Ezequiel 5
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVT
1 Wena ke, nyana womntu, thabatha ikrele elibukhali, libe sisitshetshe sokuguya, ulihambise entlokweni yakho nasesilevini sakho, uthabathe isikali sokulinganisela, uzahlule iinwele."
1 “Filho do homem, pegue uma espada afiada e use-a como navalha para raspar sua cabeça e sua barba. Use uma balança para pesar o cabelo e dividi-lo em três partes.
2 Esinye isahlulo sesithathu uze usitshise ngomlilo esazulwini somzi, zakuzaliseka iintsuku zongqingo; uthabathe nesinye isahlulo sesithathu, uxabele ngekrele ngeenxa zonke kuso; nesinye isahlulo sesithathu usichithachithe emoyeni, ndirhole ikrele emva kwazo."
2 Coloque uma terça parte no meio do desenho de Jerusalém e, depois de encenar o cerco à cidade, queime o cabelo ali. Espalhe outra terça parte ao redor do desenho e corte-a com a espada. Espalhe a terceira parte ao vento, pois eu espalharei meu povo com a espada.
3 Uze uthabathe kuzo zibe mbalwa, uzibophe esondweni lengubo yakho;"
3 Guarde apenas um pouco de cabelo e amarre-o em seu manto.
4 ubuye uthabathe kuzo, uziphose emlilweni, uzitshise ngomlilo. Khona apho kuyo kuphuma umlilo, uye kuyo yonke indlu kaSirayeli."
4 Então, pegue alguns desses fios de cabelo e jogue-os no fogo, para que se queimem. Dali um fogo se espalhará e destruirá todo o Israel.
5 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Le Yerusalem ndiyimise esazulwini seentlanga, amazwe angeenxa zonke kuyo."
5 “Assim diz o S enhor Soberano: Esta é uma ilustração do que acontecerá a Jerusalém. Coloquei-a no centro das nações,
6 Ke iwaphikisile ngokungendawo amasiko am ngaphezu kweentlanga, nemimiselo yam ngaphezu kwamazwe angeenxa zonke kuyo; ngokuba bawacekisile amasiko am, abahamba ngemimiselo yam."
6 mas ela se revoltou contra meus estatutos e decretos e foi mais perversa que as nações ao seu redor. Não quis obedecer a meus estatutos e decretos.
7 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba nangxola ngaphezu kweentlanga ebezingeenxa zonke kuni, anahamba ngemimiselo yam, anawenza amasiko am, anenza nangolwamasiko eentlanga ebezingeenxa zonke kuni:"
7 “Portanto, assim diz o S enhor Soberano: Vocês são mais rebeldes que as nações vizinhas e não quiseram obedecer a meus decretos e estatutos. Nem sequer viveram de acordo com os padrões de justiça das nações ao seu redor.
8 ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, mna, ewe mna, ndikuchasile; ndiya kwenza izigwebo esazulwini sakho emehlweni eentlanga;"
8 Portanto, eu mesmo, o S enhor Soberano, estou contra vocês. Eu os castigarei publicamente diante de todas as nações.
9 ndenze kuwe endingazanga ndikwenze, endingayi kubuya ndikwenze okunjalo, ngenxa yamasikizi akho onke."
9 Por causa de seus ídolos detestáveis, punirei vocês como nunca fiz antes e nunca voltarei a fazer.
10 Ngako oko ooyise baya kudla oonyana esazulwini sakho, oonyana badle ooyise; ndenze izigwebo, ndiwachithachithe onke amasalela akho emimoyeni yonke."
10 Pais devorarão os filhos, e filhos devorarão os pais. Eu os castigarei e espalharei aos quatro ventos os poucos que sobreviverem.
11 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, inyaniso, ngenxa enokuba ingcwele yam uyenze inqambi ngeento zakho zonke ezinezothe, nangamasikizi akho onke, nam ndiya kulisusa iliso lam, lingabi nanceba, ndingacongi nam."
11 “Tão certo como eu vivo, diz o S enhor Soberano, eu os destruirei completamente. Não terei compaixão alguma de vocês, pois profanaram meu templo com imagens repugnantes e pecados detestáveis.
12 Isahlulo sesithathu kuwe siya kufa yindyikitya yokufa, siphele nayindlala esazulwini sakho; esinye isahlulo sesithathu siwe likrele ngeenxa zonke kuwe; esinye isahlulo sesithathu ndisichithachithe emimoyeni yonke, ndirhole ikrele emva kwabo."
12 Uma terça parte de seu povo morrerá na cidade por doença e fome, uma terça parte será morta pelo inimigo fora dos muros da cidade, e eu espalharei uma terça parte aos quatro ventos e os perseguirei com minha espada.
13 Wophelela ke kubo umsindo wam, ndibupholisele kubo ubushushu bam, ndithuthuzeleke; bazi ukuba mna Yehova ndithethe ndinekhwele, ekubuphleleliseleni ubushushu bam kubo."
13 Por fim, minha ira se completará, e ficarei satisfeito. E, quando minha fúria contra eles tiver passado, todo o Israel saberá que eu, o S enhor , lhes falei segundo o meu zelo.
14 Phezu koko ndokwenza ube linxuwa nesingcikivo ezintlangeni ezingeenxa zonke kuwe, emehlweni abo bonke abadlulayo."
14 “Portanto, eu o transformarei em uma ruína, em objeto de insulto aos olhos das nações ao redor e para todos que passarem por ali.
15 Uya kuba sisingcikivo nesinyeliso, ube sisithethiso nommangaliso kwiintlanga ezingeenxa zonke kuwe, ekwenzeni kwam izigwebo kuwe ngomsindo nangobushushu, nangezohlwayo zobushushu; mna Yehova ndithethile:"
15 Você se tornará alvo de insultos, zombarias e horror, e servirá de advertência para todas as nações ao redor. Elas verão o que acontece quando o S enhor , em sua ira, castiga uma nação e a repreende, diz o S enhor .
16 nasekuzithumeni kwam kuwe iintolo ezimbi zendlala, ezizezolonakaliso, endiya kuzithuma ukuze zinonakalise. Ndiya kuyandisa indlala phezu kwenu, ndiwaphule umsimelelo asisonka kuni;"
16 “Farei chover sobre você as flechas mortais da fome, para destruí-la. A fome se tornará cada vez mais severa, até que desapareça todo suprimento.
17 ndithume phezu kwenu indlala namarhamncwa, akuhluthe abantwana, ifikelele kuwe indyikitya yokufa negazi, ndikuzisele ikrele; mna Yehova ndithethile."
17 Além da fome, enviarei animais selvagens para atacá-la e devorar seus filhos. Doença e guerra a alcançarão, e trarei contra você a espada do inimigo. Eu, o S enhor , falei!”.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Ezequiel 5, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.