Gênesis 30
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARA
1 Ke kaloku akubona uRakeli ukuba akamzaleli mntwana uYakobi, uRakeli wammonela udade wabo, wathi kuYakobi, Ndinike abantwana; ukuba akundiniki, ndofa."
1 Vendo Raquel que não dava filhos a Jacó, teve ciúmes de sua irmã e disse a Jacó: Dá-me filhos, senão morrerei.
2 Wavutha umsindo kaYakobi ngakuRakeli, wathi, Ndisesikhundleni sikaThixo na, okuvimbileyo isiqhamo sesizalo?"
2 Então, Jacó se irou contra Raquel e disse: Acaso, estou eu em lugar de Deus que ao teu ventre impediu frutificar?
3 Wathi yena, Nantso impelesi yam uBhiliha; yingene, izalele emadolweni am, ndakheke nam ngayo."
3 Respondeu ela: Eis aqui Bila, minha serva; coabita com ela, para que dê à luz, e eu traga filhos ao meu colo, por meio dela.
4 Wamnika ke uBhiliha, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumfazi; uYakobi wamngena."
4 Assim, lhe deu a Bila, sua serva, por mulher; e Jacó a possuiu.
5 Wamitha uBhiliha, wamzalela uYakobi unyana."
5 Bila concebeu e deu à luz um filho a Jacó.
6 Wathi uRhakeli, UThixo undigwebele, kananjalo uliphulaphule izwi lam, wandinika unyana; ngenxa yoko wamthiya igama elinguDan."
6 Então, disse Raquel: Deus me julgou, e também me ouviu a voz, e me deu um filho; portanto, lhe chamou Dã.
7 Wabuya wamitha uBhiliha, umkhonzazana kaRakeli, wamzalela uYakobi unyana wesibini."
7 Concebeu outra vez Bila, serva de Raquel, e deu à luz o segundo filho a Jacó.
8 Wathi uRakeli, Ndizamene nodade wethu imizamo kaThixo, kananjalo ndeyisa; wamthiya igama elinguNafetali."
8 Disse Raquel: Com grandes lutas tenho competido com minha irmã e logrei prevalecer; chamou-lhe, pois, Naftali.
9 Ke kaloku wabona uLeya ukuba unqamkile ukuzala, wathabatha uZilipa, umkhonzazana wakhe, wamnika uYakobi ukuba abe ngumfazi."
9 Vendo Lia que ela mesma cessara de conceber, tomou também a Zilpa, sua serva, e deu-a a Jacó, por mulher.
10 UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana."
10 Zilpa, serva de Lia, deu a Jacó um filho.
11 Wathi uLeya, Lithamsanqa! Wamthiya igama elinguGadi."
11 Disse Lia: Afortunada! E lhe chamou Gade.
12 UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana wesibini."
12 Depois, Zilpa, serva de Lia, deu o segundo filho a Jacó.
13 Wathi uLeya, Ndiva uyolo, ngokuba iintombi ziya kuthi ndinoyolo. Wamthiya igama elinguAshere."
13 Então, disse Lia: É a minha felicidade! Porque as filhas me terão por venturosa; e lhe chamou Aser.
14 Waya uRubhen ngemihla yovuno lwengqolowa, wafumana amathuma endle, wawazisa kuLeya unina. Wathi uRakeli kuLeya, Khawundiphe emathumeni onyana wakho lawo."
14 Foi Rúben nos dias da ceifa do trigo, e achou mandrágoras no campo, e trouxe-as a Lia, sua mãe. Então, disse Raquel a Lia: Dá-me das mandrágoras de teu filho.
15 Wathi kuye, Yinto encinane na ukuyithabatha indoda yam, ubuye uthabathe namathuma onyana wam? Wathi uRakeli, Ngako oko mayilale nawe ngobu busuku, ngenxa yamathuma onyana wakho lawo."
15 Respondeu ela: Achas pouco o me teres levado o marido? Tomarás também as mandrágoras de meu filho? Disse Raquel: Ele te possuirá esta noite, a troco das mandrágoras de teu filho.
16 Wafika uYakobi evela ezindle ngokuhlwa, waphuma uLeya esiya kumkhawulela, wathi, Uze undingene, kuba ndikuqeshile ngamathuma onyana wam. Walala ke naye ngobo busuku."
16 À tarde, vindo Jacó do campo, saiu-lhe ao encontro Lia e lhe disse: Esta noite me possuirás, pois eu te aluguei pelas mandrágoras de meu filho. E Jacó, naquela noite, coabitou com ela.
17 UThixo wamphulaphula uLeya; wamitha, wamzalela uYakobi unyana wesihlanu."
17 Ouviu Deus a Lia; ela concebeu e deu à luz o quinto filho.
18 Wathi uLeya, UThixo undinikile umvuzo wam, ngenxa yokuba indoda yam ndiyinike umkhonzazana wam."
18 Então, disse Lia: Deus me recompensou, porque dei a minha serva a meu marido; e chamou-lhe Issacar.
19 Wamthiya igama elinguIsakare. Wabuya wamitha uLeya, wamzalela uYakobi unyana wesithandathu."
19 E Lia, tendo concebido outra vez, deu a Jacó o sexto filho.
20 Wathi uLeya, UThixo undiphe isipho esilungileyo; okwesi sihlandlo indoda yam iya kuhlala nam, kuba ndiyizalele oonyana abathandathu. Wamthiya igama elinguZebhulon."
20 E disse: Deus me concedeu excelente dote; desta vez permanecerá comigo meu marido, porque lhe dei seis filhos; e lhe chamou Zebulom.
21 Emveni koko wazala intombi, wayithiya igama elinguDina."
21 Depois disto, deu à luz uma filha e lhe chamou Diná.
22 Ke kaloku uThixo wamkhumbula uRakeli uThixo wamphulaphula, wasivula isizalo sakhe."
22 Lembrou-se Deus de Raquel, ouviu-a e a fez fecunda.
23 Wamitha, wazala unyana, wathi, UThixo ukususile ukungcikivwa kwam."
23 Ela concebeu, deu à luz um filho e disse: Deus me tirou o meu vexame.
24 Wamthiya igama elinguYosefu, wathi, UYehova makongezelele omnye unyana."
24 E lhe chamou José, dizendo: Dê-me o Senhor ainda outro filho.
25 Kwathi, xa uRakeli ebemzele uYosefu, wathi uYakobi kuLabhan, Ndindulule ndiye endaweni yakowethu, ezweni lakowethu."
25 Tendo Raquel dado à luz a José, disse Jacó a Labão: Permite-me que eu volte ao meu lugar e à minha terra.
26 Ndinike abafazi bam nabantwana bam, endikukhonze ngenxa yabo, ndihambe; kuba wena uyayazi inkonzo yam endikukhonze ngayo."
26 Dá-me meus filhos e as mulheres, pelas quais eu te servi, e partirei; pois tu sabes quanto e de que maneira te servi.
27 Wathi uLabhan kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, hlala; ndihlabe ukuthi uYehova undisikelele ngenxa yakho."
27 Labão lhe respondeu: Ache eu mercê diante de ti; fica comigo. Tenho experimentado que o Senhor me abençoou por amor de ti.
28 Wathi, Ndimisele kakuhle umvuzo wakho ondifaneleyo, ndikunike."
28 E disse ainda: Fixa o teu salário, que te pagarei.
29 Wathi kuye, Uyalwazi nawe uhlobo lokukukhonza kwam, nohlobo lokuhlala kwempahla yakho nam."
29 Disse-lhe Jacó: Tu sabes como te venho servindo e como cuidei do teu gado.
30 Kuba obunayo ndingekafiki yabe imbalwa, ngoku izazekile yaninzi; uYehova ukusikelele apho unyawo lwam luthe lwanyathela; kaloku ndiya kuyisebenzela nini na mna eyam indlu?"
30 Porque o pouco que tinhas antes da minha vinda foi aumentado grandemente; e o Senhor te abençoou por meu trabalho. Agora, pois, quando hei de eu trabalhar também por minha casa?
31 Wathi, Ndikunike ntoni na? Wathi uYakobi, Akuyi kundinika nento le; ukuba uthe wandenzela le ndawo, ndobuya ndiyaluse impahla yakho emfutshane, ndiyigcine."
31 Então, Labão lhe perguntou: Que te darei? Respondeu Jacó: Nada me darás; tornarei a apascentar e a guardar o teu rebanho, se me fizeres isto:
32 Ndiya kucanda phakathi kwayo yonke impahla yakho emfutshane namhlanje, ndihambe ndikhetha kuyo zonke iingusha ezinala, nezirhwexu, neegusha zonke ezimnyama phakathi kwamatakane, nazo zonke ezirhwexu nezinala phakathi kweebhokhwe, zibe ngumvuzo wam;"
32 Passarei hoje por todo o teu rebanho, separando dele os salpicados e malhados, e todos os negros entre os cordeiros, e o que é malhado e salpicado entre as cabras; será isto o meu salário.
33 bundingqinele ke ubulungisa bam ngexesha elizayo, xa uthe weza kumvuzo wam ophambi kwakho: zonke ezingenala, nezingerhwexu phakathi kweebhokhwe, nezingemnyama phakathi kweegusha, zoba zezibiweyo ezo, xa zithe zakum."
33 Assim, responderá por mim a minha justiça, no dia de amanhã, quando vieres ver o meu salário diante de ti; o que não for salpicado e malhado entre as cabras e negro entre as ovelhas, esse, se for achado comigo, será tido por furtado.
34 Wathi uLabhan, Yabona, makube ngokwelizwi lakho elo."
34 Disse Labão: Pois sim! Seja conforme a tua palavra.
35 Wazikhetha ngaloo mhla iinkunzi zeebhokhwe ezinemizila, nezirhwexu, nazo zonke iimazi zeebhokwe ezinakazi, nezirhwexukazi, zonke ezinobumhlophe, nazo zonke ezimnyama phakathi kwamatakane, wazinikela esandleni soonyana bakhe."
35 Mas, naquele mesmo dia, separou Labão os bodes listados e malhados e todas as cabras salpicadas e malhadas, todos os que tinham alguma brancura e todos os negros entre os cordeiros; e os passou às mãos de seus filhos.
36 Wamisa uhambo lweemini ezintathu phakathi kwabo noYakobi; uYakobi walusa eseleyo ke impahla emfutshane kaLabhan."
36 E pôs a distância de três dias de jornada entre si e Jacó; e Jacó apascentava o restante dos rebanhos de Labão.
37 Ke kaloku uYakobi wathabatha iintonga zompopulari omhlophe ezimanzi, nezom-amangile, nezompleyini, wachuba iindawo ezimhlophe kuzo, exwebula buvele ubumhlophe obusezintongeni ezo."
37 Tomou, então, Jacó varas verdes de álamo, de aveleira e de plátano e lhes removeu a casca, em riscas abertas, deixando aparecer a brancura das varas,
38 Wazimisa iintonga abezichubile emijelweni, emikhumbini yamanzi, apho impahla emfutshane ibiza kusela khona, phambi kwempahla emfutshane, ukuba iphathane xa iza kusela."
38 as quais, assim escorchadas, pôs ele em frente do rebanho, nos canais de água e nos bebedouros, aonde os rebanhos vinham para dessedentar-se, e conceberam quando vinham a beber.
39 Yaphathana ke impahla emfutshane phambi kweentonga ezo, yazala impahla emfutshane enemizila, nerhwexu, nenala."
39 E concebia o rebanho diante das varas, e as ovelhas davam crias listadas, salpicadas e malhadas.
40 Wawahlula uYakobi amatakane lawo, wabukhangelisa ubuso bempahla emfutshane malunga nenemizila, nemnyama, yonke empahleni emfutshane kaLabhan; wayibeka yodwa eyakhe imihlambi, akayibeka empahleni emfutshane kaLabhan."
40 Então, separou Jacó os cordeiros e virou o rebanho para o lado dos listados e dos pretos nos rebanhos de Labão; e pôs o seu rebanho à parte e não o juntou com o rebanho de Labão.
41 Kwathi, xa iphathanayo eyomeleleyo empahleni emfutshane, uYakobi wazibeka iintonga phambi kwempahla emfutshane emijelweni, ukuze iphathane phakathi kweentonga."
41 E, todas as vezes que concebiam as ovelhas fortes, punha Jacó as varas à vista do rebanho nos canais de água, para que concebessem diante das varas.
42 Xa ityhafileyo impahla emfutshane, akazibekanga; yathi ke etyhafileyo yaba yekaLabhan, eyomeleleyo yaba yekaYakobi."
42 Porém, quando o rebanho era fraco, não as punha; assim, as fracas eram de Labão, e as fortes, de Jacó.
43 Yanda indoda leyo kakhulu kunene, Yanda indoda leyo kakhulu kunene, yaba nempahla emfutshane enizi, nabakhonzazana, nabakhonzi, neenkamela, namaesile."
43 E o homem se tornou mais e mais rico; teve muitos rebanhos, e servas, e servos, e camelos, e jumentos.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Gênesis 30, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.