Gálatas 6

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkela ukuba ungahendwa nawe."
1 Irmãos, se alguém for surpreendido numa falta, vós, que sois animados pelo Espírito, admoestai-o em espírito de mansidão. E tem cuidado de ti mesmo, para que não caias também em tentação!
2 Thwalisanani ubunzima, ize ngokunjalo niwuzalise umthetho kaKristu;"
2 Ajudai-vos uns aos outros a carregar os vossos fardos, e deste modo cumprireis a lei de Cristo.
3 kuba umntu, ukuba uba uyinto, engento, uyazikhohlisa."
3 Quem pensa ser alguma coisa, não sendo nada, engana-se a si mesmo.
4 Elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba neqhayiya ngokwakhe yedwa, angabi nalo ngomnye;"
4 Cada um examine o seu procedimento. Então poderá gloriar-se do que lhe pertence e não do que pertence a outro.
5 kuba elowo uya kuwuthwala owakhe umthwalo."
5 Pois cada um deve carregar o seu próprio fardo.
6 Makathi ke lowo ufundiswayo ilizwi, abelane nalowo ufundisayo ngeento zonke ezilungileyo."
6 Aquele que recebe a catequese da palavra, reparta de todos os seus bens com aquele que o instrui.
7 Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona;"
7 Não vos enganeis: de Deus não se zomba. O que o homem semeia, isso mesmo colherá.
8 ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni."
8 Quem semeia na carne, da carne colherá a corrupção; quem semeia no Espírito, do Espírito colherá a vida eterna.
9 Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi."
9 Não nos cansemos de fazer o bem, porque a seu tempo colheremos, se não relaxarmos.
10 Njengoko singathi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo."
10 Por isso, enquanto temos tempo, façamos o bem a todos os homens, mas particularmente aos irmãos na fé.
11 Bonani ukuba kukhulu kokubhala endinibhalele ngako ngesam isandla."
11 Vede com que tamanho de letras vos escrevo, de próprio punho!
12 Bonke abathanda ukuba babe nesimilo esihle ngokwangaphandle, abo ke baninyanzela ukuba naluswe; benzela nje kodwa ukuze bangatshutshiswa ngawo umnqamlezo kaKristu."
12 Os que vos obrigam à circuncisão são homens que se querem impor, só para não serem perseguidos por causa da cruz de Cristo.
13 Kuba kwanabo balukayo, bengawubambi umthetho, bathanda ukuba naluswe, ukuze baqhayise ngeyiyeyenu inyama."
13 Pois nem os próprios circuncisos observam a lei. E se fazem questão de que vos mandeis circuncidar, é para terem motivo de se gloriarem na vossa carne.
14 Mna ke mandingakhe ndiqhayise nganto, ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Kristu, ekuthe ngaye ihlabathi kum labethelelwa emnqamlezweni, ndathi nam kwihlabathi ndabethelelwa emnqamlezweni."
14 Quanto a mim, não pretendo, jamais, gloriar-me, a não ser na cruz de nosso Senhor Jesus Cristo, pela qual o mundo está crucificado para mim e eu para o mundo.
15 Kuba kwabakuKristu Yesu, akunamandla anto ukwaluka nokungaluki; into enamandla sisidalwa esitsha."
15 Porque a circuncisão e a incircuncisão de nada valem, mas sim a nova criatura.
16 Bonke ke abahamba ngalo mgca, makube luxolo nenceba kubo ke, nakwabangamaSirayeli kaThixo."
16 A todos que seguirem esta regra, a paz e a misericórdia, assim como ao Israel de Deus.
17 Elokugqiba ndithi, Makungabikho namnye undixhamlayo; kuba mna, iimpawu zeNkosi uYesu ndiziphethe ngomzimba wam."
17 De ora em diante ninguém me moleste, porque trago em meu corpo as marcas de Jesus.
18 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu, bazalwana. Amen."
18 A graça de nosso Senhor Jesus Cristo esteja com vosso espírito, irmãos. Amém.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Gálatas 6, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.