Efésios 3

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARIB

Sair da comparação
ARIB Almeida Revisada Imprensa Bíblica
1 Ngenxa yoko, mna Pawulos, mbanjwa kaKristu Yesu ngenxa yenu zintlanga—"
1 Por esta razão eu, Paulo, o prisioneiro de Cristo Jesus por amor de vós gentios...
2 ukuba ke nikuvile ukugosisa kobabalo lukaThixo endanibabalelwa ngalo;"
2 Se é que tendes ouvido a dispensação da graça de Deus, que para convosco me foi dada;
3 okokuba wandazisa imfihlelo leyo ngokotyhilelo, njengoko sendibhale kade ngokufutshane;"
3 como pela revelação me foi manifestado o mistério, conforme acima em poucas palavras vos escrevi,
4 enothi ngoko, nakulesa, nibe nokuqiqa okwam ukuyiqonda imfihlelo kaKristu;"
4 pelo que, quando ledes, podeis perceber a minha compreensão do mistério de Cristo,
5 ababengathanga kuzimbi izizukulwana bayaziswe oonyana babantu, njengoko bayityhilelweyo ngoku abapostile bakhe abangcwele, nabaprofeti bakhe, ngaye uMoya;"
5 o qual em outras gerações não foi manifestado aos filhos dos homens, como se revelou agora no Espírito aos seus santos apóstolos e profetas,
6 eyokuba iintlanga ziziindlalifa nathi, zikwamzimba mnye nathi, zingamahlulelana nathi ngedinga lakhe, sikuye nje uKristu ngazo iindaba ezilungileyo,"
6 a saber, que os gentios são co-herdeiros e membros do mesmo corpo e co-participantes da promessa em Cristo Jesus por meio do evangelho;
7 endaba ngumlungiseleli wazo ngokwesipho sobabalo lukaThixo, endababalwa ngaso ngokokusebenza kwamandla akhe."
7 do qual fui feito ministro, segundo o dom da graça de Deus, que me foi dada conforme a operação do seu poder.
8 Mna lo, unguyena mncinanana kubo bonke abangcwele, ndababalwa ngolo lubabalo, lokuba ndishumayele phakathi kweentlanga iindaba ezilungileyo zobutyebi obungalandekiyo bukaKristu;"
8 A mim, o mínimo de todos os santos, me foi dada esta graça de anunciar aos gentios as riquezas inescrutáveis de Cristo,
9 ndibakhanyisele bonke, bayibone into obuyiyo ubudlelane bemfihlelo ebifihliwe kwasemaphakadeni, ikuye uThixo owazidalayo zonke izinto ngoYesu Kristu;"
9 e demonstrar a todos qual seja a dispensação do mistério que desde os séculos esteve oculto em Deus, que tudo criou,
10 ukuze ngoku oozilawuli noomagunya, abakwezasemazulwini iindawo, babaziswe ngalo ibandla ubulumko bukaThixo, obuziintlobo ezininzi,"
10 para que agora seja manifestada, por meio da igreja, aos principados e potestades nas regiões celestes,
11 ngokokwengqibo yakhe yasemaphakadeni, awayenzayo kuKristu Yesu, iNkosi yethu;"
11 segundo o eterno propósito que fez em Cristo Jesus nosso Senhor,
12 esinako sikuye ukungafihlisi kwethu, nokungeniswa kuye sikholosile, ngokukholwa kuye."
12 no qual temos ousadia e acesso em confiança, pela nossa fé nele.
13 Kungoko ndicelayo ukuba ningethi amandla ziimbandezelo zam, ezingenxa yenu, zona ezi ziluzuko lwenu."
13 Portanto vos peço que não desfaleçais diante das minhas tribulações por vós, as quais são a vossa glória.
14 Ngenxa yoko ndiyawagoba amadolo am kuye uYise weNkosi yethu uYesu Kristu,"
14 Por esta razão dobro os meus joelhos perante o Pai,
15 ebizwe ngaye yonke imizalwane esemazulwini nesemhlabeni,"
15 do qual toda família nos céus e na terra toma o nome,
16 ukuba aninike, ngokobutyebi bozuko lwakhe, ukomelezwa ngamandla ngaye uMoya wakhe, ngokusingisele emntwini ongaphakathi;"
16 para que, segundo as riquezas da sua glória, vos conceda que sejais robustecidos com poder pelo seu Espírito no homem interior;
17 ukuba uKristu ahlale ngalo ukholo ezintliziyweni zenu, nendele nisekelwe eluthandweni,"
17 que Cristo habite pela fé nos vossos corações, a fim de que, estando arraigados e fundados em amor,
18 ukuze nithi, ndawonye nabo bonke abangcwele, nibe nako kanye ukubuqiqa into obuyiyo ububanzi, nobude, nobunzulu, nokuphakama kwalo,"
18 possais compreender, com todos os santos, qual seja a largura, e o comprimento, e a altura, e a profundidade,
19 kwanokulwazi uthando lukaKristu oluncamise ukwazi; ukuze niye nizala ngako konke ukuzala kukaThixo."
19 e conhecer o amor de Cristo, que excede todo o entendimento, para que sejais cheios até a inteira plenitude de Deus.
20 Kuye ke onako ukwenza okungaphezu kweento zonke ngokugqithiseleyo kakhulu, ngaphezu kwesikucelayo nesinokukuqiqa, ngokokwamandla asebenzayo ngaphakathi kwethu,"
20 Ora, àquele que é poderoso para fazer tudo muito mais abundantemente além daquilo que pedimos ou pensamos, segundo o poder que em nós opera,
21 kuye malubekho uzuko ebandleni elikuKristu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana zalo iphakade lasemaphakadeni. Amen."
21 a esse seja glória na igreja e em Cristo Jesus, por todas as gerações, para todo o sempre. Amém.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Efésios 3, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.