Eclesiastes 7

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs ARA

Sair da comparação
ARA Almeida Revista e Atualizada 1993
1 Igama elilungileyo lingaphezulu nakwioli elungileyo; ulungile umhla wokufa ngaphezu komhla wokuzalwa komntu."
1 Melhor é a boa fama do que o unguento precioso, e o dia da morte, melhor do que o dia do nascimento.
2 Kulungile ukuya endlwini yesijwili kunokuya endlwini yemigidi; kuba oko kukuphela kwabantu bonke, aze ophilileyo akunyamekele ngentliziyo oko."
2 Melhor é ir à casa onde há luto do que ir à casa onde há banquete, pois naquela se vê o fim de todos os homens; e os vivos que o tomem em consideração.
3 Kulungile ukuba nosizi ngaphezu kokuhleka; ngokuba intliziyo iyalunga bububi bobuso."
3 Melhor é a mágoa do que o riso, porque com a tristeza do rosto se faz melhor o coração.
4 Intliziyo yezilumko isendlwini yesijwili; ke intliziyo yezidenge isendlwini yovuyo."
4 O coração dos sábios está na casa do luto, mas o dos insensatos, na casa da alegria.
5 Kulungile ukuva ukukhalimela kwesilumko, kunokuba umntu eve ingoma yezidenge."
5 Melhor é ouvir a repreensão do sábio do que ouvir a canção do insensato.
6 Ngokuba njengokuqhuqhumba kwevaba ngaphantsi kwembiza, kunjalo ukuhleka kwesidenge; naloo nto ingamampunge."
6 Pois, qual o crepitar dos espinhos debaixo de uma panela, tal é a risada do insensato; também isto é vaidade.
7 Ngokuba ukucudisa kugezisa isilumko, siyitshabalalise intliziyo isicengo."
7 Verdadeiramente, a opressão faz endoidecer até o sábio, e o suborno corrompe o coração.
8 Kulungile ukugqitywa kwendawo, ngaphezu kokuqalwa kwayo; ulungile umoya ozeka kade umsindo, kunomoya ozidlayo."
8 Melhor é o fim das coisas do que o seu princípio; melhor é o paciente do que o arrogante.
9 Musa ukukungxamela ukuqumba ngomoya wakho, ngokuba ingqumbo ilala esifubeni sezidenge."
9 Não te apresses em irar-te, porque a ira se abriga no íntimo dos insensatos.
10 Musa ukuthi, Ibiyini na, le nto imihla yamandulo ibilungile ngaphezu kwale? ngokuba akuthabatheli ebulumkweni ukuyibuza loo nto."
10 Jamais digas: Por que foram os dias passados melhores do que estes? Pois não é sábio perguntar assim.
11 Bulungile ubulumko, bunelifa, bulilungelo kwabalibonayo ilanga."
11 Boa é a sabedoria, havendo herança, e de proveito, para os que veem o sol.
12 Ngokuba ubulumko bungumthunzi, imali ingumthunzi; ke ukugqithisela kokwazi, kukuba ubulumko buyabasindisa abo banabo."
12 A sabedoria protege como protege o dinheiro; mas o proveito da sabedoria é que ela dá vida ao seu possuidor.
13 Wukhangele umsebenzi kaThixo; ngokuba ngubani na onokolula into ayenze yagoso?"
13 Atenta para as obras de Deus, pois quem poderá endireitar o que ele torceu?
14 Ngomhla wentsikelelo chwayitha, nangomhla wobubi qonda kakuhle, ukuba nalo, kwanjengalowa, wenziwe nguThixo, ngenxa enokuba umntu engafumani nto emva kwakhe."
14 No dia da prosperidade, goza do bem; mas, no dia da adversidade, considera em que Deus fez tanto este como aquele, para que o homem nada descubra do que há de vir depois dele.
15 Le nto yonke ndiyibonile ngemihla yam engamampunge: kubakho ilungisa elitshabalalayo noko linobulungisa, kubekho ongendawo ophila ixesha elide, noko angendawo."
15 Tudo isto vi nos dias da minha vaidade: há justo que perece na sua justiça, e há perverso que prolonga os seus dias na sua perversidade.
16 Musa ukuba lilungisa ngokukhulu, ungabi sisilumko ngokugqithiseleyo; yini na ukuba uziphanzise?"
16 Não sejas demasiadamente justo, nem exageradamente sábio; por que te destruirias a ti mesmo?
17 Musa ukuba ngongendawo ngokukhulu, ungazenzi isidenge; yini na ukuba ufe lingekabi lixesha lakho?"
17 Não sejas demasiadamente perverso, nem sejas louco; por que morrerias fora do teu tempo?
18 Kulungile ukuba ubambelele kule nto nakuleya, ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba owoyika uThixo uphumelela kuzo zonke ziphela."
18 Bom é que retenhas isto e também daquilo não retires a mão; pois quem teme a Deus de tudo isto sai ileso.
19 Ubulumko buyasiqinisa isilumko, ngaphezu kweshumi labanegunya abakulo mzi."
19 A sabedoria fortalece ao sábio, mais do que dez poderosos que haja na cidade.
20 Ngokuba akukho mntu ulilungisa ehlabathini, wenza okulungileyo, angoni."
20 Não há homem justo sobre a terra que faça o bem e que não peque.
21 Kananjalo musa ukuyinikela intliziyo yakho kumazwi onke athethwayo, ukuze ungevi umkhonzi wakho, eselekutshabhisa;"
21 Não apliques o coração a todas as palavras que se dizem, para que não venhas a ouvir o teu servo a amaldiçoar-te,
22 ngokuba intliziyo yakho nayo iyazi izihlandlo ezininzi, ukuba uyabatshabhisa abanye nawe."
22 pois tu sabes que muitas vezes tu mesmo tens amaldiçoado a outros.
23 Ezo zinto zonke ndizilingile ngobulumko; ndathi ndiya kulumka; ke bona baba kude kum."
23 Tudo isto experimentei pela sabedoria; e disse: tornar-me-ei sábio, mas a sabedoria estava longe de mim.
24 Hayi, ukuba kude kwezinto ezikhoyo, zinzulu kakhulu; ngubani na oya kuzifumana?"
24 O que está longe e mui profundo, quem o achará?
25 Ndajika ke mna, ndanentliziyo enga ingazi, ingasingasinga, ifume ubulumko nesigqibo seengcinga; enga ingakwazi okungendawo ukuba kukunyaba, nokumatha ukuba kukugeza."
25 Apliquei-me a conhecer, e a investigar, e a buscar a sabedoria e meu juízo de tudo, e a conhecer que a perversidade é insensatez e a insensatez, loucura.
26 Ndayifumana ikrakra ngaphezu kokufa, inkazana eyiyimigibe iphela, ezizibatha intliziyo yayo, ezandla zingamakhamandela olungileyo phambi koThixo uya kusinda kuyo, ke yena umoni uya kubanjiswa yiyo."
26 Achei coisa mais amarga do que a morte: a mulher cujo coração são redes e laços e cujas mãos são grilhões; quem for bom diante de Deus fugirá dela, mas o pecador virá a ser seu prisioneiro.
27 Yabona into endiyifumeneyo, itsho iNtshumayeli, ndihloma enye kwenye, ukuba ndifumane isigqibo seengcinga;"
27 Eis o que achei, diz o Pregador, conferindo uma coisa com outra, para a respeito delas formar o meu juízo,
28 obumana ukuyifuna umphefumlo wam, ndingayifumani, nantsi: indoda enye ewakeni ndiyifumene, ke yona inkazana kulo lonke andiyifumananga."
28 juízo que ainda procuro e não o achei: entre mil homens achei um como esperava, mas entre tantas mulheres não achei nem sequer uma.
29 Yabona, le nto yodwa ndiyifumene, yokuba uThixo wamenza umntu wathi tye; ke bona bafune ubuqili obuninzi."
29 Eis o que tão somente achei: que Deus fez o homem reto, mas ele se meteu em muitas astúcias.

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Eclesiastes 7, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.