Jeremias 10
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVT
1 Liveni ilizwi alithethayo kuni uYehova, ndlu kaSirayeli."
1 Ó Israel, ouça esta palavra do S enhor para você!
2 Utsho uYehova ukuthi, Musani ukuziqhelisa indlela yeentlanga, ningaqhiphuki umbilini yimiqondiso yezulu, ngakuba iintlanga ziqhiphuke umbilini yiyo."
2 Assim diz o S enhor : “Não se comportem como as outras nações, que tentam ler seu futuro nas estrelas. Não tenham medo de suas previsões, ainda que elas encham outras nações de terror.
3 Ngokuba imimiselo yezizwe ayinto yanto. Kuba izithixo zingumthi ogawulwe ehlathini, sisenzo sezandla zengcibi ngezembe."
3 Os costumes dessas nações são inúteis: cortam uma árvore, e dela o artesão esculpe um ídolo.
4 Izivathisa ngesilivere nangegolide; baziqinisa ngezikhonkwane nangezando, ukuba zingagexagexi."
4 Enfeitam-no com ouro e prata e fixam-no com martelo e pregos, para que não tombe.
5 Zinjengentsika echweliweyo, azithethi; zimele ukuthwalwa, ngokuba zingenakuhamba. Musani ukuzoyika; kuba azinakwenza bubi; kwanokulungisa azinako."
5 Seus deuses são como espantalhos numa plantação de pepinos. Não são capazes de falar e precisam ser carregados, pois não conseguem andar. Não tenham medo desses deuses, pois não podem lhes fazer nem mal, nem bem”.
6 Akukho namnye unjengawe, Yehova; umkhulu wena, likhulu igama lakho, linobugorha."
6 S enhor , não há ninguém semelhante a ti! Tu és grande, e teu nome é poderoso.
7 Ngubani na ongeze akoyike, Kumkani weentlanga? Ngokuba kukufanele; kuba phakathi kwezilumko zonke zeentlanga, naphakathi kwezikumkani zonke, akukho namnye unjengawe."
7 Quem não te temeria, ó Rei das nações? Esse título pertence a ti somente! Entre todos os sábios da terra e em todos os reinos do mundo, não há ninguém semelhante a ti.
8 Zizityhakala, ziinyabi zodwa; uqeqesho lwento engento, ngumthi."
8 Os que adoram ídolos são tolos e insensatos; adoram objetos feitos de madeira.
9 Yisilivere ekhandiweyo, iziswa ivela eTarshishe, negolide yaseUfazi, isenzo sengcibi nesezandla zomnyibilikisi wegolide; yimisonto emsi nemfusa izambatho zazo; zonke ziphela zisisenzo sezilumko."
9 Trazem placas de prata batida de Társis e ouro de Ufaz e entregam a artesãos habilidosos, que fazem seus ídolos. Vestem-nos com mantos azuis e roxos, feitos por hábeis alfaiates.
10 Ke yena uYehova nguThixo, inyaniso, nguThixo ophilileyo, ngukumkani ongunaphakade; ihlabathi liyanyikima buburhalarhume bakhe, neentlanga azinakuluthwala ubhavumo lwakhe."
10 Mas o S enhor é o único Deus verdadeiro; ele é o Deus vivo e o Rei eterno! A terra treme com sua ira; as nações não podem suportar sua fúria.
11 Notsho kubo ukuthi, Bona oothixo abangalenzanga izulu nehlabathi, baya kudaka ehlabathini, naphantsi kwezulu."
11 Diga isto àqueles que adoram outros deuses: “Esses deuses, que não fizeram os céus nem a terra, desaparecerão da terra e de debaixo dos céus”.
12 Ke yena ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe; ulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe; waneka izulu ngengqondo yakhe;"
12 O S enhor , porém, fez a terra com seu poder e a estabeleceu com sua sabedoria. Com seu entendimento, estendeu os céus.
13 kwakubon’ ukuba kukho isithonga sokwenza kwakhe, ingxolo yamanzi ezulwini, unyusa amafu esiphelweni sehlabathi; imvula uyenzela imibane, arhole umoya koovimba bakhe."
13 Quando fala no meio do trovão, as chuvas rugem nos céus. Eleva as nuvens acima da terra, envia relâmpagos com a chuva e ordena que o vento saia de seus depósitos.
14 Uba sisityhakala wonke umntu, engenakwazi; udaniswa wonke umnyibilikisi wegolide ngumfanekiso oqingqiweyo, ngokuba umfanekiso wakhe otyhidiweyo bubuxoki, awunamoya."
14 Todo ser humano é tolo e não tem conhecimento! Os artesãos são envergonhados pelos ídolos que fazem, pois as imagens que esculpiram são uma fraude; não têm fôlego nem poder.
15 Zingamampunge ezo zinto, zizenzo zokugxekwa; ngexesha lokuvelelwa kwazo ziyadaka."
15 Os ídolos são inúteis, são mentiras ridículas; no dia do acerto de contas, serão todos destruídos.
16 Akanjengazo yena uSahlulelo sikaYakobi, ngokuba ngumbumbi weento zonke yena; uSirayeli sisizwe selifa lakhe; nguYehova wemikhosi, igama lakhe."
16 Mas o Deus de Israel não é como esses ídolos; ele é o Criador de todas as coisas, incluindo Israel, a nação que lhe pertence. Seu nome é S
17 Hlanganisa impahla yakho, umke nayo kweli lizwe, wena uhleliyo ekungqingweni."
17 Reúnam seus pertences e preparem-se para partir; o cerco está para começar.
18 Ngokuba uYehova utshilo ukuthi, Yabona, ngesi sihlandlo, ndisawula abemi belizwe, ndibabandezele, ukuze bafunyanwe."
18 Pois assim diz o S enhor : “Lançarei fora repentinamente todos vocês que vivem nesta terra. Derramarei sobre vocês grandes aflições; finalmente sentirão minha ira”.
19 Athi ke mna, ngenxa yokwaphuka kwam! Lelokubulala inxeba lam; ke mna ndithi, Inyaniso, sisifo sam esi, ndiya kusinyamezela."
19 Minha ferida é grave, e minha dor é grande. Minha doença não tem cura, mas devo suportá-la.
20 Intente yam ibhuqiwe, neentambo zam zonke ziqhawukile; oonyana bam baphumile kum, ababa sabakho; akusekho uyitwabululayo intente yam, amise amalengalenga am."
20 Destruíram minha casa, e não resta ninguém que me ajude a reconstruí-la. Levaram meus filhos; nunca mais os verei.
21 Ngokuba abalusi baba zizityhakala, abamquqela uYehova; ngenxa yoko abenzanga ngangqiqo, wachithwachitwa wonke umhlambi wabo."
21 Os pastores do meu povo perderam a razão; não buscam mais o S Por isso fracassaram, e seus rebanhos estão espalhados.
22 Phulaphulani! Kuvakala into; nantso isiza! Yingxolo enkulu, iphuma ezweni asentla, ukuze imizi yakwaYuda ibe ngamanxuwa, ibe sisikhundla seempungutye."
22 Ouçam o ruído assustador dos grandes exércitos que avançam do norte! As cidades de Judá serão destruídas e se tornarão morada de chacais.
23 Ndiyazi, Yehova, ukuba ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo."
23 Eu sei, ó S enhor , que nossa vida não nos pertence; não somos capazes de planejar o próprio caminho.
24 Ndithethise, Yehova, kodwa kube ngokwesiko, kungabi ngomsindo wakho, hleze undinciphise."
24 Por isso, S enhor , corrige-me, mas não sejas severo demais; não uses tua ira, pois se o fizesses eu morreria.
25 Phalaza ubushushu bakho phezu kweentlanga ezingakwaziyo, naphezu kwemizalwane engalinquliyo igama lakho; ngokuba zimdlile uYakobi, zimdlile zamgqiba, ikriwa lakhe zalenza laba senkangala."
25 Derrama tua fúria sobre as nações que não te conhecem, sobre os povos que não invocam teu nome. Pois devoraram teu povo, Israel; sim, o devoraram e o consumiram, transformando a terra num lugar desolado.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Jeremias 10, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.