Gênesis 7

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH

Sair da comparação
NTLH Nova Tradução na Linguagem de Hoje 2000
1 Wathi uYehova kuNowa, Ngena, wena nendlu yakho yonke, emkhombeni, ngokuba ndibona wena ilungisa phambi kwam kwesi sizukulwana."
1 Depois o Senhor Deus disse a Noé: — Entre na barca, você e toda a sua família, pois eu tenho visto que você é a única pessoa que faz o que é certo.
2 Kwizinto zonke ezizitho zine ezihlambulukileyo, thabathela kuwe ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi yayo; kwizinto ezizitho zine eziziinqambi thabatha ngambini, inkunzi nemazi yayo;"
2 Leve junto com você sete casais de cada espécie de animal puro e um casal de cada espécie de animal impuro .
3 nakwiintaka zezulu ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi, ukuze imbewu igcinakale ehlabathini lonke."
3 Leve também sete casais de cada espécie de ave para que se conservem as espécies que existem na terra.
4 Kuba zisesixhenxe iintsuku, ndize ndinise imvula ehlabathini iimini zibe mashumi mane nobusuku obumashumi mane, ndiyicime into yonke emiyo endayenzayo, ingabikho phezu kwehlabathi."
4 Pois daqui a sete dias eu vou fazer chover durante quarenta dias e quarenta noites. Assim vou acabar com todos os seres vivos que criei.
5 Wenza uNowa konke uYehova awamwisela umthetho ngako."
5 E Noé fez tudo conforme o que o Senhor Deus havia mandado.
6 UNowa waye eminyaka imakhulu mathandathu ezelwe, wabakho unogumbe wamanzi ehlabathini."
6 Noé tinha seiscentos anos de idade quando as águas do dilúvio cobriram a terra.
7 Wangena uNowa emkhombeni, enoonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye, ngenxa yamanzi onogumbe."
7 A fim de escapar do dilúvio, ele entrou na barca junto com os seus filhos, a sua mulher e as suas noras.
8 Kuzo izinto ezizitho zine ezihlambulukileyo, nakuzo izinto ezizitho zine eziziinqambi, nakuzo iintaka, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni,"
8 Os animais puros e os impuros, os que se arrastam pelo chão e as aves
9 kwangena ngambini, ngambini, kuNowa emkhombeni, inkunzi nemazi, njengoko uThixo abemwisele umthetho uNowa."
9 entraram com Noé na barca de dois em dois, macho e fêmea, como Deus havia mandado.
10 Kwathi emva kweentsuku ezisixhenxe, amanzi onogumbe abakho ehlabathini."
10 Sete dias depois, as águas do dilúvio começaram a cobrir a terra.
11 Ngomnyaka wamakhulu omathandathu wokudla ubomi kukaNowa, ngenyanga yesibini, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, kanye ngayo loo mini, yagqabhuka yonke imithombo yamanzi enzonzobila enkulu, iingcango zezulu zavuleka."
11 Nesse tempo Noé tinha seiscentos anos. No dia dezessete do segundo mês, se arrebentaram todas as fontes do grande mar , e foram abertas as janelas do céu,
12 Wabakho umvumbi wemvula ehlabathini iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mani."
12 e caiu chuva sobre a terra durante quarenta dias e quarenta noites.
13 Wangena emkhombeni kwangaloo mini uNowa, noShem noHam noYafete, oonyana bakaNowa, nomkaNowa, nabafazi bobathathu boonyana bakhe, ndawonye naye."
13 Nesse mesmo dia Noé e a sua mulher entraram na barca junto com os seus filhos Sem, Cam e Jafé e as suas mulheres.
14 Bona, neento zonke eziphilileyo ngohlobo lwazo, nezinto zonke ezizitho zine ngohlobo lwazo, nezinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni ngohlobo lwazo, neentaka zonke ngohlobo lwazo, iinto zonke eziphaphazelayo, ezinamaphiko,"
14 Com eles entraram animais de todas as espécies: os domésticos e os selvagens, os que se arrastam pelo chão e as aves.
15 zangena kuNowa emkhombeni, ngambini, ngambini, kwinyama yonke enomoya wokuphila kuyo."
15 Todos os animais entraram com Noé na barca, de dois em dois.
16 Zangena iinkunzi neemazi kwinyama yonke; zangena njengoko uThixo abemwisele umthetho. UYehova wamvalela ngaphakathi."
16 Entraram machos e fêmeas de cada espécie, de acordo com o que Deus havia mandado Noé fazer. Aí o Senhor fechou a porta da barca.
17 Yaba ngunogumbe imihla emashumi mane ehlabathini, enyuka amanzi, awufukula umkhombe, wafunquleka emhlabeni."
17 O dilúvio durou quarenta dias. A água subiu e levantou a barca, e ela começou a boiar.
18 Aba namandla amanzi, enyuka kunene ehlabathini, wahamba umkhombe phezu kwamanzi."
18 A água foi subindo, e a barca continuou a boiar.
19 Aba namandla amanzi kunene kakhulu ehlabathini, zagutyungelwa zonke iintaba eziphakamileyo kakhulu, eziphantsi kwamazulu onke."
19 A água subiu tanto, que cobriu todas as montanhas mais altas da terra.
20 Aba namandla amanzi, ada aba ziikubhite ezilishumi elinantlanu, ethabathela phezulu; zagutyungelwa ke iintaba."
20 E depois ainda subiu mais sete metros.
21 Yaphuma umphefumlo yonke inyama enambuzelayo emhlabeni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho zine, nakwizinto eziphilileyo, nakwinyakanyaka yonke enyakazelayo emhlabeni, nabantu bonke."
21 Morreram todos os seres vivos que havia na terra, isto é, as aves, os animais domésticos, os animais selvagens, os animais que se arrastam pelo chão e os seres humanos.
22 Iinto zonke ezikuphefumla komoya wokuphila kusemathatheni azo, kwiinto zonke ezisemhlabeni owomileyo, zafa."
22 Morreu tudo o que havia na terra, tudo o que tinha vida e respirava.
23 Zabhujiswa ke izinto zonke ezimiyo, eziphezu komhlaba, kwathabathela emntwini kwesa ezintweni ezizitho zine, nasezinambuzaneni, nasezintakeni zezulu; zabhujiswa azabakho ehlabathini; kwasala uNowa yedwa, nababenaye emkhombeni."
23 Somente Noé e os que estavam com ele na barca ficaram vivos. O resto foi destruído, isto é, os seres humanos, os animais domésticos, os animais selvagens e os que se arrastam pelo chão e as aves.
24 Aba namandla amanzi ehlabathini imihla elikhulu elinamanci mahlanu."
24 Só cento e cinquenta dias depois é que a água começou a baixar.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Gênesis 7, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.