Filipenses 4

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 Ngoko ke, bazalwana bam abaziintanda, balangazelelwayo, luvuyo lwam, sithsaba sam, yimani ngokunjalo eNkosini, zintanda."
1 Portanto, meus muito amados e saudosos irmãos, alegria e coroa minha, continuai assim firmes no Senhor, caríssimos.
2 UWodiya ndiyamyala, noSintike ndiyamyala, ukuba bacinge nto-nye beseNkosini."
2 Exorto a Evódia, exorto igualmente a Síntique que vivam em paz no Senhor.
3 Ndiyakucela nawe, sinxulumana senyaniso, bambisana nabo bafazi bazama nam ezindabeni ezilungileyo, kwanoKlemente, nabanye abasebenzisi bam, abamagama asencwadini yobomi."
3 E a ti, fiel Sínzigo, também rogo que as ajudes, pois que trabalharam comigo no Evangelho, com Clemente e com os demais colaboradores meus, cujos nomes estão inscritos no livro da vida.
4 Vuyani eNkosini amaxesha onke; ndiyaphinda ndithi, Vuyani."
4 Alegrai-vos sempre no Senhor. Repito: alegrai-vos!
5 Ukuthantamisa kwenu makwazeke kubantu bonke. INkosi ikufuphi."
5 Seja conhecida de todos os homens a vossa bondade. O Senhor está próximo.
6 Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo."
6 Não vos inquieteis com nada! Em todas as circunstâncias apresentai a Deus as vossas preocupações, mediante a oração, as súplicas e a ação de graças.
7 Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu."
7 E a paz de Deus, que excede toda a inteligência, haverá de guardar vossos corações e vossos pensamentos, em Cristo Jesus.
8 Elokugqiba, bazalwana, ndithi, iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezindilekileyo, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke eziludumo lulungileyo, ukuba kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zithelekeleleni ezo zinto."
8 Além disso, irmãos, tudo o que é verdadeiro, tudo o que é nobre, tudo o que é justo, tudo o que é puro, tudo o que é amável, tudo o que é de boa fama, tudo o que é virtuoso e louvável, eis o que deve ocupar vossos pensamentos.
9 Kwa-ezo zinto nazifundayo, nazamkela, naziva, nazibona kum, yenzani zona ezo; waye uThixo woxolo eya kuba nani."
9 O que aprendestes, recebestes, ouvistes e observastes em mim, isto praticai, e o Deus da paz estará convosco.
10 Ke kaloku ndaye ndivuya eNkosini kakhulu, ukuba ngoku kokugqibela kude kwathi ukukunyamekela kwenu okwam, kwabuya kwatyatyamba: enaye nikunyamekele okunene, koko ke naniswele ithuba."
10 Fiquei imensamente contente, no Senhor, porque, finalmente, vi reflorescer o vosso interesse por mim. É verdade que sempre pensáveis nisso, mas vos faltava oportunidade de mostrá-lo.
11 Kungekuko ukuba ndithetha ngokuswela; kuba mna ndafunda ukuthi entlalweni endikuyo ndanele."
11 Não é minha penúria que me faz falar. Aprendi a contentar-me com o que tenho.
12 Ndiyazana nobuhlwempu, ndiyazana nobutyebi; kuko konke, nasezintweni zonke, ndiqhelanisiwe nokuhlutha kwanokulamba, nokutyeba kwanokuswela."
12 Sei viver na penúria, e sei também viver na abundância. Estou acostumado a todas as vicissitudes: a ter fartura e a passar fome, a ter abundância e a padecer necessidade.
13 Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu."
13 Tudo posso naquele que me conforta.
14 Noko ke natyapha ukuba nobudlelane nam ngembandezelo."
14 Contudo, fizestes bem em tomar parte na minha tribulação.
15 Nani ke baseFilipi, niyazi ukuba, ekuqalekeni kweendaba ezilungileyo ezi, xenikweni ndaphumayo kwelaseMakedoni, akubangakho nalinye ibandla eladlelana nam, ngokusingisele emcimbini wokunikela nowokwamkela, yaba nini nedwa."
15 Vós que sois de Filipos, bem sabeis como, no início do meu ministério evangélico, quando parti da Macedônia, nenhuma comunidade abriu comigo contas de deve-haver, senão vós somente.
16 Ngokuba, naseTesalonika, kwaba kanye nakabini nithumela, nindinceda ekusweleni kwam."
16 Já por duas vezes mandastes para Tessalônica o que me era necessário.
17 Ingekuko ukuba ndibe ndifuna ukuphiwa; ikukuba ndibe ndifuna isiqhamo esandela emcimbini wenu."
17 Não é o donativo em si que eu procuro, e sim os lucros que vão aumentando a vosso crédito.
18 Ke ndinezinto zonke nje, ndityebile, ndihluthi, ndizamkele nje kuEpafrodito izinto ezavela kuni: ivumba elimnandi, umbingelelo owamkelekileyo, okholekileyo kakuhle kuye uThixo."
18 Recebi tudo, e em abundância. Estou bem provido, depois que recebi de Epafrodito a vossa oferta: foi um suave perfume, um sacrifício que Deus aceita com agrado.
19 Ke uThixo wam wokwenzelelela konke ukuswela kwenu ngokobutyebi bakhe, ngokozuko olukuKristu Yesu."
19 Em recompensa, o meu Deus há de prover magnificamente a todas as vossas necessidades, segundo a sua glória, em Jesus Cristo.
20 Kuye ke uThixo, uBawo wethu, malubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen."
20 A Deus, nosso Pai, seja a glória, por toda a eternidade! Amém.
21 Bulisani bonke abangcwele abakuKristu Yesu. Bayanibulisa abazalwana abanam."
21 Saudai em Jesus Cristo todos os santos. Os irmãos que estão comigo vos saúdam.
22 Bayanibulisa bonke abangcwele, ngokukodwa ke aba bendlu kaKesare."
22 Todos os santos vos saúdam, especialmente os da casa de César.
23 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen."
23 A graça do Senhor Jesus Cristo esteja com o vosso espírito!

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Filipenses 4, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.