Ester 8
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs NVI
1 Ngaloo mini, ukumkani uAhaswerosi wamnika uEstere ukumkanikazi indlu kaHaman, umbandezeli wamaYuda. UMordekayi weza phambi kokumkani; kuba uEstere ubeyixelile into abeyiyo kuye."
1 Naquele mesmo dia, o rei Xerxes deu à rainha Ester todos os bens de Hamã, o inimigo dos judeus. E Mardoqueu foi trazido à presença do rei, pois Ester lhe dissera que este era seu parente.
2 Ukumkani wakhulula umsesane wakhe, abewuthabathe kuHaman, wanika uMordekayi. UEstere wammisa uMordekayi phezu kwendlu kaHaman."
2 O rei tirou seu anel-selo, que havia tomado de Hamã, e o deu a Mardoqueu; e Ester o nomeou para administrar os bens de Hamã.
3 Waphinda uEstere, wathetha phambi kokumkani, ewe phambi kweenyawo zakhe, elila etarhuzisa kuye, ukuba abutshitshise ububi bukaHaman umAgagi, nengcinga yakhe abeyicingile ngamaYuda."
3 Mas Ester tornou a implorar ao rei, chorando aos seus pés, que revogasse o plano maligno de Hamã, o agagita, contra os judeus.
4 Waza ukumkani wayolulela kuEstere intonga yegolide; wavuka uEstere, wema phambi kokumkani."
4 Então o rei estendeu o cetro de ouro para Ester, e ela se levantou diante dele e disse:
5 Wathi, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, ukuba ndithe ndababalwa nguye, yafaneleka le nto phambi kokumkani, nam ndalunga emehlweni akhe: makubhalwe zibuye iincwadi zengcinga kaHaman unyana kaHamedata, umAgagi, awazibhalela ukuwatshabalalisa amaYuda asemazweni onke kakumkani."
5 "Se for do agrado do rei, se posso contar com o seu favor, e se ele considerar justo, que se escreva uma ordem revogando as cartas que Hamã, filho do agagita Hamedata, escreveu para que os judeus fossem exterminados em todas as províncias do império.
6 Kuba ndingathini na ukuba nako ukububonela ububi obuya kubazela abantu bakowethu? Ndingathini na ukuba nako ukukubona ukutshatyalaliswa kwemizalwane yam?"
6 Pois, como suportarei ver a desgraça que cairá sobre meu o povo? Como suportarei a destruição da minha própria família? "
7 Wathi ukumkani uAhaswerosi kuEstere ukumkanikazi, nakuMordekayi umYuda, Yabonani, indlu kaHaman ndiyinike uEstere; yena ngokwakhe bamxhoma emthini, ngenxa yokuba wasa isandla sakhe kumaYuda."
7 O rei Xerxes respondeu à rainha Ester e ao judeu Mardoqueu: "Mandei enforcar Hamã e dei os seus bens a Ester porque ele atentou contra os judeus.
8 Ngoko ke, nina bhalani ngamaYuda ngoko kulungileyo emehlweni enu egameni lokumkani, nitywine ngomsesane wokumkani; kuba incwadi ebhalwe egameni lokumkani, yatywinwa ngomsesane wokumkani, akukho unokuyibuyisa."
8 Escrevam agora outro decreto em nome do rei, em favor dos judeus, como melhor lhes parecer, e selem-no com o anel-selo do rei, pois nenhum documento escrito em nome do rei e selado com o seu anel pode ser revogado".
9 Babizwa ke ababhali bokumkani ngelo xesha ngenyanga yesithathu (yinyanga enguSivan ke leyo), ngomhla wamashumi amabini anesithathu kuyo; kwabhalwa ngako konke awawisa umthetho ngako uMordekayi, kumaYuda, nakwiirhuluneli, nakumabamba, nakubathetheli bamazwe, athabathela eIndiya eza kwaKushi, amazwe alikhulu elinamanci mabini anesixhenxe, kwilizwe ngelizwe njengokubhala kwalo, kubantu ngabantu ngokwentetho yabo, nakumaYuda ngokokubhala kwawo nangokwentetho yawo."
9 Isso aconteceu no dia vinte e três do terceiro mês, o mês de sivã. Os secretários do rei foram imediatamente convocados e escreveram todas as ordens de Mardoqueu aos judeus, aos sátrapas, aos governadores e aos nobres das cento e vinte e sete províncias que se estendiam da Índia até a Etiópia. Essas ordens foram redigidas na língua e na escrita de cada província e de cada povo, e também na língua e na escrita dos judeus.
10 Kwabhalwa egameni lokumkani uAhaswerosi, kwatywinwa ngomsesane wokumkani; kwathunywa iincwadi ngezigidimi ezisemahasheni, ezikhwele kwiimbaleki zakomkhulu, kumankonyana esihashe sakomkhulu."
10 Mardoqueu escreveu em nome do rei Xerxes, selou as cartas com o anel-selo do rei, e as enviou por meio de mensageiros montados em cavalos velozes, das estrebarias do próprio rei.
11 Kwabhalwa kwathiwa, ukumkani uwavumele amaYuda, akwimizi ngemizi yonke, ukuba abizelane ndawonye, akhusele ubomi bawo, atshabalalise, abulale, asingele phantsi yonke impi yabantu neyelizwe eliwabandezelayo, abantwana nabafazi, aphange amaxhoba abo,"
11 O decreto do rei concedia aos judeus de cada cidade o direito de reunir-se e de proteger-se, de destruir, matar e aniquilar qualquer força armada de qualquer povo ou província que os ameaçasse, a eles, suas mulheres e seus filhos, e de saquear os bens dos seus inimigos.
12 ngamini-nye, emazweni onke kakumkani uAhaswerosi, ngomhla weshumi elinesithathu wenyanga yeshumi elinesibini (yinyanga enguAdare ke leyo)."
12 O decretou entrou em vigor nas províncias do rei Xerxes no décimo terceiro dia do décimo segundo mês, o mês de adar.
13 Incwadi leyo, ukuze awiselwe umthetho onke amazwe ngamazwe, yathunyelwa kwizizwe zonke, ukuze amaYuda ahlale selezilungiselele loo mhla, ukuziphindezelela ezintshabeni zawo."
13 Uma cópia do texto do decreto foi publicada como lei em cada província e levada ao conhecimento do povo de cada nação, a fim de que naquele dia os judeus estivessem prontos para vingar-se dos seus inimigos.
14 Izigidimi zakhwela kwiimbaleki zakomkhulu, nakwisihashe sakomkhulu, zaphuma zingxanyisiwe lilizwi lokumkani. Umthetho lowo wawiswa eShushan komkhulu."
14 Os mensageiros, montando cavalos das estrebarias do rei, saíram a galope, por causa da ordem do rei. O decreto também foi publicado na cidadela de Susã.
15 Ke kaloku uMordekayi waphuma ebusweni bokumkani, enesambatho sobukumkani selinen emsi emhlophe, nesithsaba esikhulu segolide, nengubo yokwaleka yelinen ecikizekileyo emfusa. Umzi waseShushan wagcoba wavuya."
15 Mardoqueu saiu da presença do rei usando vestes reais em azul e branco, uma grande coroa de ouro e um manto púrpura de linho fino. E a cidadela de Susã exultava de alegria.
16 KumaYuda kwabakho ukukhanya, nokuvuya, nemihlali, nembeko."
16 Para os judeus foi uma ocasião de felicidade, alegria, júbilo e honra.
17 Nakumazwe ngamazwe onke, nakwimizi ngemizi yonke, elathi lafika kuyo ilizwi lokumkani nomthetho wakhe, yaba yimivuyo nemihlali kumaYuda, isidlo nomhla wokuchwayitha. Abaninzi ezizweni zelizwe baba ngamaYuda; ngokuba bafikelwa kukunkwantya ngamaYuda."
17 Em cada província e em cada cidade, onde quer que chegasse o decreto do rei, havia alegria e júbilo entre os judeus, com banquetes e festas. Muitos que pertenciam a outros povos do reino tornaram-se judeus, porque o temor dos judeus tinha se apoderado deles.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Ester 8, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.