Gênesis 31

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 Ke kaloku waweva amazwi oonyana bakaLabhan, besithi, UYakobi uzithabathile zonke izinto abenazo ubawo; ubenze ngezinto zikabawo obu butyebi bakhe bonke."
1 Jacó ouviu as palavras dos filhos de Labão, que diziam: "Jacó tomou tudo o que é de nosso pai, e é às suas custas que ele se tornou de tal forma rico."
2 Wabubona uYakobi ubuso bukaLabhan, nabo bungenjengezolo nezolo elinye kuye."
2 Observou também, pela fisionomia de Labão, que este não tinha mais para com ele os sentimentos de antes.
3 UYehova wathi kuYakobi, Buyela ezweni likayihlo, kwelokuzalwa kwakho; ndoba nawe."
3 O Senhor disse a Jacó: "Volta para a terra dos teus pais, para a tua parentela, e eu estarei contigo."
4 UYakobi wathumela, wabiza uRakeli noLeya, ukuba beze endle empahleni yakhe emfutshane."
4 Então Jacó mandou Raquel e Lia vir ao campo junto dos seus rebanhos:
5 Wathi kubo, Ndiyabubona ubuso bukayihlo, ukuba abunjengezolo nezolo elinye kum; ke uThixo kabawo ubenam."
5 "Vejo, disse-lhes ele, pelo semblante de vosso pai, que ele não é mais para comigo o mesmo que antes. Mas o Deus de meu pai está comigo.
6 Niyazi nina, ukuba uyihlo ndimkhonze ngamandla am onke;"
6 Sabeis que servi a vosso pai o melhor que pude,
7 ke uyihlo undidephisele, wawuguqula umvuzo wam kalishumi; kodwa uThixo akamvumelanga ukuba andenze into embi."
7 enquanto ele zombou de mim, mudando dez vezes o meu salário; mas Deus não lhe permitiu causar-me prejuízo.
8 Xa athe, Enala yoba ngumvuzo wakho isuke yonke impahla emfutshane yazala enala; xa athe, Enemizila yoba ngumvuzo wakho, isuke yonke impahla emfutshane yazala enemizila."
8 Quando ele dizia: os animais malhados serão o teu salário, todas as ovelhas davam à luz cordeiros malhados, e se dizia: os animais riscados serão o teu salário, todas as ovelhas davam à luz cordeiros riscados.
9 Wayihlutha uThixo imfuyo kayihlo, wandinika."
9 Foi Deus mesmo que tomou o rebanho de vosso pai para me dar.
10 Kwathi, ngexesha lokuphathana kwempahla emfutshane, ndawaphakamisa amehlo am, ndabona ephupheni, nanzo iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose."
10 No tempo em que os animais deviam conceber, eu levantava os olhos e via em sonhos que os bodes que cobriam as cabras eram listados, malhados e manchados.
11 Sathi isithunywa sikaThixo kum ephupheni, Yakobi; ndathi, Ndilapha."
11 Um anjo de Deus disse-me em sonhos: Jacó! Eis-me aqui, respondi.
12 Sathi, Khawuphakamise amehlo akho, ubone; zonke iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose; kuba ndizibonile zonke izinto azenzayo uLabhan kuwe."
12 Levanta os olhos e vê: todos os bodes que cobrem as cabras são listados, malhados e manchados, porque eu vi tudo o que te fez Labão.
13 NdinguThixo waseBheteli, apho wasithambisa khona isimiso, apho wabhambathisa ngesibhambathiso kum. Suka ngoko, uphume kweli lizwe, ubuyele ezweni lokuzalwa kwakho."
13 Eu sou o Deus de Betel, onde tu me consagraste uma estela e me fizeste um voto. Agora, vamos, sai daqui e volta para a terra de tua família."
14 Baphendula uRakeli noLeya, bathi kuye, Sisenasabelo nalifa lini na endlwini kabawo?"
14 Raquel e Lia responderam: "Resta-nos porventura ainda alguma parte de herança na casa de nosso pai?
15 Akuthiwa singabasemzini kuye yini na? Kuba uthengise ngathi, wamana eyidla nemali yethu."
15 Não nos tratou ele como estrangeiras, vendendo-nos e devorando o nosso dinheiro?
16 Ngoko kuze bonke ubutyebi abuhluthileyo uThixo kubawo, bube bobethu, noboonyana bethu, kaloku ke konke akuthethileyo uThixo kuwe kwenze."
16 Toda a riqueza, que Deus tomou de nosso pai, é para nós e para nossos filhos. Faze, pois, o que Deus te disse."
17 Wesuka uYakobi wabakhwelisa oonyana bakhe, nabafazi bakhe, ezinkameleni."
17 Levantou-se, pois, Jacó, e fez montar seus filhos e suas mulheres nos camelos.
18 Waqhuba yonke impahla yakhe, nayo yonke ingqwebo yakhe abeyiqwebile, impahla abeyifuyile, abeyiqwebile ePadan-aram, ukuze aye kuIsake uyise ezweni lakwaKanan."
18 Levou consigo todos os seus rebanhos, todos os bens que tinha ajuntado, o rebanho que lhe pertencia, adquirido em Padã-Arã, e partiu para junto de seu pai Isaac, na terra de Canaã.
19 ULabhan ubeye kucheba impahla yakhe emfutshane; uRakeli wayiba imilonde-khaya ebiyekayise."
19 Raquel, aproveitando um momento em que seu pai fora tosquiar suas ovelhas, roubou os terafim de seu pai;
20 UYakobi wamlalanisa uLabhan umAram, ekubeni engamxelelanga ukuba uyabaleka."
20 e Jacó enganou Labão, o arameu, ocultando-lhe sua fuga.
21 Wabaleke ke, yena nako konke abenako; wesuka, wawuwela uMlambo, wabubhekisa ubuso bakhe entabeni yaseGiliyadi."
21 Fugindo, pois, com tudo o que era seu, atravessou o rio e dirigiu-se para a montanha de Galaad.
22 Waxelelwa uLabhan ngomhla wesithathu ukuba uYakobi ubalekile."
22 Três dias depois, soube Labão da fuga de Jacó.
23 Wathabatha abazalwana bakhe, wamphuthuma uhambo lwemihla esixhenxe; bafumanana entabeni yaseGiliyadi."
23 E, tomando consigo seus irmãos, perseguiu-o durante sete dias de marcha, e alcançou-o na montanha de Galaad.
24 Weza uThixo kuLabhan umAram ephupheni ebusuku, wathi kuye, Zilumkele, ungathethi nto kuYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi."
24 Deus, porém, apareceu num sonho noturno a Labão, o arameu, e disse-lhe: "Guarda-te de dizer algo a Jacó."
25 ULabhan wafika kuYakobi. Ke kaloku uYakobi ubeyigxumekile intente yakhe entabeni; uLabhan nabazalwana bakhe bagxumeka entabeni yaseGiliyadi."
25 Labão alcançou, pois, Jacó. Este havia levantado sua tenda na montanha, enquanto Labão e seus irmãos tinham plantado a sua na montanha de Galaad.
26 Wathi uLabhan kuYakobi, Wenza ntoni na ukundilalanisa, uziqhube iintombi zam njengabathinjwe ngekrele?"
26 Labão disse a Jacó: "Que fizeste? Tu me enganaste, e conduziste minhas filhas como prisioneiras de guerra!
27 Yini na ukuba uzimele, ubaleke, undilalanise, ungandixeleli? Ngendiba ndokundulule ngemivuyo, nangeengoma, nangengqongqo, nangohadi."
27 Por que fugiste dessa forma, e me lograste em lugar de me avisar? Eu te teria despedido com manifestações de júbilo e com cânticos, ao som do tamborim e da harpa.
28 Yini na ukuba ungandivumeli ndibange oonyana bam neentombi zam? Kaloku wenze ngobudenge."
28 Não me deixaste beijar meus filhos e minhas filhas! Procedeste como um insensato.
29 Kusemandleni esandla sam ukunenza ububi; ke uThixo kayihlo uthethe nam phezolo, esithi, Zilumkele, ungathethi nto noYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi."
29 Eu poderia agora fazer-vos mal, mas o Deus de teu pai disse-me na última noite: Guarda-te de dizer algo a Jacó.
30 Ngoku umkileyo nje, ngokuba walangazelela kakhulu indlu kayihlo, uzibeleni na zona izithixo zam?"
30 E, se partiste somente porque tinhas saudade da casa paterna, então por que roubaste os meus deuses?"
31 Waphendula uYakobi wathi kuLabhan, Bendisoyika, kuba bendisithi, Hleze uzixhakamfule kum iintombi zakho."
31 Jacó respondeu-lhe: "Tive medo, ao pensar que poderias tirar-me tuas filhas;
32 Osukuba uzifumana kuye izithixo zakho, makangadli bomi. Phambi kwabazalwana bethu fanisa into yakho enam, uyithabathe. Wayengazi uYakobi ukuba uRakeli uzibile."
32 quanto aos teus deuses, porém, seja morto aquele que os tiver consigo! Examina o que está comigo, em presença de nossos parentes, e retoma o que é teu." Ora, Jacó ignorava o roubo de Raquel.
33 Wangena uLabhan ententeni kaYakobi, nasententeni kaLeya, nasententeni yeempelesi zombini; akazifumana. Waphuma ententeni kaLeya, wangena ententeni kaRakeli."
33 Labão entrou na tenda de Jacó, na de Lia e na das duas escravas, mas nada encontrou. Saindo da tenda de Lia, entrou na de Raquel.
34 Ke kaloku uRakeli ebeyithabathile imilonde-khaya, wayifaka phakathi kwesali yenkamela, wahlala phezu kwayo. ULabhan wayiphuthaphutha yonke intente, akayifumana."
34 Esta havia tomado os terafim e, colocando-os na sela do camelo, sentou-se em cima. Labão revistou toda a tenda, sem nada encontrar.
35 Wathi kuyise, Mawungabi namsindo, nkosi yam, kuba ndingenako ukusuka phambi kwakho, ngokuba ndihleli phezu kwengca. Wagquthagqutha, akayifumana imilonde-khaya."
35 Raquel disse ao seu pai: "Não se irrite o meu senhor, se não posso levantar-me em sua presença, pois acho-me agora com a indisposição que costuma vir às mulheres." Revistou, pois, mas não encontrou os terafim.
36 Wavutha umsindo kaYakobi, wabambana noLabhan. Waphendula uYakobi, wathi kuLabhan, Luyintoni na ukreqo lwam, siyintoni na isono sam, ukuba undisukele ngokushushu nje?"
36 Jacó encolerizou-se então contra Labão, e acabrunhou-o de censuras: "Qual é o meu crime?, disse-lhe ele. Qual é o meu pecado, para que te irrites desse modo contra mim?
37 Uziphuthaphuthile zonke iimpahla zam; ufumene ntoni na yazo zonke iimpahla zendlu yakho? Yibeke apha phambi kwabazalwana bam, nabazalwana bakho, bahlule phakathi kwethu sobabini."
37 Revistaste todas as minhas bagagens: que encontraste do que é teu? Mostra-me aqui em presença de meus parentes e dos teus, e sejam eles juízes entre nós dois.
38 Le minyaka imashumi mabini bendinawe; iimazi zakho zeegusha, neemazi zebhokhwe aziphunzanga, neenkunzi zempahla yakho emfutshane andizidlanga."
38 Há vinte anos que estou em tua casa: tuas ovelhas e tuas cabras não abortaram, não comi os carneiros do teu rebanho.
39 Into eqwengiweyo andiyizisanga kuwe, ndayimisela ngokwam; wayibiza esandleni sam nokuba ibiwe emini, nokuba ibiwe ebusuku."
39 Nunca te trouxe os animais estraçalhados pelas feras. Eu os repunha, pois tu o exigias, quer fossem roubados de dia, quer de noite.
40 Emini ndadliwa bubushushu, ebusuku yingqele; ubuthongo bam bemka emehlweni am."
40 Eu era queimado de dia pelo calor, e de noite pelo frio, e o sono fugia dos meus olhos.
41 Kwaba njalo kum le minyaka imashumi mabini endlwini yakho; ndakukhonza iminyaka elishumi elinamine ngenxa yeentombi zakho zombini, iminyaka emithandathu ngenxa yempahla yakho emfuthsane; uwuguqule kalishumi umvuzo wam."
41 Eis já vinte anos que estou em tua casa; servi-te catorze anos por tuas duas filhas, seis anos pelos teus rebanhos, e dez vezes modificaste o meu salário.
42 Koko uThixo kabawo, uThixo ka-Abraham, Ohlonelwa nguIsake, waba nam, inene unge undindulule ndilambatha ngoku. UThixo uzibonile iintsizi zam nokuxelenga kwezandla zam, wakohlwaya phezolo."
42 Se o Deus de meu pai, o Deus de Abraão, o Deus terrível de Isaac não se tivesse posto de meu lado, tu me terias hoje despedido com as mãos vazias. Deus viu minhas penas e meus trabalhos, e na última noite ele pronunciou-se.
43 ULabhan waphendula wathi kuYakobi, Iintombi ziintombi zam, oonyana ngoonyana bam, impahla emfutshane yimpahla yam, neento zonke ozibonayo zezam. Ndinakwenza ntoni na namhla ezintombini zam ezi, nakoonyana azo ezibazeleyo?"
43 Labão respondeu a Jacó: "Estas filhas são minhas filhas, estes filhos, meus filhos, e estes rebanhos, meus rebanhos: tudo o que vês é meu. Que farei eu agora contra minhas filhas, ou contra os filhos que elas deram ao mundo?
44 Yiza ngoku, senze umnqophiso, mna nawe, ube lingqina phakathi kwam nawe."
44 Vamos, façamos juntos um pacto que nos sirva de testemunho a nós dois."
45 UYakobi wathabatha ilitye, waliphakamisa lasisimiso."
45 Jacó tomou uma pedra e erigiu-a em estela,
46 Wathi uYakobi kubazalwana bakhe, Cholani amatye. Bathabatha amatye, benza imfumba, badla khona phezu kwaloo mfumba."
46 e disse aos seus parentes: "Trazei pedras." E, tendo juntado muitas, fizeram um monte, sobre o qual comeram.
47 Wathi ukuyibiza uLabhan yiYegarsahaduta, uYakobi wathi ukuyibiza yiGaledi."
47 Labão chamou-o Yegar-Saaduta, e Jacó, Galaad.
48 Wathi uLabhan, Le mfumba ilingqina phakathi kwam nawe namhla, ngenxa yoko yathiywa igama eliyiGaledi;"
48 Labão disse: "Este monte é hoje testemunha entre mim e ti",e por isso deu-se-lhe o nome de Galaad,
49 neliyiMizpa, ngokuba wathi Makobonisele uYehova phakathi kwam nawe, sakuba sisithelene;"
49 e também Mitspa, porque Labão disse ainda: "Que o Senhor nos vigie a nós ambos, quando nós nos tivermos despedido um do outro.
50 ukuba uthe wazicinezela iintombi zam, nokuba uthe wazeka abafazi phezu kweentombi zam, akukho bani unathi. Khangela, uThixo ulingqina phakathi kwam nawe."
50 Se maltratares minhas filhas, e se tomares outras mulheres além delas, não é um homem que estará conosco. Mas toma cuidado, pois é Deus que será testemunha entre nós."
51 ULabhan wathi kuYakobi, Yabona le mfumba, yabona esi simiso ndisiphakamisileyo phakathi kwam nawe;"
51 Labão disse ainda a Jacó: "Vês este monte de pedras e esta estela que levantei entre mim e ti.
52 ingqina yile mfumba, ingqina sesi simiso, ukuba andiyi kugqitha mna kule mfumba ndiye kuwe, ukuba akuyi kugqitha wena kule mfumba nakwesi simiso uze kum, senzane ububi."
52 Este monte é testemunho, e igualmente esta estela, de que eu não ultrapassarei este monte para o teu lado, e que tu não ultrapassarás este monte e esta estela para o meu lado para nos fazer mal.
53 UThixo ka-Abraham, uThixo kaNahore, uThixo woyise wabo, makagwebe phakathi kwethu. UYakobi wafunga Ohlomelwa nguyise uIsake."
53 O Deus de Abraão, o Deus de Nacor, o Deus de seus pais seja juiz entre nós!" E Jacó jurou pelo Deus terrível de Isaac.
54 UYakobi wabingelela umbingelelo entabeni apho, wabiza abazalwana bakhe, ukuba badle isonka. Badla ke isonka, balala entabeni apho."
54 Ofereceu um sacrifício sobre a montanha e convidou seus parentes para comer. Comeram e passaram a noite na montanha.
55 Wavuka uLabhan kusasa, wabanga oonyana bakhe, neentombi zakhe, wabasikelela; wemka ke uLabhan, wabuyela ekhayeni lakhe."
55 No dia seguinte pela manhã, Labão beijou seus filhos e suas filhas; abençoou-os e retomou o caminho de sua casa.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Gênesis 31, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.