, se alguém comer uvas verdes, serão atingidos os próprios dentes.
31 Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kwenza umnqophiso omtsha nendlu kaSirayeli nendlu kaYuda;"
31 Dias hão de vir - oráculo do Senhor - em que firmarei nova aliança com as casas de Israel e de Judá.
32 ungabi njengomnqophiso endawenza noyise ngomhla endababambayo ngesandla, ukuba ndibakhuphe ezweni leYiputa; umnqophiso wam abasuka bawaphula bona, nangani bendiyindoda yabo; utsho uYehova."
32 Será diferente da que concluí com seus pais no dia em que pela mão os tomei para tirá-los do Egito, aliança que violaram embora eu fosse o esposo deles.
33 Nguwo ke lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla, utsho uYehova: ndiya kuwubeka umyalelo wam embilinini yabo, ndiwubhale ezintliziyweni zabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam;"
33 Eis a aliança que, então, farei com a casa de Israel - oráculo do Senhor: Incutir-lhe-ei a minha lei; gravá-la-ei em seu coração. Serei o seu Deus e Israel será o meu povo.
34 bangabi safundisa elowo ummelwane wakhe, elowo umzalwana wakhe, besithi, Mazini uYehova; ngokuba bonke bephela baya kundazi, kuthabathela kwabancinane kuse kwabakhulu, utsho uYehova; ngokuba ndiya kubuxolela ubugwenxa babo, ndingabi sasikhumbula isono sabo."
34 Então, ninguém terá encargo de instruir seu próximo ou irmão, dizendo: Aprende a conhecer o Senhor, porque todos me conhecerão, grandes e pequenos - oráculo do Senhor -, pois a todos perdoarei as faltas, sem guardar nenhuma lembrança de seus pecados.
35 Utsho uYehova, uMniki welanga, ukuba libe sisikhanyiso emini; uMniki wemimiselo yenyanga neenkwenkwezi, ukuba zibe sisikhanyiso ebusuku; uMlatyuzisi wolwandle, ukuba agqume amaza alo; ugama lakhe linguYehova wemikhosi:"
35 Eis o que diz o Senhor, que mandou o sol iluminar o dia, ordenou à lua e às estrelas clarearem a noite; que ergue as ondas encapeladas do mar e cujo nome é Javé dos exércitos:
36 ukuthi, Ukuba ithe yasuka loo mimiselo phambi kwam, utsho uYehova, yophela nayo ke imbewu kaSirayeli ingabi luhlanga phambi kwam ngamaxa onke."
36 Se algum dia cessassem essas leis perante mim - oráculo do Senhor, {somente} então cessaria a raça de Israel, de ser uma nação ante meus olhos, para sempre.
37 Utsho uYehova ukuthi, Ukuba lingaba nokulinganiswa izulu phezulu, zibe nokugocwagocwa iziseko zehlabathi phantsi, nam ke ndoba ndiya kuyicekisa yonke imbewu kaSirayeli, ngenxa yento yonke abayenzileyo; utsho uYehova."
37 Eis o que diz o Senhor: se algum dia os fundamentos da terra puderem ser sondados, somente então poderia eu abandonar a raça de Israel.
38 Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, oya kuthi umzi lowo wakhelwe uYehova, kuthabathele enqabeni ende kaHananeli, kuse esangweni lembombo;"
38 Dias virão - oráculo do Senhor - em que a cidade será reconstruída pelo Senhor, desde a torre de Hananeel até a porta do Ângulo.
39 lubuye luphume ulutya lokulinganisela, luthi gca phezu kwenduli kaGarebhe, lujikele eGoha."
39 Será o cordel estendido para medir até a colina de Gareb, e voltará para Goa.
40 Yonke intili yezidumbu neyothuthu, namasimi onke asa esihlanjeni seKidron, asa embombeni yesango lamahashe ngasempumalanga, ibe ngcwele kuYehova, ingabi sanyothulwa, ingabi sagungxulwa naphakade."
40 Todo o vale cheio de cadáveres e cinza, e todos os campos até a torrente de Cedron e o ângulo da porta dos Cavalos, a leste, serão bens consagrados ao Senhor. Jamais serão eles devastados, nem destruídos.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Jeremias 31, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.