Efésios 6

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARIB

Sair da comparação
ARIB Almeida Revisada Imprensa Bíblica
1 Nina bantwana, baveni abazali benu ngokwabaseNkosini; kuba oko kububulungisa."
1 Vós, filhos, sede obedientes a vossos pais no Senhor, porque isto é justo.
2 Beka uyihlo nonyoko; wona lowo ngumthetho wokuqala onedinga;"
2 Honra a teu pai e a tua mãe {que é o primeiro mandamento com promessa},
3 ukuze kulunge kuwe, ube nexesha elide emhlabeni."
3 para que te vá bem, e sejas de longa vida sobre a terra.
4 Nani boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu; bondleleni ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi."
4 E vós, pais, não provoqueis à ira vossos filhos, mas criai-os na disciplina e admoestação do Senhor.
5 Nina bakhonzi, baveni abaziinkosi zenu ngokwenyama, ninokuzoyikela nokugubha, ningenakumbi ezintliziyweni zenu, ninge niva uKristu ngokwakhe."
5 Vós, servos, obedecei a vossos senhores segundo a carne, com temor e tremor, na sinceridade de vosso coração, como a Cristo,
6 Ukukhonza kwenu makungabi ngokweliso, ngathi nithomalalisa abantu; makube ngokwabakhonzi bakaKristu, nikwenza ukuthanda kukaThixo ngokwasemphefumlweni,"
6 não servindo somente à vista, como para agradar aos homens, mas como servos de Cristo, fazendo de coração a vontade de Deus,
7 nikhonza ngentumekelelo, kukuyo iNkosi, kungekubo abantu;"
7 servindo de boa vontade como ao Senhor, e não como aos homens.
8 nisazi nje ukuba into esukuba ilungile, athe ulowo wayenza, uya kwamkeliswa kwayona yiNkosi, nokuba uNonzi nokuba ungokhululekileyo."
8 Sabendo que cada um, seja escravo, seja livre, receberá do Senhor todo bem que fizer.
9 Nani baziinkosi zabo, yenzani kwaezo zinto kubo, nikuyeke ukusongela; nisazi nje ukuba kwaeyabo neyenu iNkosi isemazulwini, nokuba akukho kukhetha buso kuyo."
9 E vós, senhores, fazei o mesmo para com eles, deixando as ameaças, sabendo que o Senhor tanto deles como vosso está no céu, e que para com ele não há acepção de pessoas.
10 Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo."
10 Finalmente, fortalecei-vos no Senhor e na força do seu poder.
11 Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi."
11 Revesti-vos de toda a armadura de Deus, para poderdes permanecer firmes contra as ciladas do Diabo;
12 Ngokuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo."
12 pois não é contra carne e sangue que temos que lutar, mas sim contra os principados, contra as potestades, conta os príncipes do mundo destas trevas, contra as hostes espirituais da iniqüidade nas regiões celestes.
13 Ngenxa yoko, qubulani sonke isikrweqe sikaThixo; ukuze nibe nako ukuchasa ngomhla ombi, nithi nikufezile konke, nime nimi."
13 Portanto tomai toda a armadura de Deus, para que possais resistir no dia mau e, havendo feito tudo, permanecer firmes.
14 Misani ke ngoko, nibhinqe inyaniso esinqeni senu, ninxibe isigcina-sifuba sobulungisa,"
14 Estai, pois, firmes, tendo cingidos os vossos lombos com a verdade, e vestida a couraça da justiça,
15 nibophe ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo."
15 e calçando os pés com a preparação do evangelho da paz,
16 Ngaphezu kwezo zinto zonke, qubulani ikhaka lokholo, lona nothi ngalo nibe nako ukuzicima zonke iintolo ezinomlilo zakhe ongendawo."
16 tomando, sobretudo, o escudo da fé, com o qual podereis apagar todos os dardos inflamados do Maligno.
17 Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nalo ikrele loMoya, elililizwi likaThixo;"
17 Tomai também o capacete da salvação, e a espada do Espírito, que é a palavra de Deus;
18 ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele;"
18 com toda a oração e súplica orando em todo tempo no Espírito e, para o mesmo fim, vigiando com toda a perseverança e súplica, por todos os santos,
19 nangenxa yam, ukuba ndiphiwe ilizwi ekuwuvuleni umlomo wam, ndize ndazise ngokungafihlisiyo imfihlelo yeendaba ezi zilungileyo,"
19 e por mim, para que me seja dada a palavra, no abrir da minha boca, para, com intrepidez, fazer conhecido o mistério do evangelho,
20 ekungenxa yazo endisisigidimi esisezintanjeni; ukuze ndingafihlisi ukuthetha kuzo, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako."
20 pelo qual sou embaixador em cadeias, para que nele eu tenha coragem para falar como devo falar.
21 Ke kaloku, ukuze nani nikwazi okukokwam, ukuba ndinjani na, wonazisa konke uTikiko, umzalwana oyintanda, umlungiseleli othembekileyo ngokwaseNkosini;"
21 Ora, para que vós também possais saber como estou e o que estou fazendo, Tíquico, irmão amado e fiel ministro no Senhor, vos informará de tudo;
22 endimthume le nto kuni, ukuze nizazi iindaba zethu, nokuze azithuthuzele iintliziyo zenu."
22 o qual vos envio para este mesmo fim, para que saibais do nosso estado, e ele vos conforte o coração.
23 Makube luxolo kubo abazalwana, nothando, ndawonye nokholo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu."
23 Paz seja com os irmãos, e amor com fé, da parte de Deus Pai e do Senhor Jesus Cristo.
24 Ubabalo malube nabo bonke abayithandayo iNkosi yethu uYesu Kristu ngokungenakonakala. Amen."
24 A graça seja com todos os que amam a nosso Senhor Jesus Cristo com amor incorruptível.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Efésios 6, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.