Êxodo 18
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARA
1 UYitro, umbingeleli wakwaMidiyan, uyise womkaMoses, wayiva yonke into uThixo abeyenzele uMoses, namaSirayeli abantu bakhe, ukuba uYehova uwakhuphile amaSirayeli eYiputa."
1 Ora, Jetro, sacerdote de Midiã, sogro de Moisés, ouviu todas as coisas que Deus tinha feito a Moisés e a Israel, seu povo; como o Senhor trouxera a Israel do Egito.
2 UYitro, uyise womkaMoses, wamthabatha uTsipora, umkaMoses, emveni kokuba ebemndulule,"
2 Jetro, sogro de Moisés, tomou a Zípora, mulher de Moisés, depois que este lha enviara,
3 noonyana bakhe bobabini; igama lomnye lalinguGershom, kuba wathi, Bendingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga; igama lomnye lalinguEliyezere,"
3 com os dois filhos dela, dos quais um se chamava Gérson, pois disse Moisés: Fui peregrino em terra estrangeira;
4 kuba wathi, UThixo kabawo ubengumncedi wam, wandihlangula ekreleni likaFaro."
4 e o outro, Eliézer, pois disse: O Deus de meu pai foi a minha ajuda e me livrou da espada de Faraó.
5 UYitro, uyise womkaMoses, weza ke noonyana bakhe nomkakhe, kuMoses entlango, apho wayemise khona intente, entabeni kaThixo."
5 Veio Jetro, sogro de Moisés, com os filhos e a mulher deste, a Moisés no deserto onde se achava acampado, junto ao monte de Deus,
6 Wathi kuMoses, Mna Yitro, unguyihlo, ndize kuwe, ndinomkakho enoonyana bakhe bobabini."
6 e mandou dizer a Moisés: Eu, teu sogro Jetro, venho a ti, com a tua mulher e seus dois filhos.
7 Waphuma uMoses, waya kumkhawulela uyise womkakhe, waqubuda, wamanga; babuzana impilo, bangena ententeni."
7 Então, saiu Moisés ao encontro do seu sogro, inclinou-se e o beijou; e, indagando pelo bem-estar um do outro, entraram na tenda.
8 UMoses wambalisela uyise womkakhe yonke into uYehova abeyenzile kuFaro nakumaYiputa ngenxa kaSirayeli; nenkxamleko yonke abayifumanayo endleleni, nokuhlangulwa kwabo nguYehova."
8 Contou Moisés a seu sogro tudo o que o Senhor havia feito a Faraó e aos egípcios por amor de Israel, e todo o trabalho que passaram no Egito, e como o Senhor os livrara.
9 Wavuya uYitro akukuva konke ukulunga abekwenzile uYehova kuSirayeli, ngokumhlangula esandleni samaYiputa."
9 Alegrou-se Jetro de todo o bem que o Senhor fizera a Israel, livrando-o da mão dos egípcios,
10 Wathi uYitro, Makabongwe uYehova owanihlangulayo esandleni samaYiputa, nasesandleni sikaDaro; owabahlangulayo abantu, baphuma phantsi kwesandla samaYiputa."
10 e disse: Bendito seja o Senhor , que vos livrou da mão dos egípcios e da mão de Faraó;
11 Ngoku ndiyazi ukuba uYehova mkhulu koothixo bonke; ewe, kwakuloo nto amaYiputa abewakhukhumalele ngayo amaSirayeli."
11 agora, sei que o Senhor é maior que todos os deuses, porque livrou este povo de debaixo da mão dos egípcios, quando agiram arrogantemente contra o povo.
12 UYitro, uyise womkaMoses, wamthabathela uThixo idini elinyukayo nemibingelelo; weza uAron namadoda amakhulu onke akwaSirayeli, esiza kudla isonka noyise womkaMoses phambi koThixo."
12 Então, Jetro, sogro de Moisés, tomou holocausto e sacrifícios para Deus; e veio Arão e todos os anciãos de Israel para comerem pão com o sogro de Moisés, diante de Deus.
13 Kwathi ngengomso, uMoses wahlala wathetha amatyala abantu; abantu baxhontela kuMoses, kususela kusasa kwada kwangokuhlwa."
13 No dia seguinte, assentou-se Moisés para julgar o povo; e o povo estava em pé diante de Moisés desde a manhã até ao pôr do sol.
14 Wayibona uyise womkaMoses yonke into abeyenza ebantwini, wathi, Iyintoni na le nto uyenzayo ebantwini? Kungani na, le nto uhlala wedwa, bathi bona bonke abantu baxhontele kuwe, kususela kusasa kude kuhlwe?"
14 Vendo, pois, o sogro de Moisés tudo o que ele fazia ao povo, disse: Que é isto que fazes ao povo? Por que te assentas só, e todo o povo está em pé diante de ti, desde a manhã até ao pôr do sol?
15 Wathi uMoses kuyise womkakhe, Kungokuba abantu besiza kum ukuba ndibacelele icebo kuThixo;"
15 Respondeu Moisés a seu sogro: É porque o povo me vem a mim para consultar a Deus;
16 xa banendawo, beza kum ukuba ndigwebe phakathi komntu nommelwane wakhe, ndibazise imimiselo kaThixo nemiyalelo yakhe."
16 quando tem alguma questão, vem a mim, para que eu julgue entre um e outro e lhes declare os estatutos de Deus e as suas leis.
17 Wathi uyise womkaMoses kuye,"
17 O sogro de Moisés, porém, lhe disse: Não é bom o que fazes.
18 Ayilungile le nto uyenzayo. Uya kuzigqiba uphele amandla, naba bantu unabo; kuba lo msebenzi unzima kuwe, akunakuwenza wedwa."
18 Sem dúvida, desfalecerás, tanto tu como este povo que está contigo; pois isto é pesado demais para ti; tu só não o podes fazer.
19 Phulaphula ngoko izwi lam, ndikuphe iqhinga; uThixo woba nawe. Wena yiba ngumlomo wabantu kuThixo, uzise izinto zabo kuThixo;"
19 Ouve, pois, as minhas palavras; eu te aconselharei, e Deus seja contigo; representa o povo perante Deus, leva as suas causas a Deus,
20 ubafundise imimiselo nemiyalelo, ubazise indlela abaya kuhamba ngayo, nomsebenzi abaya kuwenza."
20 ensina-lhes os estatutos e as leis e faze-lhes saber o caminho em que devem andar e a obra que devem fazer.
21 Uze uzikhangelele ebantwini bonke amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala, amoyikayo uThixo, amadoda anyanisileyo, ayithiyileyo inzuzo embi, uwamise phezu kwabo, abe ngabathetheli-waka, nabathetheli-khulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye;"
21 Procura dentre o povo homens capazes, tementes a Deus, homens de verdade, que aborreçam a avareza; põe-nos sobre eles por chefes de mil, chefes de cem, chefes de cinquenta e chefes de dez;
22 bathethe amatyala abantu ngamaxesha onke; zithi izinto zonke ezinkulu bazizise kuwe; zonke ezincinane bazigwebe bona, ukuze kube lula kuwe, bakuthwalise."
22 para que julguem este povo em todo tempo. Toda causa grave trarão a ti, mas toda causa pequena eles mesmos julgarão; será assim mais fácil para ti, e eles levarão a carga contigo.
23 Ukuba uthe wayenza loo nto, waza wakuwisela umthetho uThixo, woba nako ukuma, bathi naba bantu bonke bafike endaweni yabo benoxolo."
23 Se isto fizeres, e assim Deus to mandar, poderás, então, suportar; e assim também todo este povo tornará em paz ao seu lugar.
24 UMoses waliphulaphula izwi loyise womkakhe, wayenza into yonke abeyithethile."
24 Moisés atendeu às palavras de seu sogro e fez tudo quanto este lhe dissera.
25 UMoses wanyula amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala kuwo onke amaSirayeli, wawenza iintloko phezu kwabantu, aba ngabathetheli-waka, nabathetheli-khulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye."
25 Escolheu Moisés homens capazes, de todo o Israel, e os constituiu por cabeças sobre o povo: chefes de mil, chefes de cem, chefes de cinquenta e chefes de dez.
26 Bathetha amatyala abantu ngamaxesha onke; izinto ezinqabileyo bazizisa kuMoses, zonke ezincinane bazigweba bona."
26 Estes julgaram o povo em todo tempo; a causa grave trouxeram a Moisés e toda causa simples julgaram eles.
27 UMoses wamndulula uyise womkakhe, waya elizweni lakowabo."
27 Então, se despediu Moisés de seu sogro, e este se foi para a sua terra.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Êxodo 18, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.