Gênesis 42
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ACF
1 Wabona uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wathi uYakobi koonyana bakhe, Yini na ukuba nikhangelane?"
1 Vendo então Jacó que havia mantimento no Egito, disse a seus filhos: Por que estais olhando uns para os outros?
2 Wathi, Yabonani, ndivile ukuba kukho ingqolowa eYiputa; yihlani niye khona, nisithengele ingqolowa, siphile, singafi."
2 Disse mais: Eis que tenho ouvido que há mantimentos no Egito; descei para lá, e comprai-nos dali, para que vivamos e não morramos.
3 Behla abakhuluwa bakaYosefu abalishumi, beya kuthenga ingqolowa eYiputa."
3 Então desceram os dez irmãos de José, para comprarem trigo no Egito.
4 Kodwa uBhenjamin, umninawa kaYosefu, uYakobi akamthumanga nabakhuluwa bakhe; kuba wathi, hleze ahlelwe yingozi."
4 A Benjamim, porém, irmão de José, não enviou Jacó com os seus irmãos, porque dizia: Para que lhe não suceda, porventura, algum desastre.
5 Oonyana bakaSirayeli beza kuthenga ingqolowa phakathi kwabo bezayo; kuba indlala ibikho ezweni lakwaKanan."
5 Assim, entre os que iam lá foram os filhos de Israel para comprar, porque havia fome na terra de Canaã.
6 UYosefu wayengumlawuli welizwe elo; yena wayethengisa ngengqolowa kubo bonke abantu belizwe elo; bafika ke abakhuluwa bakaYosefu, baqubuda kuye ngobuso emhlabeni."
6 José, pois, era o governador daquela terra; ele vendia a todo o povo da terra; e os irmãos de José chegaram e inclinaram-se a ele, com o rosto em terra.
7 UYosefu wababona abakhuluwa bakhe, wabazi, wazenza ongabaziyo, wathetha nabo kalukhuni, wathi kubo, Nivela phi na? Bathi, Sivela ezweni lakwaKanan, size kuthenga ukudla."
7 E José, vendo os seus irmãos, conheceu-os; porém mostrou-se estranho para com eles, e falou-lhes asperamente, e disse-lhes: De onde vindes? E eles disseram: Da terra de Canaã, para comprarmos mantimento.
8 UYosefu wabazi abakhuluwa bakhe; ke bona abamnakananga."
8 José, pois, conheceu os seus irmãos; mas eles não o conheceram.
9 Wawakhumbula uYosefu amaphupha abewaphuphile ngabo, wathi kubo, Niziintlola nina; nize kubona ubuze belizwe eli."
9 Então José lembrou-se dos sonhos que havia tido deles e disse-lhes: Vós sois espias, e viestes para ver a nudez da terra.
10 Bathi kuye, Hayi, nkosi; abakhonzi bakho baze kuthenga ukudla."
10 E eles lhe disseram: Não, senhor meu; mas teus servos vieram comprar mantimento.
11 Sonke siphela singoonyana bamfo mnye; siyalungisa, abakhonzi bakho abazizo iintlola."
11 Todos nós somos filhos de um mesmo homem; somos homens de retidão; os teus servos não são espias.
12 Wathi kubo, Hayi, nize kubona ubuze belizwe eli."
12 E ele lhes disse: Não; antes viestes para ver a nudez da terra.
13 Bathi, Abakhonzi bakho balishumi elinababini; siyazalana, singoonyana bamfo mnye ezweni lakwaKanan. UYabona, omncinane ukubawo namhla, omnye akakho."
13 E eles disseram: Nós, teus servos, somos doze irmãos, filhos de um homem na terra de Canaã; e eis que o mais novo está com nosso pai hoje; mas um já não existe.
14 Wathi uYosefu kubo, Yile nto bendiyithetha kuni, ndisithi, Niziintlola."
14 Então lhes disse José: Isso é o que vos tenho dito, sois espias;
15 Niya kucikidwa ngale ndawo: ehleli nje uFaro, anisayi kuphuma apha, ukuba akathanga eze apha umninawa wenu omncinane."
15 Nisto sereis provados; pela vida de Faraó, não saireis daqui senão quando vosso irmão mais novo vier aqui.
16 Thumani omnye kuni apha, aphuthume umninawa wenu, nikhonkxwe nina; acikidwe amazwi enu ukuba ninenyaniso na; ukuba akubanga njalo, ehleli nje uFaro, inene noba niziintlola."
16 Enviai um dentre vós, que traga vosso irmão, mas vós ficareis presos, e vossas palavras sejam provadas, se há verdade convosco; e se não, pela vida de Faraó, vós sois espias.
17 Wabanikela bonke elugcinweni imihla yamithathu."
17 E pô-los juntos, em prisão, três dias.
18 UYosefu wathi kubo ngomhla wesithathu, Yenzani oku, niphile; kuba ndiyamoyika uThixo."
18 E ao terceiro dia disse-lhes José: Fazei isso, e vivereis; porque eu temo a Deus.
19 Ukuba ninyanisile, omnye umzalwana kuni apha makakhonkxwe endlwini yokugcinwa kwenu, nihambe nina, niyise ingqolowa ngenxa yendlala yezindlu zenu."
19 Se sois homens de retidão, que fique um de vossos irmãos preso na casa de vossa prisão; e vós ide, levai mantimento para a fome de vossa casa,
20 Umninawa wenu omncinane nimzise kum; okholeka ke amazwi enu, ningafi."
20 E trazei-me o vosso irmão mais novo, e serão verificadas vossas palavras, e não morrereis. E eles assim fizeram.
21 Benjenjalo ke. Bathetha omnye komnye besithi, Inyaniso, sinetyala ngenxa yomninawa wethu, sabe sikubona nje ukubandezeleka komphefumlo wakhe, oko abetarhuzisa kuthi, asamphulaphula; kungenxa yoko le nto kusifikeleyo oku kubandezeleka."
21 Então disseram uns aos outros: Na verdade, somos culpados acerca de nosso irmão, pois vimos a angústia da sua alma, quando nos rogava; nós porém não ouvimos, por isso vem sobre nós esta angústia.
22 Wabaphendulu uRubhen esithi, Ndabe ndingatsho na kuni ukuthi, Musani ukumona umfana? Anaphulaphula; yabonani ke, igazi lakhe liyabizwa."
22 E Rúben respondeu-lhes, dizendo: Não vo-lo dizia eu: Não pequeis contra o menino; mas não ouvistes; e vedes aqui, o seu sangue também é requerido.
23 Babengazi bona ukuba uYosefu uyeva, kuba kwakumi umkhumshi phakathi kwabo."
23 E eles não sabiam que José os entendia, porque havia intérprete entre eles.
24 Wathi guququ, walila; wabuya weza kubo, wathetha nabo, wamthabatha uSimon kubo, wamkhonkxa bekhangele."
24 E retirou-se deles e chorou. Depois tornou a eles, e falou-lhes, e tomou a Simeão dentre eles, e amarrou-o perante os seus olhos.
25 Wawisa umthetho uYosefu wokuba zizaliswe iingxowa zabo ngengqolowa, imali yabo ibuyiselwe kulowo nalowo engxoweni yakhe, banikwe nomphako wendlela; kwenjiwa njalo ke kubo."
25 E ordenou José, que enchessem os seus sacos de trigo, e que lhes restituíssem o seu dinheiro a cada um no seu saco, e lhes dessem comida para o caminho; e fizeram-lhes assim.
26 Bawabopha ingqolowa amaesile abo, bemka ke apho."
26 E carregaram o seu trigo sobre os seus jumentos e partiram dali.
27 Uthe ke omnye akuyivula ingxowa yakhe, ukuba aphe iesile lakhe iindiza apho balalisa khona, wayibona imali yakhe, esemlonyeni wengxowa yakhe."
27 E, abrindo um deles o seu saco, para dar pasto ao seu jumento na estalagem, viu o seu dinheiro; porque eis que estava na boca do seu saco.
28 Wathi kubazalwana bakhe, Ibuyisiwe imali yam; nantsi ikho nokubakho engxoweni yam. Baphela amandla, bakhangelana begubha, bathi, Yintoni na le ayenzileyo uThixo kuthi?"
28 E disse a seus irmãos: Devolveram o meu dinheiro, e ei-lo também aqui no saco. Então lhes desfaleceu o coração, e pasmavam, dizendo um ao outro: Que é isto que Deus nos tem feito?
29 Bafika kuYakobi uyise ezweni lakwaKanan, bamxelela yonke into ebahleleyo, besithi,"
29 E vieram para Jacó, seu pai, na terra de Canaã; e contaram-lhe tudo o que lhes aconteceu, dizendo:
30 Indoda, inkosi yelo zwe, yathetha nathi kalukhuni, yathi siziintlola zelo zwe."
30 O homem, o senhor da terra, falou conosco asperamente, e tratou-nos como espias da terra;
31 Sathi kuyo, Sinyanisile;"
31 Mas dissemos-lhe: Somos homens de retidão; não somos espias;
32 asizizo iintlola, singabazalwana abalishumi elinababini, oonyana bakabawo; omnye akakho, omncinane ukubawo namhla, ezweni lakwaKanan."
32 Somos doze irmãos, filhos de nosso pai; um não mais existe, e o mais novo está hoje com nosso pai na terra de Canaã.
33 Indoda leyo, inkosi yelo zwe, yathi kuthi, Ndiya kwazi ngale ndawo ukuba ninyanisile: shiyani abe mnye umzalwana wenu kum apha, niphathele izindlu zenu ukudla ngenxa yendlala, nihambe;"
33 E aquele homem, o senhor da terra, nos disse: Nisto conhecerei que vós sois homens de retidão; deixai comigo um de vossos irmãos, e tomai para a fome de vossas casas, e parti,
34 nimzise umninawa wenu omncinane kum, ndize ndazi ukuba ninyanisile, anizizo iintlola; ndimnikele kuni umzalwana wenu, nirhwebe ezweni apha."
34 E trazei-me vosso irmão mais novo; assim saberei que não sois espias, mas homens de retidão; então vos darei o vosso irmão e negociareis na terra.
35 Kwathi, bakukhuphela iingxowa zabo, babona isiqhuma semali salowo nalowo engxoweni yakhe; bakuzibona iziqhuma zabo zemali boyika, bona noyise."
35 E aconteceu que, despejando eles os seus sacos, eis que cada um tinha o pacote com seu dinheiro no seu saco; e viram os pacotes com seu dinheiro, eles e seu pai, e temeram.
36 Wathi kubo uYakobi uyise, Nindihluthe abantwana; uYosefu akakho, uSimon akakho, niza kuthabatha noBhenjamin; zikhwele kum zonke ezo zinto."
36 Então Jacó, seu pai, disse-lhes: Tendes-me desfilhado; José já não existe e Simeão não está aqui; agora levareis a Benjamim. Todas estas coisas vieram sobre mim.
37 Wathi uRubhen kuyise, Babulale bobabini oonyana bam, ukuba andithanga ndimzise kuwe; mnikele esandleni sam, ndombuyisela kuwe mna."
37 Mas Rúben falou a seu pai, dizendo: Mata os meus dois filhos, se eu não tornar a trazê-lo para ti; entrega-o em minha mão, e tornarei a trazê-lo.
38 Wathi yena, Unyana wam akasayi kuhla nani; ngokuba ufile umkhuluwa wakhe, yena usele yedwa. Ukuba uthe wahlelwa yingozi endleleni eniyihambayo, izimvi zam nozithobela kwelabafileyo ndinesingqala."
38 Ele porém disse: Não descerá meu filho convosco; porquanto o seu irmão é morto, e só ele ficou. Se lhe suceder algum desastre no caminho por onde fordes, fareis descer minhas cãs com tristeza à sepultura.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Gênesis 42, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.