João 7
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARC
1 Emveni kwezi zinto, wayehamba uYesu kwelaseGalili; kuba ebengathandi ukuhamba kwelakwaYuda; ngokuba amaYuda ebefuna ukumbulala."
1 E, depois disso, Jesus andava pela Galileia e já não queria andar pela Judeia, pois os judeus procuravam matá-lo.
2 Ke kaloku, wawukufuphi umthendeleko wamaYuda weminquba."
2 E estava próxima a festa dos judeus chamada de Festa dos Tabernáculos.
3 Bathi ngoko kuye abazalwana bakhe, Gqitha apha, uye kwelakwaYuda, ukuze nabafundi bakho bayibone imisebenzi yakho oyenzayo."
3 Disseram-lhe, pois, seus irmãos: Sai daqui e vai para a Judeia, para que também os teus discípulos vejam as obras que fazes.
4 Kuba akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhleni. Ukuba uyazenza ezi zinto, zibonakalise ngokwakho kwihlabathi."
4 Porque não há ninguém que procure ser conhecido que faça coisa alguma em oculto. Se fazes essas coisas, manifesta-te ao mundo.
5 Kuba nabazalwana bakhe bebengakholwa kuye."
5 Porque nem mesmo seus irmãos criam nele.
6 Wathi ngoko uYesu kubo, Ixesha lam alikabikho, ke elenu ixesha lihlala lilungile."
6 Disse-lhes, pois, Jesus: Ainda não é chegado o meu tempo, mas o vosso tempo sempre está pronto.
7 Ihlabathi alinakunithiya nina; mna ke liyandithiya, ngokuba mna ndingqina ngalo, ukuba imisebenzi yalo ayindawo."
7 O mundo não vos pode odiar, mas ele me odeia a mim, porquanto dele testifico que as suas obras são más.
8 Nyukani nina, niye kulo mthendeleko; mna andikanyuki, ndiye kulo mthendeleko; ngokuba ixesha lam alikazaliseki."
8 Subi vós a esta festa; eu não subo ainda a esta festa, porque ainda o meu tempo não está cumprido.
9 Akuba ke ezithethile ezi zinto kubo, wahlala kwelaseGalili."
9 E, havendo-lhes dito isso, ficou na Galileia.
10 Ke, bakuba benyukile abazalwana bakhe, wenyuka naye, waya emthendelekweni, kungekhona ekuhleni, kubusithela."
10 Mas, quando seus irmãos já tinham subido à festa, então, subiu ele também não manifestamente, mas como em oculto.
11 Ayemfuna ngoko amaYuda emthendelekweni, esithi, Uphi na yena?"
11 Ora, os judeus procuravam-no na festa e diziam: Onde está ele?
12 Kwaye kukho ukukrokra okukhulu ngaye ebantwini; inxenye ibisithi, Ulungile; abanye ke besithi, Hayi, yena ulahlekisa uluntu olu."
12 E havia grande murmuração entre a multidão a respeito dele. Diziam alguns: Ele é bom. E outros diziam: Não; antes, engana o povo.
13 Noko ke bekungekho namnye ubethetha ngaye ngokusekuhleni, ngenxa yokoyika amaYuda."
13 Todavia, ninguém falava dele abertamente, por medo dos judeus.
14 Ke kaloku, kwakubon’ ukuba sekuphakathi komthendeleko, wenyuka uYesu waya etempileni, wafundisa."
14 Mas, no meio da festa, subiu Jesus ao templo e ensinava.
15 Ayemangaliswa amaYuda, esithi, Lo uyazi ngani na imfundo, engafundanga nje?"
15 E os judeus maravilhavam-se, dizendo: Como sabe este letras, não as tendo aprendido?
16 Waphendula uYesu, wathi, Eyam imfundiso asiyam, yeyalowo wandithumayo."
16 Jesus respondeu e disse-lhes: A minha doutrina não é minha, mas daquele que me enviou.
17 Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwakhe, woyazi imfundiso le: ukuba iphuma kuThixo, nokuba mna ndithetha okukokwam, kusini na."
17 Se alguém quiser fazer a vontade dele, pela mesma doutrina, conhecerá se ela é de Deus ou
18 Lowo uthetha okwakhe, ufuna olulolwakhe uzuko; ke lowo ufuna uzuko lowamthumayo, uyinene yena, akukho kungalungisi kuye."
18 Quem fala de si mesmo busca a sua própria glória, mas o que busca a glória daquele que o enviou, esse é verdadeiro, e não há nele injustiça.
19 Umthetho aniwunikelwanga na nguMoses? Kanti ke akukho namnye kuni uwugcinayo umthetho; yini na ukuba nifune ukundibulala?"
19 Não vos deu Moisés a lei? E nenhum de vós observa a lei. Por que procurais matar-me?
20 Saphendula isihlwele sathi, Unedemon; ngubani na ofuna ukukubulala?"
20 A multidão respondeu e disse: Tens demônio; quem procura matar-te?
21 Wapendula uYesu wathi kubo. Ndenze umsebenzi wamnye, namangaliswa ke nonke."
21 Respondeu Jesus e disse-lhes: Fiz uma obra, e todos vos maravilhais.
22 UMoses uninike ulwaluko ngenxa yoku, kungengenxa yokuba luphume kuMoses, kungenxa yokuba luphume kooyihlo. Niyamalusa ke umntu nangesabatha."
22 Pelo motivo de que Moisés vos deu a circuncisão (não que fosse de Moisés, mas dos pais), no sábado circuncidais um homem.
23 Ukuba umntu uyaluswa ngesabatha, ukuze ungaphulwa umthetho kaMoses, nindijalele na ngokuba ndiphilise umntu, waphila kwaphela, ngesabatha?"
23 Se o homem recebe a circuncisão no sábado, para que a lei de Moisés não seja quebrantada, indignais-vos contra mim, porque, no sábado, curei de todo um homem?
24 Musani ukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngomgwebo olungisayo."
24 Não julgueis segundo a aparência, mas julgai segundo a reta justiça.
25 Babesithi ngoko abathile kwabaseYerusalem, Asinguye na lo bafuna ukumbulala?"
25 Então, alguns dos de Jerusalém diziam: Não é este o que procuram matar?
26 Niyabona, uthetha ngokuphandle, abathethi nto kuye; bangaba kanti na ke bayazi okwenyaniso abaphathi, ukuba lo nguye uKristu okwenyaniso?"
26 E ei-lo aí está falando abertamente, e nada lhe dizem. Porventura, sabem, verdadeiramente, os príncipes, que este é o Cristo?
27 Thina siyamazi lo apho avela khona; xa sukuba ke uKristu esiza, akukho namnye uya kumazi apho avela khona."
27 Todavia, bem sabemos de onde este é; mas, quando vier o Cristo, ninguém saberá de onde ele é.
28 Wadanduluka ke ngoko uYesu, efundisa etempileni, wathi, Nina niyandazi, nikwazi nalapho ndivela khona; andizanga ngokwam; uyinyaniso owandithumayo, eningamaziyo nina."
28 Clamava, pois, Jesus no templo, ensinando e dizendo: Vós me conheceis e sabeis de onde sou; e eu não vim de mim mesmo, mas aquele que me enviou é verdadeiro, o qual vós não conheceis.
29 Mna ke ndiyamazi; ngokuba ndivela kuye, waye yena endithumile."
29 Mas eu conheço-o, porque dele sou, e ele me enviou.
30 Babefuna ngoko ukumbamba; kodwa akubangakho namnye umsa isandla, ngokuba ilixa lakhe belingekafiki."
30 Procuravam, pois, prendê-lo, mas ninguém lançou mão dele, porque ainda não era chegada a sua hora.
31 Ke kaloku, into eninzi esihlweleni yakholwa kuye; yayisithi, UKristu, xa athe wafika, angaba uya kwenza imiqondiso emininzi na kunale ayenzileyo lo?"
31 E muitos da multidão creram nele e diziam: Quando o Cristo vier, fará ainda mais sinais do que os que este tem feito?
32 AbaFarisi beva abantu bezikrokrela ezi zinto ngaye; baza abaFarisi nababingeleli abakhulu bathuma amadindala, ukuba ambambe."
32 Os fariseus ouviram que a multidão murmurava dele essas coisas; e os fariseus e os principais dos sacerdotes mandaram servidores para o prenderem.
33 Wathi ngoko uYesu kuwo, Liselixesha elifutshane endinani, ndize ndiye kowandithumayo."
33 Disse-lhes, pois, Jesus: Ainda um pouco de tempo estou convosco e, depois, vou para aquele que me enviou.
34 Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina."
34 Vós me buscareis e não
35 Athi ngoko amaYuda phakathi kwawo, Uza kuya phi na lo, le nto singayi kumfumana thina? Angaba uza kuya kwiintsali ezikumaGrike, afundise amaGrike, yini na?"
35 Disseram, pois, os judeus uns para os outros: Para onde irá este, que o não acharemos? Irá, porventura, para os dispersos entre os gregos e ensinará os gregos?
36 Liyintoni na eli lizwi alithethileyo, lithi, Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina?"
36 Que palavra é esta que disse: Buscar-me-eis e não me achareis; e: Aonde eu estou, vós não podeis ir?
37 Ke kaloku, ngomhla wokugqibela, ongowona mkhulu womthendeleko, wema uYesu, wadanduluka esithi, Ukuba kukho othi anxanwe, makeze kum asele."
37 E, no último dia, o grande dia da festa, Jesus pôs-se em pé e clamou, dizendo: Se alguém tem sede, que venha a mim e beba.
38 Lowo ukholwayo kum, njengoko satshoyo isibhalo, kuya kumpompoza imilambo yamanzi aphilileyo, iphuma embilinini wakhe."
38 Quem crê em mim, como diz a Escritura, rios de água viva correrão do seu ventre.
39 Oku wakutsho ke ngaye uMoya, ababeza kumamkeliswa abo bakholwayo kuye; kuba ebengekamkelwa uMoya oyiNgcwele; ngokuba uYesu ebengekazukiswa."
39 E isso disse ele do Espírito, que haviam de receber os que nele cressem; porque o Espírito Santo ainda não fora dado, por ainda Jesus não ter sido glorificado.
40 Yaye ngoko into eninzi esihlweleni, yakuliva ilizwi elo, isithi, Lo nguye umprofeti, inyaniso. Babesithi abanye, Lo nguye uKristu."
40 Então, muitos da multidão, ouvindo essa palavra, diziam: Verdadeiramente, este é o Profeta.
41 Babesithi abanye, uKristu angavela kwelaseGalili yini na?"
41 Outros diziam: Este é o Cristo; mas diziam outros: Vem, pois, o Cristo da Galileia?
42 Asitshongo na isibhalo ukuthi, uKristu uphuma embewini kaDavide, naseBhetelehem, umzana abekuwo uDavide?"
42 Não diz a Escritura que o Cristo vem da descendência de Davi e de Belém, da aldeia de onde era Davi?
43 Ke ngoko sathi qheke kubini isihlwele ngenxa yakhe."
43 Assim, entre o povo havia dissensão por causa dele.
44 Inxenye ke kubo yayithanda ukumbamba, kodwa akubangakho namnye umsa izandla."
44 E alguns deles queriam prendê-lo, mas ninguém lançou mão dele.
45 Afika ngoko amadindala kubabingeleli abakhulu nakubaFarisi; baza bona bathi kuwo, Kungani na ukuba ningezi naye?"
45 E os servidores foram ter com os principais dos sacerdotes e fariseus; e eles lhes perguntaram: Por que o não trouxestes?
46 Aphendula amadindala athi, Akuzanga kuthethe mntu njengoko athetha ngako lo mntu."
46 Responderam os servidores: Nunca homem algum falou assim como este homem.
47 Bawaphendula ngoko abaFarisi, bathi, Ningaba nilahlekisiwe nani na?"
47 Responderam-lhes, pois, os fariseus: Também vós fostes enganados?
48 Kubaphathi nakubaFarisi kungaba kukho mntu ukholiweyo kuye yini na?"
48 Creu nele, porventura, algum dos principais ou dos fariseus?
49 Olu luntu lungawaziyo umthetho luqalekisiwe."
49 Mas esta multidão, que não sabe a lei, é maldita.
50 Uthe uNikodemo kubo (lowo wezayo kuye ebusuku, engomnye kwabo),"
50 Nicodemos, que era um deles (o que de noite fora ter com Jesus ), disse-lhes:
51 Umthetho wethu uyamgweba yini na umntu, ukuba awuthanga uve kuye kuqala, uqonde into ayenzayo?"
51 Porventura, condena a nossa lei um homem sem primeiro o ouvir e ter conhecimento do que faz?
52 Baphendula bathi kuye, Ungaba ungowelaseGalili nawe na? Phengulula ubone, ukuba akuveli mprofeti kwelaseGalili."
52 Responderam eles e disseram-lhe: És tu também da Galileia? Examina e verás que da Galileia nenhum profeta surgiu.
53 Walowo ke waya kweyakhe indlu."
53 E cada um foi para sua casa.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar João 7, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.