Ezequiel 1
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVT
1 Ke kaloku, ngomnyaka wamashumi omathathu, ngenyanga yesine, ngolwesihlanu usuku enyangeni leyo, ndakubon’ ukuba ndiphakathi kwabathinjiweyo ngasemlanjeni oyiKebhare, avuleka amazulu, ndabona imibono kaThixo."
1 Em 31 de julho de meu trigésimo ano, enquanto eu estava com os exilados judeus junto ao rio Quebar, na Babilônia, os céus se abriram e tive visões de Deus.
2 Ngolwesihlanu enyangeni leyo (ingumnyaka ke wesihlanu wokuthinjwa kokumkani uYehoyakin lowo),"
2 Isso aconteceu no quinto ano do exílio do rei Joaquim.
3 kwafika ilizwi likaYehova kuHezekile unyana kaBhuzi, umbingeleli, ezweni lamaKaledi, ngasemlanjeni oyiKebhare; saba phezu kwakhe apho isandla sikaYehova."
3 (O S enhor deu essa mensagem ao sacerdote Ezequiel, filho de Buzi, junto ao rio Quebar, na terra dos babilônios, e a mão do S enhor estava sobre ele.)
4 Ndabona ke, nanko kusiza umoya ovuthuzayo, uvela ngasentla, unelifu elikhulu nomlilo obumbeneyo njengembumbulu, nobumhlophe obungeenxa zonke kulo, obuphuma ngaphakathi kwawo, bubonakala ngathi yigolide evuthiweyo emlilweni phakathi."
4 Quando olhei, vi uma grande tempestade que vinha do norte. Uma nuvem faiscava com relâmpagos e brilhava com luz intensa. Dentro da nuvem havia fogo e, no meio do fogo, resplandecia algo semelhante a âmbar reluzente.
5 Ngaphakathi kwawo yimfano yezinto eziphilileyo ezine. Nantsi ke imbonakalo yazo: zibe zinemfano yomntu;"
5 Do centro da nuvem surgiram quatro seres vivos de aparência humana,
6 inye ibinobuso obune, inye kuzo apho ibinamaphiko amane."
6 porém cada um tinha quatro rostos e quatro asas.
7 Imilenze yazo ibiyimilenze ethe nkqo; umphantsi weenyawo ubunjengomphantsi wenqina lethole; zidangazela zibonakala ngathi lubhedu olubengezelisiweyo."
7 Suas pernas eram retas, e seus pés tinham cascos como os de bezerro e brilhavam como bronze polido.
8 Zazinezandla zomntu ngaphantsi kwamaphiko azo emacaleni azo omane; zone ke zinobuso namaphiko;"
8 Debaixo de cada uma das quatro asas, vi mãos humanas. Assim, cada um dos quatro seres tinha quatro rostos e quatro asas.
9 amaphiko azo abehlangene, elaleyo nelaleyo; bezingajiki ekuhambeni kwazo, bezihamba, iyileyo iye kwicala elikhangelene nobuso bayo."
9 As asas de cada um dos seres tocavam as asas dos seres ao seu lado. Cada um se movia para a frente, sem se virar.
10 Imfano yobuso bazo ibe ibubuso bomntu; zinobuso bengonyama zone ngasekunene; zinobuso benkomo zone ngasekhohlo, zinobuso bokhozi zone;"
10 Cada um dos quatro seres tinha rosto humano na frente, rosto de leão à direita, rosto de boi à esquerda e rosto de águia atrás.
11 ubuso bazo namaphiko azo abe ahlukene ngaphezulu; iyileyo inamabini ehlangene nawaleyo, namaphiko amabini ke egubungele imizimba yazo."
11 Cada um tinha dois pares de asas estendidas: com um par tocava as asas dos seres de cada lado e com o outro par cobria o corpo.
12 Zahamba ke, iyileyo yaya kwicala elikhangelene nobuso bayo; apho sukuba ubusiya khona umoya, zaya khona; azajika ekuhambeni kwazo."
12 Deslocavam-se em qualquer direção que o espírito indicava e moviam-se para a frente, sem se virar.
13 Imfano yezinto eziphilileyo ezo, imbonakalo yazo, ibingathi ngamalahle omlilo abasiweyo; ibingathi yimbonakalo yezikhuni ezitshangazayo; wona wahambahamba phakathi kwezinto eziphilileyo ezo; umhlophe ke umlilo lowo, emlilweni kuphuma imibane."
13 Os seres vivos eram semelhantes a brasas acesas ou tochas reluzentes, e relâmpagos pareciam faiscar entre eles.
14 Izinto eziphilileyo bezigidima zibuye, ngokokubonakala kokuphambaphamba kombane."
14 Os seres vivos se deslocavam de um lado para o outro rapidamente, como relâmpagos.
15 Ndazibona izinto eziphilileyo; nanko ke, kukho iivili emhlabeni, ecaleni kwezinto eziphilileyo, zinganye iivili kubuso ngobuso bazo obune."
15 Enquanto eu olhava para esses seres, vi quatro rodas que tocavam o chão junto a eles, uma roda para cada um.
16 Ukubonakala kweevili nokusetyenzwa kwazo kwakunjengembonakalo yekrizolite, zimfani-nye zone; ukubonakala kwazo nokusetyenzwa kwazo kungathi ivili ingaphakathi kwevili."
16 As rodas brilhavam, como se fossem feitas de berilo. As quatro rodas eram semelhantes e feitas da mesma forma; cada uma tinha dentro dela outra roda que girava na transversal.
17 Ekuhambeni kwazo zaphambela kumacala azo omane; azajika ekuhambeni kwazo."
17 Os seres podiam se deslocar em qualquer uma das quatro direções, sem se virar enquanto se moviam.
18 Iifeleni zazo beziphakamile, bezisoyikeka; iifeleni zazo bezizele ngamehlo ngeenxa zonke kuzo zone."
18 Os aros das rodas eram altos e assustadores, cobertos de olhos em todo o redor.
19 Zakuhamba izinto eziphilileyo, zahamba nazo iivili ecaleni lazo; zakusuka izinto eziphilileyo emhlabeni, zasuka nazo iivili."
19 Quando os seres vivos se moviam, as rodas se moviam com eles. Quando eles voavam para cima, as rodas também subiam.
20 Apho sukuba usiya khona umoya, zaya apho sukuba umoya ubusiya khona; zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo."
20 O espírito dos seres vivos estava nas rodas; aonde quer que o espírito fosse, as rodas e os seres vivos o acompanhavam.
21 Zakuhamba, zahamba nazo; zakuma, zema nazo; zakusuka emhlabeni, zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo."
21 Quando os seres se moviam, as rodas também se moviam. Quando os seres paravam, as rodas também paravam. Quando os seres voavam para cima, as rodas também subiam, pois o espírito dos seres vivos estava nas rodas.
22 Naphezu kweentloko zezinto eziphilileyo bekukho into efana nesibhakabhaka, ngathi ngembonakalo yikristale eyoyikekayo, sanekiwe phezu kwentloko yazo ngaphezulu."
22 Acima deles estendia-se uma superfície como o céu, brilhante como cristal.
23 Ngaphantsi kwesibhakabhaka amaphiko ayethe tye, elo lasinga kwelo; iyileyo inamabini ayigubungeleyo, iyileyo inamabini ayigubungeleyo emzimbeni."
23 Abaixo dessa superfície as asas de cada ser vivo se estendiam de modo a tocar as asas dos outros, e as outras duas asas cobriam seu corpo.
24 Ndeva ke isandi samaphiko azo, sinjengesandi samanzi amaninzi, ngathi lilizwi loSomandla, ekuhambeni kwazo; izwi elinengxolo ngathi sisandi somkhosi; zakuma, zawayeka ehla amaphiko azo."
24 Quando voavam, o estrondo de suas asas soava para mim como ondas do mar quebrando na praia, como a voz do Todo-poderoso, ou como os gritos de um grande exército. Quando os seres pararam, abaixaram as asas.
25 Kwabakho ke izwi liphuma ngaphaya kwesibhakabhaka, esibe siphezu kweentloko zazo; zakuma, zawayeka ehla amaphiko azo."
25 Enquanto estavam com as asas abaixadas, uma voz falou de além da superfície acima deles.
26 Ngaphezu kwesibhakabhaka esibe siphezu kweentloko zazo, kwabonakala umfanekiselo wetrone, wanga lilitye lesafire; ngaphezu komfanekiselo wetrone kwabakho umfanekiselo ongathi yimbonakalo yomntu phezu kwayo ngaphezulu."
26 Acima dessa superfície havia algo parecido com um trono de safira. No trono, bem no alto, havia uma figura semelhante a um homem.
27 Ndabona ke, ngathi yimbonakalo yegolide evuthiweyo, ngathi yimbonakalo yomlilo, ngaphakathi kwayo nangeenxa zonke kuyo, kwathabathela embonakalweni yesinqe kwenyusa; kwathabathela embonakalweni yesinqe kwehlisa, ndabona ke ngathi yimbonakalo yomlilo, kumhlophe ke ngeenxa zonke."
27 Da cintura para cima, tinha a aparência de âmbar reluzente que cintilava como o fogo, e, da cintura para baixo, parecia uma chama ardente que brilhava com esplendor.
28 Ngathi yimbonakalo yomnyama obakhoyo efini mini ngemvula, yabe injalo imbonakalo yobumhlophe ngeenxa zonke. Leyo yimbonakalo yomfanekiselo wobuqaqawuli bukaYehova. Ndabona ke, ndawa ngobuso, ndaliva izwi lothethayo."
28 Estava rodeado por um aro luminoso, como arco-íris que resplandece entre as nuvens num dia de chuva. Essa era a aparência da glória do S enhor para mim. Quando a vi, prostrei-me com o rosto no chão e ouvi a voz de alguém que falava comigo.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Ezequiel 1, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.