Gálatas 2

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVI

Sair da comparação
NVI Nova Versão Internacional
1 Ndaza emva kweminyaka elishumi elinamine, ndabuya ndenyuka ndaya eYerusalem ndinoBharnabhas, ndathabatha noTito."
1 Catorze anos depois, subi novamente a Jerusalém, dessa vez com Barnabé, levando também Tito comigo.
2 Ndenyuka ke ngokwesityhilelo, ndazandlala phambi kwabo iindaba ezilungileyo endizivakalisayo phakathi kweentlanga; ndazandlala ke phambi kwabo badumileyo bebodwa, hleze ndibe ndifumana ndibaleka, mhlawumbi ndibe ndafumana ndabaleka."
2 Fui para lá por causa de uma revelação e expus diante deles o evangelho que prego entre os gentios, fazendo-o, porém, em particular aos que pareciam mais influentes, para não correr ou ter corrido em vão.
3 NoTito lo, ubenam, nangona ebengumGrike, akanyanzelwanga ukuba aluke:"
3 Mas nem mesmo Tito, que estava comigo, foi obrigado a circuncidar-se, apesar de ser grego.
4 ngenxa ke yabazalwana ababuxoki, abangeniswayo bucala, bona bangena ngokunyebeleza, besiza kuhlola inkululeko yethu esinayo kuKristu Yesu, ukuze basithobele ebukhobokeni."
4 Essa questão foi levantada porque alguns falsos irmãos infiltraram-se em nosso meio para espionar a liberdade que temos em Cristo Jesus e nos reduzir à escravidão.
5 Esathi abo asabavumela ngolulamo nokwexa elinye, ukuze inyaniso yeendaba ezilungileyo ihlale ihleli kuni."
5 Não nos submetemos a eles nem por um instante, para que a verdade do evangelho permanecesse com vocês.
6 Ke aba badumele ukuba bayinto, nokuba babefudula benjani, akunto oko kum; uThixo akakhethi buso bamntu. Kuba aba babedume ngobunto ababhekisanga nto kum."
6 Quanto aos que pareciam influentes — o que eram então não faz diferença para mim; Deus não julga pela aparência — tais homens influentes não me acrescentaram nada.
7 Basuka bathi kanye, bakubona ukuba ndiziphathisiwe iindaba ezilungileyo kwabangalukileyo, njengokuba uPetros ebeziphathisiwe kwabolwaluko"
7 Pelo contrário, reconheceram que a mim havia sido confiada a pregação do evangelho aos incircuncisos, assim como a Pedro, aos circuncisos.
8 (kuba kwalowo wamsebenzelayo uPetros ngokusingisele kubo ubupostile babolwaluko, wandisebenzela nam ngokusingisele kwiintlanga);"
8 Pois Deus, que operou por meio de Pedro como apóstolo aos circuncisos, também operou por meu intermédio para com os gentios.
9 kananjalo bakulwazi ubabalo endababalwa ngalo: bathi ooYakobi noKefas noYohane, abo ke babedume ukuba baziintsika, basinika thina noBharnabhas izandla zokunene zobudlelane, ukuze siye thina kwiintlanga; bona ke baye kwabolwaluko;"
9 Reconhecendo a graça que me fora concedida, Tiago, Pedro e João, tidos como colunas, estenderam a mão direita a mim e a Barnabé em sinal de comunhão. Eles concordaram em que devíamos nos dirigir aos gentios, e eles, aos circuncisos.
10 bathi, maze siwakhumbule amahlwempu; into ke leyo endandiyikhuthalela ukuyenza."
10 Somente pediram que nos lembrássemos dos pobres, o que me esforcei por fazer.
11 Ke kaloku, xenikweni uPetros wafikayo kwa-Antiyokwe, ndamelana naye ngokusekuhleni, ngokuba ube engogwetyiweyo."
11 Quando, porém, Pedro veio a Antioquia, enfrentei-o face a face, por sua atitude condenável.
12 Kuba phambi kokuba kufike abathile bevela kuYakobi, wadla ndawonye nabeentlanga; ke wathi bakufika, wesuka wanqwanqwa, wazahlula kubo, esoyika abo bolwaluko."
12 Pois, antes de chegarem alguns da parte de Tiago, ele comia com os gentios. Quando, porém, eles chegaram, afastou-se e separou-se dos gentios, temendo os que eram da circuncisão.
13 Ke ahanahanisa njengaye namanye amaYuda; wada noBharnabhas wakhukuliswa luhanahaniso lwawo."
13 Os demais judeus também se uniram a ele nessa hipocrisia, de modo que até Barnabé se deixou levar.
14 Xenikweni ke ndabonayo ukuba abathe ngqo ukuhamba enyanisweni yeendaba ezilungileyo, ndathi kuPetros phambi kwabo bonke, Ukuba wena, ungumYuda nje, uhleli ngokwabeentlanga, ungahlali ngokobuYuda, yini na ukuba ubanyanzele abeentlanga ukuba bahlale ngokobuYuda?"
14 Quando vi que não estavam andando de acordo com a verdade do evangelho, declarei a Pedro, diante de todos: "Você é judeu, mas vive como gentio e não como judeu. Portanto, como pode obrigar gentios a viverem como judeus?
15 Thina, singamaYuda ngemvelo, asingaboni abavela kwiintlanga,"
15 "Nós, judeus de nascimento e não ‘gentios pecadores’,
16 sisazi nje ukuba akagwetyelwa umntu ngokwasemisebenzini yomthetho, kuphela kungokukholwa kuYesu Kristu: sithe ke nathi aba sakholwa kuKristu Yesu, ukuze sigwetyelwe ngokwasekukholweni kuKristu, kungabi ngokwasemisebenzini yomthetho; ngokokuba akuyi kugwetyelwa mntu ngokwasemisebenzini yomthetho."
16 sabemos que o ninguém é justificado pela prática da lei, mas mediante a fé em Jesus Cristo. Assim, nós também cremos em Cristo Jesus para sermos justificados pela fé em Cristo, e não pela prática da lei, porque pela prática da lei ninguém será justificado.
17 Ke ukuba, sifuna nje ukugwetyelwa ngoKristu, sifunyanwa singaboni nathi ngokwethu, ndiyabuza ndithi, uKristu ungumlungiseleli wesono na ke ngoko? Nakanye!"
17 "Se, porém, procurando ser justificados em Cristo descobrimos que nós mesmos somos pecadores, será Cristo então ministro do pecado? De modo algum!
18 Kuba, ukuba izinto endazichithayo, ndibuya ndakhe zona, ndiyaziqondakalisa ngokwam ukuba ndingumgqithi."
18 Se reconstruo o que destruí, provo que sou transgressor.
19 Kuba mna ngomthetho ndafa kumthetho, ukuze ubomi ndibudlele kuThixo."
19 Pois, por meio da lei eu morri para a lei, a fim de viver para Deus.
20 Ndibethelelwe emnqamlezweni noKristu; ayisendim ke odla ubomi, nguKristu ke oselesidla ubomi kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikela ngenxa yam."
20 Fui crucificado com Cristo. Assim, já não sou eu quem vive, mas Cristo vive em mim. A vida que agora vivo no corpo, vivo-a pela fé no filho de Deus, que me amou e se entregou por mim.
21 Andilutshitshisi ubabalo lukaThixo; kuba, ukuba bungomthetho ubulungisa, oko uKristu angaba wafumana wafa."
21 Não anulo a graça de Deus; pois, se a justiça vem pela lei, Cristo morreu inutilmente! "

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Gálatas 2, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.