João 16

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ACF

Sair da comparação
ACF Almeida Corrigida Fiel
1 Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze ningakhutyekiswa."
1 Tenho-vos dito estas coisas para que vos não escandalizeis.
2 Baya kunigxotha esikhungwini; ewe, kuza ilixa lokuba bonke abanibulalayo, babe bona bakhonza uThixo."
2 Expulsar-vos-ão das sinagogas; vem mesmo a hora em que qualquer que vos matar cuidará fazer um serviço a Deus.
3 Ezo zinto baya kuzenza kuni, ngokuba bengamazanga uBawo kwanam."
3 E isto vos farão, porque não conheceram ao Pai nem a mim.
4 Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze, xa lithe lafika ilixa, nizikhumbule ukuba mna ndandinixelele. Ezi zinto ke andinixelelanga kwasekuqaleni, ngokuba bendinani."
4 Mas tenho-vos dito isto, a fim de que, quando chegar aquela hora, vos lembreis de que já vo-lo tinha dito. E eu não vos disse isto desde o princípio, porque estava convosco.
5 Ngoku ke ndiyemka, ndiya kowandithumayo; akukho namnye kuni undibuzayo, athi, Uya phi na?"
5 E agora vou para aquele que me enviou; e nenhum de vós me pergunta: Para onde vais?
6 Ngokuba ke ezi zinto ndizithethile kuni, iintlungu ziyizalisile intliziyo yenu."
6 Antes, porque isto vos tenho dito, o vosso coração se encheu de tristeza.
7 Noko ke mna ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke; kuba, ndingemkanga, uMthetheleli akayi kuza kuni; ke, ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni."
7 Todavia digo-vos a verdade, que vos convém que eu vá; porque, se eu não for, o Consolador não virá a vós; mas, quando eu for, vo-lo enviarei.
8 Efikile ke, uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo;"
8 E, quando ele vier, convencerá o mundo do pecado, e da justiça e do juízo.
9 ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum;"
9 Do pecado, porque não crêem em mim;
10 ngenxa yobulungisa, ngokokuba ndisiya kuBawo, ize ningabi sandibona;"
10 Da justiça, porque vou para meu Pai, e não me vereis mais;
11 ngenxa yomgwebo, ngokokuba umphathi weli hlabathi egwetyiwe."
11 E do juízo, porque já o príncipe deste mundo está julgado.
12 Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni, kodwa aninako ukuzithwala ngoku."
12 Ainda tenho muito que vos dizer, mas vós não o podeis suportar agora.
13 Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayi kuthetha okuphuma kuye, uya kuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo."
13 Mas, quando vier aquele Espírito de verdade, ele vos guiará em toda a verdade; porque não falará de si mesmo, mas dirá tudo o que tiver ouvido, e vos anunciará o que há de vir.
14 Yena uya kundizukisa; ngokuba eya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke."
14 Ele me glorificará, porque há de receber do que é meu, e vo-lo há de anunciar.
15 Zonke ezo zinto anazo uBawo zezam; ngenxa yoko ndathi, uya kwamkela kokukokwam, aze anibikele."
15 Tudo quanto o Pai tem é meu; por isso vos disse que há de receber do que é meu e vo-lo há de anunciar.
16 Selilixesha elifutshane, ize ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone, ngokuba mna ndiya kuBawo."
16 Um pouco, e não me vereis; e outra vez um pouco, e ver-me-eis; porquanto vou para o Pai.
17 Ithe ngoko inxenye yakubafundi bakhe phakathi kwayo, Yintoni na le ayithethayo kuthi, athi, Liselilixesha elifutshane, nibuye ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nize nindibone; nokuthi, Mna ndiya kuBawo?"
17 Então alguns dos seus discípulos disseram uns aos outros: Que é isto que nos diz? Um pouco, e não me vereis; e outra vez um pouco, e ver-me-eis; e: Porquanto vou para o Pai?
18 Babesithi ngoko, Yintoni na le ayithethayo, athi, Lixesha elifutshane? Asiyazi into ayithethayo."
18 Diziam, pois: Que quer dizer isto: Um pouco? Não sabemos o que diz.
19 Wazi ngoko uYesu ukuba babethanda ukumbuza, wathi kubo, Nibuzana ngale nto na, yokuba ndithe, Selilixesha elifutshane, nize ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone?"
19 Conheceu, pois, Jesus que o queriam interrogar, e disse-lhes: Indagais entre vós acerca disto que disse: Um pouco, e não me vereis, e outra vez um pouco, e ver-me-eis?
20 Inene, inene, ndithi kuni, niya kulila nihlahlambe, ke lona ihla bathi liya kuvuya; niya kuxhalaba nina, ke ukuxhalaba kwenu kuya kuba luvuyo."
20 Na verdade, na verdade vos digo que vós chorareis e vos lamentareis, e o mundo se alegrará, e vós estareis tristes, mas a vossa tristeza se converterá em alegria.
21 Umfazi xa aza kuzala, uyaxhalaba, ngokuba ilixa lakhe lifikile; xa athe ke wazala umntwana, akabi sayikhumbula loo mbandezelo, ngenxa yovuyo lokuba kuzelwe umntu ehlabathini."
21 A mulher, quando está para dar à luz, sente tristeza, porque é chegada a sua hora; mas, depois de ter dado à luz a criança, já não se lembra da aflição, pelo prazer de haver nascido um homem no mundo.
22 Nani ke ngoko nixhalabile ngokunje; kodwa ndobuya ndinibone; yaye iya kuvuya intliziyo yenu, novuyo lwenu akukho namnye uya kuluhlutha kuni."
22 Assim também vós agora, na verdade, tendes tristeza; mas outra vez vos verei, e o vosso coração se alegrará, e a vossa alegria ninguém vo-la tirará.
23 Nangaloo mini aniyi kundibuza nto. Inene, inene, ndithi kuni, Zonke izinto enithe nazicela kuBawo egameni lam, woninika."
23 E naquele dia nada me perguntareis. Na verdade, na verdade vos digo que tudo quanto pedirdes a meu Pai, em meu nome, ele vo-lo há de dar.
24 Kude kwaba ngokunje, anikaceli nto egameni lam; celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliseke."
24 Até agora nada pedistes em meu nome; pedi, e recebereis, para que o vosso gozo se cumpra.
25 Ezi zinto ndizithethile kuni ngokuntsonkotha; kuza ilixa endingasayi kuba sathetha kuni ngokuntsonkotha; ndiya kunibikela ngokusekuhleni ngaye uBawo."
25 Disse-vos isto por parábolas; chega, porém, a hora em que não vos falarei mais por parábolas, mas abertamente vos falarei acerca do Pai.
26 Ngaloo mini niya kucela egameni lam; anditsho kuni ukuthi, ndiya kunicelela kuBawo;"
26 Naquele dia pedireis em meu nome, e não vos digo que eu rogarei por vós ao Pai;
27 kuba uBawo ngokwakhe uyanithanda; ngokuba nina nindithandile, nakholwa ukuba mna ndaphuma kuThixo."
27 Pois o mesmo Pai vos ama, visto como vós me amastes, e crestes que saí de Deus.
28 Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini; ndibuya ndilishiye ihlabathi, ndiye kuBawo."
28 Saí do Pai, e vim ao mundo; outra vez deixo o mundo, e vou para o Pai.
29 Bathi kuye abafundi bakhe, Uyabona, ngoku uthetha ngokusekuhleni, akuthethi nto ngakuntsonkotha."
29 Disseram-lhe os seus discípulos: Eis que agora falas abertamente, e não dizes parábola alguma.
30 Ngoku siyazi, ukuba uyazazi zonke izinto, akusafuneki kuwe ukuba ubani akubuze nto; ngaloo nto siyakholwa ukuba waphuma kuThixo."
30 Agora conhecemos que sabes tudo, e não precisas de que alguém te interrogue. Por isso cremos que saíste de Deus.
31 Wabaphendula uYesu wathi, Niyakholwa na ngoku?"
31 Respondeu-lhes Jesus: Credes agora?
32 Yabonani, kuza ilixa, nakaloku lifikile, lokuba nichithwe, elowo aye kowabo, nindishiye ndedwa; ukanti andindedwa, ngokuba uBawo unam."
32 Eis que chega a hora, e já se aproxima, em que vós sereis dispersos cada um para sua parte, e me deixareis só; mas não estou só, porque o Pai está comigo.
33 Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo; yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi."
33 Tenho-vos dito isto, para que em mim tenhais paz; no mundo tereis aflições, mas tende bom ânimo, eu venci o mundo.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar João 16, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.