Isaías 52
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARIB
1 Vuka, vuka, nxiba amandla akho, Ziyon! Nxiba iingubo zakho zokuhomba, Yerusalem, mzi ungcwele! Kuba akuyi kuba saphinda kungene kuwe ongalukanga, noyinqambi."
1 Desperta, desperta, veste-te da tua fortaleza, Sião; veste-te dos teus vestidos formosos, ó Jerusalém, cidade santa; porque nunca mais entrará em ti nem incircunciso nem imundo.
2 Zivuthulule uthuli; suk’ ume, hlala phantsi, Yerusalem; zikhulule iimbophelelo zentamo yakho, mthinjwa, ntombi inguZiyon."
2 Sacode-te do pó; levanta-te, e assenta-te, ó Jerusalém; solta-te das ataduras de teu pescoço, ó cativa filha de Sião.
3 Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Kwathengiswa ngani ngelize; aniyi kuhlawulelwa nikhululwe ngamali."
3 Porque assim diz o Senhor: Por nada fostes vendidos; e sem dinheiro sereis resgatados.
4 Kuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Abantu bam behla baya eYiputa ekuqaleni, ukuba baphambukele khona; ke ama-Asiriya abacudisa kungekho sizathu."
4 Pois assim diz o Senhor Deus: O meu povo desceu no princípio ao Egito, para peregrinar lá, e a Assíria sem razão o oprimiu.
5 Kaloku ke yintoni na enamapha, utsho uYehova, bethatyathwe ngelize nje abantu bam? Abalawuli babo bayabhomboloza, utsho uYehova; igama lam lihlala ligitywa imini yonke."
5 E agora, que acho eu aqui? diz o Senhor, pois que o meu povo foi tomado sem nenhuma razão, os seus dominadores dão uivos sobre ele, diz o Senhor; e o meu nome é blasfemado incessantemente o dia todo!
6 Ngako oko abantu bam baya kulazi igama lam; ngako oko baya kwazi ngaloo mini ukuba ndinguye lowo uthi, Ndingokhoyo."
6 Portanto o meu povo saberá o meu nome; portanto saberá naquele dia que sou eu o que falo; eis-me aqui.
7 Hayi, ukuba zintle kwazo ezintabeni iinyawo zabashumayela iindaba ezimnandi, zabavakalisa uxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo, zabavakalisa usindiso; zabathi kwiZiyon, Uyalawula uThixo wakho!"
7 Quão formosos sobre os montes são os pés do que anuncia as boas-novas, que proclama a paz, que anuncia coisas boas, que proclama a salvação, que diz a Sião: O teu Deus reina!
8 Phulaphula ilizwi lababoniseli bakho. Baliphakamisa kunye ilizwi, bayamemelela; ngokuba bekubona iliso kwiliso ukuyibuyisa kukaYehova iZiyon."
8 Eis a voz dos teus atalaias! eles levantam a voz, juntamente exultam; porque de perto contemplam a volta do Senhor a Sião.
9 Gqobhokelani ekumemeleleni kunye, manxuwa aseYerusalem; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, uyihlawulele wayikhulula iYerusalem."
9 Clamai cantando, exultai juntamente, desertos de Jerusalém; porque o Senhor consolou o seu povo, remiu a Jerusalém.
10 UYehova uyihlubile ingalo yakhe engcwele emehlweni eentlanga zonke; zonke iziphelo zehlabathi ziya kulubona ke usindiso loThixo wethu."
10 O Senhor desnudou o seu santo braço à vista de todas as nações; e todos os confins da terra verão a salvação do nosso Deus.
11 Mkani, mkani, phumani apho; musani ukuphatha nto iyinqambi; phumani phakathi kwayo; zenzeni nyulu, nina bathwali beempahla zikaYehova."
11 Retirai-vos, retirai-vos, saí daí, não toqueis coisa imunda; saí do meio dela, purificai-vos, os que levais os vasos do Senhor.
12 Ngokuba aniyi kuphuma buphuthuphuthu, nihambe ngokusaba; kuba uYehova uhamba phambi kwenu, uMqoshelisi wenu nguThixo kaSirayeli."
12 Pois não saireis apressadamente, nem ireis em fuga; porque o Senhor irá diante de vós, e o Deus de Israel será a vossa retaguarda.
13 Yabonani, umkhonzi wam uya kwenza ngengqiqo, uya kuphakama, athi gqi, anyuke kakhulu."
13 Eis que o meu servo procederá com prudência; será exaltado, e elevado, e mui sublime.
14 Kwanjengokuba babemangaliswa nguwe abaninzi (ibinje ukonakala imbonakalo yakhe, ukuda ingabi yeyomntu, nesithomo sakhe ukuda singabi sesoonyana baka-Adam):"
14 Como pasmaram muitos à vista dele {pois o seu aspecto estava tão desfigurado que não era o de um homem, e a sua figura não era a dos filhos dos homens},
15 ngokunjalo yena uya kubetha zithi makatha iintlanga ezininzi; ngenxa yakhe ookumkani baya kuthi khamnqa; ngokuba baya kukubona abangazanga bakubaliselwe, bakugqale abangazanga bakuve."
15 assim ele espantará muitas nações; por causa dele reis taparão a boca; pois verão aquilo que não se lhes havia anunciado, e entenderão aquilo que não tinham ouvido.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Isaías 52, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.