Ester 7

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 Ukumkani noHaman beza kusela noEstere ukumkanikazi."
1 O rei e Amã vieram, pois, ao banquete de Ester.
2 Wathi ukumkani kuEstere nangomhla wesibini, besesidlweni sewayini, Ucela ntoni na, Estere, kumkanikazi? woyinikwa; ufuna ntoni na? woyenzelwa kude kube sesiqingatheni sobukumkani."
2 No segundo dia, bebendo vinho, disse ainda o rei a Ester: Qual é teu pedido, rainha Ester? Será atendido. Que é que desejas? Fosse mesmo a metade de meu reino, tu obterias.
3 Waphendula uEstere ukumkanikazi, wathi, Ukuba ndithe ndababalwa nguwe, kumkani, ukuba kuthe kwalunga kukumkani, mandinikwe ubomi bam ngokucela kwam, nabantu bakowethu ngokuthandaza kwam."
3 A rainha respondeu: Se achei graça a teus olhos, ó rei, e se ao rei lhe parecer bem, concede-me a vida, eis o meu pedido; salva meu povo, eis o meu desejo.
4 Kuba kuthengisiwe ngathi, mna nabantu bakowethu, ukuze sitshatyalaliswe, sibulawe, sisingelwe phantsi. Ukuba bekuthengiswe ngathi ukuba sibe ngamakhoboka namakhobokazana, ndinge ndithe cwaka; ngokuba umbandezeli lowo ubengeyibuyiseli inkxwaleko yokumkani."
4 Fomos votados, eu e meu povo, ao extermínio, à morte, ao aniquilamento. Se tivéssemos sido vendidos como escravos, eu me calaria, mas eis que agora o opressor não poderia compensar o prejuízo que causa ao mesmo rei.
5 Waza ukumkani uAhaswerosi wathi kuEstere ukumkanikazi, Ngubani na lowo? uphi na yena lowo, uzalise intliziyo yakhe ukwenjenjalo?"
5 Quem é, replicou o rei, e onde está quem maquina tal projeto em seu coração?
6 Wathi uEstere, Indoda engumbandezeli, elutshaba, ngulo Haman ungendawo. Wadandatheka ke uHaman ebusweni bokumkani nokumkanikazi."
6 O opressor, o inimigo, disse a rainha, é Amã, eis aí o infame!
7 Wesuka ke ukumkani enomsindo esidlweni sewayini, waya emyezweni wendlu. Ke uHaman wema, ebuthandazela ubomi bakhe kuEstere ukumkanikazi; kuba ebebona ukuba ukumkani ugqibe kwelobubi kuye."
7 Amã ficou tomado de terror diante do rei e da rainha. O rei, aceso em cólera, levantou-se e deixou o banquete, dirigindo-se ao jardim do palácio, ao passo que Amã permanecia ali, para implorar a Ester o perdão de sua vida, porque via bem que no espírito do rei estava decretada sua perda.
8 Ukumkani wabuya emyezweni wendlu, wangena endlwini yesidlo sewayini, uHaman ewe phezu kwesingqengqelo abekuso uEstere. Wathi ukumkani, Angade ukumkanikazi agonyamelwe enam, endlwini apha na? Liyathi ukuphuma elo lizwi emlonyeni wokumkani, baya bagqubuthela ubuso bukaHaman."
8 Quando o rei voltou do jardim do palácio para a sala do banquete, viu Amã que se tinha deixado cair sobre o divã em que repousava Ester: Como!, exclamou. Ei-lo que quer fazer violência à rainha em minha casa, em meu palácio! Mal tinha saído essa palavra da boca do rei, quando cobriram a face de Amã.
9 Wathi uHarbhona, elinye lakumathenwa abemi phambi kokumkani, Nanguya umthi, uHaman abewenzele uMordekayi, owathetha okulungileyo ngokumkani, umi endlwini kaHaman; ubude bawo buziikubhite ezimashumi mahlanu. Wathi ukumkani, Mxhomeni kuwo."
9 Harbona, um dos eunucos, disse ao rei. A forca preparada por Amã para Mardoqueu, cuja denúncia em favor do rei tinha sido tão salutar, acha-se levantada na casa de Amã, alta de cinqüenta côvados.- Que o suspendam nela!, exclamou o rei.
10 Bamxhoma ke uHaman emthini lowo, abewulungisele uMordekayi. Wadamba ke umsindo wokumkani."
10 E suspenderam Amã na forca que tinha preparado para Mardoqueu. Isso acalmou a cólera do rei.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Ester 7, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.