Efésios 4
Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARIB
1 Ndiyanivuselela ngoko, mna mbanjwa waseNkosini, ukuba nihambe ngokulufaneleyo ubizo enabizwa ngalo,"
1 Rogo-vos, pois, eu, o prisioneiro no Senhor, que andeis como é digno da vocação com que fostes chamados,
2 ninako konke ukuthobeka kwentliziyo nobulali, ninokuzeka kade umsindo, ninyamezelana, nisenziwa luthando,"
2 com toda a humildade e mansidão, com longanimidade, suportando-vos uns aos outros em amor,
3 nikhuthalele ukubugcina ubunye boMoya ngentambo yoxolo."
3 procurando diligentemente guardar a unidade do Espírito no vínculo da paz.
4 Mnye umzimba, mnye noMoya, njengokuba nabizwayo nokubizwa, naba nathemba linye lobizo lwenu."
4 Há um só corpo e um só Espírito, como também fostes chamados em uma só esperança da vossa vocação;
5 Inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo,"
5 um só Senhor, uma só fé, um só batismo;
6 mnye uThixo, uYise wabo bonke, ophezu kwabo bonke, okubo bonke, ophakathi kwenu nonke."
6 um só Deus e Pai de todos, o qual é sobre todos, e por todos e em todos.
7 Ke elowo kuthi wababalwa ngokomlinganiso wokupha kukaKristu."
7 Mas a cada um de nós foi dada a graça conforme a medida do dom de Cristo.
8 Kungoko athi, Enyuke waya enyangweni, wathimba intimbo, Wabapha izipho abantu."
8 Por isso foi dito: Subindo ao alto, levou cativo o cativeiro, e deu dons aos homens.
9 Oko ke kuthi, wenyuka, kuyintoni na, kungekwakukuthi, wehla nokuhla kuqala, waya kwezona ziseza ntsi iindawo zomhlaba?"
9 Ora, isto-ele subiu-que é, senão que também desceu às partes mais baixas da terra?
10 Owehlayo ikwangulowo wenyukayo, waya ngaphezu kwawo onke amazulu, ukuze azalise zonke izinto."
10 Aquele que desceu é também o mesmo que subiu muito acima de todos os céus, para cumprir todas as coisas.
11 Waza kwayena wabapha abanye ukuba babe ngabapostile, abanye babe ngabaprofeti, abanye babe ngabashumayeli beendaba ezilungileyo, abanye babe ngabalusi nabafundisi,"
11 E ele deu uns como apóstolos, e outros como profetas, e outros como evangelistas, e outros como pastores e mestres,
12 ukuze abangcwele basulungekiselwe umsebenzi wolungiselelo, ukwakhiwa ke komzimba kaKristu;"
12 tendo em vista o aperfeiçoamento dos santos, para a obra do ministério, para edificação do corpo de Cristo;
13 side thina sonke sifike kubo ubunye benkolo, nobokumazi okuzeleyo uNyana kaThixo, ebudodeni obupheleleyo, emlinganisweni wobukhulu bokuzala kukaKristu;"
13 até que todos cheguemos à unidade da fé e do pleno conhecimento do Filho de Deus, ao estado de homem feito, à medida da estatura da plenitude de Cristo;
14 ukuze singabi saba ziintsana, silatyuzwa, siphetshethwa ngumoya wonke wemfundiso, ngokunyanga kwabantu, ngobuqhetseba obusemaqhingeni olahlekiso;"
14 para que não mais sejamos meninos, inconstantes, levados ao redor por todo vento de doutrina, pela fraudulência dos homens, pela astúcia tendente à maquinação do erro;
15 sithi ke, sinyanisekile eluthandweni, sikhulele, ngeendawo zonke, kuye lo uyintloko, uKristu;"
15 antes, seguindo a verdade em amor, cresçamos em tudo naquele que é a cabeça, Cristo,
16 ekuphuma kuye ukuthi, umzimba wonke uhlangane kakuhle, ubandakanywe ngako konke ukuxhomekelelana kwamalungu okuluncedo, okusebenza ngomlinganiso weendawo zonke ngazinye, ukhulise umzimba, use ekuzakheni ngothando."
16 do qual o corpo inteiro bem ajustado, e ligado pelo auxílio de todas as juntas, segundo a justa operação de cada parte, efetua o seu crescimento para edificação de si mesmo em amor.
17 Ke ngoko, oku ndiyakuthetha ndikungqine ndiseNkosini, ukuthi, maningabi sahamba njengoko zihamba ngako nezinye iintlanga, ngamampunge engqiqo yazo,"
17 Portanto digo isto, e testifico no Senhor, para que não mais andeis como andam os gentios, na verdade da sua mente,
18 zenziwe mnyama iingqondo, zingazani nobomi bukaThixo ngenxa yokungazi okukuzo, ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yazo;"
18 entenebrecidos no entendimento, separados da vida de Deus pela ignorância que há neles, pela dureza do seu coração;
19 abathe bona, bengasaziva, bazinikela eburheletyweni, ukuze basebenze ukungcola konke, bebawa."
19 os quais, tendo-se tornado insensíveis, entregaram-se à lascívia para cometerem com avidez toda sorte de impureza.
20 Ke nina animfundanga ngokunjalo uKristu,"
20 Mas vós não aprendestes assim a Cristo.
21 ukuba kambe ningaba nimvile, nafundiswa nikuye, njengoko inyaniso ikuye uYesu;"
21 se é que o ouvistes, e nele fostes instruídos, conforme é a verdade em Jesus,
22 yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla;"
22 a despojar-vos, quanto ao procedimento anterior, do velho homem, que se corrompe pelas concupiscências do engano;
23 nihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu,"
23 a vos renovar no espírito da vossa mente;
24 nimambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso."
24 e a vos revestir do novo homem, que segundo Deus foi criado em verdadeira justiça e santidade.
25 Kungoko ke ndithi, lahlani ubuxoki, thethani inyaniso elowo nommelwane wakhe; ngokuba singamalungu, omnye elelomnye."
25 Pelo que deixai a mentira, e falai a verdade cada um com o seu próximo, pois somos membros uns dos outros.
26 Qumbani, ningoni; ilanga malingade litshone nicaphukile;"
26 Irai-vos, e não pequeis; não se ponha o sol sobre a vossa ira;
27 kananjalo musani ukumkhwelela indawo uMtyholi lo."
27 nem deis lugar ao Diabo.
28 Lowo ubayo makangabi seba; kanye ke makabulaleke esebenza okulungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nako ukwabela osweleyo."
28 Aquele que furtava, não furte mais; antes trabalhe, fazendo com as mãos o que é bom, para que tenha o que repartir com o que tem necessidade.
29 Makungaphumi nanye intetho ebolileyo emlonyeni wenu; mayibe yesukuba ilungele ukuxuma oko kuluncedo, ukuze ibabale abevayo."
29 Não saia da vossa boca nenhuma palavra torpe, mas ó a que seja boa para a necessária edificação, a fim de que ministre graça aos que a ouvem.
30 Kanjalo musani ukumenza buhlungu uMoya oyiNgcwele kaThixo, enathi kuye natywinwa, naqiniselelwa imini yentlawulelo."
30 E não entristeçais o Espírito Santo de Deus, no qual fostes selados para o dia da redenção.
31 Mabukhweleliswe kuni bonke ubukrakra, nomsindo, nengqumbo, nengcolo, nonyeliso, ndawonye nolunya lonke."
31 Toda a amargura, e cólera, e ira, e gritaria, e blasfêmia sejam tiradas dentre vós, bem como toda a malícia.
32 Ke nina yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane kakhulu, nixolelane, njengokuba naye uThixo wanixolelayo ekuKristu."
32 Antes sede bondosos uns para com os outros, compassivos, perdoando-vos uns aos outros, como também Deus vos perdoou em Cristo.
Atalhos do teclado
- Capítulo anterior←
- Próximo capítulo→
- Versículo anteriork
- Próximo versículoj
- Limpar seleçãoEsc
- Esta ajuda?
Estude este capítulo no WhatsApp
Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Efésios 4, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.