Hebreus 9

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARC

Sair da comparação
ARC Almeida Revista e Corrigida 2009
1 Ke ngoko nowokuqala umnqophiso wawunezimiselo zombuso, kwanendawo engcwele yehlabathi."
1 Ora, também o primeiro tinha ordenanças de culto divino e um santuário terrestre.
2 Kuba kwakhiwa umnquba lowo. Igumbi lokuqala lalinesiphatho sezibane, kwanetafile, nesiboniso sezonka; lona kuthiwa yingcwele."
2 Porque um tabernáculo estava preparado, o primeiro, em que havia o candeeiro, e a mesa, e os pães da proposição; ao que se chama o Santuário.
3 Emva ke kwesesibini isikhuselo, kwabakho umnquba lo kuthiwa yingcwele kangcwele;"
3 Mas, depois do segundo véu, estava o tabernáculo que se chama o Santo dos Santos,
4 unesibingelelo segolide sokuqhumisa; nayo ityeya yomnqophiso, yalekwe ngegolide ngeenxa zonke, inesitya segolide ngaphakathi esinemana, inentonga ka-Aron eyadubulayo, inawo amacwecwe omnqophiso."
4 que tinha o incensário de ouro e a arca do concerto, coberta de ouro toda em redor, em que estava um vaso de ouro, que continha o maná, e a vara de Arão, que tinha florescido, e as tábuas do concerto;
5 Ke ngaphezu kwayo kwema iikerubhi zobuqaqawuli, zisibekele isicamagushelo; izinto ezo esingenakuthetha ngazo ngazinye ngoku."
5 e sobre a arca, os querubins da glória, que faziam sombra no propiciatório; das quais coisas não falaremos agora particularmente.
6 Ke kaloku, zakubon’ ukuba zenziwe ngokunjalo ezo zinto, ababingeleli bangena okunene amaxa onke kowokuqala umnquba, beyifeza imibuso kaThixo."
6 Ora, estando essas coisas assim preparadas, a todo o tempo entravam os sacerdotes no primeiro tabernáculo, cumprindo os serviços;
7 Kodwa kowesibini kungena kube kanye ngomnyaka umbingeleli omkhulu yedwa, engangeni engenagazi, alisondezayo ngenxa yakhe, nangenxa yokungazi kwabantu."
7 mas, no segundo, só o sumo sacerdote, uma vez no ano, não sem sangue, que oferecia por si mesmo e pelas culpas do povo;
8 Abe ngoku uMoya oyiNgcwele esazisa ukuthi, indlela eya kweyona ngcwele ayikabonakalaliswa, umnquba wokuqala usemi;"
8 dando nisso a entender o Espírito Santo que ainda o caminho do Santuário não estava descoberto, enquanto se conservava em pé o primeiro tabernáculo,
9 wona lo ungumzekeliso ozise exesheni elingeneyo, ekuthi ngalo kusondezwe iminikelo kwanamadini, izinto ezo ezingenako ngokwesazela ukumenza agqibelele lowo ukhonzayo;"
9 que é uma alegoria para o tempo presente, em que se oferecem dons e sacrifícios que, quanto à consciência, não podem aperfeiçoar aquele que faz o serviço,
10 ezithe, ndawonye nezinto ezidliwayo neziselwayo, neentlambululo ngeentlambululo, ezizizimiselo zenyama kuphela, zamiselwa ukuba kude kufike ixesha lolungiso."
10 consistindo somente em manjares, e bebidas, e várias abluções e justificações da carne, impostas até ao tempo da correção.
11 Ke yena uKristu, efike wangumbingeleli omkhulu wazo izinto ezilungileyo eziza kubakho, uthe ngowona mkhulu ugqibeleleyo umnquba, ongenakwenziwa ngazandla, oko kukuthi, ongengowale ndalo,"
11 Mas, vindo Cristo, o sumo sacerdote dos bens futuros, por um maior e mais perfeito tabernáculo, não feito por mãos, isto é, não desta criação,
12 wangena kwaba kanye kweyona ngcwele, kungengalo negazi leebhokhwe nelamathole, kungegazi elilelakhe; wafumana inkululo engunaphakade ngokusihlawulela."
12 nem por sangue de bodes e bezerros, mas por seu próprio sangue, entrou uma vez no santuário, havendo efetuado uma eterna redenção.
13 Kuba, ukuba igazi leenkomo neleebhokhwe, nothuthu lwethokazi olufefa abaziinqambi, lungcwalisela ekuhlambululeni inyama:"
13 Porque, se o sangue dos touros e bodes e a cinza de uma novilha, esparzida sobre os imundos, os santificam, quanto à purificação da carne,
14 lobeka phi na ukugqithisela lona igazi likaKristu, owazisondeza ngoMoya ongunaphakade, engenasiphako, kuye uThixo, ukusihlambulula isazela senu emisebenzini efileyo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo?"
14 quanto mais o sangue de Cristo, que, pelo Espírito eterno, se ofereceu a si mesmo imaculado a Deus, purificará a vossa consciência das obras mortas, para servirdes ao Deus vivo?
15 Nangenxa ke yoko, ungumlamleli womnqophiso omtsha, ukuze bathi abo babiziweyo (kwakubon’,ukuba kubekho ukufa okuhlawulela izigqitho, ezibe ziphantsi kwawo umnqophiso wokuqala), balamkele idinga lelifa elingunaphakade."
15 E, por isso, é Mediador de um novo testamento, para que, intervindo a morte para remissão das transgressões que havia debaixo do primeiro testamento, os chamados recebam a promessa da herança eterna.
16 Kuba apho kukhoyo umnqophiso womyoleli, kufuneka ukuba kucace ukufa kwalowo unqophisileyo."
16 Porque, onde há testamento, necessário é que intervenha a morte do testador.
17 Kuba umnqophiso uqiniseka bakuba befile, ekubeni ungaze ube namandla xenikweni asadla ubomi lowo unqophisileyo."
17 Porque um testamento tem força onde houve morte; ou terá ele algum valor enquanto o testador vive?
18 Ekuthe ngoko nowokuqala awasungulwa kungekho gazi."
18 Pelo que também o primeiro não foi consagrado sem sangue;
19 Kuba kuthe, kwakubon’ ukuba umthetho wonke uxeliwe nguMoses ebantwini bonke ngokomyalelo, walithabatha igazi lamathole neleebhokhwe, ndawonye namanzi, noboya obubomvu, nehisope, wafefa incwadi ngokwayo, kwanabantu bonke;"
19 porque, havendo Moisés anunciado a todo o povo todos os mandamentos segundo a lei, tomou o sangue dos bezerros e dos bodes, com água, lã purpúrea e hissopo, e aspergiu tanto o mesmo livro como todo o povo,
20 esithi, Eli ligazi lawo umnqophiso, aniwisele umthetho ngawo uThixo."
20 dizendo: Este é o sangue do testamento que Deus vos tem mandado.
21 Nomnquba ke, nazo zonke iimpahla zombuso, wazifefa ngokunjalo ngegazi."
21 E semelhantemente aspergiu com sangue o tabernáculo e todos os vasos do ministério.
22 Kananjalo ngokomthetho ndingade ndithi, zonke izinto ziphantse ukuba zihlanjululwe ngegazi; kungaphalalanga gazi, akubikho kuxolelwa."
22 E quase todas as coisas, segundo a lei, se purificam com sangue; e sem derramamento de sangue não há remissão.
23 Kwafuneka ngoko, ukuba okunene izizekelo zezinto ezisemazulwini zihlanjululwe ngezinto ezinjalo, kodwa zona iziqu zazo ezasemazulwini zihlanjululwe ngamadini alungileyo kunalawo."
23 De sorte que era bem necessário que as figuras das coisas que estão no céu assim se purificassem; mas as próprias coisas celestiais, com sacrifícios melhores do que estes.
24 Kuba uKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungene kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu."
24 Porque Cristo não entrou num santuário feito por mãos, figura do verdadeiro, porém no mesmo céu, para agora comparecer, por nós, perante a face de Deus;
25 Kananjalo akangenanga ukuze azisondeze futhi, njengokuba umbingeleli omkhulu ebengena kweyona ngcwele iminyaka ngeminyaka, enegazi lenye into;"
25 nem também para a si mesmo se oferecer muitas vezes, como o sumo sacerdote cada ano entra no Santuário com sangue alheio.
26 okanye ange emelwe kukuba abe ebeve ubunzima futhi, kuseloko lasekwayo ihlabathi. Ke uthe ngoku, ekufinyezweni kwawo amaphakade, wabonakalaliswa kwaba kanye, ukuba atshitshise isono ngelilelakhe idini."
26 Doutra maneira, necessário lhe fora padecer muitas vezes desde a fundação do mundo; mas, agora, na consumação dos séculos, uma vez se manifestou, para aniquilar o pecado pelo sacrifício de si mesmo.
27 Ke kwanjengokuba ke abantu bemiselwe ukuba bafe kube kanye, ize ke emveni koko ibe ngumgwebo:"
27 E, como aos homens está ordenado morrerem uma vez, vindo, depois disso, o juízo,
28 ngokunjalo uKristu, esondezwe kwaba kanye, ukuba asithwale asisuse isono sabaninzi, uya kuthi okwesibini, ngaphandle kwesono, abonakale kwabo bamlindileyo, ezisa usindiso."
28 assim também Cristo, oferecendo- se uma vez, para tirar os pecados de muitos, aparecerá segunda vez, sem pecado, aos que o esperam para a salvação.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Hebreus 9, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.