Hebreus 6

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ACF

Sair da comparação
ACF Almeida Corrigida Fiel
1 Endithi ngoko, masithi, siyeka elengqalo ilizwi elithetha ngoKristu, siqhubele kwelokukhula; singabuyi siseke ngeloguquko emisebenzini efileyo, nokukholwa kuThixo,"
1 Por isso, deixando os rudimentos da doutrina de Cristo, prossigamos até à perfeição, não lançando de novo o fundamento do arrependimento de obras mortas e de fé em Deus,
2 ngelemfundiso yeembhaptizo, neyokubekwa izandla, neyovuko lwabafileyo, neyogwebo olungunaphakade."
2 E da doutrina dos batismos, e da imposição das mãos, e da ressurreição dos mortos, e do juízo eterno.
3 Oko ke sokwenza, ukuba angaba uthe uThixo wavuma."
3 E isto faremos, se Deus o permitir.
4 Kuba abo bakha bakhanyiselwa, basiva isipho sasemazulwini, baba ngamadlelana ngoMoya oyiNgcwele,"
4 Porque é impossível que os que já uma vez foram iluminados, e provaram o dom celestial, e se fizeram participantes do Espírito Santo,
5 bayiva incasa yelizwi elihle likaThixo, kwanamandla ephakade eliza kubakho,"
5 E provaram a boa palavra de Deus, e as virtudes do século futuro,
6 baza babuya bakreqa: akunakwenzeka ukuba babuye bahlaziyelwe enguqukweni; ekubeni bephinda ukuzibethelelela emnqamlezweni uNyana kaThixo, bamhlaze ekuhleni."
6 E recaíram, sejam outra vez renovados para arrependimento; pois assim, quanto a eles, de novo crucificam o Filho de Deus, e o expõem ao vitupério.
7 Kuba umhlaba lo, uyiselayo imvula eza futhi phezu kwawo, uvelise imifuno elungele bona abo ulinywa nokulinywa ngenxa yabo, wamkela intsikelelo kuThixo;"
7 Porque a terra que embebe a chuva, que muitas vezes cai sobre ela, e produz erva proveitosa para aqueles por quem é lavrada, recebe a bênção de Deus;
8 ke, othi uvelise imithana enameva neenkunzane, awunto yanto, ukufuphi nengqalekiso; esiphelo sisa ekutshisweni."
8 Mas a que produz espinhos e abrolhos, é reprovada, e perto está da maldição; o seu fim é ser queimada.
9 Ke ngani nina, zintanda, sikholose ngelokuthi, nineendawo ezilungileyo kunezo, iindawo eziyelelene nosindiso, nakuba sisenjenje ukuthetha;"
9 Mas de vós, ó amados, esperamos coisas melhores, e coisas que acompanham a salvação, ainda que assim falamos.
10 kuba akanantswela-bulungisa uThixo, ukude awulibale umsebenzi wenu, nomzamo wothando enalubonakalalisa kulo igama lakhe, nabalungiselelayo nje abangcwele, nisamana nibalungiselela."
10 Porque Deus não é injusto para se esquecer da vossa obra, e do trabalho do amor que para com o seu nome mostrastes, enquanto servistes aos santos; e ainda servis.
11 Sinqwenela ke, ukuba ulowo kuni alubonakalalise kwaolo lukhuthalo, asingise kwinzaliseko yethemba, ade ase ekupheleni, ukuze ningabi ngababuthuntu;"
11 Mas desejamos que cada um de vós mostre o mesmo cuidado até ao fim, para completa certeza da esperança;
12 ke nibe ngabaxelisa abo bathi, ngokholo nangokunyamezela, bawadla ilifa amadinga."
12 Para que vos não façais negligentes, mas sejais imitadores dos que pela fé e paciência herdam as promessas.
13 Kuba wathi uThixo, akumbeka ngedinga uAbraham, ekubeni bekungekho namnye umkhulu kunaye angamfungayo, wazifunga yena,"
13 Porque, quando Deus fez a promessa a Abraão, como não tinha outro maior por quem jurasse, jurou por si mesmo,
14 esithi, Inene, ndiya kuthi, ndisikelela, ndikusikelele; ndithi, ndisandisa, ndikwandise."
14 Dizendo: Certamente, abençoando te abençoarei, e multiplicando te multiplicarei.
15 Waza ngokunjalo, enokunyamezela, walifumanisa idinga."
15 E assim, esperando com paciência, alcançou a promessa.
16 Kuba abantu okunene bafunga lowo umkhulu kubo, sithi kubo isifungo siphelise yonke impikiswano, sise engqinisekweni."
16 Porque os homens certamente juram por alguém superior a eles, e o juramento para confirmação é, para eles, o fim de toda a contenda.
17 Uthe ngoko uThixo, enga angathi ngokukhona kugqithiseleyo akubonakalalise kwiindlalifa zedinga ukungaguquleki kwecebo lakhe, wasuka walamla ngesifungo;"
17 Por isso, querendo Deus mostrar mais abundantemente a imutabilidade do seu conselho aos herdeiros da promessa, se interpôs com juramento;
18 ukuze kuthi, ngezinto ezimbini ezingenakuguquleka, angenako ukuxoka ngazo uThixo, sithi thina, basindileyo, sabamba ithemba elibekwe phambi kwethu, sibe novuselelo olunamandla;"
18 Para que por duas coisas imutáveis, nas quais é impossível que Deus minta, tenhamos a firme consolação, nós, os que pomos o nosso refúgio em reter a esperança proposta;
19 ithemba ke esinalo ngokweankile yomphefumlo, linqabile, likwaqinile, lingena liye ngaphaya kwesikhuselo;"
19 A qual temos como âncora da alma, segura e firme, e que penetra até ao interior do véu,
20 apho umanduleli uYesu wangena khona ngenxa yethu, ethe, ngokohlobo lukaMelkitsedeke, waba ngumbingeleli omkhulu osa ephakadeni."
20 Onde Jesus, nosso precursor, entrou por nós, feito eternamente sumo sacerdote, segundo a ordem de Melquisedeque.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Hebreus 6, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.