João 12
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NAA
1 UYesu ngoko, kwiintsuku ezintandathu eziphambi kwayo ipasika, weza eBhetani, apho ebekhona uLazaro owayefile, awamvusayo kwabafileyo."
1 Seis dias antes da Páscoa, Jesus foi para Betânia, onde estava Lázaro, a quem ele tinha ressuscitado dentre os mortos.
2 Ngoko bamenzela isidlo khona, waye uMarta elungiselela; uLazaro ke ebengomnye wabo babehleli naye besidla."
2 Prepararam-lhe, ali, uma ceia. Marta servia, e Lázaro era um dos que estavam à mesa com Jesus.
3 Wathabatha ke uMariya iponti yamafutha aqholiweyo enadusi engangxengelelweyo, exabiso, likhulu; wathambisa iinyawo zikaYesu, wazisula iinyawo zakhe ngeenwele zakhe; yazala ke indlu livumba lamafutha lawo aqholiweyo."
3 Então Maria, pegando um frasco de perfume de nardo puro, muito precioso, ungiu os pés de Jesus e os enxugou com os seus cabelos. E toda a casa se encheu com o cheiro do perfume.
4 Uthi ngoko omnye umfundi wakhe, uYuda Sikariyoti, okaSimon, lowo ubeza kumngcatsha,"
4 Mas Judas Iscariotes, um dos seus discípulos, aquele que estava para trair Jesus, disse:
5 Bekungani na ukuba la mafutha aqholiweyo angathengiswa ngeedenariyo ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu?"
5 — Por que este perfume não foi vendido por trezentos denários e o valor não foi dado aos pobres?
6 Watsho ke, kungengakuba ebekhathalele mahlwempu; watsho kuba ebelisela, inaye ingxowa, ziphathwa nguye izinto ezifakwa kuyo."
6 Ele disse isso não porque se preocupava com os pobres, mas porque era ladrão e, tendo a bolsa do dinheiro, tirava o que era colocado nela.
7 Uthe ngoko uYesu, Myeke; uwalondolozele imini yokungcwatywa kwam."
7 Mas Jesus disse:
8 Kuba amahlwempu la nihleli ninawo; mna ke anihleli ninam."
8 Porque os pobres estão sempre com vocês, mas a mim vocês nem sempre terão.
9 Yathi ngoko indimbane enkulu yakumaYuda yakwazi ukuba ulapho; yeza kungengenxa kaYesu yedwa, yeza ukuze ibone noLazaro, lowo wamvusayo kwabafileyo."
9 Uma numerosa multidão dos judeus ficou sabendo que Jesus estava em Betânia. Eles foram até lá não só por causa dele, mas também para ver Lázaro, a quem ele tinha ressuscitado dentre os mortos.
10 Ke kaloku ababingeleli abakhulu babhunga ukuze bambulale noLazaro;"
10 Mas os principais sacerdotes resolveram matar também Lázaro,
11 ngokuba ngenxa yakhe abaninzi bamaYuda bemka, bakholwa kuye uYesu."
11 porque muitos dos judeus, por causa dele, voltavam crendo em Jesus.
12 Ngengomso indimbane enkulu, eyabe ize emthendelekweni, yakuva ukuba uYesu uyeza eYerusalem,"
12 No dia seguinte, a numerosa multidão que tinha vindo à festa, tendo ouvido que Jesus estava a caminho de Jerusalém,
13 yathabatha amasebe esundu, yaphuma, yaya kumhlangabeza; yadanduluka isithi, Hosana! makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi, uKumkani kaSirayeli!"
13 pegou ramos de palmeiras e saiu ao encontro dele, clamando: “Hosana! Bendito o que vem em nome do Senhor e que é Rei de Israel!”
14 UYesu, efumene ke iesilana, wahlala phezu kwalo, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,"
14 E Jesus, tendo conseguido um jumentinho, montou-o, segundo está escrito:
15 Musa ukoyika, ntombi Ziyon; nanko ukumkani wakho esiza, ehleli phezu kwethole le-esile."
15 “Não tema, filha de Sião, eis que o seu Rei está vindo, montado num filho de jumenta.”
16 Ezi zinto ke abaziqondanga abafundi bakhe ukuqala; bathi kodwa, akuba ezukisiwe uYesu, bandula ukukhumbula ukuba ezi zinto zaye zibhaliwe ngaye, nokuba bazenza ezi zinto kuye."
16 Seus discípulos a princípio não compreenderam isso. Mas, quando Jesus foi glorificado, então eles se lembraram de que essas coisas estavam escritas a respeito dele e também de que tinham feito isso com ele.
17 Yaye ingqina ngoko indimbane leyo, ibe inaye oko wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, wamvusa kwabafileyo."
17 A multidão que estava com Jesus quando ele chamou Lázaro do túmulo e o levantou dentre os mortos dava testemunho.
18 Ngenxa yoko indimbane yamhlangabeza; ngokuba yayivile ukuba uwenzile lo mqondiso."
18 Por causa disso, também, a multidão saiu ao encontro de Jesus, pois ouviu que ele tinha feito esse sinal.
19 Bathe ngoko abaFarisi phakathi kwabo, Niyabona na kodwa ukuba anincedi lutho? Yabonani, ulandelwa lilizwe lonke."
19 Então os fariseus disseram entre si: — Vocês podem ver que não estão conseguindo nada! Eis que o mundo vai atrás dele.
20 Ke kaloku, kwakukho amaGrike athile kwababenyukile, beze kunqula emthendelekweni."
20 Ora, entre os que foram para adorar durante a festa, havia alguns gregos.
21 Wona ngoko eza kuFilipu waseBhetesayida yelaseGalili, acela kuye, esithi, Nkosi, singa singabona uYesu."
21 Estes se dirigiram a Filipe, que era de Betsaida da Galileia, e lhe pediram: — Senhor, queremos ver Jesus.
22 Ufika uFilipu axelele uAndreya; bathi kanjalo ooAndreya noFilipu baxelele uYesu."
22 Filipe foi dizê-lo a André, e André e Filipe o comunicaram a Jesus.
23 Wabaphendula ke uYesu esithi, Lifikile ilixa lokuba uNyana woMntu azukiswe."
23 Então Jesus se dirigiu a eles, dizendo:
24 Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba ukhozo lwengqolowa oluwe emhlabeni aluthanga lufe, lona luhlala lungabi nto; ke ukuba luthe lwafa, luthwala isiqhamo esininzi."
24 Em verdade, em verdade lhes digo: se o grão de trigo, caindo na terra, não morrer, fica ele só; mas, se morrer, produz muito fruto.
25 Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; lowo uwuthiyayo umphefumlo wakhe kweli hlabathi, wowulondolozela ubomi obungunaphakade."
25 Quem ama a sua vida perde-a; mas aquele que odeia a sua vida neste mundo irá preservá-la para a vida eterna.
26 Ukuba ubani uthi andikhonze, makandilandele; apho ndikhona mna, woba khona apho nondikhonzayo; ukuba umntu uthi andikhonze, uBawo wombeka."
26 Se alguém me serve, siga-me, e, onde eu estou, ali estará também o meu servo. E, se alguém me servir, meu Pai o honrará.
27 Kukalokunje umphefumlo wam ukhathazekile, mandithini na? Bawo, ndisindise kweli lixa. Hayi, ndizele khona oku kweli lixa."
27 — Agora a minha alma está angustiada, e o que direi? “Pai, salva-me desta hora”? Não, pois foi precisamente com este propósito que eu vim para esta hora.
28 Bawo, lizukise igama lakho. Kweza ngoko izwi liphuma ezulwini, lisithi, Ndilizukisile, ndiya kubuya ndilizukise."
28 Pai, glorifica o teu nome. Então veio uma voz do céu: — Eu já o glorifiquei e ainda o glorificarei.
29 Isihlwele ngoko esasimi seva, sathi, Liyaduduma. Abanye bathi, Kuthethe isithunywa sezulu kuye."
29 A multidão que ali estava e que ouviu aquela voz dizia ter havido um trovão. Outros diziam: — Foi um anjo que lhe falou.
30 Waphendula uYesu wathi, Eli lizwi alibangakho ngenxa yam; libekho ngenxa yenu."
30 Então Jesus explicou:
31 Kungoku ukugwetywa kwalo eli hlabathi; kungoku umphathi walo eli hlabathi aya kukhutshelwa phandle."
31 Chegou o momento de este mundo ser julgado, e agora o seu príncipe será expulso.
32 Mna ke, ukuba ndithe ndaphakanyiswa emhlabeni, ndiya kubatsalela bonke kum."
32 E eu, quando for levantado da terra, atrairei todos a mim.
33 (Wayesitsho ke, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako.)"
33 Ele dizia isto, significando com que tipo de morte estava para morrer.
34 Samphendula isihlwele sathi, Thina sivile emthethweni, ukuba uKristu yena uhlala ngonaphakade; utsho ngani na wena ukuthi, UNyana woMntu umelwe kukuthi aphakanyiswe? Ungubani na lo Nyana woMntu?"
34 A multidão disse: — Nós ouvimos da Lei que o Cristo permanece para sempre. Como, então, você diz que é necessário que o Filho do Homem seja levantado? Quem é esse Filho do Homem?
35 Uthe ngoko uYesu kubo, Liselilifutshane ixesha lokuba ukhanyiso lube nani. Hambani, nisenalo nje ukhanyiso, ukuze ubumnyama bunganiqubuli; lowo uhamba ebumnyameni, akazi apho aya khona."
35 Jesus respondeu:
36 Nisenalo nje ukhanyiso, kholwani kulo ukhanyiso, ukuze nibe ngabokhanyiso. Wazithetha uYesu ezi zinto, wemka, wabazimela."
36 Enquanto vocês têm a luz, creiam na luz, para que se tornem filhos da luz. Depois de dizer isso, Jesus foi embora e ocultou-se deles.
37 Ke kaloku, nakuba wayenze imiqondiso engaka phambi kwabo, abakholwanga kuye;"
37 E, embora tivesse feito tantos sinais na presença deles, não creram nele,
38 ukuze ilizwi likaIsaya umprofeti lizaliseke, awalithethayo esithi, Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu? Nengalo yeNkosi ityhileke kubani na?"
38 para se cumprir a palavra do profeta Isaías, que diz: “Senhor, quem creu em nossa pregação? E a quem foi revelado o braço do Senhor?”
39 Ngenxa yoku babengenako ukukholwa, ngokuba uIsaya ubuya athi,"
39 Por isso, não podiam crer, porque Isaías disse ainda:
40 Uwamfamekisile amehlo abo, Uyiqaqadekisile nentliziyo yabo, Hleze babone ngamehlo, baqiqe ngentliziyo, Bajike, Ndibaphilise."
40 “Cegou os olhos deles e endureceu-lhes o coração, para que não vejam com os olhos, nem entendam com o coração, e se convertam, e sejam por mim curados.”
41 Ezi zinto wazithetha uIsaya, oko wabubonayo ubuqaqawuli bakhe, wathetha ngaye."
41 Isaías disse isso porque viu a glória dele e falou a respeito dele.
42 Noko ke nakubo abaphathi into eninzi yakholwa kuye; kodwa ngenxa yabaFarisi yayingavumi ngamlomo, hleze ikhutshwe esikhungwini;"
42 No entanto, muitos dentre as próprias autoridades creram em Jesus, mas, por causa dos fariseus, não o confessavam, para não serem expulsos da sinagoga.
43 kuba babethanda uzuko oluvela ebantwini, ngaphezu kozuko oluvela kuThixo."
43 Porque amaram mais a glória dos homens do que a glória de Deus.
44 Ke yena uYesu wadanduluka wathi, Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum, ukholwa kulowo wandithumayo."
44 E Jesus clamou, dizendo:
45 Lowo undibonayo, ubona owandithumayo."
45 E quem vê a mim vê aquele que me enviou.
46 Mna, lukhanyiso, ndifikile ehlabathini, ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni."
46 Eu vim como luz para o mundo, a fim de que todo aquele que crê em mim não permaneça nas trevas.
47 Nokuba umntu uthe weva amazwi la am, akakholwa, mna andimgwebi; kuba andize kuligweba ihlabathi, ndize kulisindisa ihlabathi."
47 Se alguém ouvir as minhas palavras e não as guardar, eu não o julgo. Porque eu não vim para julgar o mundo, e sim para salvá-lo.
48 Lowo undigibayo, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo; ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela."
48 Quem me rejeita e não recebe as minhas palavras tem quem o julgue; a própria palavra que falei, essa o julgará no último dia.
49 Ngokuba mna andithethanga okuphuma kum; owandithumayo, uBawo ngokwakhe, nguye owandiwisela umthetho wokuba ndithini na, nokuba ndithethe ntoni na."
49 Porque eu não falei por mim mesmo, mas o Pai, que me enviou, esse me ordenou o que dizer e o que anunciar.
50 Ndiyazi nokwazi ukuba umthetho wakhe lowo bubomi obungunaphakade. Ngoko izinto endizithethayo mna, njengoko uBawo andixeleleyo, ndenjenjalo ukuzithetha."
50 E sei que o seu mandamento é a vida eterna. Portanto, as coisas que eu digo, digo exatamente assim como o Pai me falou.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar João 12, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.