João 9

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NAA

Sair da comparação
NAA Nova Almeida Atualizada 2017
1 Uthe ke edlula, wabona umntu obe eyimfama kwasekuzalweni kwakhe."
1 Enquanto Jesus caminhava, viu um homem cego de nascença.
2 Bambuza ke abafundi bakhe, besithi, Rabhi, ngubani na owonayo, ngulo, ngabazali bakhe, sini na, ukuze azalwe eyimfama nje?"
2 E os seus discípulos perguntaram: — Mestre, quem pecou para que este homem nascesse cego? Ele ou os pais dele?
3 Waphendula uYesu wathi, Akone lo, akone bazali bakhe; uzelwe eyimfama ukuze ibonakalaliselwe kuye imisebenzi kaThixo."
3 Jesus respondeu:
4 Ndimelwe kukuyisebenza imisebenzi yowandithumayo, kusesemini; kuza ubusuku, xa kungekho namnye unako ukusebenza."
4 É necessário que façamos as obras daquele que me enviou enquanto é dia; a noite vem, quando ninguém pode trabalhar.
5 Xa ndisesehlabathini, ndilukhanyiselo lwehlabathi."
5 Enquanto estou no mundo, sou a luz do mundo.
6 Akuba etshilo, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamathe, wawaqaba amehlo emfama ngodaka olo."
6 Depois de dizer isso, Jesus cuspiu na terra, fez lama com a saliva e com a lama untou os olhos do cego.
7 Wathi kuyo, Yiya kuhlamba echibini leSilowa (oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thunyiwe). Yemka ngoko, yaya yahlamba, yeza ibona."
7 Então disse ao cego: Siloé quer dizer “Enviado”. O cego foi, lavou-se e voltou vendo.
8 Baye ngoko abamelwane, nababembona ngaphambili ukuba uyimfama, besithi, Lo asinguye na obehleli engqiba?"
8 Então os vizinhos e os que antes o conheciam de vista, como mendigo, perguntavam: — Não é este o que ficava sentado pedindo esmolas?
9 Abanye babesithi, Nguye lo; bambi ke bathi, ufana naye; yena ke wayesithi, Ndinguye."
9 Uns diziam: — É ele. Outros: — Não, mas se parece com ele. O homem dizia: — Sou eu.
10 Babesithi ngoko kuye, Atheni na ukuvuleka amehlo akho?"
10 Então lhe perguntaram: — Como foram abertos os seus olhos?
11 Waphendula yena wathi, Umntu ekuthiwa nguYesu wenze udaka, waqaba amehlo am, wathi kum, Yiya echibini leSilowa, uhlambe; ndiyile ke ndahlamba, ndabuya ndibona."
11 Ele respondeu: — O homem chamado Jesus fez lama, passou nos meus olhos e disse: “Vá ao tanque de Siloé e lave-se.” Então fui, lavei-me e estou vendo.
12 Bathi ngoko kuye, Uphi na yena? Athi, Andazi."
12 Eles perguntaram: — Onde está ele? Respondeu: — Não sei.
13 Bamzisa kubaFarisi lowo ubefudula eyimfama."
13 Levaram aos fariseus aquele que antes era cego.
14 Ke kaloku yaye iyisabatha, oko uYesu wenza udaka, wawavula amehlo akhe."
14 E era sábado o dia em que Jesus fez a lama e lhe abriu os olhos.
15 Babuya ngoko ke bambuza nabaFarisi, ukuba utheni na ukuba abuye abone. Wathi ke yena kubo, Ubeke udaka emehlweni am, ndaza ndahlamba; ndiyabona ke."
15 Então os fariseus lhe perguntaram outra vez como podia ver. Ele respondeu: — Ele pôs lama sobre os meus olhos, lavei-me e estou vendo.
16 Babesithi ngoko abathile bakubaFarisi, Lo mntu asingowakwaThixo, ngokuba isabatha akayigcini. Babesithi abanye, Angathini na umntu ongumoni ukwenza imiqondiso engakanana? Bathi qheke kubini."
16 Por isso, alguns dos fariseus diziam: — Esse homem não é de Deus, porque não guarda o sábado. Mas outros diziam: — Como pode um homem pecador fazer sinais como estes? E houve divisão entre eles.
17 Babuya bathi kwimfama, Uthini na wena ngaye, ewavulile nje amehlo akho? Uthe ke yena, Ungumprofeti."
17 De novo perguntaram ao cego: — O que você diz a respeito dele, uma vez que lhe abriu os olhos? Ele respondeu: — É um profeta.
18 Akakholwa ngoko amaYuda ngaye, ukuba ebeyimfama, wabuye wabona, ada abiza abazali balowo ubuye wabona."
18 Os judeus não acreditaram que ele tinha sido cego e que agora podia ver, enquanto não chamaram os pais dele
19 Aza ababuza esithi, Lo ngunyana wenu na, enithi nina wazalwa eyimfama? Phofu ubona ngani na ngoku?"
19 e lhes perguntaram: — É este o filho de vocês, que vocês dizem que nasceu cego? Como é que agora ele está vendo?
20 Abazali bakhe bawaphendula bathi, Siyazi ukuba lo ngunyana wethu, kwanokuba ke wazalwa eyimfama;"
20 Então os pais responderam: — Sabemos que este é o nosso filho e que nasceu cego,
21 le nto ke abonayo ngoku asazi, novule amehlo akhe, asimazi thina; uselemkhulu yena, buzani kuye, wozithethela."
21 mas não sabemos como agora está vendo. E também não sabemos quem lhe abriu os olhos. Perguntem a ele, pois já tem idade e poderá falar por si mesmo.
22 Batsho abazali bakhe, ngokuba babesoyika amaYuda; kuba amaYuda abeselenqophisene ngokuthi, Ukuba uthe umntu wamvuma ukuba nguKristu, aze akhutshwe esikhungwini."
22 Os pais dele disseram isso porque estavam com medo dos judeus, pois estes já tinham combinado que, se alguém confessasse que Jesus era o Cristo, seria expulso da sinagoga.
23 Kungenxa yoko abazali bakhe bathi, Uselemkhulu, buzani kuye."
23 Foi por isso que os pais dele disseram: “Ele já tem idade e poderá falar por si mesmo.”
24 Ambiza ngoko okwesibini umntu obeyimfama, athi kuye, Zukisa uThixo; siyazi thina ukuba lo mntu ungumoni."
24 Então chamaram, pela segunda vez, o homem que tinha sido cego e lhe disseram: — Diga a verdade diante de Deus; nós sabemos que esse homem é pecador.
25 Uphendule ngoko yena, wathi, Ukuba ungumoni, andazi; ndazi nto-nye, eyokuba ndibe ndiyimfama nje, ngoku ndiyabona."
25 Ele respondeu: — Se é pecador, não sei. Uma coisa sei: eu era cego e agora vejo.
26 Abuye ke athi kuye, Wenze ntoni na kuwe? utheni na ukuwavula amehlo akho?"
26 Perguntaram-lhe outra vez: — O que ele fez a você? Como lhe abriu os olhos?
27 Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Nani ningaba nithanda ukuba ngabafundi bakhe na?"
27 Ele respondeu: — Já lhes disse, mas vocês não ouviram. Por que querem ouvir outra vez? Por acaso vocês também querem se tornar discípulos dele?
28 Amtshabhisa ngoko athi, Nguwe umfundi wakhe; ke thina singabafundi bakaMoses."
28 Então o insultaram e lhe disseram: — Discípulo dele é você! Nós somos discípulos de Moisés.
29 Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses; lo yena asimazi apho avela khona."
29 Sabemos que Deus falou a Moisés, mas este nem sabemos de onde é.
30 Waphendula umntu lowo, wathi kuwo, Nasi apha isimanga, ukuthi nina ningazi apho avela khona; ukanti uwavulile amehlo am."
30 O homem respondeu: — É estranho que vocês não saibam de onde ele é, mas ele me abriu os olhos.
31 Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kodwa ukuba umntu uthi amhlonele uThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo."
31 Sabemos que Deus não atende a pecadores. Pelo contrário, se alguém teme a Deus e pratica a sua vontade, a este atende.
32 Kwasephakadeni akuzanga kuviwe ukuba umntu wakha wavula amehlo ozelwe eyimfama."
32 Desde que o mundo existe, jamais se ouviu que alguém tenha aberto os olhos a um cego de nascença.
33 Ukuba lo ebengenguye owakwaThixo, ebengenakwenza nto."
33 Se este homem não fosse de Deus, não poderia ter feito nada.
34 Aphendula athi kuye, Wena wazalelwa ezonweni kanye; ufundisa thina na wena? Amkhuphela ngaphandle."
34 Mas eles disseram: — Você nasceu cheio de pecado e quer nos ensinar? E o expulsaram.
35 Weva uYesu ukuba amkhuphele ngaphandle. Uthe akumfumana wathi kuye, Wena uyakholwa na kuNyana kaThixo?"
35 Jesus ouviu que eles tinham expulsado o homem. Ao encontrá-lo, perguntou:
36 Uphendule yena wathi, Ongubani na, Nkosi, ukuze ndikholwe kuye?"
36 Ele respondeu: — Quem é, Senhor, para que eu creia nele?
37 Uthe ke uYesu kuye, Umbonile; nguye lo uthetha nawe."
37 E Jesus lhe disse:
38 Wathi ke yena, Ndiyakholwa, Nkosi. Waza waqubuda kuye."
38 Então ele afirmou: — Eu creio, Senhor! E o adorou.
39 Wathi uYesu, Mna ndizele ugwebo kweli hlabathi, ukuze abangaboniyo babone, bathi ababonayo babe ziimfama."
39 Jesus continuou: —
40 Baziva ezo nto abakubaFarisi ababenaye, bathi kuye, Singaba siziimfama nathi na?"
40 Alguns dos fariseus que estavam perto dele perguntaram-lhe: — Por acaso também nós somos cegos?
41 Uthe ke kubo uYesu, Ukuba beniziimfama, ngeningenasono; kungoku nithi, Siyabona; ke ngoko isono senu sihleli."
41 Jesus respondeu:

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar João 9, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.