Gálatas 4

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARC

Sair da comparação
ARC Almeida Revista e Corrigida 2009
1 Ndithi ke, indlalifa, ngexesha lonke engumntwana, ayahluke nganto kumkhonzi, nakuba iyinkosi yeento zonke;"
1 Digo, pois, que, todo o tempo em que o herdeiro é menino, em nada difere do servo, ainda que seja senhor de tudo.
2 iphantsi kwabagcini namagosa, kude kufike ixesha elimiswe ngaphambili nguyise."
2 Mas está debaixo de tutores e curadores até ao tempo determinado pelo pai.
3 Ngokunjalo nathi, xenikweni besingabantwana, besingamakhoboka aphantsi kweziqalelo zehlabathi."
3 Assim também nós, quando éramos meninos, estávamos reduzidos à servidão debaixo dos primeiros rudimentos do mundo;
4 Lithe ke lakuzaliseka ixesha, uThixo wamkhupha weza uNyana wakhe, othe wazalwa ngumntu oyinkazana; ethe wazalelwa phantsi komthetho,"
4 mas, vindo a plenitude dos tempos, Deus enviou seu Filho, nascido de mulher, nascido sob a lei,
5 ukuze abakhulule ngokubathenga abaphantsi komthetho, ukuze sikuzuze ukwenziwa oonyana."
5 para remir os que estavam debaixo da lei, a fim de recebermos a adoção de filhos.
6 Ngokuba ke ningoonyana, uThixo wamkhupha uMoya woNyana wakhe, weza ezintliziyweni zenu, edanduluka esithi, Abha, Bawo."
6 E, porque sois filhos, Deus enviou aos nossos corações o Espírito de seu Filho, que clama: Aba, Pai.
7 Ngoko ke akusengumkhonzi, ungunyana; ukuba ke ungunyana, ukwayindlalifa kaThixo ngoKristu."
7 Assim que já não és mais servo, mas filho; e, se és filho, és também herdeiro de Deus por Cristo.
8 Kanti okunene, oko naningamazi uThixo, nanikhonza kwabo ngemvelo bangethixo;"
8 Mas, quando não conhecíeis a Deus, servíeis aos que por natureza não são deuses.
9 ngoku ke, nakuba nimazile uThixo, hayi kanye mandithi, nakuba naziwe nguThixo, nenza ntoni na ukubuya niguqukele kwiziqalelo ezingenamandla, ezingenaluncedo, enithanda ukubuya nikhonze zona ngokutsha?"
9 Mas agora, conhecendo a Deus ou, antes, sendo conhecidos de Deus, como tornais outra vez a esses rudimentos fracos e pobres, aos quais de novo quereis servir?
10 Nimana nigcina imihla, neenyanga, namaxesha, neminyaka."
10 Guardais dias, e meses, e tempos, e anos.
11 Ndiyanoyikela, hleze ndibe ndifumane ndabulaleka ngenxa yenu."
11 Receio de vós que haja eu trabalhado em vão para convosco.
12 Ndiyanikhunga, bazalwana, yibani njengam, ngokuba nam ndaba njengani; anindonanga nganto."
12 Irmãos, rogo-vos que sejais como eu, porque também eu sou como vós; nenhum mal me fizestes.
13 Niyazi ke ukuba bekungenxa yokuswela amandla kwenyama yam, ukunishumayeza kwam iindaba ezilungileyo ngokokuqala."
13 E vós sabeis que primeiro vos anunciei o evangelho estando em fraqueza da carne.
14 Ukulingwa kwam okwakusenyameni yam, anikwenzanga into engento, anikucekisanga nina nokukucekisa; nesuka nandamkela njengesithunywa sikaThixo, njengoKristu Yesu ngokwakhe."
14 E não rejeitastes, nem desprezastes isso que era uma tentação na minha carne; antes, me recebestes como um anjo de Deus, como Jesus Cristo mesmo.
15 Kwabe kuyintoni na ngoko ukuziyolisa kwenu? Kuba ndiyaningqinela, ukuba bekunokwenzeka, ninge nawakrukrayo amehlo enu, nandinika."
15 Qual é, logo, a vossa bem-aventurança? Porque vos dou testemunho de que, se possível fora, arrancaríeis os olhos, e mos daríeis.
16 Ndisuke ndaba lutshaba lwenu na ke, ngokuthetha inyaniso kuni?"
16 Fiz-me, acaso, vosso inimigo, dizendo a verdade?
17 Bayanincekelela ngokungekuhle; basuka bathande ukunivalela phandle, ukuze nibancekelele nani."
17 Eles têm zelo por vós, não como convém; mas querem excluir-vos, para que vós tenhais zelo por eles.
18 Kuhle ke ukuba kuncekelelwe ngamaxesha onke entweni entle, kunganeli ukuba njalo ndakuba ndikho kuni."
18 É bom ser zeloso, mas sempre do bem e não somente quando estou presente convosco.
19 Bantwana bam, endibuye ndanenimba ngabo, ade uKristu amiliswe ngaphakathi kwenu,"
19 Meus filhinhos, por quem de novo sinto as dores de parto, até que Cristo seja formado em vós;
20 bendithanda ke ukubakho kuni ngoku, ndilenze libe lilimbi ilizwi lam; ngokuba ndiyathingaza ngani."
20 eu bem quisera, agora, estar presente convosco e mudar a minha voz; porque estou perplexo a vosso respeito.
21 Ndixeleleni, nina nithandayo ukuba phantsi komthetho, aniwuva na umthetho?"
21 Dizei-me vós, os que quereis estar debaixo da lei: não ouvis vós a lei?
22 Kuba kubhaliwe kwathiwa, uAbraham wayenoonyana ababini: omnye engowekhobokazana, omnye engowomfazi okhululekileyo."
22 Porque está escrito que Abraão teve dois filhos, um da escrava e outro da livre.
23 Waye okunene lowo wekhobokazana ezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayezelwe ngalo idinga."
23 Todavia, o que era da escrava nasceu segundo a carne, mas o que era da livre, por promessa,
24 Eziyintsonkotha zona ezo zinto; kuba aba bayiyo iminqophiso emibini. Omnye uvela entabeni yeSinayi, uzalela ebukhobokeni, onguHagare ke wona lowo;"
24 o que se entende por alegoria; porque estes são os dois concertos: um, do monte Sinai, gerando filhos para a servidão, que é Agar.
25 kuba loo nto inguHagare yiSinayi, intaba ekwelama-Arabhi, elungelelene neYerusalem yakalokunje, esebukhobokeni ke nabantwana bayo."
25 Ora, esta Agar é Sinai, um monte da Arábia, que corresponde à Jerusalém que agora existe, pois é escrava com seus filhos.
26 Ke yona ephezulu iYerusalem ikhululekile, enguma wethu leyo."
26 Mas a Jerusalém que é de cima é livre, a qual é mãe de todos nós;
27 Kuba kubhaliwe kwathiwa, Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo; Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba; Ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda."
27 porque está escrito: Alegra-te, estéril, que não dás à luz, esforça-te e clama, tu que não estás de parto; porque os filhos da solitária são mais do que os da que tem marido.
28 Thina ke, bazalwana, ngokokukaIsake, singabantwana bedinga."
28 Mas nós, irmãos, somos filhos da promessa, como Isaque.
29 Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku."
29 Mas, como, então, aquele que era gerado segundo a carne perseguia o que o era segundo o Espírito, assim é também, agora.
30 Sithini na ke sona isibhalo? Sithi, Likhuphele phandle ikhobokazana nonyana walo; kuba unyana wekhobokazana akasayi kuba ndlalifa kunye nonyana wokhululekileyo."
30 Mas que diz a Escritura? Lança fora a escrava e seu filho, porque, de modo algum, o filho da escrava herdará com o filho da livre.
31 Ngoko, bazalwana, asingabantwana bekhobokazana thina; singabowokhululekileyo."
31 De maneira que, irmãos, somos filhos não da escrava, mas da livre.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Gálatas 4, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.