Gênesis 21

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVI

Sair da comparação
NVI Nova Versão Internacional
1 Ke kaloku uYehova wamvelela uSara njengoko ebetshilo; uYehova wamenzela uSara njengoko abekuthethile."
1 O Senhor foi bondoso com Sara, como lhe dissera, e fez por ela o que prometera.
2 Wamitha ke uSara, wamzalela uAbraham unyana ekwaluphaleni kwakhe, ngexesha elimisiweyo abelithethile uThixo kuye."
2 Sara engravidou e deu um filho a Abraão em sua velhice, na época fixada por Deus em sua promessa.
3 UAbraham wamthiya loo nyana wakho abemzalelwe, awamzalayo uSara, igama elinguIsake."
3 Abraão deu o nome de Isaque ao filho que Sara lhe dera.
4 UAbraham wamalusa uIsake unyana wakhe, akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, njengoko uThixo abemwisele umthetho."
4 Quando seu filho Isaque tinha oito dias de vida, Abraão o circuncidou, conforme Deus lhe havia ordenado.
5 UAbraham ube eminyaka ilikhulu, ukuzalelwa kwakhe uIsake unyana wakhe."
5 Estava ele com cem anos de idade quando lhe nasceu Isaque, seu filho.
6 Wathi uSara, Undihlekisile uThixo; bonke abakuvayo oku baya kuhleka nam."
6 E Sara disse: "Deus me encheu de riso, e todos os que souberem disso rirão comigo".
7 Wathi, Ngubani na obengatsholo kuAbraham ukuthi, uSara wanyisa abantwana? Ngokuba ndimzalele unyana ekwaluphaleni kwakhe."
7 E acrescentou: "Quem diria a Abraão que Sara amamentaria filhos? Contudo eu lhe dei um filho em sua velhice! "
8 Wakhula umntwana, walunyulwa; uAbraham wenza isidlo esikhulu mhlana walunyulwayo uIsake."
8 O menino cresceu e foi desmamado. No dia em que Isaque foi desmamado, Abraão deu uma grande festa.
9 USara wambona unyana kaHagare umYiputazana, awamzalela uAbraham, ehlekisa."
9 Sara, porém, viu que o filho que Hagar, a egípcia, dera a Abraão estava rindo de Isaque,
10 Wathi kuAbraham, Mgxothe umkhonzazana nonyana wakhe; kuba unyana walo mkhonzazana akayi kulidla ilifa ndawonye nonyana wam uIsake."
10 e disse a Abraão: "Livre-se daquela escrava e do seu filho, porque ele jamais será herdeiro com o meu filho Isaque".
11 Lalibi kunene elo zwi emehlweni ka-Abraham ngenxa yonyana wakhe."
11 Isso perturbou demais Abraão, pois envolvia um filho seu.
12 Wathi uThixo kuAbraham, Malingabi libi emehlweni akho ngenxa yenkwenkwe, nangenxa yomkhonzazana wakho. Entweni yonke ayithethileyo uSara kuwe, phulaphula izwi lakhe, ngokuba iya kuba ngoIsake lo imbewu kuwe."
12 Mas Deus lhe disse: "Não se perturbe por causa do menino e da escrava. Atenda a tudo o que Sara lhe pedir, porque será por meio de Isaque que a sua descendência há de ser considerada.
13 Kananjalo unyana womkhonzazana ndiya kumenza uhlanga, ngokuba eyimbewu yakho."
13 Mas também do filho da escrava farei um povo; afinal ele é seu descendente".
14 Wavuka kusasa uAbraham, wathabatha isonka nentsuba yamanzi, wanika uHagare, ebeka emagxeni akhe, nenkwenkwe, wamndulula. Wemka ke, wandwendwela entlango yaseBher-shebha."
14 Na manhã seguinte, Abraão pegou alguns pães e uma vasilha de couro cheia d’água, entregou-os a Hagar e, tendo-os colocado nos ombros dela, despediu-a com o menino. Ela se pôs a caminho e ficou vagando pelo deserto de Berseba.
15 Aphela amanzi entsubeni, wayiphosa inkwenkwe phantsi kwetyholo."
15 Quando acabou a água da vasilha, ela deixou o menino debaixo de um arbusto
16 Waya wahlala phantsi malunga nayo, umgama ongangowokutola ngotolo; kuba wathi, Mandingakuboni ukufa kwenkwenkwe. Wahlala phantsi malunga nayo ke, waphakamisa izwi lakhe, walila."
16 e foi sentar-se perto dali, à distância de um tiro de flecha, porque pensou: "Não posso ver o menino morrer". Sentada ali perto, começou a chorar.
17 Waliva uThixo ilizwi lenkwenkwe. Samemeza isithunywa sikaThixo kuHagare sisemazulwini, sathi kuye, Unantoni na, Hagare? Musa ukoyika, ngokuba uThixo ulivile ilizwi lenkwenkwe apho ikhona."
17 Deus ouviu o choro do menino, e o anjo de Deus, do céu, chamou Hagar e lhe disse: "O que a aflige, Hagar? Não tenha medo; Deus ouviu o menino chorar, lá onde você o deixou.
18 Suka ume, uyithabathe inkwenkwe, uyibambe ngesandla; kuba ndiya kuyenza uhlanga olukhulu."
18 Levante o menino e tome-o pela mão, porque dele farei um grande povo".
19 UThixo wawavula amehlo akhe, wabona iqula lamanzi; waya wayizalisa intsuba ngamanzi, wayiseza inkwenkwe."
19 Então Deus lhe abriu os olhos, e ela viu uma fonte. Foi até lá, encheu de água a vasilha e deu de beber ao menino.
20 UThixo waba nenkwenkwe leyo; yakhula, yahlala entlango, yaba yintoli yakukhula, yahlala entlango yaseParan;"
20 Deus estava com o menino. Ele cresceu, viveu no deserto e tornou-se flecheiro.
21 unina wayithabathela umfazi ezweni laseYiputa."
21 Vivia no deserto de Parã, e sua mãe conseguiu-lhe uma mulher da terra do Egito.
22 Kwathi ngelo xesha, wathetha uAbhimeleki, noFikolo umthetheli womkhosi wakhe, kuAbraham, esithi, UThixo unawe entweni yonke osukuba uyenza."
22 Naquela ocasião, Abimeleque, acompanhado de Ficol, comandante do seu exército, disse a Abraão: "Deus está contigo em tudo o que fazes.
23 Ngoko ndifungele uThixo apha, ukuba akuyi kundixokisa mna, noonyana bam, nenzalo yam; wothi ngokwenceba endiyenzileyo kuwe, wenze kum, nakwilizwe ophambukele kulo."
23 Agora, jura-me, diante de Deus, que não vais enganar-me, nem a mim nem a meus filhos e descendentes. Trata a nação que te acolheu como estrangeiro com a mesma bondade com que te tratei".
24 Wathi uAbraham, Mna ndofunga."
24 Respondeu Abraão: "Eu juro! "
25 UAbraham wamohlwaya uAbhimeleki ngenxa yequla lamanzi elalihluthwe ngabakhonzi baka-Abhimeleki."
25 Todavia Abraão reclamou com Abimeleque a respeito de um poço que os servos de Abimeleque lhe tinham tomado à força.
26 Wathi uAbhimeleki, Bendingazi ukuba yenziwe ngubani na le nto; nawe ube ungandixelelanga; nam bendingayivanga, ndiyiva namhla."
26 Mas Abimeleque lhe respondeu: "Não sei quem fez isso. Nunca me disseste nada, e só fiquei sabendo disso hoje".
27 UAbraham wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, wanika uAbhimeleki, benza umnqophiso bobabini."
27 Então Abraão trouxe ovelhas e bois, deu-os a Abimeleque, e os dois firmaram um acordo.
28 UAbraham wamisa amathokazi ezimvu asixhenxe omhlambi, aba wodwa."
28 Abraão separou sete ovelhas do rebanho,
29 Wathi uAbhimeleki kuAbraham, Ayintoni na la mathokazi ezimvu asixhenxe uwamisileyo odwa?"
29 pelo que Abimeleque lhe perguntou: "Que significam estas sete ovelhas que separaste das demais? "
30 Wathi, La mathokazi ezimvu asixhenxe wowathabatha esandleni sam, abe bubungqina bam bokuba ndilimbile eli qula."
30 Ele respondeu: "Aceita estas sete ovelhas de minhas mãos como testemunho de que eu cavei este poço".
31 Ngenxa yoko kwathiwa loo ndawo yiBher-shebha; ngokuba kulapho bafungayo bobabini."
31 Por isso aquele lugar foi chamado Berseba, porque ali os dois fizeram um juramento.
32 Benza ke umnqophiso eBher-shebha. Wesuka uAbhimeleki, noFikolo umthetheli womkhosi wakhe, babuyela ezweni lamaFilisti."
32 Firmado esse acordo em Berseba, Abimeleque e Ficol, comandante das suas tropas, voltaram para a terra dos filisteus.
33 UAbraham watyala umtamariske eBher-shebha, walinqula khona igama likaYehova uThixo ongunaphakade."
33 Abraão, por sua vez, plantou uma tamargueira em Berseba e ali invocou o nome do Senhor, o Deus Eterno.
34 UAbraham waye engumphambukeli ezweni lamaFilisti imihla emininzi."
34 E morou Abraão na terra dos filisteus por longo tempo.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Gênesis 21, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.