Eclesiastes 6

Xhosa Bible (GL_XHOSA) vs VC

Sair da comparação
VC Versão Católica
1 Kukho ububi endibubonileyo phantsi kwelanga, buninzi ke phezu komntu:"
1 Vi um mal debaixo do sol, que calca pesadamente o homem.
2 yindoda uThixo ayinike ubutyebi, nokuqweba, nozuko, ungasweli umphefumlo wayo nanye into engayinqwenelayo, aze uThixo angayiphi amandla okuyidla; ngokuba idliwa yenye indoda. Ngamampunge lawo, sisifo esibi eso."
2 Isto é, um homem a quem Deus deu sorte, riquezas e honras; nada que possa desejar lhe falta, mas Deus não lhe concede o gozo, reservando-o a um estrangeiro. Isso é vaidade e dor.
3 Ukuba umntu uthe wazala ikhulu labantwana, wadla ubomi iminyaka emininzi, yamininzi imihla yeminyaka yakhe, umphefumlo wakhe awahlutha zizinto ezilungileyo, kananjalo akaba nangcwaba: ndithi mna, imvambilini ilungile kunaye."
3 Um homem, embora crie cem filhos, viva numerosos anos e numerosos dias nesses anos, se não pôde fartar-se de felicidade e não tiver tido sepultura, eu digo que um aborto lhe é preferível.
4 Ngokuba ifike ingamampunge, imka kumnyama, igama layo ligutyungelwe bubumnyama;"
4 Porque é em vão o fato de o aborto ter vindo e ido para as trevas. Seu nome permanecerá na obscuridade,
5 kananjalo ayilibonanga ilanga, ayilazanga; le yona ilungile kunomntu lowo."
5 e não terá visto nem conhecido o sol. Melhor é a sua sorte que a deste homem.
6 Nokuba ebeya kudla ubomi iwaka leminyaka kude kube kabini, angakuboni okulungileyo, ayiyi ndaweni-nye na yonke loo nto?"
6 E, mesmo que alguém vivesse duas vezes mil anos, sem provar a felicidade, não vão todos para o mesmo lugar?
7 Yonke imigudu yomntu uyenzela umlomo wakhe: ukanti umphefumlo awuzali."
7 Todo o trabalho do homem é para a sua boca, e, entretanto, seus desejos não são satisfeitos.
8 Ngokuba isilumko sisigqitha ngantoni na isidenge? Usigqitha ngantoni na olusizana, okwaziyo ukuhamba phambi kwabaphilileyo?"
8 Que superioridade tem o sábio sobre o louco? Que vantagem há para o pobre saber se comportar na vida?
9 Kulungile ukubona kwamehlo ngaphezu kokuhambahamba komphefumlo. Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya."
9 Melhor é o que vêem os olhos do que a agitação dos desejos. Isso é ainda vaidade e vento que passa.
10 Loo nto iselikho, yabe iselithiywe kade igama layo; yaziwa into aya kuba yiyo umntu; akanakumelana nalowo unokumeyisa."
10 A tudo que existe, desde há muito foi dado um nome: sabe-se o que é um homem, e ele não pode disputar com um mais forte do que ele.
11 Ngokuba kukho amazwi amaninzi nje, andisa amampunge; umntu unalungelo lini na ngaloo nto?"
11 Muitas palavras, muita vaidade. De tudo isso, qual é o proveito para o homem?
12 Ngokuba ngubani na owaziyo okumlungeleyo umntu ebomini, ngangenani lemihla yobomi bakhe obungamampunge, ayigqiba njengesithunzi? Ngokuba ngubani na onokumxelela umntu into eya kubakho emva kwakhe phantsi kwelanga?"
12 Pois, quem pode saber o que é bom para o homem na vida, durante os dias de sua vã existência, que ele atravessa como uma sombra? Que poderá dizer ao homem o que acontecerá depois dele debaixo do sol?

Ler em outra tradução

Comparar com outra

Estude este capítulo no WhatsApp

Peça à IA da Bíblia Fala para explicar Eclesiastes 6, comparar traduções ou montar um estudo — tudo direto pelo WhatsApp.