Hebreus 7

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ACF

Sair da comparação
ACF Almeida Corrigida Fiel
1 Kuba lo Melkitsedeke, kumkani weSalem, mbingeleli kaThixo Osenyangweni, wahlangabezanayo noAbraham, ebuya evela ekubulaleni ookumkani, wamsikelela;"
1 Porque este Melquisedeque, que era rei de Salém, sacerdote do Deus Altíssimo, e que saiu ao encontro de Abraão quando ele regressava da matança dos reis, e o abençoou;
2 awathi uAbraham wamabela nesishumi sezinto zonke (esithi okunene, ukuqala ukuthetha ngentetho evakalayo, ngukumkani wobulungisa, kodwa kamva abe nangukumkani weSalem, oko kukuthi, ngukumkani woxolo;"
2 A quem também Abraão deu o dízimo de tudo, e primeiramente é, por interpretação, rei de justiça, e depois também rei de Salém, que é rei de paz;
3 engenayise, engenanina, engenamlibo wakuzalwa, engenasiqalo samihla, engenasiphelo sabomi, enziwe wafana naye uNyana kaThixo): lo uhleli engumbingeleli ngokungapheliyo."
3 Sem pai, sem mãe, sem genealogia, não tendo princípio de dias nem fim de vida, mas sendo feito semelhante ao Filho de Deus, permanece sacerdote para sempre.
4 Bonani ke ukuba mkhulu kwalowo, wathi uAbraham umawokhulu wamnika nesishumi emaxhobeni, awona alinqatha."
4 Considerai, pois, quão grande era este, a quem até o patriarca Abraão deu os dízimos dos despojos.
5 Abo okunene bakoonyana bakaLevi, babamkelayo ububingeleli, banomthetho wokubanga isishumi kubo abantu ngokomthetho; oko kukuthi, kubo abazalwana babo, nakuba bephume esinqeni sika-Abraham."
5 E os que dentre os filhos de Levi recebem o sacerdócio têm ordem, segundo a lei, de tomar o dízimo do povo, isto é, de seus irmãos, ainda que tenham saído dos lombos de Abraão.
6 Kodwa yena, ongenamlibo wakuzalwa uphumayo kubo, ubange isishumi kuAbraham, wasikelela lowo unamadinga."
6 Mas aquele, cuja genealogia não é contada entre eles, tomou dízimos de Abraão, e abençoou o que tinha as promessas.
7 Ke ngokungenakuphikwa, encinane into isikelelwa yeyona inkulu."
7 Ora, sem contradição alguma, o menor é abençoado pelo maior.
8 Kananjalo apha okunene ngabantu abanokufa, abathabatha isishumi; kodwa khona apho ngongqinelweyo ukuba udla ubomi."
8 E aqui certamente tomam dízimos homens que morrem; ali, porém, aquele de quem se testifica que vive.
9 Ukutsho ke ndithi, kubangwe ngoAbraham isishumi nakuLevi, lo wamkelayo izishumi;"
9 E, por assim dizer, por meio de Abraão, até Levi, que recebe dízimos, pagou dízimos.
10 kuba ubesesinqeni sikayise, oko uMelkitsedeke wamhlangabezayo."
10 Porque ainda ele estava nos lombos de seu pai quando Melquisedeque lhe saiu ao encontro.
11 Ke ngoko, ukuba okunene inzaliseko ibingabakho ngobubingeleli bakwaLevi (kuba abantu bewiselwe owobubingeleli umthetho), bekusafuneka ngantoni na ke, ukuba kubuye kuvele mbingeleli wumbi ngokohlobo lukaMelkitsedeke, angabizwa ngokohlobo luka-Aron?"
11 De sorte que, se a perfeição fosse pelo sacerdócio levítico (porque sob ele o povo recebeu a lei), que necessidade havia logo de que outro sacerdote se levantasse, segundo a ordem de Melquisedeque, e não fosse chamado segundo a ordem de Arão?
12 Kuba, ububingeleli baguqulwa nje, kufuneka ukuba kuguqulwe nomthetho."
12 Porque, mudando-se o sacerdócio, necessariamente se faz também mudança da lei.
13 Kuba lowo, zithethwa ngaye ezi zinto, waye engowasizwe simbi, ebekungekho namnye kuso ubesinyamekele isibingelelo."
13 Porque aquele de quem estas coisas se dizem pertence a outra tribo, da qual ninguém serviu ao altar,
14 Kuba kusekuhleni kanye, ukuba iNkosi yethu iphume kwesikaYuda isizwe, eso angathethanga nto ngaso uMoses ngobubingeleli."
14 Visto ser manifesto que nosso Senhor procedeu de Judá, e concernente a essa tribo nunca Moisés falou de sacerdócio.
15 Kwaza kwasekuhleni ngakumbi, ukuba kuvela mbingeleli wumbi, ngokokufana noMelkitsedeke,"
15 E muito mais manifesto é ainda, se à semelhança de Melquisedeque se levantar outro sacerdote,
16 ongathanga amiswe ngokomyalelo womthetho ongowenyama; wamiswa ngokwamandla obomi obungenakupheliswa."
16 Que não foi feito segundo a lei do mandamento carnal, mas segundo a virtude da vida incorruptível.
17 Kuba ungqina ngokuthi, Wena ungumbingeleli ngonaphakade, Ngokohlobo lukaMelkitsedeke."
17 Porque ele assim testifica: Tu és sacerdote eternamente, Segundo a ordem de Melquisedeque.
18 Kuba okunene kutshitshiswa umthetho owandulelayo, ngenxa yokuswela amandla, nokungancedi lutho kwawo"
18 Porque o precedente mandamento é abrogado por causa da sua fraqueza e inutilidade
19 (kuba umthetho lowo awuzalisanga nto); ke kungeniswe phezu kwawo elona themba lilungileyo; esisondela ngalo kuye uThixo."
19 (Pois a lei nenhuma coisa aperfeiçoou) e desta sorte é introduzida uma melhor esperança, pela qual chegamos a Deus.
20 Kanjalo, ngangokuba engamiswanga, kungabangakho sifungo (kuba bona aba okunene benziwe ababingeleli kungafungwanga;"
20 E visto como não é sem prestar juramento (porque certamente aqueles, sem juramento, foram feitos sacerdotes,
21 kodwa yena umiswe ngokufunga kwalowo wathi kuye, Yafunga iNkosi, ayiyi kuzohlwaya: Wena ungumbingeleli ngonaphakade, ngokohlobo lukaMelkitsedeke):"
21 Mas este com juramento por aquele que lhe disse: Jurou o Senhor, e não se arrependerá; Tu és sacerdote eternamente, Segundo a ordem de Melquisedeque,
22 ngangoko ke uYesu waba ngummeli wowona ulungileyo umnqophiso."
22 De tanto melhor aliança Jesus foi feito fiador.
23 Bathe bona ababingeleli baba baninzi, ngenxa yokuba ukufa kwakungavumi ukuba bahlale behleli;"
23 E, na verdade, aqueles foram feitos sacerdotes em grande número, porque pela morte foram impedidos de permanecer,
24 ke yena, ngenxa yokuba ehleli ngonaphakade, unobubingeleleli obungenakudlula."
24 Mas este, porque permanece eternamente, tem um sacerdócio perpétuo.
25 Ngoko unako nokubasindisa kanye abo bezayo ngaye kuThixo, ehlala ehleli nje ukuba abathethelele."
25 Portanto, pode também salvar perfeitamente os que por ele se chegam a Deus, vivendo sempre para interceder por eles.
26 Kuba ubesifanele umbingeleli omkhulu onjalo, ongcwele, ongenabubi, ongenabala, owahlukileyo kubo aboni, othe waba ngaphezu kwalo izulu;"
26 Porque nos convinha tal sumo sacerdote, santo, inocente, imaculado, separado dos pecadores, e feito mais sublime do que os céus;
27 ekungafunekiyo ukuba athi imihla ngemihla, njengababingeleli abakhulu abaya, anyuse kuqala amadini ngenxa yezono ezizezakhe, andule ukunyusa ngenxa yezabantu; kuba oko wakwenza kwaba kanye, ekuzinyuseni ngokwakhe ngokwedini."
27 Que não necessitasse, como os sumos sacerdotes, de oferecer cada dia sacrifícios, primeiramente por seus próprios pecados, e depois pelos do povo; porque isto fez ele, uma vez, oferecendo-se a si mesmo.
28 Kuba umthetho umisa abantu benobulwelwe, babe ngababingeleli abakhulu; ke lona ilizwi lesifungo, esingasemva komthetho, limise uNyana, egqibelele ngonaphakade."
28 Porque a lei constitui sumos sacerdotes a homens fracos, mas a palavra do juramento, que veio depois da lei, constitui ao Filho, perfeito para sempre.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Hebreus 7, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.