Jeremias 30

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVT

Sair da comparação
NVT Nova Versão Transformadora
1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, lalisithi,"
1 O S enhor deu outra mensagem a Jeremias:
2 Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Wabhale encwadini onke amazwi endiwathethileyo kuwe;"
2 “Assim diz o S enhor , o Deus de Israel: Jeremias, registre por escrito tudo que eu lhe disse.
3 ngokuba, uyabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli namaYuda, utsho uYehova; ndibabuyisele ezweni endalinika ooyise, ukuba balime."
3 Porque está chegando o dia em que restaurarei meu povo de Israel e de Judá. Eu os trarei para casa, para esta terra que dei a seus antepassados, e eles voltarão a possuí-la. Eu, o S enhor , falei!”.
4 Ngawo la ke amazwi, awawathethayo uYehova ngokusingisele kumaSirayeli, nakumaYuda."
4 Esta é a mensagem do S enhor acerca de Israel e de Judá.
5 Utshilo ke uYehova ukuthi, Sive izwi eligubhisayo; lelinkwantyisayo, asililo eloxolo."
5 Assim diz o S enhor : “Ouço gritos de medo; há terror, e não paz.
6 Khanibuzise nikhangele, ukuba indoda yakha yamitha na? Yini na ukuba ndibone abafo bonke, izandla zabo zisemanqeni abo njengomfazi ozalayo, ubuso bonke busuke baluthuthu?"
6 Parem e pensem: Acaso homens dão à luz? Então por que estão aí, com o rosto pálido e as mãos na barriga, como a mulher em trabalho de parto?
7 Athi ke ukuba mkhulu loo mhla! Akukho unjengawo; lixesha lembandezelo kuYakobi; ke uya kusindiswa kuyo."
7 Em toda a história, nunca houve uma ocasião de tanto terror; será um tempo de angústia para Israel. No final, porém, ele será resgatado!
8 Kothi ke ngaloo mhla, utsho uYehova wemikhosi, ndiyaphule idyokhwe yakhe entanyeni yakho, ndiziqhawule izitropu zakho, bangabi samkhonzisa abasemzini;"
8 Pois naquele dia”, diz o S “quebrarei o jugo que está sobre seu pescoço e arrebentarei suas correntes; não serão mais escravizados por estrangeiros.
9 bakhonze uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo, endiya kubavelisela yena."
9 Pois meu povo servirá ao S enhor , seu Deus, e ao descendente de Davi, o rei que estabelecerei para eles.
10 Ke wena musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi, utsho uYehova, ungaqhiphuki umbilini, Sirayeli; ngokuba, uyabona, ndiya kukusindisa usekude, nembewu yakho ezweni ethinjelwe kulo, abuye uYakobi, azole, onwabe, angagubhi."
10 “Portanto, não tenha medo, meu servo Jacó; não desanime, ó Israel”, diz o S “Pois o trarei de volta de terras distantes, e seus descendentes retornarão do exílio. Israel voltará a ter uma vida de paz e sossego, e ninguém o assustará.
11 Ngokuba ndinawe, utsho uYehova, ukuze ndikusindise; ngokuba ndiya kuzigqibela kuphele iintlanga zonke endakuphangalalisela kuzo; kodwa andiyi kukugqibela kuphele; ndokuthethisa ngokusesikweni, ndingathi umsulwa kwakanye."
11 Porque estou com você e o resgatarei”, diz o S “Destruirei completamente todas as nações entre as quais o espalhei, mas você não será completamente destruído. Eu o disciplinarei, mas com justiça; não posso permitir que fique impune.”
12 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Ukwaphuka kwakho asikuko nokuba kuyabulala, libuhlungu inxeba lakho."
12 Assim diz o S enhor : “Seu ferimento é incurável; é uma ferida grave.
13 Akukho ugweba ityala lakho, upholisa inxeba; akunaye okubophayo."
13 Não há ninguém para socorrê-la, não há remédio que cure sua ferida.
14 Zonke izithandane zakho zikulibele, azikukhathalele; ngokuba ndikubethile ngobetho lotshaba, ngentethiso enobujorha, ngenxa yobuninzi bobugwenxa bakho, ngenxa yokuba zininzi izono zakho."
14 Todos os seus amantes a abandonaram; não se importam com você. Eu a feri cruelmente, como se fosse meu inimigo. Pois seus pecados são muitos, e sua culpa é grande.
15 Ukhalelani na ngenxa yokwaphuka kwakho? Asikuko nokuba uyabulala umvandedwa wakho! Ndizenzile ezo nto kuwe ngenxa yobuninzi bobugwenxa bakho, nangenxa yokuba zininzi izono zakho."
15 Por que se queixa de seu castigo, dessa ferida que não tem cura? Tive de castigá-la, pois seus pecados são muitos, e sua culpa é grande.
16 Ngako oko bonke abakudlayo baya kudliwa, nababandezeli bakho bonke bephela baya kuthinjwa, nabadywidi bakho badywidwe nabaphangi bakho bonke ndibanikele ekuphangweni."
16 “Mas todos que a devorarem serão devorados, todos os seus inimigos serão enviados para o exílio. Todos que a saquearem serão saqueados, todos que a despojarem serão despojados.
17 Ngokuba ndiya kukubopha, ndiyipholise imivumbo yakho, utsho uYehova; ngokokuba bathi unguGxothiwe, uyiZiyon engakhathalelwe bani."
17 Restaurarei sua saúde e curarei suas feridas”, diz o S “Pois a chamam de rejeitada, ‘Sião, cidade com que ninguém se importa’.”
18 Utsho uYehova ukuthi, Yabona ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kweentente zikaYakobi, ndibe nemfesane ngenxa yeminquba yakhe; umzi wakhelwe emmangweni wawo, luhlalwe uxande olude ngokwesiko lalo."
18 Assim diz o S enhor : “Quando eu trouxer Israel de volta do exílio e restaurar sua situação, Jerusalém será reconstruída sobre suas ruínas, e o palácio voltará a ser habitado.
19 Wophuma kuzo umbulelo nezwi labaqambayo; ndibandise, bangabi mbalwa; ndibazukise, banganciphi."
19 Haverá alegria e cânticos de gratidão, e eu farei meu povo se multiplicar, e não diminuir; eu os honrarei, e não os humilharei.
20 Oonyana babo boba njengokwamandulo, lizimaseke phambi kwam ibandla labo, ndibavelele bonke abaxini babo."
20 Seus filhos prosperarão, como no passado; eu os estabelecerei como nação diante de mim e castigarei quem lhes fizer mal.
21 Ingangamsha yabo iya kuvela kubo, umlawuli wabo aphume kwaphakathi kwabo; ndimsondeze, afike kum, ngokuba ngubani na omele intliziyo yakhe, ukuba afike kum? utsho uYehova."
21 Voltarão a ter o próprio governante, e ele virá do meio deles. Eu o aproximarei de mim”, diz o S “pois quem ousaria se aproximar por conta própria?
22 Niya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu."
22 Vocês serão o meu povo, e eu serei o seu Deus.”
23 Nango umoya kaYehova ovuthuzayo; nabo buphuma ubushushu; umoya ovuthuzayo, okhukulisayo, uya kuqhwithela entlokweni yabangendawo."
23 Vejam, a ira do S enhor irrompe como uma tempestade, um vendaval sobre a cabeça dos perversos!
24 Akuyi kubuya ukuvutha komsindo kaYehova, ade ayenze, ade ayimise iminkqangiyelo yentliziyo yakhe; ekupheleni kwemihla niya kukuqonda oko."
24 A ira ardente do S enhor não passará até que ele cumpra tudo que planejou. Em dias futuros, vocês entenderão tudo isso.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Jeremias 30, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.