Gálatas 5

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 Yimani ngoko enkululekweni, athe uKristu wasikhululela kuyo; nize ningabuyi nibanjwe yidyokhwe yobukhoboka."
1 É para que sejamos homens livres que Cristo nos libertou. Ficai, portanto, firmes e não vos submetais outra vez ao jugo da escravidão.
2 Niyabona, mna, Pawulos, ndithi kuni, ukuba nithe naluka, uKristu akasayi kuninceda lutho."
2 Eis que eu, Paulo, vos declaro: se vos circuncidardes, de nada vos servirá Cristo.
3 Ndiphinda ndingqina ke kumntu wonke owalukileyo, ukuba ungonetyala lokuwenza umthetho uphela."
3 E atesto novamente, a todo homem que se circuncidar: ele está obrigado a observar toda a lei.
4 Nibhangile, nahlukana noKristu, nina aba nigwetyelwayo emthethweni, naphalala elubabalweni."
4 Já estais separados de Cristo, vós que procurais a justificação pela lei. Decaístes da graça.
5 Kuba thina ngoMoya silinde kakhulu ithemba lobulungisa ngokwaselukholweni."
5 Quanto a nós, é espiritualmente, da fé, que aguardamos a justiça esperada.
6 Kuba kwabakuKristu Yesu akunamandla anto ukwaluka, kwanokungaluki; into enamandla lukholo olusebenza ngothando."
6 Estar circuncidado ou incircunciso de nada vale em Cristo Jesus, mas sim a fé que opera pela caridade.
7 Nibe nibaleka kakuhle; ngubani na osuke wanithintela ukuba ningayithambeli inyaniso?"
7 Corríeis bem. Quem, pois, vos cortou os passos para não obedecerdes à verdade?
8 Olo loyiseko lwenu aluphumi konibizayo."
8 Esta sugestão não vem daquele que vos chama.
9 Igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela."
9 Um pouco de fermento leveda toda a massa.
10 Mna ndikholosekile malunga nani eNkosini, ukuba aniyi kucinga nto yimbi; ke onikhathazayo uya kuluthwala ugwebo, nokuba ngongubani."
10 Tenho confiança no Senhor a vosso respeito, que de maneira alguma mudareis de sentir. Portanto, quem vos perturbar responderá por isto, seja quem for.
11 Mna ke, bazalwana, ukuba ndingaba ndisavakalisa ulwaluko, ndisatshutshiselwani na? —singaba sibhangisiwe njengoko isikhubekiso eso somnqamlezo."
11 Se é verdade, irmãos, que ainda prego a circuncisão, por que, então, sou perseguido? Assim o escândalo da cruz teria cessado!
12 Akwaba bangazinqumla nokuzinqumla abaniqungaqungayo."
12 Oxalá acabem por mutilar-se os que vos inquietam!
13 Kuba nina nabizelwa enkululekweni, bazalwana; kodwa ke musani ukuthi, ukuyiphatha inkululeko leyo, nivulele inyama ithuba; manisuke ngalo uthando nikhonzane."
13 Vós, irmãos, fostes chamados à liberdade. Não abuseis, porém, da liberdade como pretexto para prazeres carnais. Pelo contrário, fazei-vos servos uns dos outros pela caridade,
14 Kuba wonke umthetho uzaliswe ngazwi linye, ngeli lithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako."
14 porque toda a lei se encerra num só preceito: Amarás o teu próximo como a ti mesmo {Lv 19,18}.
15 Ukuba ke niyagrenyana, nidlane, lumkani ukuba ningagqitywa omnye ngomnye."
15 Mas, se vos mordeis e vos devorais, vede que não acabeis por vos destruirdes uns aos outros.
16 Ke kaloku ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama."
16 Digo, pois: deixai-vos conduzir pelo Espírito, e não satisfareis os apetites da carne.
17 Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda."
17 Porque os desejos da carne se opõem aos do Espírito, e estes aos da carne; pois são contrários uns aos outros. É por isso que não fazeis o que quereríeis.
18 Ukuba ke nikhokelwa nguMoya, aningaphantsi komthetho."
18 Se, porém, vos deixais guiar pelo Espírito, não estais sob a lei.
19 Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo,"
19 Ora, as obras da carne são estas: fornicação, impureza, libertinagem,
20 ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano,"
20 idolatria, superstição, inimizades, brigas, ciúmes, ódio, ambição, discórdias, partidos,
21 oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo."
21 invejas, bebedeiras, orgias e outras coisas semelhantes. Dessas coisas vos previno, como já vos preveni: os que as praticarem não herdarão o Reino de Deus!
22 Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa;"
22 Ao contrário, o fruto do Espírito é caridade, alegria, paz, paciência, afabilidade, bondade, fidelidade,
23 akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo."
23 brandura, temperança. Contra estas coisas não há lei.
24 Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo."
24 Pois os que são de Jesus Cristo crucificaram a carne, com as paixões e concupiscências.
25 Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya."
25 Se vivemos pelo Espírito, andemos também de acordo com o Espírito.
26 Masingabi ngabozuko olulambathayo, sithelekisana, simonelana."
26 Não sejamos ávidos da vanglória. Nada de provocações, nada de invejas entre nós.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Gálatas 5, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.