Ezequiel 40

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 Ngomnyaka wamashumi omabini anamihlanu wokuthinjwa kwethu, ekuqalekeni komnyaka, ngolweshumi enyangeni leyo, ngomnyaka weshumi elinesine emva kokuxatyelwa komzi, ngayo kanye loo mini, isandla sikaYehova saba phezu kwam, wandisa khona."
1 No ano vinte e cinco da nossa deportação, no começo do ano, no décimo mês, catorze anos após a queda da cidade, naquele mesmo dia, a mão do Senhor veio sobre mim. Deus me transportou,
2 Ngemibono kaThixo wandisa ezweni lakwaSirayeli elo, wandibeka entabeni ephakamileyo kakhulu; phezu kwayo kwanga sisakhiwo somzi ngasezantsi."
2 no curso das visões divinas, à terra de Israel. Ele me colocou nos cimos de uma montanha muito elevada, sobre a qual pareciam elevar-se, do lado do meio-dia, as construções de uma cidade.
3 Wandisa khona: nanko umntu, okubonakala kunjengokubonakala kobhedu, ephethe intsontelo yeflakisi ngesandla, nengcongolo yokulinganisa; waye ke emi esangweni."
3 Conduzido ao lugar, divisei um homem que parecia ser de bronze, levando nas mãos uma corda de linho e uma cana de agrimensor. Ele permanecia de pé à porta.
4 Wathetha nam loo mntu, wathi, Nyana womntu, khangela ngamehlo akho, uve ngeendlebe zakho, ugqale ngentliziyo yakho zonke izinto endikubonisa zona; ngokuba uziswe apha ukuze uboniswe. Xelela indlu kaSirayeli konke okubonayo."
4 Esse homem dirigiu-me as seguintes palavras: Filho do homem, volta os teus olhos, escuta com teus ouvidos, e presta bem atenção a tudo quanto te vou mostrar, porque é para esse espetáculo que foste transportado até aqui. Darás conhecimento aos israelitas de tudo o que te vou mostrar.
5 Nanko ke, kukho udonga ngaphandle kwendlu, olujikelezileyo ngeenxa zonke, isesandleni somntu lowo ingcongolo yokulinganisa, iziikubhite ezintandathu, iyileyo iyikubhite enobubanzi besandla. Wabulinganisa ububanzi besakhiwo; baba yingcongolo enye, ukuphakama kwayingcongolo enye."
5 Um muro exterior formava o recinto do templo. O homem tinha na mão uma cana de agrimensor, de seis côvados {cada côvado tendo um palmo a mais que o côvado corrente}. Ele mediu a largura da construção - uma cana - e a altura - também uma cana.
6 Waya esangweni elibheke empumalanga, wenyuka ngezinyuko zalo, walinganisa omnye umbundu wesango; waba yingcongolo enye ububanzi, omnye umbundu ke wokuqala wayingcongolo enye ububanzi."
6 Voltou em seguida ao pórtico oriental; subiu os degraus e mediu a soleira da porta, que tinha uma cana de profundidade.
7 Negumbi lokulinda laba yingcongolo enye ubude, layingcongolo enye ububanzi; phakathi kwamagumbi okulinda zaziikubhite ezintlanu; umbundu wesango, ongasevarandeni yesango enganeno kwayo indlu, wayingcongolo enye."
7 Cada câmara tinha uma cana de comprimento e uma cana de largura: entre cada câmara havia cinco côvados. A soleira do pórtico do lado do vestíbulo, para o interior, media uma cana.
8 Walinganisa ivaranda yesango leyo inganeno kwayo indlu, yayingcongolo enye."
8 Ele mediu o vestíbulo do pórtico, para o interior.
9 Walinganisa ivaranda yesango ke, yaziikubhite ezisibhozo, iintsika zayo zaziikubhite ezimbini; ke ivaranda yesango yayinganeno kwayo indlu."
9 Ele tinha oito côvados, e suas pilastras, dois côvados. Esse vestíbulo do pórtico estava situado no interior.
10 Ke amagumbi okulinda, esango elisingise empumalanga, aba mathathu ngapha, aba mathathu nangapha, aba mlinganiso mnye omathathu, zaba mlinganiso mnye iintsika ngapha nangapha."
10 As câmaras do pórtico oriental eram em número de três de cada lado: Tinham todas as três as mesmas dimensões, do mesmo modo que as pilastras.
11 Walinganisa ububanzi bokungena kwesango, baziikubhite ezilishumi; ubude besango ngalinye baziikubhite ezilishumi elinazithathu."
11 Ele mediu a largura do vão da porta: dez côvados; a extensão do pórtico era de treze côvados.
12 Ke umda phambi kwamagumbi okulinda wawuyikubhite enye ngapha, wayikubhite enye nangapha umda; amagumbi okulinda aba ziikubhite ezintandathu ngapha, aba ziikubhite ezintandathu nangapha."
12 Diante dos cômodos havia uma barreira de um côvado de cada lado. A própria câmara media seis côvados em cada direção.
13 Walinganisa isango, ethabathela eluphahleni lwamagumbi okulinda, esa eluphahleni lwamanye; laba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi; umnyango ulunge nomnyango."
13 Mediu o pórtico, desde o teto de uma câmara até o teto de outra: vinte e cinco côvados de largura, de porta a porta.
14 Iintsika wazenza zangamashumi omathandathu eekubhite; yeza kuma ngentsika intendelezo ejikelezileyo ngeenxa zonke esangweni."
14 Depois contou sessenta côvados para as pilastras, perto das quais se encontrava a átrio que rodeava o pórtico.
15 Ke ukuthabathela phambi kwesango lokungena, kuse phambi kwevaranda yesango eliphakathi, zabaziikubhite ezimashumi mahlanu."
15 O espaço entre a porta de entrada e o vestíbulo da porta interior era de cinqüenta côvados.
16 Bekukho iifestile ezi valiweyo emagumbini okulinda nasezintsikeni zawo ngecala eliphakathi esangweni, zijikelezile ngeenxa zonke; bekukwanjalo nasezingqamekweni. Bekukho iifestile ngaphakathi, zijikelezile ngeenxa zonke; bekukho namasundu ezintsikeni."
16 Havia nas câmaras e nas pilastras janelas gradeadas para o interior do pórtico; havia o mesmo nos vestíbulos: janelas se encontravam em toda a volta, dando para o interior. Sobre as pilastras, havia palmeiras.
17 Wandisa entendelezweni ephandle; nanko, kwenziwe amagumbi nombekelelo wamatye, kwajikeleza ngeenxa zonke entendelezweni; yayingamagumbi angamashumi mathathu embekelelweni wamatye."
17 Em seguida ele me fez entrar no átrio exterior onde vi câmaras, e um lajeamento disposto em redor do átrio: sobre esse lajeamento havia trinta câmaras.
18 Umbekelelo wamatye ubusemacaleni amasango, ulungelelene nobude bamasango; umbekelelo lowo uphantsi."
18 O lajeamento se estendia de cada lado dos pórticos, numa extensão igual à extensão desse pórtico: era o pavimento interior.
19 Walinganisa ububanzi, ethabathela phambi kwesango lentendelezo ephantsi, esa phambi kwelentendelezo ephakathi nganeno kwalo; zalikhulu leekubhite ngasempumalanga nangasentla."
19 Ele mediu a largura desde a frente do pórtico interior até diante do ártrio interior: cem côvados ao leste e ao norte.
20 Isango elibheke entla ngasentendelezweni ephandle, wabulinganisa ubude balo nobubanzi balo;"
20 Quanto ao pórtico setentrional do ártrio exterior, mediu a extensão e a largura.
21 namagumbi okulinda amathathu ngapha, amathathu nangapha, neentsika zalo, neengqameko zalo. Laba ngangomlinganiso wesango lokuqala; baziikubhite ezimashumi mahlanu ubude balo, nobubanzi balo baziikubhite ezimashumi mabini anantlanu."
21 Os aposentos eram em número de três de cada lado; suas pilastras e seus vestíbulos tinham as mesmas dimensões que as do primeiro pórtico: cinqüenta côvados de extensão por vinte e cinco de largura.
22 Iifestile zalo, neengqameko zalo, namasundu alo, zaba ngangomlinganiso wesango elibheke empumalanga; benyuka ngezinyuko ezisixhenxe ukuya kulo; neengqameko zalo zaba phambi kwazo."
22 Suas janelas, seu vestíbulo e suas palmeiras tinham as mesmas dimensões que as do pórtico oriental. Chegava-se aí por sete degraus, em frente dos quais ficava o seu vestíbulo.
23 Amasango entendelezo ephakathi alunga nesango langasentla nelangasempumalanga; walinganisa, wathabathela esangweni, wesa esangweni; zalikhulu leekubhite."
23 Diante do pórtico norte, como diante do pórtico oriental, havia uma porta com saída para o átrio interior. De um pórtico a outro contou cem côvados.
24 Wandihambisa wandisingisa ezantsi; nali isango, lisingise ezantsi; walinganisa iintsika zalo neengqameko zalo kwangokwaloo milinganiso."
24 Ele me conduziu até o lado do meio-dia, onde vi o pórtico meridional. As pilastras e o vestíbulo, que mediu, tinham idêntica dimensão.
25 Bekukho iifestile kulo nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke, njengeziya iifestile; zaba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, baziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi."
25 Esse pórtico tinha, em todo o seu âmbito, assim como seu vestíbulo, janelas semelhantes às outras. Havia cinqüenta côvados de extensão por vinte e cinco de largura.
26 Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisixhenxe, nezingqameko zalo zaziphambi kwazo; belinamasundu, elinye lingapha, elinye lingapha, ezintsikeni zalo."
26 Chegava-se aí por sete degraus, em frente dos quais ficava o vestíbulo. De uma e outra parte havia palmeiras em suas pilastras.
27 Bekukho isango elisa entendelezweni ephakathi, elisingise ezantsi; walinganisa ethabathela esangweni elo, esa esangweni elisingise ezantsi; zaba ziikubhite ezilikhulu."
27 O átrio interior tinha também um pórtico meridional. De um pórtico a outro, para o meio-dia, contou cem côvados.
28 Wandisa entendelezweni ephakathi ngesango lasezantsi, walilinganisa isango lasezantsi kwangokwaloo milinganiso;"
28 Ele me fez entrar no átrio interior pelo pórtico meridional, o qual tinha as mesmas dimensões.
29 namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo, kwangokwaloo milinganiso. Bekukho iifestile kulo nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke; zaba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi."
29 Suas câmaras, pilastras e vestíbulo tinham as mesmas dimensões. Esse pórtico, assim como o seu vestíbulo, estavam guarnecidos de janelas em toda a volta. Suas dimensões eram: cinqüenta côvados de extensão por vinte e cinco de largura.
30 Iingqameko zajikeleza ngeenxa zonke: zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ubude, zaba ziikubhite ezintlanu ububanzi."
30 Em toda a volta havia vestíbulos de vinte e cinco côvados de comprimento por cinco de largura.
31 Iingqameko zalo zabheka entendeezweni ephandle; zibe zinamasundu iintsika zalo. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo."
31 Seu vestíbulo se encontrava do lado do átrio exterior. Suas pilastras eram ornadas de palmeiras; subia-se até aí por uma escada de oito degraus.
32 Wandisa entendelezweni ephakathi, esingise empumalanga, walilinganisa isango kwangokwaloo milinganiso;"
32 Depois conduziu-me ao pórtico oriental do átrio interior, que ele mediu, e no qual encontrou as mesmas dimensões.
33 namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo, kwangokwaloo milinganiso. Bekukho iifestile kulo, nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke; aba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi."
33 Tinham também as mesmas dimensões suas câmaras, pilastras e vestíbulo. O pórtico assim como seu vestíbulo, estavam guarnecidos de janelas em toda a sua extensão. Suas dimensões eram de cinqüenta côvados de comprimento por vinte e cinco de largura.
34 Iingqameko zalo zabheka entendelezweni ephandle; zibe zinamasundu iintsika ngapha nangapha. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo."
34 Seu vestíbulo dava para o átrio exterior. Havia, de uma e outra parte, palmeiras em suas pilastras, e uma escada de oito degraus.
35 Wandisa esangweni lasentla, walilinganisa kwangokwaloo milinganiso;"
35 Ele me conduziu então ao pórtico setentrional, que mediu, e no qual encontrou as mesmas dimensões,
36 namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo. Bekukho iifestile kulo, zijikelezile ngeenxa zonke; zaba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi."
36 do mesmo modo que em suas câmaras, pilastras e vestíbulo. Havia janelas em toda a volta. As dimensões eram de cinqüenta côvados de comprimento por vinte e cinco de largura.
37 Iintsika zalo zakhangela entendelezweni ephandle; zinamasundu iintsika zalo ngapha nangapha. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo."
37 Seu vestíbulo dava para o átrio exterior. Havia, de uma a outra parte, palmeiras em suas pilastras, e uma escada de oito degraus.
38 Igumbi nomnyango walo lalingasezintsikeni zamasango; bebewahlamba khona amadini anyukayo."
38 Havia uma sala, cuja porta se encontrava junto às pilastras dos pórticos; era lá que se lavavam os holocaustos.
39 Evarandeni yesango bekukho iitafile ezimbini ngapha, iitafile ezimbini nangapha, zokuxhelela amadini anyukayo, nawesono, nawetyala."
39 No vestíbulo do pórtico encontravam-se, de uma e outra parte, duas mesas nas quais se degolavam as vítimas destinadas aos sacrifícios pelo pecado e pelo delito.
40 Ecaleni elingaphandle, konyukayo esiya ekungeneni kwesango ngasentla, bekukho iitafile ezimbini; nakwelinye icala ngasevarandeni yesango bekukho iitafile ezimbini."
40 No exterior, do lado norte, para quem subia no pórtico, encontravam-se duas mesas, e duas outras mesas do lado do vestíbulo desse pórtico.
41 Kwabakho iitafile ezine ngapha, iitafile ezine nangapha, ecaleni lesango; ziitafile ezisibhozo, zokuxhelela kuzo."
41 Assim, quatro mesas de cada lado do pórtico, o que perfaz oito mesas, nas quais se degolavam as vítimas.
42 Kananjalo bekukho neetafile ezine ngasezinyukweni zamatye aqingqiweyo, aba yikubhite enye enesiqingatha ubude, ikubhite enye enesiqingatha ububanzi, ikubhite enye ukuphakama, ukuze babeke kuzo iimpahla zokuxhela amadini anyukayo nemibingelelo."
42 Havia, além disso, para os holocaustos, quatro mesas de pedra de cantaria, do comprimento de um côvado e meio, e a largura de um côvado e meio e a altura de um côvado. Depositavam-se nelas os instrumentos que serviam para degolar as vítimas dos holocaustos e dos sacrifícios.
43 Amabhaxa angangobubanzi besandla, abe eqiniselweendlwini, ajikeleza ngeenxa zonke; yaye isezitafileni inyama yomsondezo."
43 Havia bordas da largura de um palmo em todo o âmbito interior. Era sobre essas mesas que eram depositadas as carnes sacrificadas.
44 Ngaphandle kwesango eliphakathi bekukho amagumbi amabini entendelezweni ephakathi; elinye lingasecaleni lesango lasentla, libheke ezantsi, elinye lingasecaleni lesango lasezantsi, libheke entla."
44 No átrio interior, fora do pórtico interior, ficavam os lugares dos cantores, um do lado do pórtico setentrional, olhando para o sul, outro do lado do pórtico oriental, olhando para o norte.
45 Wathi kum, Eli gumbi, libheke ezantsi, lelababingeleli abagcina isigxina sendlu le."
45 O homem disse-me: Esta câmara, que olha para o sul, é reservada aos sacerdotes que têm a guarda do templo;
46 Igumbi elibheke entla lelababingeleli abagcina isigcina sesibingelelo. Bona bangoonyana bakaTsadoki, koonyana bakaLevi, abasondelayo kuYehova ukuba balungiselele kuye."
46 e a que olha para o norte é destinada aos sacerdotes que fazem o serviço do altar. Estes são os descendentes de Sadoc, {únicos} descendentes de Levi que {podem} aproximar-se do Senhor para o servirem.
47 Wayilinganisa intendelezo; zaba ziikubhite ezilikhulu ubude, zaba ziikubhite ezilikhulu nobubanzi; imbombo-ne; isibingelelo ke besiphambi kwayo indlu."
47 Mediu o átrio: era um quadrado de cem côvados de lado. O altar encontrava-se diante do edifício.
48 Wandisa evarandeni yayo indlu, walinganisa intsika yevaranda: iikubhite zontlanu ngapha, iikubhite zontlanu ngapha; ububanzi besango baziikubhite ezintathu ngapha, iikubhite ezintathu nangapha."
48 Ele conduziu-me então ao vestíbulo do templo, cujas pilastras mediu: cinco côvados de cada lado, enquanto a largura do pórtico era de três côvados de cada lado.
49 Ubude bevaranda baba ziikubhite ezimashumi mabini, ububanzi baba ziikubhite ezilishumi elinanye ngasezinyukweni, ebe kunyukwa ngazo kuyiwe kuyo. Bekukho iintsika ngasezintsikeni zomnyango, enye ngapha, enye nangapha."
49 O vestíbulo tinha vinte côvados de comprimento por onze de largura; chegava-se aí por degraus. Junto às pilastras, de uma e outra parte, havia {duas} colunas.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Ezequiel 40, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.