Gênesis 2
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVT
1 Agqitywa ke amazulu nehlabathi, nawo wonke umkhosi wezo zinto."
1 Desse modo, completou-se a criação dos céus e da terra e de tudo que neles há.
2 Wawugqiba ke uThixo ngomhla wesixhenxe umsebenzi wakhe awawenzayo; waphumla ngomhla wesixhenxe kuwo wonke umsebenzi wakhe awawenzayo."
2 No sétimo dia, Deus havia terminado sua obra de criação e descansou de todo o seu trabalho.
3 Wawusikelela uThixo umhla wesixhenxe, wawungcwalisa; ngokuba waphumla ngawo kuwo wonke umsebenzi wakhe awawudalayo uThixo, wawenza."
3 Deus abençoou o sétimo dia e o declarou santo, pois foi o dia em que ele descansou de toda a sua obra de criação.
4 Yiyo le ke inzala yamazulu nehlabathi ekudalweni kwezo zinto, mini wenza uYehova uThixo ihlabathi namazulu,"
4 Esse é o relato da criação dos céus e da terra. Quando o S
5 onke amatyholo asendle engekaveli emhlabeni, nayo yonke imifuno yasendle ingekantshuli; kuba uYehova uThixo ebengekanisi mvula emhlabeni; kwaye kungekho mntu wokuwusebenza umhlaba."
5 nenhuma planta silvestre nem grãos haviam brotado na terra, pois o S enhor Deus ainda não tinha mandado chuva para regar a terra, e não havia quem a cultivasse.
6 Kwaye kunyuka inkungu iphuma ehlabathini, yawunyakamisa wonke umhlaba."
6 Mas do solo brotava água, que regava toda a terra.
7 UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo."
7 Então o S enhor Deus formou o homem do pó da terra. Soprou o fôlego da vida em suas narinas, e o homem se tornou ser vivo.
8 UYehova uThixo watyala umyezo e-Eden ngasempumalanga; wambeka khona umntu abembumbile."
8 O S enhor Deus plantou um jardim no Éden, para os lados do leste, e ali colocou o homem que havia criado.
9 UYehova uThixo wantshulisa emhlabeni yonke imithi enqwenelekayo ngokukhangeleka, nelungele ukudliwa; nomthi wobomi emyezweni phakathi, nomthi wokwazi okulungileyo nokubi."
9 O S enhor Deus fez brotar do solo árvores de todas as espécies, árvores lindas que produziam frutos deliciosos. No meio do jardim, colocou a árvore da vida e a árvore do conhecimento do bem e do mal.
10 Kwaphuma umlambo e-Eden wokuwunyakamisa umyezo; wahluka apho, waba ziimbaxa ezine."
10 Da terra do Éden nascia um rio que regava o jardim e depois se dividia em quatro braços.
11 Igama lowokuqala yiPishon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe laseHavila, apho ikhona igolide."
11 O primeiro braço, chamado Pisom, rodeava toda a terra de Havilá, onde existe ouro.
12 Igolide yelo lizwe intle, ikhona ibhedolaki nelitye lebherilo."
12 O ouro dessa terra é de grande pureza; lá também há resina aromática e pedra de ônix.
13 Igama lowesibini umlambo yiGihon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe lakwaKushi."
13 O segundo braço, chamado Giom, rodeava toda a terra de Cuxe.
14 Igama lowesithathu umlambo yiHidekele; nguwo lowo uya phambi kwelakwa-Asiriya. Owesine umlambo ngumEfrati."
14 O terceiro braço, chamado Tigre, corria para o leste da terra da Assíria. O quarto braço era chamado de Eufrates.
15 UYehova uThixo wamthabatha umntu, wambeka emyezweni we-Eden, ukuba awusebenze, awugcine."
15 O S enhor Deus colocou o homem no jardim do Éden para cultivá-lo e tomar conta dele,
16 UYehova uThixo wamwisela umthetho umntu, esithi, Yonke imithi yomyezo ungayidla uyidle;"
16 mas o S enhor Deus lhe ordenou: “Coma à vontade dos frutos de todas as árvores do jardim,
17 ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, uya kufa."
17 exceto da árvore do conhecimento do bem e do mal. Se você comer desse fruto, com certeza morrerá”.
18 Wathi uYehova uThixo, Akulungile ukuba umntu abe yedwa, ndiya kumenzela umncedi onguwabo."
18 O S enhor Deus disse: “Não é bom que o homem esteja sozinho. Farei alguém que o ajude e o complete”.
19 UYehova uThixo wabumba ngomhlaba zonke izinto eziphilileyo zasendle, nazo zonke iintaka zezulu, wazisa kuye uAdam ukubona ukuba wothini na ukuzibiza, ukuze oko azibize ngako uAdam zonke izinto eziphilileyo, ibe ligama lazo elo."
19 O S enhor Deus formou da terra todos os animais selvagens e todas as aves do céu. Trouxe-os ao homem para ver como os chamaria, e o homem escolheu um nome para cada um deles.
20 Wazithiya amagama uAdam zonke izinto ezizitho zine, neentaka zasezulwini, nazo zonke izinto eziphilileyo zasendle; ke uAdam akafunyanelwanga mncedi unguwabo."
20 Deu nome a todos os animais domésticos, a todas as aves do céu e a todos os animais selvagens. O homem, porém, continuava sem alguém que o ajudasse e o completasse.
21 UYehova uThixo wawisa ubuthongo obukhulu phezu koAdam, walala. Wathabatha lwalunye ezimbanjeni zakhe, wavingca ngenyama esikhundleni salo."
21 Então o S enhor Deus o fez cair num sono profundo. Enquanto o homem dormia, tirou dele uma das costelas e fechou o espaço que ela ocupava.
22 UYehova uThixo walwakha ubambo abeluthabathe kuAdam, lwaba ngumfazi; wamzisa kuAdam."
22 Dessa costela o S enhor Deus fez uma mulher e a trouxe ao homem.
23 Wathi uAdam, Eli ke ngoku lithambo lasemathanjeni am, yinyama yasenyameni yam; lo yena ukubizwa kothiwa ngumfazi, ngokuba ethatyathwe endodeni."
23 “Finalmente!”, exclamou o homem. “Esta é osso dos meus ossos, e carne da minha carne! Será chamada ‘mulher’, porque foi tirada do ‘homem’”.
24 Ngenxa yoko indoda yomshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, babe nyama-nye ke."
24 Por isso o homem deixa pai e mãe e se une à sua mulher, e os dois se tornam um só.
25 Baye bobabini behamba ze, umntu lowo nomkakhe, bengenazintloni."
25 O homem e a mulher estavam nus, mas não sentiam vergonha.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Gênesis 2, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.