Gênesis 6
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NTLH
1 Kuthe bakuqala ukwanda abantu ehlabathini, bakuzalelwa iintombi,"
1 Quando as pessoas começaram a se espalhar pela terra e tiveram filhas,
2 bazibona oonyana bakaThixo iintombi zabantu ukuba zintle, bazeka abafazi kuzo zonke abazinyulayo."
2 os filhos de Deus viram que essas mulheres eram muito bonitas. Então escolheram as que eles quiseram e casaram com elas.
3 Wathi uYehova, UMoya wam akayi kulawula ebantwini ngonaphakade; ekulahlekeni kwabo bayinyama; imihla yabo iya kuba yiminyaka elikhulu elinamanci mabini."
3 Aí o Senhor Deus disse: — Não deixarei que os seres humanos vivam para sempre, pois são mortais. De agora em diante eles não viverão mais do que cento e vinte anos.
4 Kwakukho iingxilimbela ehlabathini ngaloo mihla; kananjalo emveni koko, xeshikweni oonyana bakaThixo bangenayo kuzo iintombi zabantu, zabazalela abantwana. Aba baba ngamagorha ababekho kwasephakadeni, amadoda adumileyo."
4 Havia gigantes na terra naquele tempo e também depois, quando os filhos de Deus tiveram relações com as filhas dos homens e estas lhes deram filhos. Esses gigantes foram os heróis dos tempos antigos, homens famosos.
5 Wabona uThixo ukuba ububi babantu bandile ehlabathini, konke ukuyila kweengcinga zentliziyo yabo kubububi bodwa imihla yonke."
5 Quando o Senhor viu que as pessoas eram muito más e que sempre estavam pensando em fazer coisas erradas,
6 Wazohlwaya uYehova, ngokuba emenzile umntu ehlabathini, kwaba buhlungu kuye entliziyweni."
6 ficou muito triste por haver feito os seres humanos. O Senhor ficou tão triste e com o coração tão pesado,
7 Wathi uYehova, Ndiya kumcima umntu endimdalileyo, angabikho ehlabathini, kuthabathele emntwini kuse ezinkomeni, kuse ezinambuzaneni, kuse ezintakeni zezulu, ngokuba ndizohlwaya ngokuba ndizenzile ezo zinto."
7 que disse: — Vou fazer desaparecer da terra essa gente, que criei, e também todos os animais, os seres que se arrastam pelo chão e as aves, pois estou muito triste porque os criei.
8 UNowa yena wababalwa nguYehova."
8 Mas o Senhor Deus aprovava o que Noé fazia.
9 Yiyo le ke inzala kaNowa. UNowa waye eyindoda elilungisa, egqibeleleyo, ezizukulwaneni zakhe. UNowa wahamba noThixo."
9 — ausente —
10 UNowa wazala oonyana abathathu: uShem noHam noYafete."
10 — ausente —
11 Ihlabathi lalonakele ebusweni bukaThixo; ihlabathi lalizele lugonyamelo."
11 Para Deus todas as outras pessoas eram más, e havia violência por toda parte.
12 UThixo walikhangela ihlabathi, nalo, lonakele! Ngokuba yonke inyama ibiyonakalisile indlela yayo ehlabathini."
12 Deus olhou para o mundo e viu que estava cheio de pecado, pois todas as pessoas só faziam coisas más.
13 Wathi uThixo kuNowa, Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam; ngokuba ihlabathi lizele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona ke, ndiya kubonakalisa, bona ndawonye nehlabathi."
13 Deus disse a Noé: — Resolvi acabar com todos os seres humanos. Eu os destruirei completamente e destruirei também a terra, pois está cheia de violência.
14 Zenzele ke umkhombe ngemithi yegofere, uwenze izindlu umkhombe, uwuqabe ngaphakathi nangaphandle ngebhitumene."
14 Pegue madeira boa e construa para você uma grande barca. Faça divisões nela e tape todos os buracos com piche, por dentro e por fora.
15 Wenjenje ukuwenza: bube ngamakhulu omathathu eekubhite ubude bomkhombe, namashumi omathathu eekubhite ububanzi bawo, namashumi omathathu eekubhite ukuphakama kwawo."
15 As medidas serão as seguintes: cento e trinta e três metros de comprimento por vinte e dois de largura por treze de altura.
16 Wenze ikroba emkhombeni, ukuligqiba kwakho kube yikubhite enye, ithabathela phezulu; umnyango womkhombe uwumise ecaleni lawo; wenze izindlu zodidi lwaphantsi, nolwesibini, nolwesithathu."
16 Faça uma cobertura para a barca e deixe um espaço de meio metro entre os lados e a cobertura. Construa três andares na barca e ponha uma porta num dos lados.
17 Mna ke, uyabona, ndihlisa unogumbe wamanzi ehlabathini, wokonakalisa yonke inyama enomoya wokuphila kuyo, ephantsi kwamazulu; konke okusehlabathini kuya kuphuma umphefumlo;"
17 Vou mandar um dilúvio para cobrir a terra, a fim de destruir tudo o que tem vida; tudo o que há na terra morrerá.
18 ndiwumise umnqophiso wam nawe, ungene emkhombeni wena, noonyana bakho, nomkakho, nabafazi boonyana bakho, ndawonye nawe."
18 Mas com você eu vou fazer uma aliança . Portanto, entre na barca e leve com você a sua mulher, os seus filhos e as suas noras. Também leve para dentro da barca um macho e uma fêmea de todas as espécies de aves, de todas as espécies de animais e de todas as espécies de seres que se arrastam pelo chão, a fim de conservá-los vivos.
19 Kwizinto zonke eziphilileyo, kwinyama yonke, uze ungenise emkhombeni ngambini kuzo zonke, ukuze zisindiswe nawe, ibe yinkunzi nemazi;"
19 — ausente —
20 kwiintaka ngohlobo lwazo, kwiinkomo ngohlobo lwazo, kuzo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo, zibe ngambini kuzo zonke, eziya kungena kuwe, ukuba zisindiswe."
20 — ausente —
21 Wena ke, uthabathele kuwe ekudleni konke okudliwayo, uhlanganisele kuwe kube kukudla kuwe nakuzo."
21 Ajunte e leve todo tipo de comida para que você e os animais tenham o que comer.
22 Wenza uNowa konke uThixo abemwisele umthetho ngako, wenza njengoko."
22 E Noé fez tudo conforme Deus havia mandado.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Gênesis 6, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.