João 14

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARC

Sair da comparação
ARC Almeida Revista e Corrigida 2009
1 Intliziyo yenu mayingakhathazeki; kholwani kuThixo, nikholwe nakum."
1 Não se turbe o vosso coração; credes em Deus, crede também em mim.
2 Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo;"
2 Na casa de meu Pai há muitas moradas; se não fosse assim, eu vo-lo teria dito, pois vou preparar-vos lugar.
3 ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani."
3 E, se eu for e vos preparar lugar, virei outra vez e vos levarei para mim mesmo, para que, onde eu estiver, estejais vós também.
4 Apho ke ndiya khona mna niyakwazi, nendlela niyayazi."
4 Mesmo vós sabeis para onde vou e conheceis o caminho.
5 Uthi uTomas kuye, Nkosi, asazi apho uya khona; singathini na ke ukuyazi indlela?"
5 Disse-lhe Tomé: Senhor, nós não sabemos para onde vais e como podemos saber o caminho?
6 Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam."
6 Disse-lhe Jesus: Eu sou o caminho, e a verdade, e a vida. Ninguém vem ao Pai senão por mim.
7 Ukuba benindazile mna, ninge nimazile noBawo; ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona."
7 Se vós me conhecêsseis a mim, também conheceríeis a meu Pai; e
8 Athi uFilipu kuye, Nkosi, sibonise uYihlo, kosanelisa."
8 Disse-lhe Filipe: Senhor, mostra-nos o Pai, o que nos basta.
9 Uthi uYesu kuye, Ndinaxesha lingakanana ndinani nje, akukandazi na, Filipu? Lowo undibonileyo mna umbonile uBawo; utsho ngani na ke wena ukuthi, Sibonise uYihlo?"
9 Disse-lhe Jesus: Estou há tanto tempo convosco, e não me tendes conhecido, Filipe? Quem me vê a mim vê o Pai; e como dizes tu: Mostra-nos o Pai?
10 Akukholwa na ukuba mna ndikuye uBawo, abe ke uBawo ekum? Amazwi endiwathethayo mna kuni, andiwathethi ephuma kum; uBawo ke ohleli kum, nguye oyenzayo imisebenzi le."
10 Não crês tu que eu não
11 Kholwani ndim, ukuba mna ndikuye uBawo, nokuba uBawo ukum; okanye ke, kholwani ndim ngenxa yayo imisebenzi leyo."
11 Crede-me que estou no Pai, e o Pai, em mim; crede-me, ao menos, por causa das mesmas obras.
12 Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna, uya kuyenza naye yena; nemikhulu kunale uya kuyenza, ngokuba mna ndisiya kuye uBawo."
12 Na verdade, na verdade vos digo que aquele que crê em mim também fará as obras que eu faço e
13 Nento enithe nayicela egameni lam, ndoyenza yona, ukuze uYise azukiswe ngoNyana."
13 E tudo quanto pedirdes em meu nome, eu o farei, para que o Pai seja glorificado no Filho.
14 Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna."
14 Se pedirdes alguma
15 Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam."
15 Se me amardes, guardareis os meus mandamentos.
16 Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade:"
16 E eu rogarei ao Pai, e ele vos dará outro Consolador, para que fique convosco para sempre,
17 uMoya wenyaniso, lowo lingenako ihlabathi ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi; ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni."
17 o Espírito da verdade, que o mundo não pode receber, porque não o vê, nem o conhece; mas vós o conheceis, porque habita convosco e estará em vós.
18 Andiyi kunishiya niziinkedama, ndiyeza kuni."
18 Não vos deixarei órfãos; voltarei para vós.
19 Liselilifutshane ixesha, ukuze ihlabathi lingabi sandibona; ke nina niyandibona; ngokuba ndisidla ubomi mna, nani niya kudla ubomi."
19 Ainda um pouco, e o mundo não me verá mais, mas vós me vereis; porque eu vivo, e vós vivereis.
20 Ngaloo mini niya kwazi nina ukuba ndikuye uBawo, nani nikum, nam ndikuni."
20 Naquele dia, conhecereis que
21 Lowo unayo imithetho yam ayigcine, nguye ondithandayo; lowo ke undithandayo, uya kuthandwa nguBawo; nam ndiya kumthanda, ndizibonakalalise kuye."
21 Aquele que tem os meus mandamentos e os guarda, este é o que me ama; e aquele que me ama será amado de meu Pai, e eu o amarei e me manifestarei a ele.
22 Athi kuye uYuda (ingenguye uSikariyoti), Nkosi, kutheni na, le nto uza kuzibonakalalisa kuthi, ungazibonakalalisi kulo ihlabathi?"
22 Disse-lhe Judas (não o Iscariotes): Senhor, de onde vem que te hás de manifestar a nós e não ao mundo?
23 Waphendula uYesu wathi kuye, Ukuba umntu uyandithanda, woligcina ilizwi lam; wothi uBawo amthande, size kuye, sihlale naye."
23 Jesus respondeu e disse-lhe: Se alguém me ama, guardará a minha palavra, e meu Pai o amará, e viremos para ele e faremos nele morada.
24 Lowo ungandithandiyo akawagcini amazwi am; ilizwi enilivayo asililo elam, lelikaBawo owandithumayo."
24 Quem não me ama não guarda as minhas palavras; ora, a palavra que ouvistes não é minha, mas do Pai que me enviou.
25 Ezi zinto ndizithethile kuni ndisahleli nani."
25 Tenho-vos dito isso, estando convosco.
26 Ke uMthetheleli, uMoya oyiNgcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze zonke izinto endizithethe kuni."
26 Mas aquele Consolador, o Espírito Santo, que o Pai enviará em meu nome, vos ensinará todas as coisas e vos fará lembrar de tudo quanto vos tenho dito.
27 Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam; andininiki njengokunika kwehlabathi. Mayingakhathazeki intliziyo yenu, mayingabi nabugwala."
27 Deixo-vos a paz, a minha paz vos dou; não vo-la dou como o mundo a dá. Não se turbe o vosso coração, nem se atemorize.
28 Nivile ukuba ndithe mna kuni, Ndiyemka, ndibuye ndize kuni. Ukuba benindithanda, ngenavuyayo kuba ndathi, Ndiya kuBawo; ngokuba uBawo mkhulu kunam."
28 Ouvistes o que eu vos disse: vou e venho para vós. Se me amásseis, certamente, exultaríeis por ter dito: vou para o Pai, porque o Pai é maior do que eu.
29 Ngoku ke ndinixelele kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe."
29 Eu vo-lo disse, agora, antes que aconteça, para que, quando acontecer, vós acrediteis.
30 Andisayi kuba sathetha zinto zininzi nani; kuba esiza umphathi weli hlabathi, engenanto nam."
30 Já não falarei muito convosco, porque se aproxima o príncipe deste mundo e nada tem em mim.
31 Ke, ukuze liqonde ihlabathi ukuba ndiyamthanda uBawo, ndenza njengoko uBawo andiwisele umthetho. Vukani, simke apha."
31 Mas é para que o mundo saiba que eu amo o Pai e que faço como o Pai me mandou. Levantai-vos, vamo-nos daqui.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar João 14, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.