Joel 2
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC
1 Vuthelani isigodlo eZiyon, nihlabe umkhosi entabeni yam engcwele. Mabagungqe bonke abemi belizwe, ngokuba isiza imini kaYehova, kuba isondele:"
1 Tocai a trombeta em Sião, dai alarme no meu monte santo! Estremeçam todos os habitantes da terra, eis que se aproxima o dia do Senhor,
2 imini enobumnyama nesithokothoko, imini enamafu, enamafu amnyama, anjengokuthi qhiphu kokusa phezu kweentaba; abantu abaninzi, abanamandla; akuzanga kube nje naphakade, emva kwabo akusayi kuza kubuye kube nje, kude kuse eminyakeni yezizukulwana ngezizukulwana."
2 dia de trevas e de escuridão, dia nublado e coberto de nuvens. Tal como a luz da aurora, derrama-se sobre os montes um povo imenso e vigoroso, como nunca houve semelhante desde o princípio, nem depois haverá outro até as épocas mais longínquas.
3 Phambi kwabo kutshisa umlilo; nasemva kwabo kurhawula ilangatye. Ilizwe linjengomyezo we-Eden phambi kwabo; emva kwabo linjengentlango enkangala, nento esindileyo ayi kubakho kulo."
3 Diante dele um fogo devorador; atrás, uma chama abrasadora. Diante dele a terra é um paraíso; atrás, é um deserto desolador; nada lhe escapa.
4 Injengokubonakala kwamahashe imbonakalo yabo; njengakhwelwayo, benjenjalo ukubaleka."
4 Têm a aparência de uma tropa de cavalos, e como cavalos se precipitam:
5 Anjengesithonga seenqwelo zokulwa ezincotsheni zeentaba amagqasi abo; njengesithonga selangatye lomlilo otshisa iindiza; njengabantu abanamandla abakhe uluhlu."
5 dir-se-ia o estrondo de carros saltando sobre os cumes dos montes, ou o crepitar da chama que devora a palha, ou um formidável exército disposto em ordem de batalha.
6 Ebusweni babo ziyazibhijabhija izizwe; bonke ubuso buba luthuthu."
6 Diante deles tremem os povos, os rostos empalidecem;
7 Bagidima njengamagorha; banyuka udonga njengamadoda okulwa; bahamba elowo ngendlela yakhe, abaphambaphambi emendweni wabo."
7 como valentes eles se precipitam {para o assalto}, e escalam as muralhas como guerreiros. Segue cada um o seu caminho, sem confundir suas fileiras.
8 Abagilani, bahamba elowo ngomendo wakhe; bawa nasezikhalini, bangenzakali."
8 Não empurram uns aos outros, marcham cada um em seu pelotão. Abrem caminho por entre as armas, sem romper suas fileiras.
9 Baphithizela emzini; babaleka eludongeni; banyuka ezindlwini; bangena ngeefestile njengesela."
9 Espalham-se pela cidade, correm por cima dos muros, invadem as casas, entrando pelas janelas como ladrões.
10 Phambi kwabo uyagungqa umhlaba; liyanyikima izulu. Lisuke laba mnyama ilanga nenyanga, neenkwenkwezi zibufinyezile ubumhlophe bazo."
10 Diante deles treme a terra, os céus vacilam, o sol e a lua se obscurecem, as estrelas perdem o seu brilho.
11 UYehova ukhupha izwi lakhe phambi kwempi yakhe; kuba mkhulu kakhulu umkhosi wakhe; kuba unamandla umenzi welizwi lakhe; kuba inkulu imini kaYehova, yoyikeka kunene; ngubani na onokuyinyamezela?"
11 À frente do seu exército, o Senhor faz ouvir a sua voz, pois seu batalhão é imenso e poderoso para executar sua palavra. Sim, o dia do Senhor é grandioso e temível! Quem o poderá suportar?
12 Nangoku ke, utsho uYehova ukuthi, Buyelani kum ngentliziyo yenu yonke, nangokuzila, nangokulila, nangokumbambazela;"
12 Por isso, agora ainda - oráculo do Senhor -, voltai a mim de todo o vosso coração, com jejuns, lágrimas e gemidos de luto.
13 nikrazule intliziyo yenu, ingabi ziingubo zenu, nibuyele kuYehova uThixo wenu; kuba unobabalo nemfesane, yena uzeka kade umsindo, unenceba enkulu, uyazohlwaya ngenxa yobubi."
13 Rasgai vossos corações e não vossas vestes; voltai ao Senhor vosso Deus, porque ele é bom e compassivo, longânime e indulgente, pronto a arrepender-se do castigo que inflige.
14 Ngubani na owaziyo? mhlawumbi wobuya azohlwaye, ashiye intsikelelo ngasemva kwakhe, umnikelo wokudla nothululwayo kuYehova uThixo wenu."
14 Quem sabe se ele mudará de parecer e voltará atrás, deixando após si uma bênção, ofertas e libações para o Senhor, vosso Deus?
15 Vuthelani isigodlo eZiyon, ngcwalisani uzilo, memani ingqungquthela."
15 Tocai a trombeta em Sião: publicai o jejum, convocai a assembléia, reuni o povo;
16 Hlanganisani abantu, ngcwalisani ibandla, buthani amadoda amakhulu, hlanganisani iintsapho nabanyayo emabeleni; makaphume umyeni egumbini lakhe, umtshakazi esililini sakhe."
16 santificai a assembléia, agrupai os anciãos, congregai as crianças e os meninos de peito; saia o recém-casado de seus aposentos, e a esposa de sua câmara nupcial.
17 Mabalile ababingeleli, abalungiseleli bakaYehova, phakathi kwevaranda nesibingelelo, bathi, Yiba nenceba, Yehova, ebantwini bakho, ungalinikeli ilifa lakho ekungcikivweni, ukuba iintlanga zizekelise ngabo, yini na ukuba kuthiwe ezizweni, Uphi na uThixo wabo?"
17 Chorem os sacerdotes, servos do Senhor, entre o pórtico e o altar, e digam: Tende piedade de vosso povo, Senhor, não entregueis à ignomínia vossa herança, para que não se torne ela o escárnio dos pagãos! Por que diriam eles: onde está o seu Deus?
18 Waba nobukhwele ke uYehova ngelizwe lakhe, waba nofefe ngabantu bakhe."
18 O Senhor afeiçoou-se à sua terra, teve compaixão de seu povo;
19 Waphendula uYehova, wathi ebantwini bakhe, Yabonani, ndinithumela ingqolowa, newayini entsha, neoli, eniya kwaneliswa yiyo; ndingabi saninikela ukuba nibe sisingcikivo ezintlangeni."
19 o Senhor respondeu ao seu povo: Vou mandar-vos trigo, vinho e óleo, e deles sereis fartos, e não vos farei mais objeto de opróbrio diante dos pagãos.
20 Ndiya kumkhwelelisela kude kuni owasentla, ndimgxothele ezweni elingumqwebedu, enkangala; umphambili wakhe usinge kulwandle lwasempumalanga, umqosheliso wakhe kulwandle lwasentshonalanga, kunyuke ukunuka kwakhe, kunyuke ukubola kwakhe, kuba eziphakamisile ukwenza izinto ezinkulu."
20 Afastarei de vós aquele que vem do norte, e lançá-lo-ei para uma terra árida e deserta, sua vanguarda para o mar oriental, e sua retaguarda para o mar ocidental. Exalar-se-á um mau cheiro dali, um cheiro de podridão {porque ele fez grandes coisas!}
21 Musa ukoyika, hlabathi, gcoba uvuye; kuba uYehova wenza izinto ezinkulu."
21 Não temas, terra, estremece de alegria e de júbilo, porque o Senhor fez grandes coisas.
22 Musani ukoyika, mpahla inkulu yasendle; kuba amakriwa asentlango aphuma uhlaza; kuba umthi uxakatha isiqhamo sawo, umkhiwane nomdiliya unika amandla awo."
22 Não temais, animais dos campos, porque as pastagens do deserto reverdecerão, as árvores darão seu fruto, a figueira e a vinha produzirão abundantemente.
23 Nani, nyana baseZiyon, gcobani nivuye kuYehova uThixo wenu; kuba uninika umyaleli wokuba kubekho ubulungisa, anihlisele umvumbi, imvula ethambisayo nemvula evuthisayo ekuqaleni."
23 Alegrai-vos, filhos de Sião, e rejubilai no Senhor, vosso Deus, porque ele vos dá as chuvas do outono no tempo oportuno, e faz cair chuvas copiosas sobre vós, as chuvas do outono e da primavera, como dantes.
24 Zozala izanda yingqolowa, iphalale yiwayini entsha nayioli imikhombe yokukhongozela."
24 As eiras se encherão de trigo, os lagares transbordarão de vinho e de óleo novo.
25 Ndonibuyiselela okweminyaka eyadliwa yinkumbi, nangumkhothululi, nangumqikela, nangumnqunquthi, impi yam enkulu endayithumelayo phakathi kwenu."
25 Restituir-vos-ei as colheitas devoradas pelo gafanhoto, pelo roedor, pelo devastador e pela lagarta, {esse} meu poderoso exército que mandei contra vós.
26 Niya kudla nidlile, nihluthe, nilidumise igama likaYehova uThixo wenu, oniphethe ngokubalulekileyo; bangadani abantu bam naphakade;"
26 Comereis abundantemente e vos fartareis, e louvareis o nome do Senhor, vosso Deus, que fez maravilhas em vosso favor; e jamais meu povo será confundido.
27 nazi ukuba ndiphakathi kwamaSirayeli; ukuba mna Yehova ndinguThixo wenu, akukho wumbi; bangadani abantu bam naphakade."
27 Sabereis então que estou no meio de Israel, que sou o Senhor, vosso Deus, e que não há outro. E jamais meu povo será confundido.
28 Kuya kuthi emveni kokuba njalo, ndithulule uMoya wam phezu kwenyama yonke, baprofete oonyana benu neentombi zenu; amadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha, amadodana enu abone imibono."
28 Depois disso, acontecerá que derramarei o meu Espírito sobre todo ser vivo: vossos filhos e vossas filhas profetizarão; vossos anciãos terão sonhos, e vossos jovens terão visões.
29 Kwanaphezu kwabakhonzi naphezu kwabakhonzazana ndothulula uMoya wam ngaloo mihla."
29 Naqueles dias, derramarei também o meu Espírito sobre os escravos e as escravas.
30 Ndiya kwenza izimanga ezulwini nasehlabathini, igazi nomlilo nemiqulu yomsi."
30 Farei aparecer prodígios no céu e na terra, sangue, fogo e turbilhões de fumo.
31 Ilanga liya kusuka libe mnyama, nenyanga ibe ligazi, phambi kokuba ifike imini kaYehova, leyo inkulu yoyikekayo."
31 O sol converter-se-á em trevas e a lua, em sangue, ao se aproximar o grandioso e temível dia do Senhor.
32 Bothi bonke abasukuba benqula igama likaYehova, basinde; kuba entabeni yaseZiyon naseYerusalem kuya kubakho abasindileyo, njengoko watshoyo uYehova; naphakathi kwabaseleyo kubekho awobabiza uYehova."
32 Mas todo o que invocar o nome do Senhor será poupado, porque, sobre o monte Sião e em Jerusalém, haverá um resto, como o Senhor disse, e entre os sobreviventes estarão os que o Senhor tiver chamado.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Joel 2, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.