Gênesis 50
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC
1 Wawa uYosefu phezu kobuso bukayise, walila phezu kwakhe, wamanga."
1 José atirou-se então sobre o rosto de seu pai e o beijou chorando.
2 UYosefu wabawisela umthetho abakhonzi bakhe, amagqirha, ukuba amqhole uyise; amagqirha amqhola ke uSirayeli."
2 Ordenou depois aos médicos que o serviam, que embalsamassem seu pai; e os médicos embalsamaram Israel.
3 Bamzalisela imihla emashumi mane, kuba bebesenjenjalo ukuyizalisa imihla yabaqholiweyo; amaYiputa amlilela imihla emashumi asixhenxe."
3 Gastaram nisso quarenta dias, que é o tempo necessário ao embalsamamento. Os egípcios choraram-no durante setenta dias.
4 Yadlula ke imihla yokulilelwa kwakhe, uYosefu wathetha kwindlu kaFaro, wathi, Ukuba kaloku niyandibabala, khanithethe ezindlebeni zikaFaro, nithi,"
4 Passado o tempo do pranto, José disse à casa do faraó: "Se achei graça aos vossos olhos, dizei de minha parte ao faraó
5 Ubawo wandifungisa esithi, Yabona, ndiza kufa; engcwabeni lam endizimbeleyo ezweni lakwaKanan, wondingcwabela khona apho. Ngoko makhe ndinyuke ndiye kumngcwaba ubawo; ndobuya ndibuye."
5 que meu pai me fez jurar-lhe: Eu vou morrer, disse-me ele; tu me enterrarás no túmulo que adquiri na terra de Canaã. Permite-me, pois, subir e enterrar meu pai; depois voltarei".
6 Wathi uFaro, Nyuka uye kumngcwaba uyihlo ngoko akufungise ngako."
6 O faraó respondeu: "Vai sepultar teu pai como ele te fez jurar".
7 Wenyuka ke uYosefu waya kumngcwaba uyise; benyuka naye bonke abakhonzi bakaFaro, amadoda amakhulu endlu yakhe, amadoda amakhulu onke ezwe laseYiputa;"
7 José partiu para sepultar seu pai. Todos os servos do faraó, os anciãos de sua casa e todos os anciãos do Egito,
8 nendlu kaYosefu yonke, nabazalwana bakhe, nendlu kayise. Kwasala iintsapho zabo zodwa, nempahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, ezweni laseGoshen."
8 toda a casa de José, seus irmãos e a casa de seu pai o seguiram. Deixaram na terra de Gessém somente seus filhinhos, suas ovelhas e seus bois.
9 Kwenyuka naye iinqwelo, nabamahashe, yaba ngumkhosi omkhulu kunene."
9 Carros e cavaleiros acompanhavam-no, de sorte que a caravana era muito grande.
10 Bafika esandeni sika-Atadi esiphesheya kweYordan, bambambazela izifuba, batsho khona ngesililo esikhulu, esinzima kunene; bamenzela uyise isijwili imihla esixhenxe."
10 Chegando à eira de Atad, além do Jordão, fizeram uma grande e solene lamentação, e José celebrou, em honra de seu pai, um pranto de sete dias.
11 Basibona abemi belo zwe, amaKanan, isijwili esandeni sika-Atadi, bathi, Sikhulu esi sijwili kumaYiputa; ngenxa yoko kwathiwa igama laso yiAbhele-mitserayim, ephesheya kweYordan."
11 Vendo esse pranto na eira de Atad, o povo daquela terra disse: "Grande pranto é esse dos egípcios!" Daí o nome de Abel-Misraim dado a esse lugar, que está situado além do Jordão.
12 Oonyana bakhe benza ke kuye njengokuyolela kwakhe."
12 Os filhos de Jacó fizeram, pois, o que ele lhes tinha ordenado.
13 Bamthwala oonyana bakhe, bamsa ezweni lakwaKanan, bamngcwaba emqolombeni wentsimi yaseMakapela, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi, ukuba ube yindawo eyiyeyakhe yokungcwaba, kuEfron umHiti phambi kowakwaMamre."
13 Levaram-no para Canaã e enterraram-no na caverna da terra de Macpela, que Abraão tinha comprado, juntamente com a propriedade de Efrom, o hiteu, defronte de Mambré, para ter a propriedade de uma sepultura.
14 UYosefu wabuyela eYiputa ke, yena nabazalwana bakhe, nabo bonke abenyuka naye beya kumngcwaba uyise, emva kokungcwaba kwakhe uyise."
14 Depois do enterro, José voltou para o Egito com seus irmãos e todos os que o tinham acompanhado nos funerais de seu pai.
15 Ke kaloku abakhuluwa bakaYosefu babona ukuba uyise wabo ufile, bathi, Azi uYosefu uya kusitshutshisa na, abubuyisele kanye na kuthi bonke ububi esimenzele bona?"
15 Os irmãos de José, vendo que seu pai morrera, disseram entre si: "Será que José nos tomará em aversão e irá vingar-se de todo o mal que lhe fizemos?"
16 Bathumela kuYosefu, besithi, Uyihlo wayolela phambi kokufa kwakhe, wathi,"
16 Mandaram, pois, dizer-lhe: "Antes de morrer, teu pai recomendou-nos
17 Notsho kuYosefu ukuthi, Khawuluxolele ukreqo lwabakhuluwa bakho, nesono sabo sokuba bekwenze into embi; ngoko khawuluxolele ukreqo lwabakhozi boThixo wooyihlo. Walila uYosefu ekuthetheni kwabo kuye."
17 que te pedíssemos perdão do crime que teus irmãos cometeram, de seu pecado, de todo o mal que te fizeram. Perdoa, pois, agora esse crime àqueles que servem o Deus de teu pai". Ouvindo isso, José chorou.
18 Baya nabakhuluwa bakhe, baziphosa phantsi phambi kwakhe, bathi, Yabona, singabakhonzi bakho."
18 Seus irmãos vieram jogar-se aos seus pés, dizendo: "Somos teus escravos!"
19 Wathi uYosefu kubo, Musani ukoyika; ndisesikhundleni sikaThixo yini na?"
19 José disse-lhes: "Não temais: posso eu pôr-me no lugar de Deus?
20 Nina nacinga ububi ngam; ke yena uThixo wacinga okulungileyo, ukuze kuthi, njengoko kwenzekileyo namhla, kusinde abantu abaninzi."
20 Vossa intenção era de fazer-me mal, mas Deus tirou daí um bem; era para fazer, como acontece hoje, com que se conservasse a vida a um grande povo.
21 Ngoko musani ukoyika; ndonondla nina, nentsapho yenu. Wabathuthuzela ke, wathetha kakuhle nabo."
21 Não temais, pois: eu vos sustentarei a vós e a vossos filhos". Estas palavras, que lhes foram direito ao coração, reconfortaram-nos.
22 UYosefu wena eYiputa, yena nendlu kayise. UYosefu wahlala iminyaka elikhulu elinashumi-nye."
22 José habitou no Egito, e também a família de seu pai. Viveu cento e dez anos.
23 UYosefu wabona oonyana besesithathu isizukulwana sikaEfrayim, kwanoonyana bakaMakire, unyana kaManase, ababezalelwe emadolweni kaYosefu."
23 Viu os descendentes de Efraim até a terceira geração. Igualmente, os filhos de Maquir, filho de Manassés, vieram à luz sobre os joelhos de José.
24 Wathi uYosefu kubakhuluwa bakhe, Ndiza kufa; uThixo okunene uya kunivelela, aninyuse, niphume kweli lizwe, niye ezweni abelifungele uAbraham, noIsake, noYakobi."
24 José disse a seus irmãos: "Vou morrer; mas Deus vos visitará seguramente e vos fará subir desta terra para a terra que jurou dar a Abraão, Isaac e a Jacó".
25 UYosefu wabafungisa oonyana bakaSirayeli, esithi, UThixo okunene eya kunivelela nje, nowanyusa amathambo am, emke apha."
25 E José fez que os filhos de Israel jurassem: "Quando Deus vos visitar, disse ele, levareis daqui os meus ossos".
26 Wafa ke uYosefu engominyaka ilikhulu linashumi-nye; bamqhola; wafakwa etyeyeni eYiputa."
26 José morreu com a idade de cento e dez anos. Foi embalsamado e depositado num sarcófago no Egito.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Gênesis 50, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.