Isaías 1
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC
1 Umbono kaIsaya unyana ka-Amotsi, awawubonayo ngokusingisele kuYuda neYerusalem, ngemihla yoUziya, noYotam, noAhazi, noHezekiya, ookumkani bakwaYuda."
1 Profecia de Isaías, filho de Amós, a respeito de Judá e Jerusalém no tempo de Ozias, de Joatão, de Acaz e de Ezequias, rei de Judá.
2 Yivani, mazulu; bekani indlebe, hlabathi, ngokuba kuthetha uYehova. Uthi, Ndikhulise abantwana ndabondla, besuka bakreqa kum."
2 Ouvi, céus, e tu, ó terra, escuta, é o Senhor que fala: Eu criei filhos e os eduquei, eles, porém, se revoltaram contra mim.
3 Inkomo iyamazi umniniyo, ne-esile liyawazi umkhombe wesitali senkosi yalo; ke yena uSirayeli akazi, abantu bam abaqiqi."
3 O boi conhece o seu possuidor, e o asno, o estábulo do seu dono; mas Israel não conhece nada, e meu povo não tem entendimento.
4 Hayi, luhlanga lonayo, bantu banobugwenxa, mbewu yabenza ububi, nyana bonakalisayo! Bamshiyile uYehova, bamgibile oyiNgcwele kaSirayeli, babuyela emva."
4 Ai da nação pecadora, do povo carregado de crimes, da raça de malfeitores, dos filhos desnaturados! Abandonaram o Senhor, desprezaram o Santo de Israel, e lhe voltaram as costas.
5 Yini na ukuba nimane ukubethwa, nimane ukukwandisa ukutyeka? Yonke intloko iyafa, yonke intliziyo inobulwelwe;"
5 Onde vos ferir ainda, quando persistis na rebelião? Toda a cabeça está enferma, e todo o coração, abatido.
6 kuthabathele enkwalini yonyawo, kwesa entloko, akukho ndawo iphilileyo; ziinduma, nemivumbo, namanxeba amatsha: akacudiswanga, akabotshwanga, akathanjiswanga ngaoli."
6 Desde a planta dos pés até o alto da cabeça, não há nele coisa sã. Tudo é uma ferida, uma contusão, uma chaga viva, que não foi nem curada, nem ligada, nem suavizada com óleo.
7 Kusenkangala elizweni lenu, imizi yenu itshiswe ngomlilo, umhlaba wenu udliwa ngabasemzini phambi kwenu, uyinkangala njengokubhukuqwa kwabasemzini."
7 Vossa terra está assolada, vossas cidades, incendiadas. Os inimigos, à vossa vista, devastam vosso país. {É uma desolação, como a ruína de Sodoma}.
8 Isele ke intombi enguZiyon, njengexhobongo esidiliyeni, njengephempe entsimini yemixoxozi, njengomzi ongqingiweyo."
8 Sião está só como choupana em uma vinha, como choça em pepinal, como cidade sitiada.
9 Koko uYehova wemikhosi wasisalisela intwana esindileyo, singe saba njengeSodom, singe safana neGomora."
9 Se o Senhor dos exércitos não nos tivesse deixado alguns da nossa linhagem, teríamos sido como Sodoma, e ter-nos-íamos tornado como Gomorra.
10 Liveni ilizwi likaYehova, baphathi baseSodom; wubekeleni indlebe umyalelo kaThixo wethu, bantu baseGomora."
10 Ouvi a palavra do Senhor, príncipes de Sodoma; escuta a lição de nosso Deus, povo de Gomorra:
11 Yeyani na kum le mibingelelo yenu mininzi kangaka? utsho uYehova. Ndidikiwe ngamadini anyukayo eenkunzi zeegusha, namanqatha amathole atyetyisiweyo; negazi leenkunzi ezintsha, neleemvana, neleebhokhwe, andilinanzile."
11 De que me serve a mim a multidão das vossas vítimas?, diz o Senhor. Já estou farto de holocaustos de cordeiros e da gordura de novilhos cevados. Eu não quero sangue de touros e de bodes.
12 Xa niza kubonakala ebusweni bam, ngubani na okufunileyo oko esandleni senu, ukugqusha iintendelezo zam?"
12 quando vindes apresentar-vos diante de mim, quem vos reclamou isto: atropelar os meus átrios?
13 Nize ningaphindi nizise mnikelo wakudla ukhohlakeleyo; isiqhumiso silisikizi kum; ukuthwasa kwenyanga, nesabatha, nokumema intlanganiso, ubutshinga kunye nengqungquthela, andinakubuthwala."
13 De nada serve trazer oferendas; tenho horror da fumaça dos sacrifícios. As luas novas, os sábados, as reuniões de culto, não posso suportar a presença do crime na festa religiosa.
14 Ukuthwasa kweenyanga zenu, namaxesha enu amisiweyo, umphefumlo wam uwathiyile; asuka aba bubunzima kum; ndidiniwe kukuwathwala."
14 Eu abomino as vossas luas novas e as vossas festas; elas me são molestas, estou cansado delas.
15 Ekoluleni kwenu izandla zenu, ndiya kuwafihla amehlo am kuni; nokuba nandise ukuthandaza, andiyi kuva; izandla zenu zizele ngamagazi."
15 Quando estendeis vossas mãos, eu desvio de vós os meus olhos; quando multiplicais vossas preces, não as ouço. Vossas mãos estão cheias de sangue,
16 Zihlambeni, ziqaqambiseni; susani ububi beentlondi zenu phambi kwamehlo am;"
16 lavai-vos, purificai-vos. Tirai vossas más ações de diante de meus olhos.
17 yekani ukwenza ububi; fundani ukwenza okulungileyo; khathalelani ukugweba; lulekani isibhovubhovu; gwebani ityala lenkedama; lithetheni ityala lomhlolokazi."
17 Cessai de fazer o mal, aprendei a fazer o bem. Respeitai o direito, protegei o oprimido; fazei justiça ao órfão, defendei a viúva.
18 Khanize sibonisane, utsho uYehova; nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu; nokuba zide zayingqombela njengebala elibomvu, zovela zinjengoboya begusha."
18 Pois bem, justifiquemo-nos, diz o Senhor. Se vossos pecados forem escarlates, tornar-se-ão brancos como a neve! Se forem vermelhos como a púrpura, ficarão brancos como a lã!
19 Ukuba nithe navuma naphulaphula, nodla izinto ezilungileyo zelizwe;"
19 Se fordes dóceis e obedientes, provareis os melhores frutos da terra;
20 ukuba nithe anavuma, naba neenkani, nodliwa likrele; kuba umlomo kaYehova uthethile."
20 se recusardes e vos revoltardes, provareis a espada. É a boca do Senhor que o declara.
21 Yoo! Utheni na ukuba lihenyukazi umzi lo, ubunyanisile; ubuzele kokusesikweni; ubulungisa bebulala kuwo; ke ngoku ngabancinithi!"
21 Como se prostituiu a cidade fiel, Sião, cheia de retidão? A justiça habitava nela, e agora são os homicidas.
22 Isilivere yakho isuke yaba ligwebu; iwayini yakho entle ingxengelelwe ngamanzi."
22 Tua prata converteu-se em escória, teu vinho misturou-se com água.
23 Abathetheli bakho baziinjubaqa, ngamadlelana namasela; bathanda izicengo bonke bephela, basukela imivuzo; ityala lenkedama abaligwebi, netyala lomhlolokazi alinakufika kubo."
23 Teus príncipes são rebeldes, cúmplices de ladrões. Todos eles amam as dádivas e andam atrás do proveito próprio; não fazem justiça ao órfão, e a causa da viúva não é evocada diante deles.
24 Ngako oko itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, imbalasane yakwaSirayeli, ukuthi, Yeha! Ndiya kuzithuthuzela kubabandezeli bam, ndiziphindezelele ezintshabeni zam."
24 Por isso eis o que diz o Senhor, Deus dos exércitos, o Poderoso de Israel: Ah! eu tirarei satisfação de meus adversários, e me vingarei de meus inimigos.
25 Ndosibuyisela phezu kwakho isandla sam, ndikunyibilikise ngokufezekileyo njengegolide, likhutshwe igwebu lakho, ndisuse yonke intsila yakho."
25 Voltarei minha mão contra ti, e te purificarei no crisol, e eliminarei de ti todo o chumbo.
26 Ndobabuyisa abagwebi bakho njengokwasekuqaleni, namaphakathi akho njengokwamatanci. Emveni koko kuya kuthiwa, Wena ungumzi wobulungisa, uyinqaba enyanisileyo."
26 Tornarei teus juízes semelhantes aos de outrora, e teus conselheiros como os de antigamente. Então te chamarão Cidade da Justiça, Cidade fiel.
27 IZiyon iya kukhululwa ngokusesikweni, nabaguquki bayo ngobulungisa;"
27 Sião será remida pelo direito, e seus convertidos pela justiça..
28 ukwaphulwa kwabakreqi naboni kube kunye, bapheliswe abamshiyayo uYehova."
28 Os rebeldes e os pecadores serão destruídos juntamente, e aqueles que abandonam o Senhor perecerão.
29 Ngokuba baya kudana yimiterebhinti ebeniyinqwenela, nibe neentloni yimiyezo ebeniyinyula;"
29 Então tereis vergonha dos carvalhos verdes que cobiçais, e corareis de pejo dos jardins que ora vos agradam,
30 kuba niya kuba njengomterebhinti omagqabi omayo, nanjengomyezo ongenamanzi;"
30 porque sereis como um carvalho verde com folhagem seca, e como um jardim sem água.
31 nenjengele ibe yingxubuwa, nomsebenzi wayo ube yintlantsi, kutshe kuphele kokubini kunye, kungabikho ucimayo."
31 O homem forte será a estopa. e sua obra, a faísca; eles arderão sem que ninguém possa extinguir.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Isaías 1, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.